Ukuba Nguvulindlela Kwindlela Esa KwiParadisi
NGOMHLA wangoMatshi owawuzole nasebukhweni bezinja, eNew Jersey, kwakuhlanganisene abantu abangama-4 300 kwiHolo yeNdibano yamaNgqina kaYehova kwisiXeko saseJersey. Babevela kulo lonke elaseUnited States nakwamanye amazwe amaninzi. Le ntlanganiso ikhethekileyo yavuselelwa ziziganeko ezenzeka kwiminyaka engama-43 eyadlulayo xa kwasekwa isikolo esikhethekileyo sokuqeqesha abavangeli basemazweni phantsi kolwalathiso lomongameli welo xesha weWatch Tower Bible and Tract Society, uNathan H. Knorr.
Le ntlanganiso yangoMatshi yayiyeyokuthweswa iimbasa kweklasi yama-80 yeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi. Kodwa yintoni eyakhuthaza eso sihlwele sabantu ukuba siye kuthweso-mbasa? Yayingumgangatho wocwangciso owawulindelekile.
Isimo Sengqondo Somvangeli Wasemazweni—Isikhokelo Esisa Kwimpumelelo
Usihlalo wocwangciso yayinguKarl Klein, olilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Wazisa isithethi sokuqala, owayesakuba ngumvangeli wasemazweni eJapan, uLloyd Barry, ngoku olilungu leQumrhu Elilawulayo, owathetha ngomxholo othi “Kukholo Lwakho Yongezelela Imisebenzi.” Waluleka wathi: ‘Emva kweenyanga ezintlanu zokuqeqeshwa ngokucokisekileyo eGiliyadi, uthando nokholo lwenu lumele lube lukhulu. Njengokuba nisiya kwizabelo zenu, nimele nongezelele imisebenzi.’ (Yakobi 2:22, 23) Wathi njengoYehova babemele ‘bavuke kwakusasa’ baze bayisebenzise kakuhle imini yonke kwinkonzo yakhe.—Yeremiya 7:25.
UDaniel Sydlik, olelinye ilungu leQumrhu Elilawulayo, wanikela isiluleko esikhuthazayo kumbandela othi “Unokusihlakulela Isimo Sengqondo Esifanelekileyo.” Wathi nakweyiphi na imeko, unokuba nesimo sengqondo esikhuthazayo okanye esidimazayo. Esekela amagqabaza akhe kuMalaki 3:15, 16, wabonisa indlela ekulula ngayo ukufumana iziphoso kwilizwe elitsha. Wahlabela mgama wathi, “Musani ukufumana iziphoso. Yibani nesimo sengqondo esivuyisayo esiya kusikelelwa nguThixo.”
Ezinye izithethi, kuquka uUlysses Glass, ongunobhala wesikolo, zabalaselisa imfuneko yonyamezelo, ukwaneliswa kokuphunyeziweyo nenkalipho. UJack Redford, owayesakuba ngumvangeli wasemazweni nongomnye wabahlohli besikolo, wanikela isiluleko esisebenzisekayo sokuba nengqondo ephangaleleyo. Wathi babemele bakhumbule ukuba “amadoda alumkileyo ayaziguqula iingqondo zawo, iziyatha azinakuze zenjenjalo!” Ngoko wacebisa abavangeli basemazweni abatsha ukuba babe bhetyebhetye njengompostile uPawulos, owayede acaphule neembongi zabo. (IZenzo 17:28) Waqukumbela ngokuthi, “Vunani apho nihlwayele khona. . . . Yibani nengqondo nentliziyo ephangaleleyo.”
Intetho yothweso-mbasa yanikelwa ngumongameli weWatch Tower Society, uFrederick W. Franz, ngoku onama-92 eminyaka ubudala. Phantsi komxholo othi “Ukuba Nguvulindlela Kwindlela Ebuyisela KwiParadisi Esemhlabeni,” wakhumbula ukusekwa kweSikolo saseGiliyadi “esamiselwa” phakathi kwiMfazwe Yehlabathi II. Esebenzisa uIsaya 62:10 njengesicatshulwa somxholo wakhe, wabonisa indlela abo bavangeli basemazweni batsha ababeya kuba nenxaxheba ngayo kulo msebenzi mkhulu wokwakha ngokubanzi, indlela ababenokuthi abasebatsha kunqulo lokwenyaniso bahambe ngayo kwindlela yabo esa kwiParadisi ebuyiselweyo. Ukuvala ucwangciso lwakusasa, kwanikezelwa iidiploma kwabathwesw’ iimbasa abangama-24.
Ucwangciso lwasemva kwemini lwaquka impinda eyonwabisayo yabathwesw’ iimbasa ngezinto ababezifunde esikolweni, kunye nokuhlola kwangaphambili ucelomngeni lwexesha elizayo ababeya kujongana nalo. Ucwangciso lwaqukunjelwa ngomdlalo weBhayibhile omhle owabonisa ngokucace gca indlela uRahabhi, yaye kamva amaGibheyon, awabonisa ngayo ukholo olwalukhokelela kwintlangulo.—Yoshuwa, isahluko 2 ukusa kwesesi-6 nesesi-9.
Kunye nabathwesw’ iimbasa abangama-24 beklasi yama-80 yeSikolo saseGiliyadi, abavangeli basemazweni abangama-6 234 baya kulo lonke ihlabathi ukuya kwenza umsebenzi wokushumayela ukuzalisekisa uMateyu 24:14.