Ithemba Lakho—Ngaba LikuThixo Okanye Likubutyebi?
“Kangangeminyaka wayenkolonkoloza kwindlu yakhe entle ebiyelwe ngocingo olusondeleleneyo yavalwa ngci ngamasango amabini entsimbi atshixiweyo.”
INGXELO yeendaba yamchaza ngaloo ndlela umhlolokazi osisinhanha owathi wafela ezandleni zabaphangi abathabatha amatye anqabileyo nesi-1 sezigidi zeedola endlwini yakhe.a Emva kokufunyanwa komzimba wakhe, amapolisa asebenzisa inqweIwana yokulayisha ukutya ukuthabatha ezinye izigidi zeedola ezi-5 ezazisekhayeni lakhe. Kwakhona amapolisa afumana amawaka “ezipho zomhla wokuzalwa” zinamathiselwe amakhadi abhalwe ngokuthi “Ziya kuYesu Kristu” nelithi “Ziya kuThixo.”
Le ndlalifakazi yayibonakala ingenazihlobo, ibe yayihlala isoyika. Khawuzibuze oku, Zazixabiseke ngokwenyaniso kangakanani ezo zigidi wayezixabise kangako? Ngaphezu koko, wayenobutyebi obungakanani kuThixo? Wazi kakuhle ukuba uThixo akanakufunyanwa ‘ngezipho zomhla wokuzalwa,’ noxolo lukaThixo alunakufunyanwa ngokuba nobutyebi. Oko kunokubonwa ngokuphuma kwisiluleko seBhayibhile sokuba ‘asithembeli butyebini bungagqalekiyo, koko sithembele kuThixo ophilileyo, obeka phambi kwethu izinto zonke ngokobutyebi, ukuba zidliwe.’—1 Timoti 6:17.
Kutheni ubutyebi buyinto engaqinisekanga kangaka nje? Kaloku, mhlawumbi uyayazi indlela ayinyaniso ngayo amazwi kaYesu athi: “Ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela agqobhozayo ebe.” (Mateyu 6:19) Njengoko usazi, kusoloko kukho ingozi yokuba umlilo uya kulitshabalalisa ikhaya. Bambi abantu bagcina okuxabisekileyo kwabo ezibhankini, kodwa abathanga na abaphangi baziba nalapho? Kwanomkracakraca wenqwelo-mafutha uya kudliwa ngumhlwa.
Kuthekani ngoqoqosho lweentlanga? Kumazwe amaninzi ukunyuka kwamaxabiso ezinto kufana nesela; kunciphisa impahla kabani. “Emva kokuba ukunyuka kwamaxabiso ezinto okubalaseleyo kwantlitha iJamani ekuqaleni kweminyaka yee-1920, abathengi babefuna imali eninzi . . . yokuthenga ukutya . . . Amaxabiso ezinto eJamani anyuka aya kutsho ngaphaya kwesi-1 sezigidi ngezigidi ekhulwini ukususela ngoAgasti 1922 ukuya kuNovemba 1923.” (The World Book Encyclopedia) Hayi indlela okunokudanisa ngayo ukuthembela emalini!
Ngobulumko uYesu wasicebisa oku: “Ziqwebeleni ke ubutyebi emazulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angagqobhoziyo ebe.” (Mateyu 6:20) Buyintoni obu “butyebi”? Buquka izenzo zethu ngabanye zemisebenzi emihle, ukuba ngabatyebileyo kuThixo. Usenokubuza uthi, ‘Oko kundifuna ndenze ntoni ke mna?’ Ngokuyinxenye, iBhayibhile iphendula ngelithi oko kuthetha ukuba ‘senze okulungileyo, sibe zizityebi emisebenzini emihle, sibe nokwaba kakuhle, sibe nobudlelane.’—1 Timoti 6:18.
Namhlanje emhlabeni jikelele, kukho izigidi zamaNgqina kaYehova ezinokukungqina kuyinyaniso ukuba ukwabelana ngezinto zokomoya neziphathekayo nabanye—ingakumbi ukubanceda abantu bafunde ngethemba loBukumkani ngokubandakanyeka emsebenzini wokushumayela, ukufundisa nokwenza abafundi—kuyimisebenzi emihle nenenkoliseko kaYehova nezisa ulwaneliseko lokwenene. Kwanokufa akunako ukumphulukanisa umntu nemivuzo eziswa kukuziqwebela ubutyebi emazulwini. Kutheni kunjalo nje? UYesu wathembisa esithi: “Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi.”—Yohane 11:25.
Ubutyebi Obuxabisekileyo Esinokubunandipha Ngoku
Emva kokuba uPawulos ethe simele sibeke ithemba lethu “kuThixo,” utyatyadula esithi ‘nguThixo obeka phambi kwethu izinto zonke ngokobutyebi, ukuba zidliwe.’ (1 Timoti 6:17) Ngaphandle kweemfuno zemihla ngemihla zobomi, Osenyangweni ngokunothando ulungiselela abo bantu akholisiweyo ngabo ubutyebi obuxabisekileyo. Bubutyebi obunjani obo?
Qwalasela oko IMizekeliso 3:13-18 ikutshoyo: “Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, lomntu ozuze ingqondo! Kuba lulungile urhwebo lwabo ngaphezu korhwebo lwesilivere, nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo. Bunqabile bona ngaphezu kwekorale, nezinto zakho ezinqwenelekayo azilingani nabo. Imihla emide isesandleni sabo sokunene, kwesokhohlo sabo bubutyebi nozuko. . . . Bungumthi wobomi kwababambelela kubo, unoyolo obubambayo.” Ngoko “ubulumko” bubutyebi obudlula ukuxabiseka kwabo bonke ubutyebi behlabathi.
Ubulumko kukusetyenziswa kolwazi ngendlela echanileyo. Bubuchule bokusebenzisa ulwazi nokuqonda ngokuphumelelayo ukucombulula iingxaki, ukuphepha okanye ukuthintela iingozi, ukufikelela izinto ezilusukelo oluthile okanye ukunceda abanye benze ngolo hlobo. Akuvumi na ukuba namhlanje siyabufuna ubulumko obunjalo ukuze sijongane neemeko zobomi ngokuphumelelayo size sigcine ukuma okulungileyo noThixo?
Xa ichaza ngobulumko, IMizekeliso 3:13-18 ibalaselisa ulonwabo. Ngaba ulonwabo asibobutyebi sonke esibunqwenelayo? Ubulumko bokuhlonel’ uThixo buya kusinika olu lonwabo kuba ulonwabo lokwenyaniso lunokuvela kuMthombo walo kuphela, uYehova uThixo. Amava aye abonisa ukuba ulonwabo lokwenyaniso alunakufunyanwa ngaphandle kokuzithoba kOsenyangweni nangokuzithoba ekusebenzeni komoya wakhe. Ulonwabo oluthenjiswe eBhayibhileni luxhomekeke kulwalamano lwethu olufanelekileyo, okanye ukuma okukholekileyo, noBawo wethu osemazulwini. (Mateyu 5:3-10) Ngoko ke, ngokusebenzisa esikufunda kufundisiso lweBhayibhile, siya kube sibonakalisa “ubulumko baphezulu” obuya kusinika ulonwabo olungenakuziswa bubo bonke ubutyebi beli hlabathi.
Noko ke, kwakhona khumbula ukuba IMizekeliso 3:16 ithi: “Imihla emide isesandleni sabo sokunene.” Oku kuqondwa njengokubhekisela kwisandla okunene esiyinkuselo, isandla esikulungeleyo ukunceda nokukhusela umntu ngamaxesha anzima. Namhlanje abaninzi bazibandakanya kwihambo evakalala, ukuziphatha okubi ngokwesini, ukusebenzisa kakubi iziyobisi, njalo njalo. Kunokwenzeka ukuba ufundile ukuba iAIDS (Acquired Immune Deficiency Syndrome) inxityelelaniswa noqheliselo olunjalo. Koko ukubonileyo, ngaba abantu abaqhelisela ezo zinto bonwabe ngokwenene? Okanye ngaba bazizisela bona kunye nabanye usizi nentlungu, kwanokufa?
Ngokwahlukileyo koko, ukusetyenziswa kwesiluleko sobulumko esiphuma kwiLizwi likaThixo kuya kusoloko ‘kusesandleni sethu sokunene’ ukuze kusikhusele kwiingozi ezinjalo. Ngoko ke, ubulumko bunokubolula ubomi bethu, busikhusele kwikhondo ebeliya kukhokelela ekufeni okukhawulezileyo. Ngaloo ndlela, ubulumko bokuhlonel’ uThixo buqinisekile ngokwenza ubomi bethu bangoku bube bobuchwayitisa ngakumbi.
Hamba Ngobulumko Ngoku
Bonke ubungqina obusijikelezileyo bubonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto. (2 Timoti 3:1-5) Ngenxa yoko, kubalulekile ukuba sizilinde ekuyekeleleni kumoya wehlabathi. Umoya onjalo ubalaselisa izinto eziphathekayo ngokutsala iminqweno yokuzingca. Esinye isityholo esaphoswa kuYobhi, indoda ethembekileyo yengxelo yeBhayibhile, yayisesokuba le ndoda yayikhonza uThixo ngenxa yokuzingca, ukuze ifumane izinto eziphathekayo. (Yobhi 1:9-11) Ngaba ngokwenene isityholo esinjalo sinokuphoswa kuthi?
Ukuba siphendula ngohayi, sinokuba sizixhathisa ngokuphumelelayo izinto eziphathekayo zanamhlanje. Kodwa le ngozi, yezinto eziphathekayo, yeyona ichuliweyo esinokujongana nayo. UYesu Kristu wathi ‘ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuminxa ilizwi.’ (Mateyu 13:22) Ngokucacileyo, simele sihlale sizilindile nxamnye ‘nokulukuhla kobutyebi,’ kuba abuxabisekanga ngokwenyaniso.
Simele sizikhumbuze ngokuxabiseka okufanelekileyo kwezinto eziphathekayo. ILizwi likaThixo lithi: “Ubuncwane besityebi sisixeko saso esiliqele; bunjengodonga oluphakamileyo emabhongweni aso.” (IMizekeliso 18:11) Ewe, unqabiseko olunokuziswa bubutyebi yintelekelelo nje eyinkohliso. Asikuba izinto eziphathekayo zona ngokwazo ziphosakele. Okuphosakeleyo kukusekela ubomi bethu kuzo kunasekuzuzeni inkoliseko kaThixo. UYesu, ogqalwa njengomnye wabafundisi abalumkileyo embalini, ngokungqalileyo wathi: “Ngokuba ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe.”—Luka 12:15.
Ngoko ebomini masilandele ikhondo eliya kusenza sibe ‘ngabazizityebi kuThixo.’ (Luka 12:21) Akukho nto ixabiseke ngakumbi kunokuba nokuma okukholekileyo noMdali. Yonke imigudu yokukulondoloza ifak’ isandla ‘ekuziqwebeleni kwethu isiseko esihle, sexesha eliza kuza, ukuze sibubambe ubomi obungunaphakade.’—1 Timoti 6:19.
[Umbhalo osemazantsi]
a Idola ilingana nee-R2.