IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 6/15 iphe. 13
  • Iivangeli—Ngaba Ziyinyaniso Okanye Ziyintsomi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iivangeli—Ngaba Ziyinyaniso Okanye Ziyintsomi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Amanqaku Afanayo
  • Iincwadi ZeVangeli—Ngaba Zibalisa Okwenzekayo Okanye Iintsomi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Kutheni Umele Ukholelwe KuYesu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • UYesu Wokwenene
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Iincwadi ZeVangeli Ezingaphefumlelwanga—Ngaba Ikho Enye Inyaniso Efihlakeleyo NgoYesu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 6/15 iphe. 13

Iivangeli—Ngaba Ziyinyaniso Okanye Ziyintsomi?

ABANTU ekuthiwa ngabahlalutyi abaqatha kudala bezihlasela iingxelo zeeVangeli ezingobomi bukaYesu kwimiba eliqela: Bathi ezi ngxelo ziphikisana gqitha yaye zabhalwa sekukudala gqitha emva kwezo ziganeko ukuba zingaba yimbali yokwenene. Bathi iinkalo ezingummangaliso zisuke nje zayilwa.

Kwincwadi yakhe ethi Caesar and Christ, umbhali-mbali uWill Durant wazama ukuhlolisisa iingxelo zeeVangeli ngembono enyulu—njengeencwadi ezingokwembali. Evuma ukuba kukho ukuziphikisa neengxaki ezibonakalayo kwezi ngxelo zeVangeli, sekunjalo waqukumbela ngokuthi: “Oku kuziphikisa kukwiinkcukacha ezingenamsebenzi, akukho kwizinto eziphambili; kwizinto ezibalulekileyo ezi vangeli zintathu zivumelana kakuhle ngokuphawulekayo, yaye zisoloko zisenza umfanekiso-ngqondweni kaKristu.”

Kodwa kuthekani ngeentetho zabahlalutyi abaqatha zokuba iiVangeli aziwufikeleli umgangatho wembali yokwenene? UDurant wahlabela mgama wathi: “Kwiqhayiya lalo lezinto oluzifumeneyo uHlalutyo Oluqatha luye lwavavanya ngokuqatha ubunyaniso beTestamente Entsha kangangokuba kuzo abantu ababalaseleyo bamandulo—ngokomzekelo, uHammurabi, uDavid noSocrates—bebeya kuba ngabasentsomini. Phezu kwalo nje ikhethe neengcamango ababesebenazo ngezinto zobuthixo abo bavangeli, babhala iziganeko ezininzi ababenokuthi ababhali abaqhelekileyo bazifihle—ukhuphiswano lwabapostile lokufuna izikhundla eziphakamileyo kuBukumkani, ukusaba kwabo emva kokubanjwa kukaYesu, ukukhanyela kukaPetros . . . Akukho namnye ofunda ezi ziganeko onokubuthandabuza ubunyaniso boko kwakubaqhuba.”

Umbhali-mbali uDurant waqukumbela ngelithi: “Into yokuba abantu abambalwa nabaqhelekileyo bathi kwisizukulwana esinye bafanele ukuba babe bavelise ubuntu obunomtsalane, uhlanga oluphakamileyo nombono onempembelelo wobuzalwana babantu, ibiya kuba ngummangaliso ongakholelekiyo kunayo nayiphi na ebhalwe kwiiVangeli. Izibakala zobomi, ubuntu nemfundiso kaKristu. zisahleli zicace ngokusengqiqweni emva kweenkulungwane ezimbini zoHlalutyo Oluqatha, yaye zibumba eyona nkalo ibangel’ umdla kwimbali yomntu waseNtshona.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share