Kutheni Umele Ukholelwe KuYesu
Kristu?
“KWANABANTU abaninzi abangengomaKristu bakholelwa kukuba wayengumfundisi omkhulu nonobulumko. Ngokuqinisekileyo wayengomnye wabona bantu banempembelelo owayekhe waphila.” (The World Book Encyclopedia) Ungubani “Yena”? NguYesu Kristu, umseki wobuKristu.
Noko ke, phezu kwako nje oku kuthethwa yile ntyilalwazi, amakhulu amawaka abantu baseMpuma nabezinye iindawo, abamazi uYesu Kristu, ligama nje abasenokuba balikhumbula kwiincwadi zasesikolweni. Kwanakwiicawa zeNgqobhoko, kukho abafundi bezakwalizwi nabafundisi abathi asimazi ngokwenene uYesu baze bathandabuze ubunyaniso beengxelo ezibalulekileyo ezine zobomi bakhe (iincwadi zeeVangeli) ezifumaneka eBhayibhileni.
Ngaba kungenzeka ukuba ababhali beVangeli babe bayakhohlisa ngebali elingobomi bukaYesu? Akunjalo! Umbhali-mbali owaziwayo uWill Durant, emva kokuhlolisisa iingxelo zeVangeli, wabhala: “Into yokuba abantu nje abambalwa abaqhelekileyo babenokuthi ngesizukulwana nje esinye baziyilele umntu owayenobuntu obunamandla nobunomtsalane ngolo hlobo, owayenemilinganiselo yokuziphatha ephakame ngolo hlobo nowayezimisele ukwakha umanyano lobuzalwana olunempembelelo ngolo hlobo, ibiya kuba ngowona mmangaliso ungakholelekiyo kunayo nayiphi na ebhalwe kwiincwadi zeVangeli. Emva kweenkulungwane ezimbini zoHlalutyo Oluqatha iinyaniso ezingobomi bukaKristu, ubuntu bakhe neemfundiso zakhe, ziye zahlala zicace gca, yaye zibonisa ngokucacileyo into eyakha yenzeka kwimbali yomntu waseNtshona.”
Sekunjalo, kukho abo bamgqala uYesu Kristu njengongabalulekanga ngenxa yoko bakwenzileyo abo bathi bangabalandeli bakhe. Abanye eJapan bathi, ‘Bagibisela ibhombu yeathom eNagasaki. Yaye iNagasaki sesona sixeko sasinamaKristu aliqela kunaso nasiphi na isixeko eJapan.’ Kodwa ngaba unokugxeka ugqirha ukuba lowo ugulayo akakhange alandele ulwalathiso lukagqirha? Inkoliso yabantu abazigqala bengamaKristu bayeka kudala ukulandela ulwalathiso lukaYesu lokuphelisa iingxaki zoluntu. Ukanti, uYesu uye wanikela isicombululo kwiingxaki zethu zemihla ngemihla kwaneenkxwaleko zoluntu ehlabathini lonke. Ngenxa yeso sizathu sikumema ukuba ufunde eli nqaku lilandelayo uze uzibonele ngokwakho uhlobo lomntu awayelulo.