Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Kumzekeliso kaYesu womntu osisityebi nowayengesosityebi kuThixo, yayingoobani aba ‘babewufuna’ umphefumlo walo mntu?
UYesu wayengabhekiseli kulo naliphi na iqela labantu okanye izithunywa zezulu. KuLuka 12:20 (NW) wasebenzisa igama elithi “bayawufuna” ngendlela nje yokuchaza oko kwakuza kwenzeka kuloo mntu.
Lo mzekeliso ufunyanwa kuLuka 12:16-21. Umntu osisityebi ochazwe kuwo wayenganelisekanga yintabalala yezinto eziphathekayo awayenayo. Waqhubeka enikel’ ingqalelo kwimpahla yakhe ukuze ongeze ubutyebi bakhe. UYesu waqukumbela ngokuthi: “Uthe ke uThixo kuye [kumntu osisityebi], Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe [bayawufuna, NW]: ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo? Unjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo.”
Zimbi iinguqulelo zisebenzisa isenziwa, esinjengesi sithi: “Ngobu busuku umphefumlo wakho uyafunwa kuwe.” (New American Standard Bible) “Ngobu busuku uza kufunwa kuwe umphefumlo wakho.” (The Jerusalem Bible) “Ngobu busuku ubomi bakho buyafunwa.” (The Twentieth Century New Testament) “Ngobu busuku uya kubizwa kuwe umphefumlo wakho.” (Byington neBhayibhile yesiXhosa) Noko ke, isiHebhere (uYesu awathetha ngaso) nesiGrike (awabhala ngaso uLuka) zisebenzisa uhlobo lomntu wesithathu. IsiGrike kuLuka 12:20 ngokoqobo sithi “ngabo obu busuku umphefumlo wakho bayawucela kuwe.” Isenzi sikumntu wesithathu kwisininzi. Ngenxa yoko, kunokuba iyiguqulele ngokungeyomfuneko kwisenziwa (njengoko kunjalo kwimizekelo engentla), iNew World Translation nezinye iinguqulelo zisebenzisa igama elithi “bayawufuna.”
Noko ke, senza kakuhle ukungavumeli ubugocigoci bomgaqo-ntetho busithe isiluleko sikaYesu esicacileyo ngezinto eziphathekayo. Wayengabalaselisi indlela le ndoda isisityebi eyayiza kufa ngayo. Ingongoma yayiyeyokuba ngandlel’ ithile lo mntu wayeza kulahlekelwa ngumphefumlo wakhe, okanye ubomi ngobo busuku. Kodwa wayenolwalamano olunjani noThixo? Nabani na kuthi usengazinikela ekuphuculeni imeko yethu yezinto eziphathekayo aze ngokufanayo asilele ukuba ngosisityebi kuThixo. Ezorhwebo zikhuthaza umoya ‘wokusoloko kufunwa okungakumbi.’ Kwanabantu abaneekampani ezenza ingeniso enkulu kwezentengiso ngezigidi zeerandi, iiponti, needola, njalo njalo, basenokuhendelwa ekufuneni okungakumbi—abaqeshwa abangakumbi, intengiso engakumbi, ingeniso engakumbi, ubunewunewu obungakumbi nentywenka ebhankini. Umbuzo kaYesu ungofanelekileyo namhlanje njengaxa wawuphakamisayo okokuqala esithi: “Ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo?”—Luka 12:20.