Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Yintoni Evumelekileyo NgeSabatha?
NGOKU kuyenye iSabatha noYesu utyelela indlu yesikhungu ekufutshane noLwandle lwaseGalili. Okhoyo apha yindoda eyomelwe sisandla sasekunene. Ababhali nabaFarisi bondele ngokusondeleyo ukuze babone enoba uYesu uza kuyiphilisa na le ndoda. Ekugqibeleni bambuza besithi: “Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha?”
Iinkokeli zonqulo zamaYuda zikholelwa kwelokuba ukuphilisa ngeSabatha kuvumelekile kuphela ukuba ubomi busengozini. Ngokomzekelo, zifundisa ukuba ngeSabatha akuvumelekanga ukolula ithambo okanye ukubophela indawo ekrunekileyo. Ngoko ababhali nabaFarisi bampheka bemophula uYesu ngemibuzo bezama indlela abangammangalela ngayo.
Phofu ke, uYesu uyazazi iingcinga zabo. Kwangaxeshanye, uyaqonda ukuba baye baba nembono ebaxiweyo nengeyoyazibhalo ngoko kuthethwa kukwaphulwa komthetho ofunekayo ngomhla weSabatha nowalela ukusebenza. Ngaloo ndlela uYesu ubangela kubekho ingxabano ephawulekayo ngokuyalela le ndoda inesandla esomileyo esithi: “Phakama uze phakathi.”
Ngoku, eguqukela kubabhali nabaFarisi, uYesu uthi: “Kuni apha nguwuphi na umntu ongethi, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole?” Ekubeni imvu imela imali elondoloziweyo, babengayi kuyishiya emhadini de kube lusuku olulandelayo, mhlawumbi inokubola ize iphulukane nexabiso layo. Ngaphandle koko, iZibhalo zithi: “llungisa liyawazalelela umphefumlo wenkomo yalo.”
Ethelekisa izinto, uYesu uqhubeka esithi: “Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabatha.” Zingakwazi ukuphendula ukuqiqa okuvakalayo nokubangelwa yimfesane ngolo hlobo, iinkokheli zonqulo aziphosi nelimdaka.
Ecaphukile, yaye ebuhlungu ngenxa yobudenge bazo bokuqaqadeka, uYesu uyasingasinga. Wandula athi kule ndoda: “Solule isandla sakho.” Ithi ke isolule size nesandla siphiliswe.
Kunokuba bavuye kukuba isandla sale ndoda siphilisiwe, abaFarisi bayaphuma baze ngokukhawuleza benze iyelenqe neqela labalandeli bakaHerode ukuba limbulale uYesu. Eli qela lobupolitika ngokucacileyo liquka amalungu onqulo lwabaSadusi. Ngokuqhelekileyo, eli qela lobupolitika kunye nabaFarisi achasene ngokuphandle, kodwa amanyene ngokuqinileyo ekuchaseni kwawo uYesu. Mateyu 12:9-14; Marko 3:1-6; Luka 6:6-11; IMizekeliso 12:10; Eksodus 20:8-10.
◆ Yintoni eyabangela ingxabano ephawulekayo phakathi kukaYesu neenkokeli zonqulo zamaYuda?
◆ AmaYuda ayekholelwa entwenini ngokuphathelele ukuphilisa ngeSathana?
◆ Nguwuphi umzekeliso owasetyenziswa nguYesu ukuchasa iimbono zawo eziphosakeleyo?