Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Inyaniso YeBhayibhile Izisa Umanyano Nolonwabo Lwentsapho
ISIBINI esitshatileyo eIndiya esasingamalungu ecawa yeNgqobhoko sasixabana rhoqo. Ngokufuthi indoda yayibetha umfazi wayo. Sade sazama ukubulalana! Ngesinye isihlandlo umfazi wabilisa ighee (ibhotolo enyibilikisiweyo) waza wayizisa endodeni ngokungathi uzisa iti kodwa ngoko wayiphosa ebusweni bayo. Ekugqibeleni, lo mfazi wagqiba kwelokuba azibulale.
Ngaba kwakukho nantoni na eyayinokuzisa umanyano nolonwabo kwesi sibini? Abantu abaninzi babeya kuthi yayingenakubakho. Kodwa ngaphambi kokuba azibulale, lo mfazi watyelela intombi nomkhwenyana wakhe. Babefundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Wagqiba kwelokuba aphulaphule, yaye intliziyo yakhe yashukunyiswa kakhulu koko wakuvayo. Emva kwesifundo, waxelela amaNgqina iingxaki zakhe. Ambonisa ngokuphuma eBhayibhileni oko ngokwenene zikuko iimbopheleleko zakhe njengomfazi. Nayo indoda kwadityanwa nayo kwaza kwaqaliswa isifundo seBhayibhile nayo. Waba yintoni umphumo? Ngokusebenzisa kwale ndoda nalo mfazi imigaqo yeBhayibhile, iingxaki zabo zentsapho bazoyisa. Ngoku esi sibini siqhubele phambili ukusa kwinqanaba lokwahlulela ubomi baso kuYehova, yaye sibhaptiziwe.
Ezinye izibini ezingenakubalwa ziye zafumanisa ukuba iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo linesicombululo kwiingxaki zentsapho. Ngokusebenzisa isiluleko salo, esinjengeso sifunyanwa kweyabaseKolose 3:12-14 nakumaEfese isahluko 5, ziyazoyisa ezi ngxaki zize zifikelele kumanyano nakulonwabo.
◻ Omnye umzekelo ongendlela inyaniso yeBhayibhile enokuyimanyanisa ngayo intsapho uvela eLebanon. Ngowe-1973 omnye wamaNgqina kaYehova waqalisa isifundo seBhayibhile nenye intsapho kwilali encinane. Amantombazana amabini, oodade, ababevela elumelwaneni nabo babesiza kwesi sifundo. Kodwa xa umfundisi wasekuhlaleni wasichasayo eso sifundo, intsapho yasiyeka. Amantombazana amabini aqhubeka efundisisa ngembalelwano, esebenzisa ikhelingi yenkosikazi yomnakwawo. Emva kokuba aye afundisisa iileta ezazivela kumaNgqina, azinika inkosikazi yomnakwawo ukuba izifunde, nangona umyeni wayo wayechasa ngelo xesha. Xa ayenemibuzo, ayebuza amaNgqina ngokuwabhalela.
Noko ke, umnakwawo waqhubeka echasa. Wazikrazula limpapasho zeBhayibhile oodade wabo nomfazi wakhe ababenazo ibe wade watshisa neeBhayibhile zabo. Kodwa phezu kwako nje ukungcikivwa ngokuqatha yintsapho, ngumfundisi nabanye abaselalini la mantombazana aqhubeka efundisisa. Ekuhambeni kwexesha, abhaptizwa. Ezinye izalamane nazo zaqalisa ukufundisisa IBhayibhile zaza zabhaptizwa. Umnakwabo la mantombazana mabini owayechasa naye wafunda inyaniso waza wabhaptizwa. Ngoku ukhonza njengesicaka solungiselelo ebandleni, yaye unguvulindlela ongumncedani othe rhoqo. Ekupheleni kowe-1985, amalungu angama-23 ale ntsapho ayefunde inyaniso yaye ayebhaptiziwe!
Hayi indlela abavuya ngayo abo dade babini ngenxa yokubambelela kwinyaniso phezu kwayo nje inkcaso! Olunjani uvuyo kubo ukubona ukumanyana nokonwaba kwentsapho yakowabo ngenxa yokwamkela kwabo inyaniso yeBhayibhile! Oku kuqinisekisa amazwi omdumisi xa wadanduluka wathi: “Hayi, uyolo lwabantu abaThixo unguYehova!”—INdumiso 144:15.
◻ Kanti amanye amava avela kwisiXeko saseNew York, eUnited States. Lo umntu waqalisa ukusebenzisa iziyobisi xa wayeneminyaka eli-13 ubudala yaye zazimkhobokise gqitha kangangokuba wayengenakudla de abe utshaye umya! Ukusebenzisa kwakhe icocaine kwakumdla ama-R200 ngosuku, ibe ngoxa ethengisa iziyobisi wayesoloko ephatha imipu emibini ephathwa ngesandla. Watshata waza waba ngubawo wabantwana abane. Xa umfazi wakhe waba ngomnye wamaNgqina kaYehova, wamchasa. Kodwa ekugqibeleni wakruquka yindlela yakhe yobomi yokungabikho zingqondweni ‘nokuhia enyuka ezitratweni,’ ekrexeza.
Ngokhuthazo oluzingisileyo olwaluvela kumfazi wakhe noncedo olunothando lwabadala, wakuvuma ukufundisisa iBhayibhile unyaka emva kokubhaptizwa komfazi wakhe. Oku kwamnceda ukuba ahlangabezane nokurhoxa kwiingxaki zakhe ezinkulu zokusebenzisa iziyobisi kuquka ukuba nemibono. Waqhubela phambili ukusa kwinqanaba lokuba abhaptizwe ibe ngoku uvuyela ukubona intsapho yakhe imanyene ngokonwabileyo yaye abantwana bakhe abane beqhubela phambili enyanisweni. Ekubeni enomsebenzi wengqesho othe ngcembe nonengeniso entle, yena nomfazi wakhe bakhangele phambili ekubeni nesabelo kwinkonzo yobuvulindlela bobuncedani.
[Amagama acatshuliweyo akwiphepha 21]
“Hayi, uyolo lwabantu abaThixo unguYehova!”—INdumiso 144:15