Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Uthando Lumanyanisa Iintsapho
UMANYANO lwentsapho lunokubakho kuphela xa umtshato usekelwe kuthando olukhokelwa kukungazingci. Uthando olunjalo luvela kuYehova, uThixo oluthando, ngoko lusisiqhamo somoya kaThixo. (Galati 5:22, 23; 1 Yohane 4:8) Amava alandelayo abonisa indlela uthando olusekelwe kulwazi lweBhayibhile oluye lwazimanyanisa ngayo iintsapho.
EHong Kong
◻ EHong Kong uvulindlela waqalisa isifundo seBhayibhile sekhaya nomama wekhaya neentombi zakhe ezimbini. Indoda yaba nenkxalabo yokuba wayesenokuba ubandakanyeka kwiqela elisekelwe elunqulweni ngeyona ndlela igqithiseleyo. Uvulindlela wamcebisa lo mfazi ukuba ammeme umyeni wakhe ukuba abekho naye ngethuba lokuqhutywa kwesifundo aze azigqibele ngokwakhe, nto leyo awayenzayo. Ngeli thuba, umfazi waqalisa ukuya ezintlanganisweni, kodwa wayenengxaki ekuqeqesheni abantwana bakhe. Wayedla ngokumngxolisa rhoqo omdala aze amfekethise omncinane. Ngoko kwavakala ukuba yena nomyeni wakhe babeneengxaki. Iingxabano zabo ngokufuthi zaziphumela ekubeni kuliwe, ibe kangangezihlandlo ezininzi kwakufuneka kubizwe abakwantsasana. Uvulindlela wasebenzisa iLizwi likaThixo elinamandla ukubafundisa indlela yokubonakalisa uthando lukaThixo emtshatweni wabo. Kungekudala baqalisa ukwenza iinguqulelo kwimikhwa emidala. Bobabini baba ngabantu abeza rhoqo ezintlanganisweni, imekobume eyonwabisayo yesamela ngakumbi kwelo khaya. Indoda yakuyeka ukutshaya yaye ngoku iye yabhalisa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Umfazi ngoku ungumvakalisi obhaptiziweyo.
Umanyano lwentsapho luye lwabakho ngokubonakaliswa kothando, isiqhamo somoya kaThixo.
EBritani
◻ Amava aseBritani abonisa indlela uYehova ayisikelela ngayo indoda ebonakalisa uthando, umonde nonyamezelo ekuqhubaneni nomfazi wayo. Xa indoda yathi yamkela inyaniso kwiminyaka eli-12 edluleyo, inkcaso ekrakra yomfazi wayo yamkhokelela ekufuneni ukuqhawula umtshato ngokwasemthethweni. Noko ke, indoda yaqhubeka ibonakalisa ububele kuye, iqinisekisa ukuba imnyamekela kakuhle ngokwasemalini, imenzela imisetyenzana emincinane yasendlwini ngokuthe rhoqo. Emva kweminyaka emine yaye phezu kwayo nje inkcaso yomfazi yangaphambili, yagqiba ekubeni imthele thsuphe ngenyaniso kwakhona. Xa yacebisa ukuba udade afundisise iBhayibhile naye, wavuma, nto leyo eyayimangalisa ngakumbi. Ekugqibeleni wayamkela inyaniso waza wabhaptizwa. Indoda yayingazange iyeke ukumthanda, ibe xa wazingqina eyamkele inyaniso, yamcela ukuba batshate kwakhona. Wachwayita, kuba engazange ayilindele ukuba yenze oku ngenxa yesimo sakhe sengqondo esibi sangaphambili. Ngoku baneminyaka ephantse ibe sibhozo betshatile kwakhona, ibe bobabini baqhubela phambili kakuhle enyanisweni.
EMzantsi Pasifiki
◻ Ngaphezu kweminyaka engama-20 eyadlulayo, igatyana lomfana kwisiqithi saseTuvalu eMzantsi Pasifiki labhalela iWatch Tower Society lifuna uncwadi. Kwakungekho maNgqina kweso siqithi ngelo xesha. Sekunjalo, lalufunda olu ncwadi lilodwa laza lalugqala njengoluyinyaniso. Noko ke, umfazi walo waluchasa ngokukrakra ukholo lwalo olutsha, ngoko lo mfana waluyeka.
Kutshanje, xa uncwadi lwathi lwafumaneka ngolwimi lwaseTuvalu, umfazi wazifumanela iimpapasho ezithile waza wakwazi ukuzifundela. Ngoko wayiqonda inyaniso waza wakhalaza kumyeni wakhe esithi: “Yonke le minyaka ubunesibane, kodwa akuzange usiphakamisele phezulu. Kwakutheni ukuze ungandicaciseli oku nje kwesizathu sokuba ukholelwe ukuba amaNgqina ayenyanisile?” Ngoku simanyene enyanisweni yeBhayihbile, esi sibini saqalisa ukunxulumana namaNgqina.
Xa iintombi zaso ezimbini, ezazisesikolweni eFiji, zabuyela ekhaya, abazali bazazisa ngesigqibo sabo sokuba ngamaNgqina kaYehova. Bazikhuthaza ezi ntombi ukuba zibathelele esifundweni seBhayibhile, kodwa okwabamangalisayo, kukufumanisa ukuba ezi ntombi zazisele zisiya ezintlanganisweni eFiji. Intsapho yayamkela kunye ngokonwabileyo inyaniso, yaye utata, umama nenye yeentombi baye baba ngabavakalisi boBukumkani.
Olunjani lona uvuyo ukubona indlela inyaniso yeBhayibhile nothando oluzimanyanisa ngayo iintsapho ehlabathini lonke.