Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Eyona Ntshumayelo Idumileyo Yakha Yanikelwa
ESI siganeko sesona sikhumbulekayo kwimbali yeBhayibhile: UYesu wayehleli ethambekeni, enikela iNtshumayelo yakhe edumileyo yaseNtabeni. Le ndawo ingakuLwandle lwaseGalili, mhlawumbi kufuphi naseKarpenahum. UYesu wayechithe ubusuku bonke ethandaza kuThixo, yaye ngentsasa elandelayo wayekhethe abali-12 kubafundi bakhe ukuba babe ngabapostile. Emva koko, ekunye nabo bonke, wayehlile weza kule ndawo ithe tyaba entabeni.
Ngoku, usenokucinga ukuba, uYesu usenokuba udinwe gqitha yaye ufuna ukulala. Kodwa kufike inkungu nelanga yabantu, bambi basuka kude kummandla wakwaYuda naseYerusalem, i-100 ukuya kwi-110 leekhilomitha ukusuka apho. Abanye basuka kunxweme lolwandle lwaseTire naseTsidon olungentla. Bazele ukuza kuphulaphula uYesu nokuphiliswa kwizigulo zabo. Kukwakho nabantu abakhathazwa ziidemon.
Njengoko uYesu esihla, abantu abagulayo batyhudiselana kufuphi ukuza kumchukumisa, yaye uyabaphilisa bonke. Emva koko, kubonakala ukuba uYesu unyukela kwindawo ephakamileyo esentabeni. Apho uhlala phantsi aze aqalise ukufundisa izihlwele ezihleli phambi kwakhe kuloo ndawo imtyaba. Khawucinge ngoku! Akukho namnye umntu kubo bonke abo baphulaphuli ogula sisifo esibi!
Abantu balangazelela ukuva umfundisi okwaziyo ukwenza le mimangaliso ikhwankqisayo. Noko ke, uYesu unikela intshumayelo yakhe ikakhulu ukuze kungenelwe abafundi bakhe, mhlawumbi aba bahlanganisene kufuphi naye. Kodwa ukuze nathi singenelwe koku, bobabini uMateyu noLuka bakubhalile oku.
Ingxelo kaMateyu engentshumayelo inde ngokuphindwe kane kunekaLuka. Ngaphezu koko, inxenye yoko akubhalayo uMateyu, uLuka ukunikela njengokwathethwa nguYesu ngelinye ithuba ebudeni bobulungiseleli bakhe, njengoko kunokuphawulwa ngokuthelekisa uMateyu 6:9-13 noLuka 11:1-4, noMateyu 6:25-34 noLuka 12:22-31. Kanti oku akumele kusothuse. Ngokucacileyo uYesu wafundisa izinto ezifanayo ngaphezu kwesihlandlo esinye, yaye uLuka wakhetha ukubhala ezinye zezi mfundiso ngolunye uhlobo.
Okwenza intshumayelo kaYesu ixabiseke kakhulu asibobunzulu bobumoya bayo nje kuphela kodwa bubulula nokucaca awathi ngabo wanikela ezi nyaniso. Watsalela kumava aqhelekileyo waza wasebenzisa izinto ababeziqhelile abantu, ngaloo ndlela esenza iingcinga zakhe ziqondwe ngokulula ngabo bonke abafuna ubomi obulunge ngakumbi kwindlela kaThixo. Kwiinkupho zethu ezilandelayo siza kuhlolisisa ezinye izinto awazithethayo. Luka 6:12-20; Mateyu 5:1, 2.
◆ Yanikelwa phi eyona ntshumayelo ikhumbulekayo kaYesu, ngoobani ababekho, yaye yintoni eyenzekayo ngaphambi nje kokuyinikela kwakhe?
◆ Kutheni kungamangalisi nje ukuba uLuka abe ubhale iimfundiso ezithile zentshumayelo ngolunye uhlobo?
◆ Yintoni eyenza intshumayelo kaYesu ixabiseke kangaka?