IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 10/1 iphe. 21-25
  • Yibani Ngabenzi Belizwi, Ningabi Ngabaphulaphuli Kuphela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yibani Ngabenzi Belizwi, Ningabi Ngabaphulaphuli Kuphela
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaphambi Kokugweba, Zama Ukuba Ngoqondayo
  • Indlela AbaFarisi ‘Ababebuvala Ngayo Ubukumkani’
  • “Engafundisi Njengabo Ababhali”
  • Indlela Esa Ebomini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Eyona Ntshumayelo Idumileyo Yakha Yanikelwa
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • INtshumayelo YaseNtabeni Eyaziwayo
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Qhubekani Nisenza Okulungileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 10/1 iphe. 21-25

Yibani Ngabenzi Belizwi, Ningabi Ngabaphulaphuli Kuphela

“Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini.”—MATEYU 7:21.

1. Abalandeli bakaYesu baza kuqhubeka besenza ntoni?

QHUBEKANI nicela. Qhubekani nifuna. Qhubekani ninkqonkqoza. Zingisani ekuthandazeni, ekufundisiseni nasekwenzeni oko kwathethwa nguYesu kwiNtshumayelo yaseNtabeni. UYesu uxelela abalandeli bakhe ukuba bayityuwa yehlabathi, benesigidimi esithintela ukonakala esivakaliswe ngetyuwa abamele bangasivumeli siphelelwe sisongo, singabi nancasa okanye siphelelwe ngamandla aso okunqanda ukonakala. Balukhanyiselo lwehlabathi, bebonakalisa ukukhanya okuvela kuKristu Yesu noYehova uThixo kungekuphela nje ngoko bakuthethayo kodwa nangoko bakwenzayo. Imisebenzi yabo elungileyo ikhanya kwanjengamazwi abo akhanyisayo—yaye isenokuthetha gqitha kwihlabathi eliqhele uhanahaniso olunjengolwabaFarisi lweenkokeli zonqulo nezobupolitika, ezithetha gqitha kodwa eziphumeza okuncinane.—Mateyu 5:13-16.

2. UYakobi unikela siphi isiluleko, kodwa sisiphi isimo sokwaneliseka esithatyathwa ngabathile ngempazamo?

2 UYakobi ululeka esithi: “Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kuphela, nizikhohlisa ngengqiqo yobuxoki.” (Yakobi 1:22, NW) Abaninzi baye bazikhohlisa ngemfundiso yokuba ‘ukuba wawukhe wasindiswa, uhlala usindisiwe,’ ngokungathi ngoku bafanele badle umhlalaphantsi baze balindele umvuzo abathi lizulu. Yimfundiso yobuxoki leyo nethemba elingasayi kuzaliseka. UYesu wathi, “Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.” (Mateyu 24:13) Ukuze uzuze ubomi obungunaphakade, umele ‘uthembeke kude kube sekufeni.’—ISityhilelo 2:10; Hebhere 6:4-6; 10:26, 27.

3. Nguwuphi umyalelo ongokugweba uYesu awunikela ngokulandelayo kwiNtshumayelo yaseNtabeni?

3 Njengokuba uYesu wayehlabela mgama neNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, wathetha okuninzi ekwakufuneka amaKristu azabalazele ukukulandela. Naku okunye okubonakala kulula, kodwa okugweba olunye lolona tyekelo lunzima ukwahlukana nalo: “Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa. Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nangomlinganiselo enilinganisela abanye ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani. Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi wona umqadi okwelakho iliso? Okanye ungathini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esisesweni lakho, kanti nango umqadi kwelakho iliso? Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho.”—Mateyu 7:1-5.

4. Nguwuphi umyalelo owongezelelekileyo ingxelo kaLuka ewunikelayo, yaye ukusetyenziswa kwawo kuphumela entwenini?

4 Kwingxelo kaLuka yeNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu waxelela abaphulaphuli bakhe ukuba bangabagxeki abanye. Kunoko, ‘mabaqhubeke bekhulula’ nto leyo ethetha ukuthi, bazixolele iziphoso zabantu abangoowabo. Oku kuya kubabangela abanye basabele ngendlela yobubele, njengoko uYesu wathi: “Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu; kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.”—Luka 6:37, 38.

5. Kutheni kulula kangaka ukubona iimpazamo zabanye kunezethu?

5 Ebudeni benkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, ngenxa yezithethe zabantu, ngokuqhelekileyo abaFarisi babetyekele ekubagwebeni kabukhali abanye. Nabaphi na kubaphulaphuli bukaYesu ababeqhele ukukwenza oku kwakufuneka bakuyeke. Kulula gqitha ukubona izibi ezisemehlweni abanye kunokubona imiqadi ekwawethu—yaye ngaloo ndlela sizikhukhumalisa ngokungakumbi! Kunjengokuba enye indoda yathi, “Ndiyakuthanda ukugxeka abanye kuba oku kundenza ndizive ndilunge ngakumbi!” Ukuqhela ukugxeka abanye kunokusenza sivakalelwe siphakamile nto leyo ebonakalisa ukuthethelela iimpazamo zethu esifuna ukuziquma. Kodwa ukuba kufuneka silungise abanye, oku kufanele kwenziwe ngomoya wobulali. Lowo ulungisa omnye ufanele asoloko eziqonda iintsilelo zakhe.—Galati 6:1.

Ngaphambi Kokugweba, Zama Ukuba Ngoqondayo

6. Ukuba kuyimfuneko sifanele sigwebe ngokwasiphi isizinzi, yaye luluphi uncedo esifanele silufune ukuze singabi ngabagxeka gqitha?

6 UYesu wayengezanga kugweba ihlabathi kodwa wayeze kulisindisa. Nakuphi na ukugweba awakwenzayo yayingekokwakhe kodwa kwakusekelwe kumazwi uThixo amnika ukuba awathethe. (Yohane 12:47-50) Kwanakuphi na ukugweba esikwenzayo kufanele kuvisisane neLizwi likaYehova. Simele sizame ukuloyisa utyekelo lobuntu lokuba ngabagwebayo. Ekwenzeni oku, sifanele sithi ngokuzingisileyo sithandazele uncedo lukaYehova: “Qhubekani nicela, nophiwa; qhubekani nifuna, nofumana; qhubekani ninkqonkqoza, novulelwa; kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uyavulelwa.” (Mateyu 7:7, 8, NW) KwanoYesu wathi: “Mna ngokwam andinakwenza nto; njengoko ndivayo, ndigweba ngako, nomgwebo wam ububulungisa; ngokuba andifuni kuthanda kwam, ndifuna ukuthanda kukaBawo owandithumayo.”—Yohane 5:30.

7. Nguwuphi umkhwa esifanele siwuhlakulele oya kusinceda ukuze sisebenzise uMthetho Omkhulu?

7 Sifanele sihlakulele umkhwa wokungabagwebi abantu, kodwa wokuzama ukubaqonda ngokuzibeka kwindawo yabo—into ekungelula ukuyenza kodwa efunekayo ukuba siza kuthobela uMthetho Omkhulu, uYesu awawuvakalisa ngokulandelayo esithi: “Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; kuba oku kungumthetho nabaprofeti.” (Mateyu 7:12) Ngoko abalandeli bakaYesu bamele basiphaphele baze basiqonde isimo sengqondo, esingokwemvakalelo nesingokomoya sabanye. Bamele bazazi baze baziqonde iimfuno zabanye baze babe nomdla wobuqu ekubancedeni. (Filipi 2:2-4) Kwiminyaka kamva uPawulos wabhala esithi: “Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.”—Galati 5:14.

8. UYesu waxubusha ngaziphi iindlela ezimbini, yaye kutheni enye yazo ikhethwa ngabantu abaninzi?

8 Ngokulandelayo uYesu wathi: “Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo. Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.” (Mateyu 7:13, 14) Ngaloo mihla abaninzi bakhetha indlela esa entshabalalweni yaye abaninzi basenjenjalo nangoku. Indlela ephangaleleyo ivumela abantu ukuba bacinge ngendlela abathanda ngayo baze baphile ngendlela abathanda ngayo: akukho mithetho, akukho mbopheleleko, kuphilwa nje ubomi bokungakhathali, yonke into ithatyathwa lula. Kubo ukuthi “zamani ukungena ngesango elimxinwa” akuthethi nto!—Luka 13:24.

9. Yintoni efunekayo ukuze sihambe ngendlela emxinwa, yaye sisiphi isilumkiso uYesu asinikelayo kwabo bahamba ngayo?

9 Kodwa lisango elimxinwa elivulela kwindlela esa kubomi obungunaphakade. Likhondo elifuna ukuba ubani azeyise. Oku kusenokuthetha uqeqesho oluya kucikida iimvakalelo zakho luze luvavanye ubunzulu bozahlulelo lwakho. Xa kufika iintshutshiso, le ndlela ayibi lula yaye ifuna unyamezelo. UYesu ulumkisa abo bahamba kule ndlela esithi: “Ke kaloku balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo.” (Mateyu 7:15) Le nkcazelo yabafanela kakuhle abaFarisi. (Mateyu 23:27, 28) ‘Babehleli esihlalweni sikaMoses,’ besithi bathethela uThixo ngoxa belandela izithethe zabantu.—Mateyu 23:2.

Indlela AbaFarisi ‘Ababebuvala Ngayo Ubukumkani’

10. Kungayiphi indlela ekhethekileyo abathi ababhali nabaFarisi bafune ngayo ‘ukubuvala ubukumkani phambi kwabantu’?

10 Ngaphezu koko, abefundisi abangamaYuda babebavalela abo babefuna ukungena ngesango elimxinwa. “Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangenayo anibavumeli ukuba bangene.” (Mateyu 23:13) Indlela eyayisetyenziswa ngabaFarisi yayinjengaleyo walumkisa ngayo uYesu. Babeya ‘kulilahlela phandle igama [labafundi bakhe] ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana womntu.’ (Luka 6:22) Ngenxa yokuba indoda eyazalwa iyimfama neyaphiliswa nguKristu yayikholelwa ukuba uYesu wayenguMesiya, bayigxotha kwindlu yesikhungu. Abazali bayo babengafuni ukuphendula imibuzo kuba besoyika ukugxothwa kwindlu yesikhungu. Kwangeso sizathu, abanye ababekholelwa ukuba uYesu unguMesiya bathandabuza ukukuvuma oku ekuhleni.—Yohane 9:22, 34; 12:42; 16:2.

11. Ziziphi iziqhamo ezibahlulayo eziveliswa ngabefundisi beNgqobhoko?

11 UYesu wathi, “Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi.” (Mateyu 7:16-20) Umthetho ofanayo uyasebenza namhlanje. Uninzi lwabefundisi beNgqobhoko luthetha oku luze lwenze okuya. Nangona besithi bafundisa iBhayibhile, bayazamkela iimfundiso ezinyelisa uThixo njengemfundiso kaBathathu Emnye neyesihogo somlilo. Abanye bayayikhanyela intlawulelo, befundisa ngendaleko kunendalo, baze bashumayele ngezinto ezithandwa ngokubanzi ngabantu besonwaya iindlebe zabo. NjengabaFarisi, uninzi lwabefundisi banamhlanje bangabathandi bemali, beyixhaphaza imihlambi yabo ukuze bafumane izigidi zeerandi. (Luka 16:14) Bonke batsho ngelizwi eliphakamileyo besithi, “Nkosi, Nkosi,” kodwa uYesu ubaphendula esithi: “Andizanga ndinazi; mkani, kum, nina nenza okuchasene nomthetho.”—Mateyu 7:21-23.

12. Kutheni bambi ababekhe bahamba ngendlela emxinwa beyekile nje ukuhamba ngayo, yaye oku kube nawuphi umphumo?

12 Namhlanje, bambi ababekhe bahamba ngendlela emxinwa baye bayeka ukwenjenjalo. Bathi bayamthanda uYehova, kodwa abawuthobeli umthetho wakhe wokushumayela. Bathi bayamthanda uYesu, kodwa abazondli izimvu zakhe. (Mateyu 24:14; 28:19, 20; Yohane 21:15-17; 1 Yohane 5:3) Abafuni ukumanyaniswa nabo bahamba emanyathelweni kaYesu. Indlela emxinwa bayifumanisa imxinwa gqitha. Baye badinwa kukwenza okulungileyo, ngoko “baphuma kuthi, babengengabo abethu; kuba, ukuba babengabethu, ngebahlalayo nathi.” (1 Yohane 2:19) Baphindele ebumnyameni, yaye ‘kobunjani bona ubumnyama!’ (Mateyu 6:23) Basityeshela isibongozo sikaYohane esithi: “Bantwanana bam, masingathandi ngamazwi nangamlomo; masithande ngezenzo nangenyaniso.”—1 Yohane 3:18.

13, 14. Nguwuphi umzekeliso uYesu awawunikelayo ongokusebenzisa amazwi akhe kubomi bethu, yaye kwakutheni ukuze oku kufaneleke kangaka kwabo basePalestina?

13 UYesu wayiqukumbela iNtshumayelo yakhe yaseNtabeni ngomzekeliso ochukumisayo: “Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni.”—Mateyu 7:24, 25.

14 EPalestina iimvula ezinkulu zazinokubangela ukuba amanzi aqukuqele kwiintlambo ezizinkqantosi njengesikhukula esitshabalalisayo. Ukuba izindlu zaziza kuma, kwakufuneka zibe neziseko ezenziwe ngokuqinileyo elulwalweni. Ingxelo kaLuka ibonisa ukuba umntu othile “wemba wangxoka isiseko, wasibeka phezu kolwalwa.” (Luka 6:48) Oku kwakungumsebenzi onzima, kodwa kwaba luncedo gqitha xa kwathi kwafika uqhwithela. Ngoko ukwakhela iimpawu zobuKristu phezu kwamazwi kaYesu kuya kuzisa umvuzo xa kufika isikhukula esiziinkxwaleko.

15. Uya kuba yintoni umphumo kwabo balandela izithethe zabantu kunokuthobela amazwi ka-Yesu?

15 Enye indlu yayakhelwe entlabathini: “Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yabetha kuloo ndlu; yawa; saba sikhulu ke isiwo sayo.” Oku kuya kuba njalo kwabo bathi: “Nkosi, Nkosi” kodwa bengakwenzi oko kuthethwa nguYesu.—Mateyu 7:26, 27.

“Engafundisi Njengabo Ababhali”

16. Yaba nawuphi umphumo iNtshumayelo yaseNtabeni kwabo babeyiphulaphule?

16 Yaba nawuphi umphumo iNtshumayelo yaseNtabeni? “Kuthe ke, xenikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, zakhwankqiswa iindimbane kukufundisa kwakhe; kuba ebezifundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.” (Mateyu 7:28, 29) Babechukumiseke ngokunzulu ngulowo wayethetha njengonegunya ngendlela abangazange bayive ngaphambili.

17. Yintoni ekwafuneka abaFarisi bayenze ukuze bangqine ubunyaniso bemfundiso yabo, yaye bathini ngamanyange abo ekwakucatshulwa amazwi awo?

17 Akukho mbhali wakhe wathetha njengonegunya, njengoko le ngxelo yembali ibonisa: “Ababhali babeyifumene imfundiso yabo kwizithethe, nakwiinkokeli zabo zonqulo: yaye akukho ntshumayelo yakhe nawuphi na umbhali eyakhe yanegunya okanye ixabiso, ngaphandle nje [kokucaphula] . . . Isithethe saBefundisi sithi, okanye . . . Izazi zithi; okanye nayiphi na intetho engokwesithethe elolo hlobo. UHillel Omkhulu enyanisweni wafundisa, yaye njengokuba isithethe sasiphathelele izinto ezithile; ‘Kodwa, nangona washumayela ngaloo mbandela imini yonke, . . . abazange bayamkele imfundiso yakhe, de ekugqibeleni wathi, Oku ndakuva kuShemaia noAbtalion [ababhali bangaphambili kukaHillel].’” (A Commentary on the New Testament From the Talmud and Hebraica, nguJohn Lightfoot) AbaFarisi bade bathi ngamanyange afa kudala: “Xa ubani ethetha ngemfundiso yomthetho egameni lawo, imilebe yawo ibebezela nabo engcwabeni.”—Torah—From Scroll to Symbol in Formative Judaism.

18. (a) Wawuyintoni umahluko phakathi kwemfundiso yababhali naleyo kaYesu? (b) Imfundiso kaYesu yayibalasele ngaziphi iindlela?

18 Ababhali babecaphula amazwi amadoda awafayo njengamagunya abo; uYesu wayethetha njengonegunya elivela kuThixo ophilileyo. (Yohane 12:49, 50; 14:10) Abefundisi babethulula amanzi amadala kwiintsuba ezivaliweyo; uYesu wavulela imithombo yamanzi amnandi awaluqabulayo unxano lwangaphakathi. Wathandaza waza wacamngca nzulu ubusuku bonke, yaye xa wayethetha, wabachukumisa ngokunzulu abantu ngezinto abangazange baziqonde ngaphambili. Wayethetha ngamandla ababenokuweva, igunya abathi kwanababhali, abaFarisi nabaSadusi ekugqibeleni bakoyika ukulicel’ umngeni. (Mateyu 22:46; Marko 12:34; Luka 20:40) Akuzange kuthethe mntu ngolu hlobo! Ekuqukunjelweni kwale ntshumayelo, izihlwele zashiyeka zimangalisiwe!

19. Namhlanje zimbi zeenkqubo zokufundisa ezisetyenziswa ngamaNgqina kaYehova zifana njani nezo zikaYesu kwiNtshumayelo yaseNtabeni?

19 Kuthekani namhlanje? Njengabalungiseleli abaya kwindlu ngendlu, amaNgqina kaYehova asebenzisa iinkqubo ezifanayo. Umninimzi ukuxelela oku: “Icawa yam ithi umhlaba uza kutshiswa.” Uphendula ngokuthi: “IBhayibhile yakho ifundeka ngolu hlobo kwiNtshumayeli 1:4: “Ihlabathi limi ngonaphakade.’” Umntu uyothuka. Uthi, “Tyhini, bendingazi ukuba oku kuseBhayibhileni yam!” Omnye uthi: “Bendisoloko ndisiva ukuba aboni baza kutshiswa kwisihogo somlilo.” “Kodwa iBhayibhile yakho ithi kumaRoma 6:23; ‘Umvuzo wesono kukufa.’” Okanye ngoBathathu Emnye: “Umshumayeli wam uthi uYesu noYise bayalingana.” “Kodwa kuYohane 14:28 iBhayibhile yakho icaphula amazwi kaYesu athi: ‘UBawo mkhulu kunam.’” Omnye umntu uthi kuwe: “Ndive kusithiwa uBukumkani bukaThixo bungaphakathi kuwe.” Uphendula ngokuthi: “KuDaniyeli 2:44 iBhayibhile yakho ithi: ‘Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala . . . buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, buze bona bume ngonaphakade.’ Bunokuba ngaphakathi kuwe njani?”

20. (a) Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kwendlela yokufundisa yamaNgqina naleyo yabefundisi beNgqobhoko? (b) Ngoku lixesha lantoni?

20 UYesu wayethetha ngegunya elivela kuThixo. AmaNgqina kaYehova athetha ngegunya elivela kwiLizwi likaThixo. Abefundisi beNgqobhoko bathetha ngezithethe zonqulo ezangcoliswa ziimfundiso abazifumana zivela eBhabhiloni naseYiputa. Xa abantu abanyanisekileyo besiva ezi mfundiso zabo zigatywa yiBhayibhile, bayamangaliswa baze badanduluke besithi: ‘Andizange ndazi ukuba oku kuseBhayibhileni yam!’ Kodwa oku kunjalo. Ngoku lixesha lokuba bonke abo bayiphapheleyo intswelo yabo engokomoya bawathobele amazwi kaYesu eNtshumayelo yaseNtabeni ngaloo ndlela bakhele phezu kwesiseko esilulwalwa nesomeleleyo.

Imibuzo Yempinda

◻ Endaweni yokugweba yintoni esifanele sizame ukuyenza, yaye ngoba?

◻ Abaninzi namhlanje bayikhetha njani indlela ephangaleleyo?

◻ Kwakutheni ukuze indlela kaYesu yokufundisa yahluke kangako kuleyo yababhali?

◻ Yaba nawuphi umphumo iNtshumayelo yaseNtabeni kwabo babeyiphulaphule?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share