IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 11/15 iphe. 8-9
  • Indlela Esa Ebomini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Esa Ebomini
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Amanqaku Afanayo
  • Eyona Ntshumayelo Idumileyo Yakha Yanikelwa
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Yibani Ngabenzi Belizwi, Ningabi Ngabaphulaphuli Kuphela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • INtshumayelo YaseNtabeni Eyaziwayo
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Qhubekani Nisenza Okulungileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 11/15 iphe. 8-9

Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu

Indlela Esa Ebomini

INDLELA esa ebomini yileyo yokuhlala kwiimfundiso zikaYesu. Kodwa ukwenza oku akulula. Ngokomzekelo, abaFarisi batyekele ekugwebeni abanye ngokungqwabalala, yaye kunokwenzeka ukuba abaninzi bayabaxelisa. Ngoko njengokuba uYesu eqhubeka neNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, unikela esi siluleko: “Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa. Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani.”

Kuyingozi ukulandela ukhokelo lwabaFarisi abagxeka ngokugqithiseleyo. Ngokwengxelo kaLuka, uYesu ucacisa le ngozi ngokuthi: “Ingakhe ibe nako na imfama ukukhokela imfama? Aziyi kuthi na zombini zeyele emhadini?”

Ukubagxeka gqitha abanye, ukubaxa iimpazamo zabo nokuzihlalutya, kusisono esinzulu. Ngoko uYesu uyabuza esithi: “Ungathini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esweni lakho, kanti nango umqadi kwelakho iliso? Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho.”

Oku akuthethi ukuba abafundi bakaYesu kufuneka bangasebenzisi bulumko ngokunxibelelene nabanye abantu, kuba uthi: “Musani ukukunika izinja okungcwele, kanjalo ningaziphosi iiperile zenu phambi kweehagu.” Inyaniso ephuma kwiLizwi likaThixo ingcwele. Ifana neeperile zokomfuziselo. Kodwa ukuba abanye abantu, abanjengezinja okanye iihagu, ababonakalisi luxabiso ngale nyaniso ixabisekileyo, abafundi bakaYesu bafanele babashiye abo bantu baze bafune abaneendlebe ezivayo.

Nangona uYesu ebekhe wawuxubusha umthandazo ngaphambilana kwintshumayelo yakhe, ngoku ubethelela imfuneko yokuzingisa kuwo. Ubongoza ngelithi, “Celani, nophiwa.” Ukuze acacise ukukulungela kukaThixo ukuphendula imithandazo, uYesu ubuza Oku: “Nguwuphi na umntu kuni ongathi, ukuba unyana wakhe uthe wacela isonka, amnike ilitye? . . . Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ukubapha okulungileyo abo bamcelayo?”

Ngokulandelayo uYesu unikela oko kuye kwaziwa njengomgaqo odumileyo wokuziphatha, ngokuqhelekileyo waziwa njengoMthetho Ozukileyo. Uthi: “Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo.” Ukuphila ngalo mgaqo kubandakanya inyathelo elingqalileyo ekwenzeleni abanye okulungileyo, ukubaphatha ngendlela obungathanda ukuphathwa ngayo nawe.

Isibakala sokuba indlela esa ebomini ayilula sityhilwa ngulo myalelo kaYesu: “Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo. Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.”

Ingozi yokulahlekiswa inkulu, ngoko uYesu ulumkisa ngelithi: “Balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo.” UYesu uthi kwanjengokuba imithi elungileyo nemibi inokuqondwa ngeziqhamo zayo, abaprofeti ababuxoki banokuqondwa ngehambo nangeemfundiso zabo.

Ehlabela mgama, uYesu ucacisa ukuba asikuko nje oko umntu akuthethayo okumenza abe ngumfundi Wakhe koko koko akwenzayo. Abanye abantu bathi uYesu uyiNkosi yabo, kodwa ukuba abakwenzi ukuthanda kukaYise, uthi: “[Ndobaxelela], ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.”

Ekugqibeleni, uYesu unikela isiphelo esikhumbulekayo sentshumayelo yakhe. Uthi: “Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni.”

Kwelinye icala, uYesu uvakalisa oku: “Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yabetha kuloo ndIu; yawa; saba sikhulu ke isiwo sayo.”

Xa uYesu eyiqoshelisa intshumayelo yakhe, izihlwele zikhwankqisiwe yindlela afundisa ngayo, kuba uzifundisa njengomntu onegunya engazifundisi njengeenkokeli zazo zonqulo. Mateyu 7:1-29; Luka 6:27-49.

◆ Uthini uYesu mayela nokugweba abanye; kanti ukubonisa njani ukuba abafundi bakhe kufuneka basebenzise ubulumko ebantwini?

◆ Uthini uYesu ngokungakumbi mayela nomthandazo, yaye nguwuphi umgaqo wokuziphatha awunikelayo?

◆ UYesu ubonisa njani ukuba indlela esa ebomini yayingayi kuba lula yaye kukho ingozi yokulahlekiswa?

◆ UYesu uyiqukumbela njani intshumayelo yakhe, yaye iba nawuphi umphumo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share