IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 9/15 iphe. 10-15
  • Abaluleki Abanobuchule—Bayintsikelelo Kubazalwana Babo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abaluleki Abanobuchule—Bayintsikelelo Kubazalwana Babo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukululekwa—Ngubani?
  • Usukelo Lwesiluleko SomKristu
  • UPawulos—Umluleki Owayenobuchule
  • Ubulali Nokuthobeka
  • Icebiso LabaFarisi
  • Ngaba Indlela Olungisa Ngayo ‘Iyayivuyisa Intliziyo’?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • ‘Wamamele Amazwi Ezilumko’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Isiluleko ‘Esivakaliswe Ngetyuwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Ngaba Usoloko Uyifumana Ingongoma?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 9/15 iphe. 10-15

Abaluleki Abanobuchule—Bayintsikelelo Kubazalwana Babo

“Ndobabuyisa abagwebi bakho njengokwasekuqaleni, namaphakathi [abaluleki, (NW)] akho njengokwamatanci.”—ISAYA 1:26.

1, 2. (a) IMizekeliso 12:15 isibonisa njani ukuxabiseka kwesiluleko? (b) Yintoni efunekayo kuqala ukuba siza kwamkela isiluleko, ibe ngawaphi amava abonisa oku?

UTERRI yintombazana yabazali abangamaKristu. Esikolweni wayenomhlobo oselula ‘owayekwasenyanisweni.’ Phofu ke, uTerri waphawula ukuba ngasekugqibeni kwabo kwisikolo samabanga aphantsi umhlobo wakhe wayengasenahlombe ngokholo lwakhe njengasekuqaleni. Njengoko babesiya kwisikolo semfundo ephakamileyo bobabini, umhlobo wakhe waqalisa ukungaziyi rhoqo iintlanganiso zamaKristu waza waqalisa ukubona iziphoso kwiWatch Tower Society nasebandleni. Noko ke, uTerri wamthandazela umhlobo wakhe ibe ngokuzingisileyo emluleka ukuba azame ukuhlala omelele njengomKristu. Ekugqibeleni, imigudu kaTerri yavuzwa. Xa babekwibanga lesibhozo, umhlobo wakhe waphinda waya ngokuthe rhoqo ezintlanganisweni ibe ekugqibeleni wabhaptizwa. Enjani intsikelelo awayifumanayo! Ibe onjani umvuzo owafunyanwa ngumhlobo wakhe othembekileyo uTerri!

2 Embonakalweni yala mava, ngaba nabani na unokuyithandabuza imfuneko yamaKristu yokululekana ngokunothando izihlandlo ezininzi? IBhayibhile iyasikhuthaza: “Live icebo [isiluleko, (NW)], ulwamkele uqeqesho, ukuze ulumke ngexesha elizayo.” (IMizekeliso 19:20; 12:15) Umhlobo kaTerri walandela elo cebiso. Kodwa kuthekani ukuba uTerri wayengenalo uthando, uzingiso nenkalipho yokuqhubeka enikela uncedo kuyo yonke loo minyaka? Ewe, ukuze nabani na kuthi ‘asive isiluleko,’ kumele kubekho umluleki. Ufanele abe ngubani lo mluleki?

Ukululekwa—Ngubani?

3. Ngoobani abalungiselelwe nguYehova ukuba banikele isiluleko esisexesheni kwibandla lamaKristu?

3 UYehova uThixo wathembisa ngokunika abantu bakhe abaluleki kwixesha lethu. Wathi: “Ndobabuyisa . . . abaluleki bakho njengokwasekuqaleni.” (Isaya 1:26, NW) Eli dinga lizaliseka ngokuyintloko kubadala abamiselweyo ebandleni lamaKristu. Ukululeka kuluhlobo lokufundisa, ibe abadala ngokuphambili ‘banokufundisa.’ (1 Timoti 3:2) Mhlawumbi umpostile uPawulos wayecinga ikakhulu ngabadala xa wathi: “Ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali.” (Galati 6:1) Kodwa ngaba ngabadala kuphela abanokunikela isiluleko?

4, 5. (a) Yiyiphi eminye imizekelo engokweZibhalo ebonisa ukuba asingobadala kuphela abanokunikela isiluleko? (b) Ziziphi iimeko ezifanayo namhlanje anokuthi amaKristu ngaphandle kwabadala anikele isiluleko kuzo?

4 Hayi. UTerri wayengengomdala, kanti isiluleko sakhe ekugqibeleni sezisa imiphumo emihle. Kwakhona, khumbula umphathimkhosi wakwa-Aram uNahaman. Wathabath’ inyathelo ngenxa yenkcazelo entle eyayivela kwintwazana engumSirayeli ibe kamva ngenxa yokucetyiswa zizicaka zakhe. UDavide wasindiswa ekubeni netyala legazi ngesiluleko esisexesheni sika-Abhigali, umfazi kaNabhali. Ibe umfana onguElihu wamluleka ngobulumko uYobhi “nabathuthuzeli” bakhe abathathu.—1 Samuweli 25:23-35; 2 Kumkani 5:1-4, 13, 14; Yobhi 32:1-6.

5 Ngokufanayo namhlanje, ukululeka asilolungelo labadala kuphela. Abazali baluleka abantwana babo ngokuthe rhoqo. Abantu abaselula abanjengoTerri ngokufuthi bayaphumelela ekululekeni oontanga babo. Ibe ngokungqalileyo iBhayibhile ikhuthaza oodade abakhulileyo ukuba “bafundise okuhle,” ingakumbi kubafazana ebandleni. (Tito 2:3-5) Enyanisweni, ngokuqhelekileyo sonke sinyanzelekile ukuba sincedane ngale ndlela. Umpostile uPawulos wathi: “Thuthuzelanani, nakhane, kwanjengokuba nisenjenjalo.”—1 Tesalonika 5:11.

Usukelo Lwesiluleko SomKristu

6. Luluphi usukelo lokunikela komKristu isiluleko?

6 Luluphi usukelo lokunikela kwamaKristu isiluleko? Kukunceda uthile ukuba enze inkqubela aze aqhubeke nekhondo elifanelekileyo, ukucombulula iingxaki, ukoyisa ubunzima, mhlawumbi nokulungisa ikhondo eliphosakeleyo. UPawulos wabhekisela kwezi-nye zeendlela zokunikela isiluleko xa wabongoza uTimoti ukuba ‘ohlwaye, akhalimele, avuselele, enako konke ukuzeka kade umsindo nokufundisa.’ (2 Timoti 4:1, 2) Ngokwenyaniso kububuchule ukululeka ubani ngendlela anokuthi ngayo aqonde ngaphandle kokuziva enzakalisiwe.

7, 8. (a) Ziziphi ezinye zeemeko ekuthi kuzo isiluleko silindelwe kwibandla lamaKristu? (b) Kukuziphi izihlandlo anokuthi umKristu angasilindeli isiluleko kodwa esifuna?

7 Sifanele sinikelwe nini isiluleko? Abazali ngokuthe rhoqo banethuba lokululeka abantwana babo, ibe abantwana bakulindele oku. (IMizekeliso 6:20; Efese 6:4) Ebandleni, umfundi ulindela isiluleko xa ebenikela intetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Ibe umvakalisi woBukumkani osemtsha ulindela uncedo necebiso njengokuba esenza inkqubela ukusa ekukhuleni njengomlungiseleli ongumKristu. (1 Timoti 4:15) Maxa wambi abantu ngabanye abafuna uncedo nesiluleko baya kuthetha nabadala okanye nabanye ebandleni.

8 Noko ke, ngasihlandlo sithile isiluleko kunokufuneka ukuba sinikelwe kwabo bangasilindelanga okanye abangasifuniyo. Mhlawumbi uthile uphelelwa yinzondelelo kwinkonzo kaYehova, ‘ekhukuliseka’ njengokuba umhlobo kaTerri wayenjalo. (Hebhere 2:1) Umntu usenokuba nokungavisisani okuthile okunzulu nomnye ebandleni. (Filipi 4:2) Okanye uthile usenokufuna uncedo kumbandela ongokuzilungisa okanye ukunxiba okufanelekileyo, okanye ongokukhetha abahlobo okanye umculo.—1 Korinte 15:33; 1 Timoti 2:9.

9, 10. (a)Kutheni le nto ukunikela isiluleko sobuKristu kunokufuna inkalipho? (b) Sekunjalo kutheni le nto umKristu efanele asinikele isiluleko ukuba siyafuneka?

9 Xa umprofeti uHanani wanikela isiluleko kuKumkani uAsa wakwaYuda, uAsa wasicaphukela kangangokuba ‘wamfaka endlwini yesitokisi’! (2 Kronike 16:7-10) Umntu kwakufuneka abe nenkalipho ukuze aluleke ukumkani ngaloo mihla. Namhlanje, abaluleki kusekwanokufuneka ukuba babe nenkalipho, ekubeni ukunikela isiluleko kusenokucaphukisa ekuqaleni. Omnye umKristu onamava waba mathidala ukunikela isiluleko esasifuneka kwisinxulumani esiselula. Sasiyintoni isizathu? Wacacisa ngelithi: “Singabahlobo abalungileyo kanye ngoku, ibe ndifuna ukuba sihlale sinjalo!” Noko ke, eneneni ukuzibandeza ekunikeleni uncedo xa lufuneka asilophawu lomhlobo olungileyo.—IMizekeliso 27:6; thelekisa uYakobi 4:17.

10 Enyanisweni, amava aye abonisa ukuba ukuba umluleki ulichule, iimvakalelo ezibuhlungu ngokuqhelekileyo zinokuncitshiswa, ibe usukelo lwesiluleko ngokufuthi lunokufikelelwa. Yintoni efunekayo ukuze ube ngumluleki onobuchule? Ukuze siphendule oku, makhe siqwalasele imizekelo emibini, omhle nombi.

UPawulos—Umluleki Owayenobuchule

11. Kutheni le nto inkoliso yamaKorinte yasamkelayo isiluleko sikaPawulos nakubeni ngokufuthi wayethetha ngokuphandle gqitha?

11 Umpostile uPawulos wayenezihlandlo ezininzi ekwakufuneka anikele isiluleko ngazo, ibe maxa wambi kwakufuneka asigxininise. (1 Korinte 1:10-13; 3:1-4; Galati 1:6; 3:1) Sekunjalo, isiluleko sakhe sasiphumelela ngenxa yokuba abo wayesibhekisa kubo babesazi ukuba uPawuloswayebathanda. Kunjengokuba waxelela amaKorinte esithi: “Ndanibhalela ekubandezelekeni nasekuxinezelekeni okukhulu kwentliziyo yam, ndineenyembezi ezininzi; ndingenzeli ukuze nenziwe buhlungu, ndisenzela ukuze nilwazi uthando endinithanda ngalo ngokugqithiseleyo.” (2 Korinte 2:4) Inkoliso yamaKorinte yasamkela isiluleko sikaPawulos ngenxa yokuba yayisazi ukuba sasinikelwa kungekho zintshukumisa zokuzingca, ekubeni ‘uthando lungafuni okukokwalo kodwa.’ Kwakhona, babenentembelo yokuba wayengathethi ngenxa yokucaphuka kuba “uthando . . . alucaphuki; alunanzondo.”—1 Korinte 13:4,5.

12. Luluphi uphawu oluya kwenza kube lula ngakumbi ngomluleki ongumKristu ukuba azuze imiphumo emihle? Zekelisa.

12 Kwakhona, namhlanje kulula ngakumbi ukwamkela kwanesiluleko esiqatha ukuba siyazi ukuba lowo usilulekayo uyasithanda, akathethi ngenxa yokuba ecaphukile, ibe akanazintshukumisa zokuzingca. Ngokomzekelo, ukuba ekuphela kwexesha umdala athetha ngalo nolutsha ebandleni kuxa elugxeka, abo baselula kulula ngabo ukuba bazive bekruqukile nguye. Kodwa kuthekani ukuba umdala unolwalamano oluhle nabakwishumi elivisayo? Kuthekani ukuba uhamba nabo enkonzweni yasentsimini, engongenekayo kwiHolo yoBukumkani, yaye ebakhuthaza ukuba bathethe naye ngeengxaki, ithemba labo nezinto abazithandabuzayo, mhlawumbi ade abamemele ekhayeni lakhe izihlandlo ezininzi (ngemvume yabazali babo)? Ngoko, xa kufuneka ebanike isiluleko, aba bakwishumi elivisayo baya kusamkela ngokulula, besazi ukuba sivela kumhlobo wabo.

Ubulali Nokuthobeka

13. (a) Isiluleko somKristu sifanele sisekelwe ngokupheleleyo entwenini (b) Ngenxa yoko, yintoni abafanele bayiphephe ukuyenza abanikela isiluleko abandleni lobuKristu?

13 Kwakukho nesinye isizathu sokuba isiluleko sikaPawulos sibe nempumelelo. Wayekholose ngobulumko bokuhlonel’ uThixo, engakholosi ngezimvo zakhe. Kunjengokuba wakhumbuza umluleki onguTimoti esithi: “Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni.” (2 Timoti 3:16; thelekisa eyoku-1 yabaseKorinte 2:1, 2.) Ngokunjalo namhlanje abaluleki abangamaKristu basekela oko bakuthethayo eZibhalweni. Kuyinyaniso ukuba, entsatsheni, abazali abacaphuli eBhayibhileni ngalo lonke ixesha xa beluleka abantwana babo. Sekunjalo, enoba abazali abangamaKristu bakhuthaza ukuthobela, ukucoceka, ukuxhalabela abanye, ukugcina ixesha, okanye nayiphi na into engenye, konke abakuthethayo kumele kuhlale kusekeIwe eZibhalweni. (Efese 6:1; 2 Korinte 7:1; Mateyu 7:12; INtshumayeli 3:1-8) Ebandleni, sifanele sikuphaphele ukungazami ukunyanzelisa ezethu iimbono okanye izinto esizithandayo kwabanye. Ibe abadala bafanele bakuphephe ukuguqula iZibhalo ukuze bazenze zibonakale zixhasa ingcamango ethile abayithanda gqitha. (Thelekisa uMateyu 4:5, 6.) Kumele kuhlale kukho isizathu seBhayibhile esisesokwenyaniso saso nasiphi na isiluleko abasinikelayo.—INdumiso 119:105.

14, 15. (a) Chaza olunye uphawu olwenza kube lula ngakumbi ukwamkela isiluleko. (b) Kutheni le nto kubalulekile nje ngomluleki ukuba abonakalise olu phawu?

14 Kwakhona, isiluleko siba sesinomphumo ngakumbi ukuba sinikelwa ngomoya wobulali. UPawulos wayekwazi oku. Kungenxa yoko le nto, xa wayethetha ngothile othabatha inyathelo eliphosakeleyo ngaphambi kokuliphaphela, uPawulos wakhuthaza abafanelekayo ukuba ‘bamluleke onjalo benomoya wobulali.’ (Galati 6:1) Wakwacebisa uTito ukuba akhumbuze abanye ukuba ‘banganyelisi namnye umntu, bangabi nakulwa, benokuthantamisa, bebonakala benobulali bonke kubantu bonke.’—Tito 3:1, 2; 1 Timoti 6:11.

15 Kutheni le nto ubulali bufuneka nje? Kungenxa yokuba iimvakalelo ezingalawuIwayo ziyasulela. Amazwi omsindo azala amazwi omsindo angakumbi, ibe kunzima ukuqiqa xa abantu benomsindo. Nokuba lowo ululekwayo usabela ngomsindo, asikho isizathu sokuba umluleki enze kwaloo nto. Kunoko, isimo sengqondo sobulali somluleki sinokumnceda ukuba enze izinto zizole. “Impendulo ethambileyo ibuyisa ubushushu.” (IMizekeliso 15:1) Oku kunjalo enoba umluleki ungumzali, ungumdala, okanye unguye nabani na ongomnye.

16. Kutheni le nto ubani efanele ahlale enentlonelo xa enikela isiluleko?

16 Okokugqibela, qwalasela oko uPawulos wakuthethayo kumdala oselula onguTimoti: ‘Indoda enkulu musa ukuyithethisa kabukhali, yiyale njengoyihlo; amancinane, njengabazalwana; abafazi abakhulu, njengoonyoko; abancinane, njengoodade, unobunyulu bonke.” (1 Timoti 5:1, 2) Elinjani lona ukuba semagqabini icebiso elililo! Khawucinge nje indlela umfazi okhulileyo ebeya kuvakalelwa ngayo ukuba umdala oselula, mhlawumbi oselula kangangokuba angade alingane nonyana wakhe, ebenokumluleka kabukhali okanye ngendlela engabonisi ntlonelo. Bekuya kuba kokulunge ngakumbi ukuba umluleki ebenokuthi xha kancinane aze acinge: ‘Ndiqwalasela ubuntu nobudala balo mntu, yiyiphi eyona ndlela ebinokuba yeyothando nenempumelelo yokunikela esi siluleko? Ukuba bendinguye, mna bendiya kufuna kuthethwe njani nam?’—Luka 6:31; Kolose 4:6.

Icebiso LabaFarisi

17, 18. Sisiphi isizathu esabangela ukuba isiluleko esasinikelwa ngabaFarisi singabi loncedo?

17 Khawume ke ngoku ngomzekelo omhle kaPawulos uze uqwalasele umzekelo ombi—lowo weenkokeli zonqulo zamaYuda zomhla kaYesu. Zaziluleka gqitha, kodwa ngokuqhelekileyo uhlanga aluzange lungenelwe kuko. Ngoba?

18 Kwakukho izizathu ezininzi. Phakathi kwezinye, qwalasela ixesha laxa abaFarisi bekhalimela uYesu ngenxa yokuba abafundi bakhe bengazange bazihlambe izandla zabo ngaphambi kokudla. Kakade ke, inkoliso yoomama iyabaluleka abantwana babo ukuba bahlambe izandla ngaphambi kokudla, ibe njengoqheliselo lwempilo, oku kuyanconyelwa. Kodwa abaFarisi babengaxhalabelanga mpilo ngokuyintloko. Kubo, ukuhlamba izandla kwakusisithethe, ibe babeyicaphukela into yokuba abafundi bakaYesu bengasilandeli esi sithethe. Phofu ke, njengokuba uYesu wahlabela mgama ebabonisa, kwakukho iingxaki ezinkulu ngakumbi kwaSirayeli ezazifuna ingqalelo yabo. Ngokomzekelo, bambi babesebenzisa isithethe sabaFarisi njengendlela yokuphepha ukuthobela umthetho wesihlanu kwiMithetho Elishumi: “Beka uyihlo nonyoko.” (Eksodus 20:12; Mateyu 15:1-11) Okulusizi kukuba, ababhali nabaFarisi babebambiseke gqitha kwiinkcukacha kangangokuba ‘bazishiya ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo.’—Mateyu 23:23.

19. AmaKristu anamhla anokukuphepha njani ukuwela kumgibe wokuba nezizathu zawo zokuzingca?

19 Abaluleki namhlanje bafanele balumke bangenzi impazamo efanayo. Bafanele bakuphephe ukuba nezizathu zabo zokuzingca, ngokungathi kunjalo, bebandakanyeka kwiinkcukacha kangangokuba bazilibale “ezona ndawo zinzima.” Kwimicimbi emincinane, siyakhuthazwa ukuba ‘sixolelane’ eluthandweni. (Kolose 3:12, 13) Ukuba nobuchule bokuqonda ixesha lokuphepha ukwenza imbambano ngento nexesha esifuneka ngenene ngalo isiluleko yenye into efak’ isandla ekubeni umntu ‘afaneleke ngokomoya.’—Galati 6:1.

20. Kutheni le nto umzekelo wobuqu ubaluleke gqitha kumbandela wokunikela isiluleko?

20 Kukho nenye into eyenza ukuba abo baluleki bonqulo benkulungwane yokuqala bangabi nampumelelo. Babelandela inkqubo ethi “yenza endikuxelela kona, ungenzi njengokuba ndisenza mna.” UYesu wathi ngabo: “Yeha, nani baqondisi-mthetho! Ngokuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu.” (Luka 11:46) Hayi indlela ekwakukukuswela uthando ngayo oko! Namhlanje, abazali, abadala, okanye abanye abanikela isiluleko bafanele baqiniseke kunene ukuba nabo benza oko baxelela abanye ukuba bakwenze. Sinokubakhuthaza njani abanye ukuba bakhuthale kubulungiseleli basentsimini ukuba thina asimiseli mzekelo ufanelekileyo? Okanye sinokubalumkisa njani nxamnye nezinto eziphathekayo ukuba izinto eziphathekayo zilawula ubomi bethu?—Roma 2:21, 22; Hebhere 13:7.

21. (a) AbaFarisi babebangcangcazelisa njani abantu? (b) Inkqubo yabaFarisi ifanele ibalumkise njani abaluleki abangamaKristu?

21 Kwakhona iinkokeli zamaYuda zasilela njengabaluleki ngenxa yokuba zaziboyikisa abantu. Ngesinye isihlandlo, zathumela abantu ukuya kubamba uYesu. Xa aba bantu, bechukunyiswe gqitha yindlela kaYesu yokufundisa, babuya bengambambanga, abaFarisi babakhalimela, besithi: “Ningaba nilahlekisiwe nani na? Kubaphathi nakubaFarisi kungaba kukho mntu ukholiweyo kuye yini na? Olu luntu lungawaziyo umthetho luqalekisiwe.” (Yohane 7:45-49) Ngaba esi yayisisizinzi esifanelekileyo sokukhalimela—ukungcangcazelisa abantu ngegunya nokuthetha amazwi ahlabayo? Kwanga abaluleki abangamaKristu abanakuze babe netyala lokululeka okunjalo! Bafanele bakuphephe ngokungqongqo ukungcangcazelisa abanye okanye ukudlulisela le mvakalelo: ‘Ufanele undiphulaphule ngenxa yokuba ndingumdala!’ Okanye xa bethetha nodade, mabangathi: ‘Ufanele undiphulaphule ngenxa yokuba ndingumzalwana.’

22. (a) AmaKristu afanele asinikele njani isiluleko ibe ngoba? (b) Yiyiphi imibuzo engakumbi ekufuneka ixutyushiwe?

22 Ewe, ukunikela isiluleko kusisenzo sothando esifanele sonke—ingakumbi abadala abamiselweyo—sisenzele amaKristu angoo wethu kangangezihlandlo ezininzi. Isiluleko asifanele sinikelwe ngokuhanahanisayo. Kodwa xa sifuneka, sifanele sinikelwe ngenkalipho. Sifanele sisekelwe eZibhalweni ibe sinikelwe ngomoya wobulali. Ngaphezu koko, kulula ngakumbi ukusamkela isiluleko esivela kuthile osithandayo. Noko ke, maxa wambi kunokuba nzima ukwazi ukuba uza kuthini xa unikela isiluleko. Ngoko sinokusinikela njani isiluleko ngendlela eya kuba nempumelelo? Oku kuya kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.

Ngaba Unokucacisa?

◻ Ngoobani abanelungelo nembopheleleko yokunikela isiluleko sobuKristu?

◻ Kutheni le nto kusenokufuneka inkalipho ekunikeleni isiluleko?

◻ Kutheni le nto isibakala sokuba uPawulos wayewathanda amaKristu aseKorinte senza kwaba lula ngakumbi ngawo ukwamkela isiluleko sakhe?

◻ Kutheni le nto umluleki ongumKristu efanele abe nobulali ibe abe nentobeko?

◻ UmKristu unokukuphepha njani ukwenza isiluleko sakhe sibonakale isesicinezelayo?

[Umfanekiso okwiphepha 13]

UPawulos wabongoza uTito ukuba akhumbuze abanye ‘ukuba babe nokuthantamisa, bebonakala benobulali bonke kubantu bonke’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share