Isiluleko ‘Esivakaliswe Ngetyuwa
“Ukuthetha kwenu makuhlale kumnandi, kuvakalisiwe ngetyuwa, ukuze nazi ukuba nimelwe kukuthini na ukuphendula bonke ngabanye.”—KOLOSE 4:6.
1, 2. Kutheni le nto kubaluleke ngokukhethekileyo ukuba isiluleko somKristu sibe ‘sesivakaliswe ngetyuwa’?
KUYO yonke imbali, ityuwa iye yaba nendima ekhethekileyo ekulungiseleleni ukutya. Isebenza njengesinqandi kubola ibe yenza nencasa, kangangokuba ukutya okuninzi nokungenatyuwa kujongwa njengokungenancasa ibe kujavujavu. Ngoko ke, xa uPawulos wabhala ukuba ukuthetha kwamaKristu kufanele ‘kuvakaliswe ngetyuwa,’ wayethetha ukuba intetho yethu ifanele ibe yeyakhayo, kwaneyamkelekayo nenomtsalane. (Kolose 4:6) Oku kunjalo ngokukodwa xa kunikelwa isiluleko. Ngoba?
2 Injongo yokunikela isiluleko asikokwabelana nje ngenkcazelo. Kwiimeko ezininzi, lowo ululekwayo sele esazi ngemigaqo ethile yeBhayibhile esebenza kwimeko yakhe, kodwa unobunzima ekuyisebenziseni okanye ekuboneni ukubaluleka kwayo. Ngoko ke, ucelomngeni lokwenene lokunikela komKristu isiluleko kukuguqula indlela kabani yokucinga. (Galati 6:1; Efese 4:11, 12) Ngenxa yoko, kufuneka ‘ityuwa.’
3. Luluphi uncedo uYehova aye walunikela kubaluleki abangamaKristu?
3 Ngokwenyaniso, ukunikela isiluleko kulucelomngeni, ibe ukuze ahlangabezane nalo, umluleki ufuna ulwazi nobulumko. (IMizekeliso 2:1, 2, 9; 2 Timoti 4:2) Okonwabisayo kukuba, uYehova uye walungiselela iBhayibhile, equlethe kungekuphela nje ulwazi olufunekayo kodwa kwanemizekelo emininzi yesiluleko esanikelwa ngamadoda azizilumko kaThixo. Ukuhlolisisa eminye yale mizekelo kuya kusinceda ukuba sibe ngabaluleki abanempumelelo.
Qwalasela ‘Umluleki Omangalisayo’
4. Ekunikeleni isiluleko ebandleni, umdala ongumKristu unokumxelisa njani uYesu Kristu?
4 Ngokomzekelo, qwalasela uYesu, ‘onguMluleki omangalisayo.’ (Isaya 9:6, NW) Ngasekupheleni kwenkulungwane yokuqala, uYesu wathi makuthunyelwe iileta zokululeka kumabandla asixhenxe akwisithili sase-Asia. Ezi leta zingumzekelo omhle kubadala abasenokufuna ukunikela isiluleko kumabandla abakuwo—ibe loo migaqo isebenza ngokufanayo kakuhle xa kululekwa abantu ngabanye. Iingxaki uYesu awazixubushayo zazinzulu: phakathi kwezinye, yayiluwexuko, impembelelo ‘kaIzebhele,’ ubudikidiki nezinto eziphathekayo. (ISityhilelo 2:4, 14, 15, 20-23; 3:1, 14-18) Ngoko uYesu wazixubusha ngokucacileyo ezi ngxaki. Kwakungathandatyuzwa oko wayefuna ukukuthetha kula mabandla. Namhlanje, xa abadala abangamaKristu benikela isiluleko kumabandla abakuwo, bafanele ‘basifake ityuwa’ isiluleko sabo ngokuthi bathobeke baze babe nobubele, bexelisa uYesu. (Filipi 2:3-8; Mateyu 11:29) Kwelinye icala, kufuneka bathethe ngokuphandle, bekwaxelisa uYesu. Isiluleko asifanele sibe sesingacacanga gqitha nesibhekiswe kuwonkewonke kangangokuba ibandla lilahlekelwe yingongoma.
5, 6. Ziziphi izifundo ezingakumbi umdala ongumKristu anokuzifunda kwizigidimi zikaYesu eziya kumabandla asixhenxe?
5 Kwakhona, phawula ukuba naphi na kunokwenzeka uYesu wayeqala ngokuwancoma kakhulu amabandla aze aqukumbele isiluleko sakhe ngokhuthazo olwakhayo. (ISityhilelo 2:2, 3, 7; 3:4, 5) Kwanabaluleki abangamaKristu, bafanele basinonge isiluleko sabo ngokuncoma nangokukhuthaza. Kunjengokuba omnye umdala onamava wathi: “Eneneni, akukho nto uyifezayo ukuba usuka nje ubagxeke abazalwana.” Xa benikela isiluleko esiqatha, abadala abafanele babashiye beziva bedimazekile abazalwana kodwa, kunoko, bazive bomeleziwe ibe bezimisele ukwenza okungakumbi kwixesha elizayo.—Thelekisa eyesi-2 yabaseKorinte 1:1-4.
6 Ekugqibeleni, kuthekani ngezigidimi zikaYesu eziya kwibandla laseSmirna nelaseFiladelfi? Akazange abagxeke aba bazalwana. Kodwa ekubeni babevavanywa ngokuqatha, wabakhuthaza ukuba baqhubeke benyamezela. (ISityhilelo 2:8-11; 3:7-13) Kwakhona, abaveleli abangamaKristu abafanele banikele nje isiluleko kuphela xa kufuneka uqeqesho koko mabahlale bekuphaphele ukubancoma abazalwana ngemisebenzi yabo emihle yaye babakhuthaze ukuba banyamezele.—Roma 12:12.
Sebenzisa Imizekeliso
7, 8. (a) Isiluleko sikaYesu esasisiya kubafundi bakhe ‘sasivakaliswe njani ngetyuwa’? (b) Kutheni le nto imizekeliso ibalulekile xa kunikelwa isiluleko?
7 Esinye isihlandlo uYesu awanikela ngaso isiluleko kwakuxa abafundi bakhe babexhalabele ukuba ngubani na owayeza kuba ngowokuqala kuBukumkani bamazulu. Wayesenokubagxeka ngokukrakra abalandeli bakhe ngenxa yale nkxalabo. Kunoko, ‘wawavakalisa ngetyuwa amazwi akhe.’ Ebize umntwana, wathi: “Osukuba ngoko ethe wazithoba njengalo mntwana nguye omkhulu kunabanye ebukumkanini bamazulu.” (Mateyu 18:1-4; Luka 9:46-48) Esi siluleko sasicacile kodwa isesobubele ibe sisakha. Ngokubonisa ukuba uBukumkani bamazulu babahluke gqitha kwizikumkani zeli hlabathi, uYesu wakhuthaza abalandeli bakhe ukuba bazithobe, ibe wazama nokushenxisa unobangela wabo wokubangisana.
8 Kwakhona, phawula ubugcisa bukaYesu bokufundisa ngokunempumelelo awabusebenzisa kule meko. Umzekeliso ophilileyo—umntwana omncinane! Abaluleki abazizilumko ngokufuthi ‘bawafaka ityuwa’ amazwi abo ngokusebenzisa imizekeliso, ekubeni inokubethelela ubunzulu bombandela okanye incede lowo uzuza isiluleko ukuba aqiqe yaye ayijonge ingxaki ngokukhanya okutsha. Ngokufuthi imizekeliso iyanceda ukunciphisa uxinezeleko.
9. Yiyiphi eminye imizekelo engokweZibhalo engokusetyenziswa kwemizekeliso ekunikelweni kwesiluleko?
9 Xa walumkisa uKayin ngelokuba wayekwingozi enzulu yokwenza isono esinzulu, uYehova wasichaza ngamandla isono njengesilwanyana sasendle. Wathi: “Isono sibuthumile ngasesangweni, singxamele wena.” (Genesis 4:7) Xa uYona waba nomsindo ngenxa yokuba uYehova wabasindisayo abantu baseNineve abaguqukayo, uThixo wamnika umhlavuthwa ukuba ube ngumthunzi kuye. Ngoko, xa esi sityalo sabunayo waza uYona wakhalaza, uYehova wathi: “Wena unenceba ngomhlavuthwa . . . ndingabi nanceba na ke mna ngenxa yeNineve, loo mzi mkhulu, unabantu abangaphezu kwekhulu elinamanci mabini amawaka?” (Yona 4:5-11) Yayisisiluleko esinamandla ngenene!
10. Umluleki wanamhla ongumKristu wawusebenzisa njani umzekeliso ukuze amncede ngokulunge ngakumbi umntu oselula ukuba aqonde iintshukumisa zabazali bakhe?
10 Ngokufanayo, xa omnye umntu oselula wayekhathazekile ngenxa yokuba abazali bakhe babengqongqo gqitha ngabantu awayenxulumana nabo, umveleli ohambahambayo wazama ukumnceda ngokusebenzisa lo mzekeliso: “Uyakuthanda ukuthunga, akunjalo? Khawuthelekelele ke ukuba uchith’ ixesha elininzi usenzela umhlobo ilokhwe entle. Kodwa emva kokumnika yona, ufumanisa ukuba ubeyisebenzisela ukucoca umgangatho. Ubuya kuziva njani?” Le ntombazana yavuma ukuba yayiya kukhathazeka. Ngoko lo mlungiseleli waqhubeka esithi: “Leyo yindlela abazali bakho abakubona ngayo oku. Baye bachitha ixesha elininzi bekukhulisa, ibe banebhongo ngawe. Ngoko bafuna ukuba unxulumane nabantu abaya kukuphatha ngokufanelekileyo, unganxulumani nabantu abaya kuthi ekugqibeleni bakwenzakalise.” Lo mzekeliso wayinceda le ntombazana yakuxabisa oko abazali bayo babezama ukukwenza.
Buza Imibuzo
11. UYehova wayisebenzisa njani ngokunomphumo imibuzo xa wayeluleka uYona?
11 Xa uYehova wayethetha noYona ngomsindo wakhe ongekho ngqiqweni, usenokuba uphawulile ukuba Wakwambuza imibuzo. Xa uYona, enomsindo kuba iNineve ingatshatyalaliswanga, wazicelela ukuba afe, uYehova wathi: “Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo?” UYona akazange aphendule. Ngenxa yoko, uYehova wabangela ukuba umhlavuthwa ukhule uze ke ufe. Wandula ke uYona wakhathazeka ngokuphindaphindiweyo. Ngoko uYehova wambuza: “Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo ngenxa yomhlavuthwa?” Ngesi sihlandlo uYona waphendula esithi: “Ndiyalungisa ukuthi ndivuthe ngumsindo kude kuse ekufeni.” Akuba umprofeti emphendule uYehova, Waqhubeka ethelekisa isimo sengqondo sikaYona ngesityalo nje neSakhe isimo sengqondo ngeNineve, embuza lo mbuzo wokoyisa: “Ndingabi nanceba na ke mna ngenxa yeNineve?” (Yona 4:4, 9, 11) Ngaloo ndlela uYona walulekwa ukuba axelise isimo sengqondo sikaYehova kubantu baseNineve abaguqukayo.
12. Ixabiseke kangakanani imibuzo ekunikeleni isiluleko? Zekelisa.
12 Ewe, imibuzo iyamnceda umluleki ukuba azi oko kucingwa nguloo mntu ufuna isiluleko. Ikwanceda naloo mntu ukuba aziqonde ngakumbi iingxaki neentshukumisa zakhe. Ngokomzekelo, umntu usenokuma ngelithi unelungelo lokusela ngaphambi kokuqhuba agoduke. Ngokwenyaniso usenokuba nale mvo, ‘Utywala abundenzi nto mna!’ Umhlobo usenokunqwenela ukuqiqa naye, esithi: ‘Kodwa masithi ungena engozini engabangelwanga nguwe. Bebeya kucinga ntoni abakwantsasana ukuba baphawulile ukuba ubusele? Yaye masithi, enyanisweni, utywala buye bayichaphazela intsabelo yakho kancinane. Ngaba ngenene ufuna ukuqhuba inqwelo-mafutha yakho ngoxa iintshukumo zakho zingasebenzi kakuhle? Ngaba kuyifanele ingozi, ngenxa nje yokusela?’
13. Omnye umluleki wayisebenzisa njani iBhayibhile kunye nemibuzo, ekunikeleni isiluleko? Kutheni le nto yasebenzayo nje le ndlela?
13 Isiluleko somKristu sisoloko sisekelwe eBhayibhileni. Ibe apho kunokwenzeka, abaluleki abangamaKristu ngokwenene basebenzisa iBhayibhile ekunikeleni isiluleko. Iluncedo olunamandla. (Hebhere 4:12) Ngokomzekelo: Umdala onamava wayezama ukunceda uthile owayengasakhuthalanga kumsebenzi wokushumayela. Umdala watsalela ingqalelo kumzekeliso kaYesu ongendoda eyayinabantwana ababini, eyabathuma ukuba bahambe baye kusebenza esidiliyeni sayo. Owokuqala wathi wayeya kuya kodwa akazange aye. Owesibini wathi akayi kuya waza ke wagqiba kwelokuba aye. (Mateyu 21:28-31) Ngoko umluleki wambuza esithi: “Nguwuphi kwaba bantwana babini osebenza njengaye kanye ngoku?” Ngokukhawuleza umvakalisi wayifumana ingongoma, ngokukodwa xa umluleki waqhubekayo esithi: “Ucinga ukuba uYehova, uMnini-sidiliya, uyijonga njani imeko yakho?”
14. Ziziphi ezinye zeemeko enokuthi kuzo imibuzo ibe sisixhobo esixabisekileyo ekunikeleni isiluleko?
14 Kukwanjalo xa kuzanywa ukuncedwa abo bathandabuzayo, abo baneengxaki zomtshato okanye ezinye iingxaki zentsapho, abo banobunzima kunye nabantu ngabanye, okanye abo bakwezinye iimeko ezilingayo.a Imibuzo yobuchule iyabanceda abo balulekwayo ukuba baqiqe, bazihlolisise, baze bafikelele kwizigqibo ezichanileyo.
Phulaphula Ngenyameko
15. (a) Yintoni le “abathuthuzeli” abathathu bakaYobhi abasilelayo ukuyenza? (b) Ukuphulaphula kuya kumnceda njani umluleki ongumKristu?
15 Noko ke, khumbula ukuba, ukubuza imibuzo kuthetha ukuba ufuna ukuva iimpendulo. (IMizekeliso 18:13) Abaluleki abafanele bawele kumgibe owabambisa “abathuthuzeli” bakaYobhi abathathu. UYobhi wathetha nabo, kodwa abazange baphulaphule ngenene. Babesele becinge ukuba ukubandezeleka kukaYobhi kwakubangelwa kukona kwakhe. (Yobhi 16:2; 22:4-11) Ngokwahlukileyo koko, umluleki ongumKristu ufanele aphulaphule ngenyameko. Ngaloo ndlela, usenokuphawula ukumbandaza okanye ukuthi loxe kwelizwi okuphawulekayo nokubonisa ukuba alikabaliswa lonke elo bali. Mhlawumbi umbuzo wokuncina uya kuyiphuhlisa ingcinga encathame ngasemva engqondweni yalowo ululekwayo.—Thelekisa IMizekeliso 20:5.
16. Yintoni efunekayo kumluleki xa kunzima ukuphulaphula amazwi omKristu onguwabo okhathazekileyo ngokweemvakalelo?
16 Kuyinyaniso ukuba, oku akunakusoloko kulula. Umntu ophazamisekileyo usenokudanduluka athi: “Ndibathiyile abazali bam!” okanye, “Andisenakuqhubeka ndihlala nendoda yarn!” Kuyakhathaza ukuva ngezinto ezinjalo. Kodwa khumbula ukuba uYehova wayekuvuma ukuphulaphula uAsafu xa wakhalazela ukuba ukuthembeka kwakhe kwakubonakala kulilize. (INdumiso 73:13, 14) Kwakhona, uThixo waphulaphula xa uYeremiya wathi wayenziwe isibhanxa. (Yeremiya 20:7) Kubonakala ukuba uHabhakuki wakhalazela ukuba abangendawo babewacinezela amalungisa nokuba uYehova wayengakuboni oko. (Habhakuki 1:13-17) Abaluleki abangamaKristu ngokufanayo bafanele bakulungele ukuphulaphula. Ukuba ngenene abantu banazo ezi mvakalelo, ke umluleki kufuneka akwazi oko ukuze abe nako ukunceda. Ufanele akuphephe ukuthi ngobuchule abongoze umntu olulekwayo ukuba avakalise iimbono acinga ukuba loo mntu ufanele abe nazo kunezo anazo ngenene. Kwakhona umluleki ufanele akuphephe ukusabela ngokungqwabalala okanye ngendlela yokugweba, mhlawumbi ngaloo ndlela emdimaza lowo ululekwayo ukuba ayivule ngakumbi intliziyo yakhe.—IMizekeliso 14:29; 17:27.
17. Ukuphulaphula nje kubazalwana bethu ngamaxesha athile kuyiyo njani indlela yokubathuthuzela?
17 Maxa wambi inxalenye enkulu yokunikela kwethu isiluleko kukuphulaphula, ukuvumela umntu ukuba azityand’ igila ngobuhlungu bakhe, ukutyumka intliziyo, okanye ukubandezeleka ngokweemvakalelo. Xa uNahomi wayebuya evela kumasimi akwaMowabhi, abafazi bakwaSirayeli bambulisa ngala mazwi: “NguNahomi na lo?” Kodwa uNahomi ebuhlungu waphendula wathi: “Musani ukuthi ndinguNahomi; yithini ndinguMara, ngokuba uSomandla undenze ndakrakra kunene. Ndemka mna ndizele; ke uYehova undibuyisa ndilambatha. Yini na ukuba nithi ndinguNahomi; uYehova engqinile nje ngam, uSomandla endenzele ububi nje?” (Rute 1:19-21) Kwakungekho nto iyenye abo bafazi bakwaSirayeli ababenokuyithetha ngeliphendulayo. Kodwa, ngokufuthi, ukuzenza ufumaneke ngokunothando ukuze uphulaphule ngoxa abanye bevakalisa intlungu yabo yemvakalelo kunokufak’ isandla ekuphilisweni kwabo.b
Nyaniseka
18. (a) Ziziphi ezinye zeendlela ekwasatyelwa ngazo kwisiluleko sikaYehova nesikaYesu Kristu (b) Luluphi uphawu abaluleki abangamaKristu abafanele baluhlakulele?
18 Kakade ke, intsabelo kwisiluleko iyahluka. Ngokucacileyo uYona wasabela kakuhle kwisiluleko sikaYehova. Umprofeti wachacha kakuhle gqitha kubukrakra nakumsindo wakhe kangangokuba wawabalisa amava akhe khon’ ukuze abanye babe nokufunda kuwo. Abalandeli bakaYesu kwathabatha ixesha elithile ukuba bafunde isifundo ngokuthobeka. Ewe, kanye ngobusuku bangaphambi kokuba uYesu afe, babangisana kwakhona ngalowo wayeya kuba ngomkhulu phakathi kwabo! (Luka 22:24) Ngoko ke, abo banikela isiluleko kufuneka babe nomonde. (INtshumayeli 7:8) Umntu onesimo sengqondo esiphosakeleyo nesendele iingcambu ngokunzulu ngokuqhelekileyo akayi kuliguqula ikhondo lakhe ngenxa nje yamazwi ambalwa athethwe ngumdala. Iingxaki ekudala zingumqobo phakathi kwamaqabane atshatileyo aziyi kuthi shwaka emva nje kodliwanondlebe olunye nomKristu okhulileyo. Ukugula okunzulu kunokuthabatha iinyanga ukuze kunyangeke, yaye kunjalo ke nangeengxaki ezinzulu zokomoya. Yaye bambi abayi kusiphulaphula nje kwaphela isiluleko esihle. Phezu kwako nje ukululekwa nguYehova ngokwakhe, uKayin wahamba waza wabulala umninawa wakhe.—Genesis 4:6-8.
19. Ibandla linokubanceda njani abo bathwaxwa bubuhlungu beemvakalelo?
19 Abo baneengxaki eziqatha bafanele banyaniseke ngokoko basenokukulindela ebandleni. UmKristu onguwabo akanakulushenxisa udandatheko lwengqondo oluzingisileyo, okanye ukwenzakala kweemvakalelo ekunokwenzeka ukuba kubangelwa yintlekele okanye ngamava oyikekayo. Xa umntu egula ngokomzimba, ngokufuthi konke ugqirha akwenzayo kukumenza azive ethuthuzelekile ngoxa ixesha ililo eliphilisayo emzimbeni. Ngokufanayo, xa umKristu esiva ubuhlungu ngokweemvakalelo, ibandla linokuzama “ukumenza azive ethuthuzelekile,” limthandazisa ibe limthandazela, linikela ilizwi lokhuthazo nanini na kunokwenzeka, yaye linikela naluphi na uncedo olusebenzisekayo elinokulinikela. Ngokuqhelekileyo, ixesha nomoya kaYehova zandule zimphilise. (IMizekeliso 12:25; Yakobi 5:14, 15) Ngaloo ndlela, elinye ixhoba lombulo labhala oku: “Ngoxa umbulo usenokuba ngumqobo owoyikekayo ngokweemvakalelo, intlangano kaYehova yenza okuninzi ukukuxhasa, ibe ngoncedo lweZibhalo nokuxhaswa ngabazalwana noodade, unokoyisa.”c
20. Isiluleko sinayiphi indima njengokuba sonke sizabalazela ukuhlala sikhonza uYehova?
20 Ewe, amaKristu anembopheleleko yokuncedana. Abadala ngokuyintloko, kodwa kwanabo bonke abasebandleni, bafanele bayixhalabele impilontle yomnye ibe banikele isiluleko sobubele nesingokweZibhalo xa sifuneka. (Filipi 2:4) Kakade ke, isiluleko esinjalo asifanele sibe sesobuzwilakhe okanye esingqwabalala. Ibe asifanele sidlulisele ingcamango yokuzama ukulawula ubomi bomnye. Kunoko, sifanele sisekelwe eZibhalweni yaye ‘sivakaliswe ngetyuwa.’ (Kolose 4:6) Nabani na uyalufuna uncedo ngaxa lithile, ibe isiluleko esisexesheni, ‘esivakaliswe’ ngobubele nokhuthazo, siya kusinceda sonke ukuba siqhubeke kumendo osa ebomini obungunaphakade.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokululeka izibini ezitshatileyo, bona inqaku elithi “Indlela Yokunikela Isiluleko Esinceda Ngokwenene” kwinkupho kaVukani! kaJanuwari 8, 1984.
b Ukuze ufumane amacebiso angendlela yokunceda amaKristu athwaxwa ludandatheko, bona inqaku elithi “Bakhuzeni Abamxhelo Mncinane” kwiMboniselo kaOktobha 1, 1982, nelithi “Ulwimi Olufundisiweyo—‘Lokuzimasa Otyhafileyo’” kwinkupho kaNovemba 15, 1982.
c Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ekuncedeni abo bathwaxwa bubuhlungu beemvakalelo, bona inqaku elithi “Ithemba Labo Badimazekileyo” nelithi “Bayafuna Ukunceda” kwiMboniselo kaJanuwari 15, 1984, nelithi “Uncedo Kumaxhoba Ombulo” kwinkupho kaAprili 1, 1984.
Unokukhumbula Na?
◻ Ziziphi iimbalasane zesiluleko sikaYesu esasisiya kumabandla asixhenxe ezinokunceda abadala namhlanje?
◻ Yiyiphi imizekelo engokweZibhalo engokusetyenziswa kwemizekeliso ekunikeleni isiluleko?
◻ Kumluleki ongumKristu, ngokwenene ixabiseke kangakanani imibuzo?
◻ Umluleki olichule unokuyisebenzisa njani iBhayibhile?
◻ Kutheni le nto umntu onikela isiluleko efanele abe kwangumphulaphuli onenyameko?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Esebenzisa umntwana ukucacisa ingongoma yakhe, uYesu wabanika abafundi bakhe isiluleko esicacileyo, sobubele nesakhayo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UYona wayekhathazekile ibe enomsindo, kowa kuyacaca ukuba wasabela kakuhle kwisiluleko sikaYehova