‘Andizange Ndafunda Nantoni Na Efana Nayo’
INCWADI ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation? incede abantu abaninzi ukuba bayiqonde ngokucace ngakumbi indlela ubomi obabakho ngayo apha emhlabeni nalapho buza kuphelela khona. Omnye umntu wabhala oku: “Ndineminyaka engama-78 ubudala yaye bendifunda ukususela ekubeni ndandineminyaka emibini. Kodwa andizange ndafunda nantoni na efana nencwadi ethi Life—How Did It Get Here? Imangalisa ngokwenyaniso. Inkcazelo eyiquletheyo idida ingqondo.”
ENew Zealand enye indoda yabhala isithi le newadi “imele ukuba yenye yezona ncwadi zibalaseleyo kwiincwadi ezipapashiweyo kwimbali yanamhia.” Omnye, eltali, wathi: “Le ncwadi ibalasele nje ngokupheleleyo! Ndiye ndayifunda ngaphandle kokunqumama nangaphandle kokudinwa, njengokuba kufanele kube njalo ngeencwadi ezikhethekileyo.”
Usomashishini waseNgilani wafumana imibhalo engama-25 yayo eyifumanela abo asebenza nabo kwishishini. Ngokukhawuleza yamphelela loo mibhalo waza wafumana engama-25 engakumbi. Ibe umfundisi wezakwalizwi eUnited States waodola imibhalo eyongezelelekileyo engama-24 ukuze ayisebenzise emagumbini okufundela afundisa kuwo.
“Inzululwazi Echanileyo”
Umfundi waseKhanada wathi: “Ndiyibiza ngokuthi yincwadi yam yenzululwazi, ibe ndinokunixelela ngokunyanisekileyo ukuba ndiye ndafunda ngenzululwazi ngokuchane ngakumbi kule ncwadi kunokuba ndafundayo ngayo ngemihla yam yonke yokuhamba isikolo idityanisiwe.”
Mayela noku, enye indoda yabhala oku: “Ngoxa ndandibhalisele inkqubo yothweso-zidanga yaseyunivesithi, ndahlawula intywenka yamakhulukhulu eedola ukwenzela izifundo ezahlukahlukeneyo ezazingenankcazelo ininzi kunaleyo ikwincwadi ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation? Ezi zifundo yayizizifundo zemathemathika, zebiology, zemfuza, zemichiza yezinto eziphilayo nezingaphiliyo nezingokufunda ngomntu. Ngoku ndiyaqonda ukuba ngendandigcine imali eninzi ngokuthenga incwadi yenu ngee-R4,50. Kwangaxeshanye, niye nayahlula ‘ingqolowa kumdiza.’”
Umhlohli wakwanokholeji ofundisisa indlela ezisebenza ngayo izinto eziphilayo wavakalisa uxabiso lwakhe ngokuthi: “Olu lulo kanye uhlobo lwencwadi yembekiselo endandidla ngokunqwenela ukuba nalo. Lonke uphengululo endandidla ngokunqwenela ukuba nexesha lokulwenza ndiye ndalwenzelwa!” Ngokufanayo, omnye umntu wabhala oku: “Ndiluxabisa ngokwenene lonke uphengululo olungokweenkcukacha olunayo le ncwadi. Kumele ukuba kwathabatha iinyanga ukuphengulula ngokuzeleyo umxholo ngamnye!”
Yakha Uxabiso NgoMdali
Xa omnye umntu wabhalayo evakalisa ‘ukuyincoma kwakhe kakhulu’ le ncwadi, wongezelela oku: “Le ncwadi ayichukumisi nje kuphela intliziyo kodwa iyaphembelela!” Ibe leyo yinjongo yayo—ukubangela intembelo kuMdali onothando lowo unenjongo emangalisayo ngoluntu.
Ngaloo ndlela, enye indoda enentsapho yabhala oku “Yenze ukuba simxabise ngakumbi uBawo wethu omangalisayo yaye ekubeni kungekho nanye impapasho eyenziwe ngumntu eyakha yenjenjalo, yona ibenza bucace ubukrelekrele boMyili wethu.” Ngokufanayo, omnye umfazi wathi kuzo zonke iincwadi azifundileyo, “iluphucule gqitha ulwalamano lwam noYehova. Onjani yena ukoyikeka uThixo!” Ibe umfazi waseKhanada wabhala oku: “Andinakuzibamba iimvakalelo zam. Iyeyona ncwadi isondeleyo kwendakha ndazifunda esa ekuqondeni uthando olunzulu lukaYehova. Ngaphakathi ndiziva ndichukumisekile kangangokuba ndingakwazi ukuzibamba iinyembezi ngenxa yamandla enawo le ncwadi.”
Kubantu abanyanisekileyo abasenokuba baye babuthandabuza ubukho boMdali, le leta ilandelayo iwubonakalisa kakuhle umphumo wale ncwadi: “Ndibamba ngazibini! Kangangeminyaka ndakufumanisa kunzima ukukholelwa kuMdali ngenxa yokuba ndandikholelwa kwindaleko. Kodwa ke ndathenga inecwadi yenu ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation? Ndiziva njengemfama eyenziwe yaqalisa ukubona. Ndiye ndafuna isiseko esisiso nokuqiqa okuvakalayo, ukuchaza imvelaphi yobomi emhlabeni yaye ekugqibeleni ndizifumene kwincwadi yenu. Indinike zonke iimpendulo ebendizifuna kuyo yonke le minyaka. Andazi ukuba mandinibulele njani na! Qhubekani nalo msebenzi mhle!”
Ngokwenene, le ncwadi iye yangqineka inempembelelo kubantu abaninzi. Alithandabuzeki elokuba iya kuqhubeka ibalathisela abanye kuMdali, uYehova uThixo, ukuze babe nokungenelwa ngoku nangonaphakade kwinkqubo yakhe entsha yezinto apha emhlabeni.—2 Petros 3:13.