IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 6/95 iphe. 4
  • UYehova Ungumdali Wethu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova Ungumdali Wethu
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukunceda Abanye Bahlonele UMenzi Wethu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Iintshumayelo Ezicetyiswayo Ezinokusetyenziswa Entsimini
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Ulwazi Oluphuma KuThixo Luphendula Imibuzo Emininzi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Ngesimo Sengqondo Esifanelekileyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
km 6/95 iphe. 4

UYehova Ungumdali Wethu

1 Izigidi zabantu zikholelwa kwelokuba uThixo wadala ubomi. Abanye abaninzi bakholelwa kwindaleko. Kuze kubekho abo bangaqinisekanga ngento amabayikholelwe. Incwadi ethi IBhayibhile​—⁠Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? yenzelwe bonke abantu abanjalo. Le mpapasho ibalasele ngokwenene kuba inikela ubungqina obubambekayo bokuba iBhayibhile ngokwenene iliLizwi likaThixo. Ebudeni bukaJuni, siya kube sihambisa le ncwadi intle.

2 Nantsi intshumayelo elula nengqalileyo.

Wakuba umbulisile umninimzi, bonisa umfanekiso okwiphepha 4, uze ubuze oku:

◼ “Kutheni ufanele ufunde iBhayibhile? Ngaba iseyincwadi esebenzayo kumhla wethu? Ngaba uyakholelwa ukuba iBhayibhile inokusinceda sicombulule iingxaki zethu ezininzi? [Vumela impendulo.] Le ncwadi inikela iimpendulo ezivisisana ngokupheleleyo neBhayibhile. Ndingathanda ukuba uzifumanele yona ukuze uhlolisise bonke ubungqina uze uzenzele isigqibo. Siza kukushiyela yona ngomnikelo omncinane wee-R3,50.”

3 Wakuba uzazisile, usenokuthi:

◼ “Uyavumelana na nelokuba sonke sifuna ulwalathiso lobulumko ebomini ukuze siphile ngokuphumelelayo? [Vumela impendulo.] Phawula oko kuthethwa yiBhayibhile apha kwiMizekeliso 14:⁠12. [Yifunde.] Ulwalathiso oluphosakeleyo lunokuba yingozi. Apha kwiMizekeliso 2:​6, 7 iBhayibhile ibonisa ukuba uYehova usinika ubulumko bokwenyaniso. [Yifunde.] Kungxamisekile ukuba sonke sifune ubulumko bukaThixo eBhayibhileni. Le mpapasho ibonisa ukuba iBhayibhile ngumthombo othembekileyo wecebiso elisengqiqweni kwiingxaki abantu abajamelana nazo. Nceda uphawule oko kuchazwe apha kwisiqendu 2 kwiphepha 5. [Yifunde.] Ndingathanda ukukushiyela le ncwadi ngomnikelo wee-R3,50.” Ukuba umninimzi ubonakalisa umdla, mazise ukuba xa uphinda ubuya niza kuxubusha umbuzo othi, Liyintoni ikamva lomntu nelomhlaba?

4 Okanye xa umninimzi ebonakala exakeke gqitha, usenokuthi:

◼ “Ngokungathandabuzekiyo ungalivuma elokuba kukho iingxaki ezininzi ezijamelene noluntu.” Yandula ke ufunde isiqendu esiyintshayelelo kwisahluko 1. Akuba umninimzi egqabazile kumbuzo wokuqukumbela kweso siqendu, usenokuthi: “IBhayibhile isixelela ukuba ngoku kungekudala uThixo uza kuzicombulula ngokwakhe zonke iingxaki ezinzima zoluntu. Le ncwadi inikela ubungqina obeyisayo obubonisa ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo. Ndingathanda ukuba uzifumanele yona ngomnikelo wee-R3,50.”

5 Xa ufika kwindlu obonayo ukuba kukho abantwana, usenokuthi:

◼ “Besithetha nabazali ekuhlaleni ngokhokelo abalunika abantwana babo. Abazali abaninzi bakhathazwa kukungabikho kokhokelo lokuziphatha kwabantwana esikolweni. Ngaba nikhe nayibona ingxaki enjengale? [Vumela impendulo.] Kubangel’ umdla ukwazi ukuba iBhayibhile ichaza ukuba thina nabantwana bethu sifuna ukufumana ulwalathiso lobulumko. Phawula oko kuchazwe apha kwiMizekeliso 14:​12. [Yifunde.]” Tyhila kwiphepha 174 lencwadi ethi Ililizwi LikaThixo uze ufunde isiqendu sokugqibela kwesi sahluko. Nikela le ncwadi ngee-R3,50. Ukuba umninimzi uyayamkela incwadi, buza umbuzo onokuwuphendula xa uphinda utyelela.

6 Ngaba unomdla wokunceda abanye bafunde ngeenyaniso ezimangalisayo ezingoMdali wethu nenjongo yakhe enothando kwindalo yakhe eseBhayibhileni? Incwadi ethi Ililizwi LikaThixo inokukunceda wenze oko. Izukisa uMdali wethu Ozukileyo, iNkosi enguMongami uYehova. Qhubeka unceda abantliziyo zinyanisekileyo abakwintsimi yakho bangenelwe kulwalathiso lobulumko oluseBhayibhileni.​—⁠2 Pet. 1:​19-⁠21.

7 Le ncwadi inokuba yintsikelelo kubantu abanyanisekileyo abebekhohliswe ngabo bangakholelwayo kuYehova okanye kwiLizwi lakhe. Inkcazelo eneengongoma ekwincwadi ethi Ililizwi LikaThixo inokubanceda abanjalo babe noxabiso ngoMdali wethu, osinyamekela ngothando.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share