Yiyiphi Eyona Ndlela Iluncedo ‘Yokuthanda Ummelwane Wakho’?
XA UBONA abantu abangoowenu beswele kunene, uvakalelwa njani? Ngokomzekelo, umfanekiso wabantwana abafa yindlala ukushukumisela ukuba ufune ukwenza ntoni? Uya kuthi, ‘Ndiziva ndinosizi yaye ndifuna ukunceda.’ Intywenka yemali egalelwa minyaka le kwiintlangano zokuxhasa iimbedlenge nemibutho yentlalontle ibonisa ukuba abantu abaninzi ngokucacileyo bavakalelwa ngendlela efanayo.
Ukwenza imisebenzi elunge ngolo hlobo ukuze kungenelwe abantu abasweleyo kuyancomeka, ingakumbi ngenxa yomyalelo kaYesu wokuthanda ummelwane wethu njengoko sizithanda. (Mateyu 19:19) Abantu abaninzi abanyanisekileyo bakholelwa ukuba eyona ndlela iluncedo yokubonakalisa ukuthanda kwabo ummelwane kungokwakha nokuxhasa izibhedlele nezikolo, ngokufak’ isandla kwizenzo ezineenjongo ezilungileyo, nangokubandakanyeka kwiintlobo ezahlukahlukeneyo zentlalontle. Basenokuthi, ‘Oko koko ubuKristu bukuko’ mhlawumbi ukuba bathetha namaNgqina kaYehova, bongezelele ngokuthi, ‘ngokuqinisekileyo kokona kusengqiqweni kunokuchitha ixesha namandla enu nishumayela ngonqulo kwindlu ngendlu njengokuba nina nisenza.’
Kodwa ngaba kunjalo? Kanye kanye sinokumthanda njani ummelwane wethu ngeyona ndlela iluncedo nangeyona anokungeneIwa kakhulu yiyo kangangexesha elide?
Yintoni Efezwa Yimali Yakho?
Abo kulindeleke ukuba baxhase izenzo ezineenjongo ezifanelekileyo banesizathu sokubuza bathi: ‘Kanye kanye ingakanani imali eya kuthi ngokungqalileyo incede abantu elungiselelwe ukuba ibancede kule mali ndinikela ngayo?’ Ngokomzekelo, uphengululo lowe-1978 olwenziwa kwiintlangano ezili-15 eziphambili zokuxhasa iimbedlenge kwiRiphabliki yaseJamani, lwatyhila ukuba ngelo xesha iindleko zokulawula lo mcimbi nezokusasazwa kwawo zazisidla malunga nama-42 ekhulwini enzuzo epheleleyo yezi ntlangano.
Xa amagosa osasazo lukamabonwakude ahlola imali egcinwe ebhankini “yabantwana abakhuliswa ngoosinga-bazali” eBolivia, afumanisa ukuba kuphela sisi-6 ukuya kwi-15 ekhulwini sesimbuku semali yomgalelo owenziwa “ngoosinga-bazali” kwiRiphabliki yaseJamani eye yafakwa kwimali yabantwana egcinwe ebhankini. Noko ke, umfazi osisithethi saloo ntlangano wazikhanyela izityholo zokuqhatha, esithi abo kulindeleke ukuba bafak’ isandla baxelelwa ngokucacileyo ukuba abantwana baya kuzuza malunga nesinye esithathwini kuphela seminikelo “yabazali” babo. Enye imali, emva kokuhlawulela iindleko zokulawula lo mcimbi, ngokutsho kwengxelo yayiya kusetyenziselwa iinjongo zemfundo nezonyango.
Kakade ke, imizekelo yokusetyenziswa kakubi kwemali yokunceda iimbedlenge iyaziwa. Oku kunjalo ngemilinganiselo yentlalontle ngokuphathelele indlala yakutshanje eAfrika. E-Ethiopia, iingxaki zobupolitika zenza kwaba nzima ukuba ukutya okuninzi kufikelele kwabo basweleyo, ibe ngazihlandlo zithile ukutya ekuphiswa ngako kuthiwa kwakuthengiswa—ngamaxabiso aphakamileyo—kunokuba kukhutshwe ngesisa.
Impapasho kaCarl Bakal eyiCharity U.S.A. ilumkisa ngelithi: “Apho usukelo lulolwebhongo khona, indlela echithwa ngayo imali ayithandatyuzwa. Andifuni ukuba abantu banganikeli. Bendicinga nje ukuba imibuzo imele iphendulwe kuba babenikela nje bengazi nto.” Ngokucacileyo, ukunikela nje ungazi nto akubobulumko yaye kunzima ukuba kujongwe njengokuluncedo.
Ukulandela Umzekelo Owamiselwa NguYesu
Kakade ke, ezi zibakala ziyancwinisa, kodwa ngaba bezingakuthethelela ukwala ukuxhasa izenzo ezineenjongo ezifaneleke ngolo hlobo? Ngapha koko, akazange na uYesu abaphilise abagulayo yaye ngokumangalisayo ondle abalambileyo, ngaloo ndlela ebekela amaKristu umzekelo namhla?
Kuyinyaniso ukuba uYesu wasikwa yimfesane xa wayebona abantu abasweleyo. Iindinyana ezisibhozo zeBhayibhile ziyakukhankanya oku. Ezimbini zibhekisela ekufuneni kwabantu ukudla (Mateyu 15:32; Marko 8:2), ezintathu zibhekisela ekufuneni kwabo ukuphiliswa emzimbeni (Mateyu 14:14; 20:34; Marko 1:41), yaye enye ibhekisela ekufuneni kwabo ukuthuthuzelwa ngenxa yokufa kwabathandekayo. (Luka 7:13) Kodwa ezinye iindinyana ezimbini zibhekisela kwintswelo ede yaba yenkulu ngakumbi. UMateyu 9:36 uthi: ‘‘Wathi, akuzibona izihlwele, wasikwa yimfesane zizo, ngokuba zibe zityhafile, zichithakele ngokwezimvu ezingenamalusi.” Yaye uMarko 6:34 unikela le ngxelo: “Wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi.”
Enyanisweni, nakubeni ukuba nemfesane ngabantu kwashukumisela uYesu ukuba abanyamekele ngokwasemzimbeni, umdla wakhe omkhulu wawusekubanikeni uncedo lokomoya olwalunganikelwa ziinkokeli zabo zonqulo. (Bona uMateyu, isahluko 23.) UYesu ‘wayengumalusi olungileyo,’ lowo wayekuvuma ukuncamela ‘izimvu ubomi bakhe.’ (Yohane 10:11) Ngenxa yokuba kuye lo msebenzi wokushumayela waba yeyona nto iphambili kubomi bakhe—engabandakanyeki kubunontlalontle okanye ekwakheni izibhedlele okanye ekusekeni imibutho yentlalontle—kamva wakwazi ukuba amxelele oku uPilato: “Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.”—Yohane 18:37.
Nangona uYesu wabajizeka abapostile bakhe ngamandla okwenza imisebenzi emangalisayo nelungileyo yokuphilisa, akazange akukhankanye oku xa wayebanika imiyalelo yakhe yokugqibela ngaphambi kokunyukela ezulwini. Kunoko, wayalela oku: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo.” Ngokucacileyo, ke ngoko, umsebenzi owawubaluleke ngakumbi ‘wawukukwenza abafundi, bababhaptize, babafundise.’—Mateyu 28:19, 20.
Isizathu Sokuba Ukushumayela Kuluncedo
Ukushumayela kuluncedo kuba kunceda abantu basebenzise imigaqo yeBhayibhile. Nako oku kuyabanceda baphephe iingxaki ezinokubenza baswele. Ngokomzekelo, ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile mayela nomsebenzi nesimo sethu sengqondo ngezinto eziphathekayo kunokusinceda sithintele ubuhlwempu. (IMizekeliso 10:4; Efese 4:28; 1 Timoti 6:6-8) Okanye ukulandela icebiso leBhayibhile ekusebenziseni iziyobisi nokugcina umlinganiselo wayo wokuziphatha kunokuyiphucula impilo yethu yaye kunokuqinisekisa ubomi bentsapho obonwabe ngakumbi.
Thabatha umzekelo womYugoslavia oneminyaka engama-35 ubudala nohlala kwiRiphabliki yaseJamani, ovumayo esithi: “Kubudala beminyaka eli-18 okanye eli-19 ndandisele ndiqalisa ukuba likhoboka lotywala. Xa ndandinama-20 ndandisela ilitha yotywala obuxutyiweyo yaye ubuncinane ndisela ikasi yeebhiya [iibhotile ezingama-20] ngosuku. Ndalaliswa esibhedlele kathathu kuzanywa ukuliwa lo mkhwa wam, kodwa oogqirha abazange bakwazi ukunceda. Nangona ndandisamkela ii-DM1 300 [R1 566] ngenyanga, kwakunqabile ukuba ndiyizise ekhaya kwintsapho yako wethu.” Yaba koko amaNgqina kaYehova amxelela kona ebudeni bomsebenzi wawo wokushumayela okwavelisa kuye umnqweno wokuba nolwalamano olulunge ngakumbi noMdali wakhe. Uqhubeka athi, “Ngomthandazo, ndakwazi ukufumana oko oogqirha babengenakukufumana.” Sinokuwuthelekelela umphumo omhle oku okwaba nawo kubomi bentsapho yakowabo.
Ngokuqinisekileyo, ukushumayela akuyi kucombulula zonke iingxaki. Kanti kuluncedo kuba kunikela ithemba. Phantsi koBukumkani bukaThixo zonke iingxaki ziya kuconjululwa. Uya kwandula ke uYesu enze imimangaliso yemvelo neyeyasemzimbeni kubo bonke abaphilayo, angenzeli nje abambalwa. Kunokuzisa intlalontle yokomzuzwana, iingenelo ziya kuhlala zihleli, enyanisweni, zoba zezikanaphakade. (Bona uYohane 17:3.) Ngoko ukufundisa abantu ukuba babe nokholo kwidini likaYesu lentlawulelo nakumalungiselelo alo kuya kuthi kuphumeze okona kulungileyo ekugqibeleni.
Iintlangano ezininzi zonqulo kwiNgqobhoko ngokuzingca zalatha ‘kwimisebenzi yazo elungileyo’ yokunyamekela abagulayo, abasweleyo nabaziintsizana. Kodwa beziya kuba zenza okulunge ngakumbi ukugxininisa ekunikeleni uncedo lokomoya, nanjengokuba uYesu wenzayo. Ngokufanayo neenkokeli zonqulo zenkulungwane yokuqala, zisilele ukuphumeza umsebenzi obaluleke ngakumbi. Zisenokuba zizihluthisile izisu zabantu abangamahlwempu ngokutya kokoqobo, kodwa iingqondo neentliziyo zabo zizishiye zilambele amazwi enyaniso. (Bona uAmos 8:11.) Zisenokuba zinikele imali ukuze kuncedwe abasweleyo beentlanga, kodwa azizivakalisanga “phakathi kweentlanga iindaba ezilungileyo zobutyebi obungalandekiyo bukaKristu” okanye zorhulumente obuBukumkani bukaThixo. (Efese 3:8) Abavangeli bazo basenokuba bazincedile iintlanga ezingekaphucuki ukuba zibalasele ngakumbi ekusetyenzisweni kwekhuba, kodwa abazenzanga ukuba “ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya.”—Isaya 2:4.
Yiba Ngolungeleleneyo Ekuthandeni Ummelwane Wakho
Kakade ke, ukuthi ngokufanelekileyo sigxininise kakhulu kuncedo lokomoya akusenzi sithetheleleke xa singanikeli uncedo lokuphathekayo—kubantu ngabanye okanye kumaqela—xa kuyimfuneko naxa sikulungele ukwenza oko. Sifanele sifune ukulandela umzekelo owabekwa ngamaKristu okuqala. (Bona IZenzo 11:27-30.) Ngamaxesha entswelo yokwenene okanye entlekele, sifanele sikhawuleze ukulandela icebiso likaPawulos ‘lokusebenza okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.’ (Galati 6:10) Ukuze aqiniseke ukuba aphumeza okona kulunge kakhulu, amaNgqina kaYehova ngokubanzi akwenza oku ngokobuqu. Yaye ekubeni amaNgqina anikel’ uncedo kwezo zenzo zinjalo zentlalontle ekwenza oku engahlawulwa, iindleko zokulawula lo mcimbi azibikho.
Kodwa ngoxa enceda abanye ngokomzimba, amaKristu akafuni kuyilibala imfanelo yawo eyintloko, ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obumiselweyo. Obo Bukumkani kungekudala buya kushenxisa konke ukugula, ubuhlwempu nokuswela ehlabathini. Hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukukwazi ukunceda abantu ukuba bazuze ubomi kwihlabathi apho igama elithi ‘imfesane’ lingasayi kubuye lisetyenziswe! Ngaba kunokwenzeka ukuba umthande ummelwane wakho ngendlela eluncedo ngakumbi kunaleyo?