IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 2/15 iphe. 20-25
  • Ngaba Ushukunyiselwa Ukuba Wenze NjengoYesu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ushukunyiselwa Ukuba Wenze NjengoYesu?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ushukunyiselwa Ukusabela Kwiintswelo Zokomoya
  • Wabongoza Abanye Ukuba Banikele Ubungqina
  • Hlakulela Ingqondo KaKristu Namhlanje
  • “Enosizi”
    ‘Yiba Ngumlandeli Wam’
  • ‘Ukwazi Uthando LukaKristu’
    Sondela KuYehova
  • UYehova Ulawula Ngemfesane
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Yiba Novelwano NjengoYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 2/15 iphe. 20-25

Ngaba Ushukunyiselwa Ukuba Wenze NjengoYesu?

“Wabona isihlwele esikhulu, kodwa washukunyiswa lusizi ngaso, ngenxa yokuba sasinjengezimvu ezingenamalusi. Yaye waqala ukusifundisa.”—MARKO 6:34.

1. Kutheni siqondakala isibakala sokuba abantu babonakalise iimpawu ezintle?

UKUTYHUBELA imbali abantu abaninzi baye babonakalisa iimpawu ezintle. Unokusiqonda isizathu soko. UYehova uThixo uyazibonakalisa ezi mpawu anazo uthando, ububele, isisa nezinye esizigqala njengezixabisekileyo. Abantu badalwa ngokomfanekiselo kaThixo. Ngoko sinokusiqonda isizathu sokuba abaninzi babonakalise umlinganiselo othile wothando, ububele, imfesane nezinye iimpawu zikaThixo, kanye njengokuba uninzi lubonakala lunesazela. (Genesis 1:26; Roma 2:14, 15) Noko ke, unokuphawula ukuba abanye bazibonakalisa lula kunabanye ezi mpawu.

2. Yiyiphi eminye imisebenzi emihle enokwenziwa ngabantu, mhlawumbi bevakalelwa kukuba baxelisa uKristu?

2 Mhlawumbi uqhelene namadoda namabhinqa ngokufuthi atyelela okanye anceda abagulayo, abonakalise imfesane kwabayimilwelwe, okanye anesisa kwabangamahlwempu. Kwakhona, khawucinge ngabantu abamfesane yabo ibaqhubela ukuba basebenze ngamandla kwiindawo ezihlala abantu abaneqhenqa okanye kumakhaya eenkedama, abo basebenza ngokuzithandela kwizibhedlele okanye kwiindawo zabantu abagulel’ ukufa, okanye abantu abazabalazela ukunceda abantu abangenamakhaya okanye iimbacu. Mhlawumbi, abanye babo bavakalelwa kukuba baxelisa uYesu, owamisela amaKristu umzekelo. KwiiVangeli sifunda ukuba uKristu waphilisa abagulayo waza wondla abalambileyo. (Marko 1:34; 8:1-9; Luka 4:40) Ukubonakalisa kukaYesu uthando, ububele nemfesane yimbonakaliso ‘yengqondo kaKristu,’ owayexelisa uYise osemazulwini.—1 Korinte 2:16.

3. Ukuze sibe nesimo sengqondo esilungeleleneyo ngemisebenzi emihle kaYesu, yintoni esimele siyiphawule?

3 Noko ke, ngaba uye waphawula ukuba namhlanje uninzi lwabo bachukunyiswa luthando nemfesane kaYesu bayayityeshela eyona nkalo ingundoqo yengqondo kaKristu? Sinokuyiqonda ngokuhlolisisa ngenyameko uMarko isahluko 6. Apho sifunda ukuba abantu bazisa abantu abagulayo kuYesu ukuze abaphilise. Kulo mongo, sifumanisa ukuba wathi uYesu akubona abantu abangamawaka ababeze kuye belambile, wabondla ngokungummangaliso. (Marko 6:35-44, 54-56) Ukuphilisa abagulayo nokondla abalambileyo kwakuziindlela ezibalaseleyo zokubonakalisa imfesane yothando, kodwa ngaba yayizezona ndlela ziphambili uYesu awanceda ngazo abanye? Yaye sinokuwuxelisa njani umzekelo wakhe ogqibeleleyo wothando, ububele nemfesane njengoko naye wayexelisa uYehova?

Ushukunyiselwa Ukusabela Kwiintswelo Zokomoya

4. Yayinjani imeko kwingxelo ekuMarko 6:30-34?

4 UYesu wayenosizi ngabo babemngqongile ngokuyintloko ngenxa yeentswelo zabo zokomoya. Ezo ntswelo zazibaluleke kakhulu, ngaphezu kweentswelo zenyama. Khawuqwalasele ingxelo ekuMarko 6:30-34. Isiganeko esibhalwe apho senzeka kunxweme loLwandle lwaseGalili, kufuphi nexesha lePasika yowama-32 C.E. Abapostile babenemincili, yaye babenesizathu esifanelekileyo sokwenjenjalo. Besandul’ ukubuya kuhambo olude, beza kuYesu, ngokungathandabuzekiyo benqwenela ukumbalisela amava ababenawo. Noko ke, kweza isihlwele sabantu. Sasisikhulu kangangokuba uYesu nabapostile bakhe abazange bakwazi ukutya okanye ukuphumla. UYesu waxelela abapostile bakhe oku: “Yizani, nina ngokwenu, nedwa kwindawo engasese nize niphumle kancinane.” (Marko 6:31) Bakhwela esikhepheni, mhlawumbi kufuphi neKapernahum baza baya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili kwindawo engasese. Kodwa isihlwele sabaleka ecaleni konxweme saza safika ngaphambi kwesikhephe. Wayeza kusabela njani uYesu? Ngaba wacaphuka kuba ephazanyisiwe ngexesha awayezimisele ukuba abe yedwa? Nakanye!

5. Wayevakalelwa njani uYesu ngezihlwele ezeza kuye, yaye wasabela njani?

5 UYesu wachukumiseka kukubona isihlwele sabantu abangamawaka, kuquka abagulayo ababemlinde ngenyameko. (Mateyu 14:14; Marko 6:44) Enikela ingqalelo koko kwabangela ukuba uYesu abe nemfesane nendlela awasabela ngayo, uMarko wabhala oku: “Wabona isihlwele esikhulu, kodwa washukunyiswa lusizi ngaso, ngenxa yokuba sasinjengezimvu ezingenamalusi. Yaye waqala ukusifundisa izinto ezininzi.” (Marko 6:34) UYesu akazange abone nje abantu abaninzi kakhulu. Wabona abantu ngabanye ababeneentswelo zokomoya. Babenjengezimvu ezibhadulayo, ezingenamalusi wokuzikhokelela kumadlelo aluhlaza okanye wokuzikhusela. UYesu wayesazi ukuba iinkokeli zonqulo ezingenabubele, ezazifanele ukuba zibe ngabalusi abanenyameko, zazibajongela phantsi abantu abaqhelekileyo, eneneni zazizityeshela iintswelo zabo zokomoya. (Hezekile 34:2-4; Yohane 7:47-49) UYesu wayeza kubaphatha ngendlela eyahlukileyo, ebenzela okona kulungileyo kangangoko kunokwenzeka. Waqalisa ukubafundisa ngoBukumkani bukaThixo.

6, 7. (a) IiVangeli zityhila ukuba yintoni eyayisiza kuqala kwindlela awasabela ngayo uYesu kwiintswelo zabantu? (b) Yintoni eyashukumisela uYesu ukuba ashumayele aze afundise?

6 Phawula kwingxelo efanayo, indlela ezilandelelaniswe ngayo izinto nendlela ebonisa oko kuza kuqala. Le yabhalwa nguLuka, owayengugqirha nowayenomdla ngokunyanisekileyo kwimpilo-ntle yasemzimbeni yabanye. “Izihlwele . . . zamlandela [uYesu]. Yaye wazamkela ngobubele waza waqalisa ukuthetha kuzo ngobukumkani bukaThixo, ibe wabaphilisa abo babefuna unyango.” (Luka 9:11; Kolose 4:14) Nangona kungenjalo ngazo zonke iingxelo ezithetha ngemimangaliso, kule meko, yintoni ebekwa ekuqaleni kwingxelo ephefumlelweyo kaLuka? Kukufundisa kukaYesu abantu.

7 Eneneni oku kuyavumelana nendlela eboniswe kuMarko 6:34. Le ndinyana iyibonisa ngokucacileyo indlela uYesu awashukunyiswa ngayo ngokuyintloko ukuba abonakalise usizi. Wafundisa abantu, ngenxa yeentswelo zabo zokomoya. Ngaphambilana ngoxa wayekubulungiseleli bakhe, uYesu wathi: “Nakwezinye izixeko ndimele kukuzivakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo, ngenxa yokuba ndithunyelwe oku.” (Luka 4:43) Noko ke, besiya kuba siyaphazama ukuba besinokucinga ukuba uYesu wayevakalisa isigidimi soBukumkani kuba nje edlulisa usana kunina, ngokungathi wayesenza nje ngokungakhathaliyo umsebenzi wokushumayela ekwakufuneka awenze. Akunjalo, imfesane yakhe enothando ngabantu yayingoyena ndoqo wamshukumisela ukuba abelane nabo ngeendaba ezilungileyo. Eyona nto ilungileyo uYesu awayenokuyenza—kwanakwabo babegula, ababekhathazwa ziidemon, ababengamahlwempu, okanye ababelambile—yayikukubanceda ukuba bazi, bamkele baze bathande inyaniso engoBukumkani bukaThixo. Loo nyaniso yayibaluleke kakhulu ngenxa yendima obunayo uBukumkani ekuthetheleleni ulongamo lukaYehova nasekwenzeni ukuba abantu bafumane iintsikelelo ezingapheliyo.

8. UYesu wayevakalelwa njani ngokushumayela nokufundisa kwakhe?

8 Ukushumayela kukaYesu ngenkuthalo ngoBukumkani kwakungoyena ndoqo wokuza kwakhe emhlabeni. Ngasekupheleni kobulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu waxelela uPilato oku: “Ndizalelwe oku, yaye ndizele oku ehlabathini, ukuze ndinikele ubungqina kuyo inyaniso. Wonk’ ubani ongakwicala lenyaniso uyaliphulaphula ilizwi lam.” (Yohane 18:37) Siye saphawula kumanqaku amabini awandulelayo ukuba uYesu wayengumntu onobubele—onenkathalo, ongenekayo, onolwazelelelo, obathembayo abanye yaye ngaphezu kwako konke, onothando. Kufuneka siziqonde ezo nkalo zobuntu bakhe ukuba ngokwenene sifuna ukuyazi ingqondo kaKristu. Kanti kubalulekile nokuba siqonde ukuba ingqondo kaKristu iquka ukubeka kwakhe umsebenzi wakhe wokushumayela nokufundisa kwindawo yokuqala.

Wabongoza Abanye Ukuba Banikele Ubungqina

9. Ukushumayela nokufundisa kwakumele kube yinto eza kuqala koobani?

9 Ukubeka ukushumayela nokufundisa kwindawo yokuqala—njengembonakaliso yothando nemfesane—kwakungeyonto eyayimele yenziwe nguYesu kuphela. Wabongoza abalandeli bakhe ukuba bamxelise kwiintshukumisa zakhe, kwizinto eziza kuqala, nakwizenzo zakhe. Ngokomzekelo, emva kokuba uYesu ekhethe abapostile bakhe abali-12, babeza kwenza ntoni? UMarko 3:14, 15, usixelela oku: “Wayila iqela labalishumi elinesibini, awakwalithiya ngokuthi ‘abapostile,’ ukuze baqhubeke kunye naye nokuze abathume baye kushumayela nokuba babe negunya lokukhupha iidemon.” Ngaba uyayibona eyona nto iphambili eyayiza kwenziwa ngabapostile?

10, 11. (a) Ekuthumeni kwakhe abapostile, uYesu wabaxelela ukuba benze ntoni? (b) Ekuthunyweni kwabapostile, yayiyintoni eyona nto yayiphambili?

10 Ekuhambeni kwexesha, uYesu wenza ukuba abali-12 bakwazi ukuphilisa abanye yaye bakhuphe needemon. (Mateyu 10:1; Luka 9:1) Wandula ke wabathuma “kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.” Ukuba bayokwenzani? UYesu wabayalela esithi: “Njengoko nihamba, shumayelani, nisithi, ‘Ubukumkani bamazulu busondele.’ Nyangani abantu abagulayo, vusani abantu abafileyo, yenzani abaneqhenqa bahlambuluke, khuphani iidemon.” (Mateyu 10:5-8; Luka 9:2) Yintoni kanye abayenzayo? “Ngoko banduluka baza [1] bashumayela ukuze abantu baguquke; yaye [2] babekhupha iidemon ezininzi ibe bethambisa abantu abaninzi abayimilwelwe ngeoli baze babanyange.”—Marko 6:12, 13.

11 Ekubeni ukufundisa kungakhankanywa kuqala ngalo lonke ixesha, ngaba ukujonga indlela ezilandelelana ngayo izinto ngasentla kukuwubaxa umbandela wokubeka izinto eziphambili kwindawo yazo okanye iintshukumisa ezibandakanyekileyo? (Luka 10:1-9) Eneneni, asifanele sisijongele phantsi isibakala sokuba izihlandlo ezininzi kukhankanywa ukufundisa ngaphambi kokuphilisa. Khawuqwalasele umongo kule meko. Ngaphambi nje kokuba athume abapostile bakhe abali-12, uYesu wayechukunyiswe yimeko ezazikuyo izihlwele. Sifunda oku: “UYesu wanduluka wakhenketha zonke izixeko needolophana, efundisa kwizindlu zabo zesikhungu ibe eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani yaye enyanga lonke uhlobo lwesifo nalo lonke uhlobo lobulwelwe. Akubona izihlwele wazisizela, ngenxa yokuba zazihlinzekile yaye zilahliwe njengezimvu ezingenaye umalusi. Wandula ke wathi kubafundi bakhe: ‘Ewe, isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke, bongozani iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.’”—Mateyu 9:35-38.

12. Yiyiphi enye injongo eyongezelelekileyo eyayinokuphunyezwa zizenzo eziyimimangaliso zikaYesu nabapostile?

12 Ngokuba kunye naye, abapostile babenokuyiqonda inxalenye yengqondo kaKristu. Babeqonda ukuba ukubathanda nokuba nemfesane ngokwenene ebantwini kwakuquka ukushumayela nokufundisa ngoBukumkani—okwakuza kuba yeyona nkalo iphambili kwimisebenzi yabo emihle. Ngokuvisisana noko, izenzo ezihle zokwenyama, njengokuphilisa abagulayo, zafeza okungakumbi kunokunceda nje abasweleyo. Njengoko unokucinga, abanye abantu banokutsaleleka ekunyangweni nasekondliweni ngokungummangaliso. (Mateyu 4:24, 25; 8:16; 9:32, 33; 14:35, 36; Yohane 6:26) Noko ke, ngaphezu kokuba incede ngokwenyama, loo misebenzi yashukumisela abo babebukele ukuba baqonde ukuba uYesu wayenguNyana kaThixo ‘nomprofeti’ uMoses awathetha ngaye kwangaphambili.—Yohane 6:14; Duteronomi 18:15.

13. Isiprofeto esikwiDuteronomi 18:18 sabethelela yiphi indima ‘yomprofeti’ owayeza kufika?

13 Yintoni eyayibalulekile ngokuba ‘ngumprofeti’ kukaYesu? Eneneni, yiyiphi indima eyintloko eyaxelwa kwangaphambili awayeza kuyiphumeza? Ngaba “umprofeti” wayeza kubalasela ngokuphilisa ngokungummangaliso okanye ondle abalambileyo ngenxa yemfesane? IDuteronomi 18:18 yaxela kwangaphambili isithi: “Ndiya kubavelisela umprofeti ephuma phakathi kwabazalwana babo, onjengawe [Moses]; ndiwabeke amazwi am emlonyeni wakhe, athethe kubo konke endiya kubawisela umthetho ngako.” Njengoko abapostile babefunda ukubonakalisa ububele, babenokugqiba kwelokuba ingqondo kaKristu yayimele ibonakale nakumsebenzi wabo wokushumayela nokufundisa. Yayiyeyona nto ilungileyo babenokuyenzela abantu. Ngokwenjenjalo, abagulayo nabangamahlwempu babenokufumana iingenelo ezingapheliyo, kungekhona ezo zifunyanwa ngumntu ngexesha elifutshane lokudla ubomi okanye ezezidlo nje ezimbalwa.—Yohane 6:26-30.

Hlakulela Ingqondo KaKristu Namhlanje

14. Ukuba nengqondo kaKristu kubandakanyeke njani kumsebenzi wethu wokushumayela?

14 Akukho namnye kuthi obeya kugqala ingqondo kaKristu njengeyayinokusebenza ngenkulungwane yokuqala kuphela—kuYesu nabafundi bakhe bokuqala umpostile uPawulos awabhala ngabo esithi: “Sinayo ingqondo kaKristu.” (1 Korinte 2:16) Yaye besiya kuvuma ngokulula ukuba sinembopheleleko yokushumayela iindaba ezilungileyo size senze abafundi. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Ukanti, kuyingenelo ukukhangela iintshukumisa zethu zokwenza loo msebenzi. Asifanele sidlulise nje usana kunina xa siwenza. Uthando ngoThixo sesona sizathu siyintloko sokuba nesabelo kwethu kubulungiseleli, yaye ngokwenene ukuba njengoYesu kuquka ukuba sishukunyiswe yimfesane ukuze sishumayele size sifundise.—Mateyu 22:37-39.

15. Kutheni le nto imfesane iyinxalenye efanelekileyo yobulungiseleli bethu basesidlangalaleni?

15 Kuyavunywa ukuba, akusoloko kulula ukuba nemfesane ngabo baneenkolelo ezingafaniyo nezethu, ingakumbi abangenamdla, abangasamkeliyo okanye abasichasayo. Ukanti, ukuba besinokuphelelwa luthando nemfesane ngabantu, besingayi kuba nayo intshukumisa ebalulekileyo yokuba nesabelo kubulungiseleli bobuKristu. Ngoko, sinokuyihlakulela njani imfesane? Sinokuzama ukujonga abantu ngendlela uYesu awayebajonga ngayo, ‘njengabahlinzekileyo nabalahliweyo njengezimvu ezingenaye umalusi.’ (Mateyu 9:36) Ngaba abanjalo abantu abaninzi namhlanje? Abalusi bonqulo lobuxoki baye babatyeshela baza babamfamekisa ngokomoya. Ngenxa yoko, abalwazi ukhokelo oluphilileyo olufumaneka eBhayibhileni okanye iimeko zeParadesi eziya kuziswa buBukumkani bukaThixo emhlabeni kungekudala. Bajamelana neengxaki zobomi bemihla ngemihla—kuquka ubuhlwempu, ukungabikho kwemvisiswano entsatsheni, ukugula nokufa—bengenalo ithemba loBukumkani. Sinoko bakufunayo kanye: iindaba ezilungileyo ezisindis’ ubomi zoBukumkani bukaThixo obusele bumiselwe ezulwini!

16. Siyintoni isizathu sokuba sifune ukwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo?

16 Ngaloo ndlela xa ucinga ngeentswelo zokomoya zabo bakungqongileyo, ngaba intliziyo yakho ayikushukumiseli ukuba ufune ukwenza konke okusemandleni akho ukuze ubaxelele ngenjongo kaThixo yothando? Ewe, umsebenzi wethu siwenza siqhutywa yimfesane. Xa sivakalelwa ngendlela awavakalelwa ngayo uYesu ngabantu, oko kuya kuvakala kwilizwi lethu, kubonakale ebusweni, nakwindlela esifundisa ngayo. Konke oko kuya kwenza isigidimi sethu sibe nomtsalane kwabo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.’—IZenzo 13:48.

17. (a) Ziziphi ezinye iindlela esinokubonakalisa ngazo uthando nemfesane kwabanye? (b) Kutheni kungengombandela wokuba sikhethe phakathi kokwenza imisebenzi emihle okanye ukuba nesabelo kubulungiseleli basesidlangalaleni?

17 Kakade ke, uthando nemfesane yethu zifanele zibonakale kulo lonke ikhondo lobomi bethu. Oku kuquka ukuba nobubele kwabahlelelekileyo, abagulayo nabangamahlwempu—senze konke okusemandleni ethu ukubanika isiqabu ekubandezelekeni kwabo. Kuquka imigudu esiyenzayo ngentetho nangezenzo ukunciphisa intlungu kwabo baye balahlekelwa ngabantu ababathandayo ekufeni. (Luka 7:11-15; Yohane 11:33-35) Ukanti, oko kubonakalisa uthando, ububele nemfesane akufanele kube yeyona nto iphambili xa sisenza izenzo ezilungileyo, njengoko kunjalo ngabanye abantu abaququzelela intlalo-ntle yabanye. Eyona nto ibaluleke nangakumbi yimigudu eqhutywa ziimpawu ezifana nezikaThixo kodwa ezibonakala ngokuba nesabelo kumsebenzi wamaKristu wokushumayela nokufundisa. Khumbula oko kwathethwa nguYesu ngeenkokeli zonqulo zamaYuda esithi: “Ninikela isinye kwishumi letyeleba nedile nekumin, kodwa niye nayigatya imibandela enzima ngakumbi yoMthetho, eyile, okusesikweni nenceba nokuthembeka. Ezi zinto kwakubophelelekile ukuzenza, kanti kungamele kugatywe ezinye izinto.” (Mateyu 23:23) UYesu wayengakhethi—enceda abantu kwiintswelo zabo zenyama okanye abafundise izinto zokomoya ezinik’ ubomi. UYesu wayezenza zombini ezi zinto. Sekunjalo, kucacile ukuba umsebenzi wakhe wokufundisa ngowona wawubalasele ngenxa yokuba izinto ezilungileyo awazenzayo zaba luncedo ngonaphakade.—Yohane 20:16.

18. Ukuqwalasela ingqondo kaKristu kufanele kusishukumisele ukuba senze ntoni?

18 Hayi indlela esimele sibe nombulelo ngayo kuba uYehova eye wasityhilela ingqondo kaKristu! Ngokufunda iiVangeli, sinokuzazi bhetele iingcamango, iimvakalelo, iimpawu, imisebenzi nezinto ezazisiza kuqala ebomini boyena mntu ubalaseleyo wakha waphila. Kuxhomekeke kuthi ukufunda, ukucamngca nokukusebenzisa oko iBhayibhile ikutyhilayo ngoYesu. Khumbula, ukuba siza kwenza izinto njengoYesu, kuqala sifanele sifunde ukucinga, ukuvakalelwa nokujonga izinto njengaye, kangangoko sinokwenza njengabantu abangafezekanga. Ngoko, masizimisele ukuhlakulela nokubonisa ingqondo kaKristu. Ayikho enye indlela elunge ngakumbi yokuphila, yokuphatha abanye abantu, yaye ayikho enye indlela yokuba thina nabanye sisondele kulowo wamxelisa ngokugqibeleleyo, uThixo wethu onobubele, uYehova.—2 Korinte 1:3; Hebhere 1:3.

Unokuphendula Njani?

• IBhayibhile isinika yiphi ingqiqo ngendlela ngokufuthi uYesu awayesabela ngayo kubantu abasweleyo?

• Yintoni eyabethelelwa nguYesu xa esalathisa abalandeli bakhe?

• Sinokuyibonakalisa njani “ingqondo kaKristu” kwimisebenzi yethu?

[Umfanekiso okwiphepha 23]

[Umfanekiso okwiphepha 24]

Yiyiphi eyona nto ilungileyo amaKristu anokuyenzela abanye?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share