Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Umlinganiselo Ophakamileyo Kubalandeli Bakhe
IINKOKELI zonqulo zimgqala uYesu njengomaphuli woMthetho kaThixo yaye kutshanje bezisenza neyelenqe lokumbulala. Ngoko njengokuba uYesu eqhubeka neNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, ucacisa ngelithi: “Ningabi ndize kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andize kuchitha, ndize kuzalisekisa.”
UYesu uwuxabise gqitha uMthetho kaThixo yaye ukhuthaza abanye ukuba nabo babe njalo. Enyanisweni, uthi: “Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu,” nto leyo ethetha ukuba umntu onjalo wayengayi kungena konke konke eBukumkanini.
Kunokuba angawuxabisi uMthetho kaThixo, uYesu ugweba kwanesimo sengqondo esifak’ isandla ekuwaphuleni. Emva kokuphawula ukuba umthetho uthi, “Uze ungabulali,” uYesu walek’ umsundulo esithi: “Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo.”
Ekubeni ukuqhubeka usiqumbele isinxulumani kunzulu kangako, mhlawumbi kude kukhokelele nasekubulaleni, uYesu ubonisa umlinganiselo ekufanele ubani awufikelele ukuze afumane uxolo. Uyalela ngolu hiobo: “Ngoko xa sukuba uwusondeza umnikelo [olidini] wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe, wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe uye uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho.”
Ephethulel’ ingqalelo kowesixhenxe kwiMithetho Elishumi, uYesu uhlabela mgama esithi: “Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi.”Noko ke, uYesu ugxeka kwanesimo sengqondo esizingisileyo ngokubhekisele kukrexezo. “Ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe.”
Apha uYesu akathethi ngengcingane yokuziphatha okubi ediulayo kodwa uthetha ‘ngokusoloko ukhangele.’ Ukuhlala ukhangele okunjalo kuvusa inkanuko, enokuthi, ukuba ithuba liyavela, iphumele kukrexezo. Umntu unokukuthintela njani oku ukuba kungenzeki? UYesu ubonisa indlela esenokuba yimfuneko ngayo imilinganiselo eqatha, esithi: “Ukuba ke iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe. . . . Nokuba isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqamle usilahle kuwe.”
Ngokufuthi abantu bayakuvuma ukuncama ilungu lokoqobo elinesifo ukuze basindise ubomi babo. Kodwa ngokutsho kukaYesu, kude kwabaluleka ngakumbi “ukulahlela kude” nayiphi into, kwanento exabiseke njengeliso okanye isandla, ukuze uphephe ukucinga nezenzo zokuziphatha okubi. UYesu ucacisa ukuba, kungenjalo abantu abanjalo baya kulahlelwa eGehena (imfumba yenkunkuma eyayisitsha ngaseYerusalem), nto leyo efuzisela ukutshatyalaliswa okungunaphakade.
UYesu ukwaxubusha ngendlela yokuqhubana nabantu abenzakalisayo nabacaphukisayo. Ululeka ngelithi, “Maningasunduzani nokungendawo; yithi osukuba ekutywakraza esidleleni sakho sokunene, umguqulele nesinye eso.” UYesu akathethi ukuba umntu akafanele azikhusele yena okanye intsapho yakhe ukuba uyahlaselwa. Oku kutywakraza akwenzelwa kwenzakalisa ngokwasemzimbeni kodwa, kunoko, kusisithuko. Ngoko, okuthethwa nguYesu kukuba ukuba nabani na uzama ukuxhokonxa umio okanye impikiswano, enoba kungokutywakraza ngempama ngokoqobo okanye ngokuthetha amazwi ahiambelayo, bekuya kuba yinto ephosakeleyo ukuziphindezela.
Emva kokutsalel’ ingqalelo kumthetho kaThixo wokuthanda ummelwane kabani, uYesu uthi: “Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, . . . nibathandazele abanigxekayo banitshutshise.” Enikela isizathu esinamandla sokwenza oko, walek’ umsundulo esithi: “[Ngaloo ndlela] nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba ilanga lakhe elenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo”
UYesu uqukumbela le nxalenye yentshumayelo yakhe ngokuyalela ngelithi: “Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.” UYesu akathethi ukuba abantu banokufezeka ngengqiqo epheleleyo. Kunoko, ngokuxelisa uThixo, banokwandisa uthando lwabo ukuba luquke kwaneentshaba zabo. Ingxelo efanayo kaLuka ibhala amazwi kaYesu ngolu hiobo: “Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.” Mateyu 5:17-48; Luka 6:36.
◆ UYesu wakubonakalisa njani ukuwuxabisa gqitha kwakhe uMthetho kaThixo
◆ Nguwuphi umyalelo uYesu awawunikelayo ukuze ashenxise oonobangela bokubulala nabokrexezo?
◆ Wayesingisele entwenini uYesu xa wathetha ngokuguqulela esinye isidlele?
◆ Sinokuba ngabafezekileyo njani njengokuba uThixo efezekile?