IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 10/1 iphe. 10-15
  • Ubulungisa Obungasekelwanga Kwizithethe Zabantu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubulungisa Obungasekelwanga Kwizithethe Zabantu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Iindidi Ezimbini Zobulungisa
  • Akwanele Ukuba ‘Lilungisa Emehlweni Abantu’
  • “Nivile Ukuba Kwathiwa”
  • Qhubekani Nifuna UBukumkani Nobulungisa BukaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Umthetho Odluliselwa Ngomlomo​—Kwakutheni Ukuze Ubhalwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • ‘Fundani Kum’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Yibani Ngabenzi Belizwi, Ningabi Ngabaphulaphuli Kuphela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 10/1 iphe. 10-15

Ubulungisa Obungasekelwanga Kwizithethe Zabantu

“Ukuba ubulungisa benu abuthanga bugqithe kakhulu kobababhali nabaFarisi, anisayi kuza ningene ebukumkanini bamazulu.”—MATEYU 5:20.

1, 2. Yintoni eyenzeka ngaphambi nje kokuba uYesu anikele iNtshumayelo yakhe yaseNtabeni?

UYESU uchithe ubusuku entabeni. Kuzole ngokwenene. Izilwanyana ezincinane ezihamba ebusuku ziyarhwashwazela ematyholweni. Ngasempuma kuLwandle lwaseGalili amanzi abethela kuhle elunxwemeni. Kodwa kusenokwenzeka ukuba uYesu akaziveli ntweni ezi zinto zintle zimngqongileyo zithuthuzelayo nezibangela inzolo. Uchithe ubusuku ethandaza kuYise osezulwini, uYehova. Ebefuna ukhokelo lukaYise. Usuku olulandelayo lwaluza kuba lolubaluleke gqitha.

2 Ngasempuma isibhakabhaka sibonakala sikhanya. Iintaka ziqalisa ukuhambahamba, zintyilozela phantsi. Iintyatyambo zasendle ziyashukushukuma kuhle kuloo mpepho imyoli. Njengoko ilanga liqalisa ukuthi chapha phayaa elundini, uYesu wababizela kuye abafundi bakhe waza phakathi kwabo wanyula abali-12 ukuze babe ngabapostile bakhe. Wandula ke, ekunye nabo bonke, wehlela ethambekeni lentaba. Izihlwele zazisele zibonakala zithontelana zivela eGalili, eTire naseTsidon, kwaYuda naseYerusalem. Zazize kuphiliswa kwizigulo zazo. Ukusebenza kwamandla kaYehova kwakubonakala kuphuma kuYesu njengoko babemchukumisa abaninzi baze baphiliswe. Kwakhona babeze kuphulaphula amazwi akhe awayenjengamafutha aphilisayo kwimiphefumlo yabo ekhathazekileyo.—Mateyu 4:25; Luka 6:12-19.

3. Kwakutheni ukuze abafundi nezihlwele babe nolindelo olungaka xa uYesu waqalisa ukuthetha?

3 Kumaxesha abo acwangciselwe ukufundisa ngokwesiko, abefundisi babehlala phantsi, yaye ngale ntsasa ikhethekileyo yasentlakohlaza yowama-31 C.E., yiloo nto kanye awayenzayo uYesu, ekubonakala ukuba kwakukwindawo ethe tyaba phezulwana endulini. Xa abafundi bakhe nezihlwele bakubonayo oku, baqonda ukuba kukho into ekhethekileyo eza kwenzeka, ngoko benolindelo olukhulu bamngqonga. Xa waqalisa ukuthetha, babenomdla gqitha kumazwi akhe; xa kwixesha elithile kamva wagqibayo, bashiyeka bemangalisiwe koko bakuvayo. Makhe sibone isizathu soku.—Mateyu 7:28.

Iindidi Ezimbini Zobulungisa

4. (a) Ziziphi iindidi ezimbini zobulungisa ekwakuza kuthethwa ngazo? (b) Yayintoni injongo yezithethe zabantu, yaye ngaba yafezwa?

4 KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, ekuthethwe ngayo kuMateyu 5:1–7:29 nakuLuka 6:17-49, uYesu uzahlukanisa ngokucacileyo ezi ndidi zimbini: ababhali nabaFarisi nabantu abaqhelekileyo ababacinezelayo. Wathetha ngeendidi ezimbini zobulungisa, ubulungisa babaFarisi abangabahanahanisi nobulungisa bukaThixo bokwenyaniso. (Mateyu 5:6, 20) Ubulungisa babaFarisi babusekelwe kwizithethe zabantu. Ezi zaziqaliswe ngenkulungwane yesibini Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo ‘njengothango lokukhusela umthetho’ ukuze bawukhusele ungangcoliswa zizithethe zamaGrike. Ezi zithethe zazigqalwa njengenxalenye yoMthetho. Enyanisweni, ababhali bade bazibalaselisa izithethe zabantu ngaphezu koMthetho obhaliweyo. IMishnah ithi: “Kufanele kugxininiswe gqitha ekuwathobeleni amazwi abaBhali [izithethe zabo] kunokuthobela amazwi oMthetho obhaliweyo.” Ngenxa yoko, kunokuba zibe “luthango lokukhusela uMthetho,” izithethe zabo zawenza wabuthathaka uMthetho zaza zawenza awasebenza, kanye njengokuba uYesu wathi: “Natyapha kambe niwutshitshise umthetho kaThixo, ukuze nigcine isithethe senu.”—Marko 7:5-9; Mateyu 15:1-9.

5. (a) Yayinjani imeko yabantu abaqhelekileyo ababeze kuphulaphula uYesu, yaye babegqalwa njani ngababhali nabaFarisi? (b) Yintoni eyabangela ukuba izithethe zabantu zibe ngumthwalo onzima kangaka emagxeni abantu abaqhelekileyo?

5 Abantu abaqhelekileyo ababethontelena ukuza kuphulaphula uYesu babengamahlwempu ngokomoya, ekubeni ‘babechithakele ngokwezimvu ezingenamalusi.’ (Mateyu 9:36) Bekhukhumele likratshi ababhali nabaFarisi babanyelisa, bebabiza ngokuthi baziiʽam-ha·ʼaʹrets (abantu bomhlaba), bebagculela ngokuthi bangabantu abangenalwazi, aboni abashwatyulelweyo abangafanelwe naluvuko ngenxa yokuba bengazigcinanga izithethe zabantu. Ngexesha likaYesu ezo zithethe zabantu zazizininzi gqitha yaye zazinobugocigoci bemithetho ecinezelayo—zazizaliswe yimibhoyozo yezithethe eyayithabatha ixesha elininzi—kangangokuba kwakungekho mntu uqhelekileyo wayenokukwazi ukuzigcina. Akumangalisi ukuba uYesu wazigxeka ezo zithethe ‘njengemithwalo enzima emagxeni abantu.’—Mateyu 23:4; Yohane 7:45-49.

6. Yintoni eyayimangalisa ngokuphawulekayo kumazwi okuvula kaYesu, yaye ayebonisa yiphi inguqulelo eyayifuneka kubafundi bakhe nakubabhali nabaFarisi?

6 Ngoko xa uYesu wahlala phantsi ethambekeni lentaba, abo basondelayo ukuze bamphulaphule babengabafundi bakhe nezihlwele ezazihlwempuzekile ngokomoya. Bafanele ukuba aba bantu bawafumanisa emangalisa amazwi akhe okuvula. ‘Banoyolo abangamahlwempu, banoyolo abalambileyo, banoyolo abalilayo, banoyolo abathiyiweyo.’ Kodwa ngoobani abanokuba noyolo ngoxa bengamahlwempu, belambile, belila yaye bethiyiwe? Yaye kwavakaliswa ooyeha kwabo babezizityebi, bahluthiyo, bahlekayo nabathandwayo! (Luka 6:20-26) Ngamazwi nje ambalwa, uYesu wayiguqula yonke indlela abantu ababezibona ngayo izinto nemigaqo yabantu eyamkelwayo. Oku kwaba yinguqulelo enkulu yezinto, ngokuvisisana namazwi amva kaYesu athi: “Wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa; nozithobayo ke uya kuphakanyiswa.”—Luka 18:9-14.

7. Amele ukuba aba nawuphi umphumo amazwi kaYesu okuvula kwisihlwele esasilambile ngokomoya nasesasiphulaphule kuYesu?

7 Ngokwahlukileyo kubabhali nabaFarisi ababezingca, abo beza kuYesu ngale ntsasa ikhethekileyo babeyiphaphele imeko yabo elusizi ngokomoya. Amazwi akhe okuvula amele ukuba abenza bazaliswa lithemba: “Banoyolo abayiphapheleyo intswelo yabo engokomoya, ekubeni ubukumkani bamazulu bubobabo.” (NW) Yaye hayi indlela abamele ukuba baziva bevuseleleke ngayo emoyeni xa wongezelelayo esithi: “Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona”! (Mateyu 5:3, 6; Yohane 6:35; ISityhilelo 7:16, 17) Ewe, abo babezaliswe bubulungisa, kodwa obo babungasekelwanga kwimilinganiselo yabaFarisi.

Akwanele Ukuba ‘Lilungisa Emehlweni Abantu’

8. Kwakutheni ukuze bambi bazibuze enoba ubulungisa babo babunokubugqitha njani obo bababhali nabaFarisi, kanti kutheni bumele bube njalo?

8 UYesu wathi, “Ukuba ubulungisa benu abuthanga bugqithe kakhulu kobababhali nabaFarisi, anisayi kuza ningene ebukumkanini bamazulu.” (Mateyu 5:17-20; bona uMarko 2:23-28; 3:1-6; 7:1-13.) Bambi bamele ukuba bacinga oku: ‘Ngaba umntu unokuba lilungisa ngaphezu kwabaFarisi? Bazila ukudla baze bathandaze yaye benikela ngezishumi baze bachithe bonke ubomi babo befundisisa uMthetho. Ubulungisa bethu bunokubugqitha njani ke obabo?’ Kodwa kwakufuneka obungakumbi nangakumbi. Kusenokwenzeka ukuba abaFarisi babexatyiswa gqitha ngabantu, kodwa kwakungenjalo ngoThixo. Ngesinye isihlandlo uYesu wathi kwaba baFarisi: “Nina ningabazigwebelayo emehlweni abantu; kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu; ngokuba oko kuphakanyisiweyo phakathi kwabantu, kulisikizi emehlweni kaThixo.”—Luka 16:15.

9-11. (a) Yiyiphi enye indlela ababhali nabaFarisi ababecinga ukuba babenokuzuza ngayo ukuma okulungileyo phambi koThixo? (b) Yiyiphi indlela yesibini ababelindele ukuba babeya kufikelela ngayo umlinganiselo wobulungisa? (c) Yiyiphi indlela yesithathu ababethembele kuyo, yaye umpostile uPawulos wathini ukubonisa ukuba oku yayikukusilela okubi?

9 Abefundisi babezenzele eyabo imithetho yokufikelela umlinganiselo wobulungisa. Owokuqala wawukukuba yinzala ka-Abraham: “Abafundi baka-Abraham ubawo wethu bayalinandipha eli hlabathi kwaye baya kulidl’ ilifa ihlabathi elizayo.” (Mishnah) Kusenokwenzeka ukuba wayephikisana nesi sithethe xa uYohane uMbhaptizi walumkisa abaFarisi ababeze kuye esithi: “Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningabi nithi phakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham [ngokungathi oko kwakwanele].”—Mateyu 3:7-9; bona kwanoYohane 8:33, 39.

10 Bathi, indlela yesibini yokufikelela umlinganiselo wobulungisa, yayikukuliza amahlwempu. Iincwadi ezimbini ezingaphefumlelwanga nezabhalwa ngamaYuda awayezinikele gqitha ebudeni benkulungwane yesibini Ngaphambi kweXesha lethu Eliqhelekileyo zibonisa imbono engokwesithethe. Amanye amazwi afumaneka kwiTobit athi: “Ukuliza amahlwempu kusindisa ekufeni kumenza ubani athethelelwe zonke izono.” (12:9, The New American Bible) INcwadi kaSirach (EyeNtshumayeli) iyavuma isithi: “Amanzi acima umlilo odangazelayo, yaye ukuliza amahlwempu kucamagushela izono.”—3:29, NAB.

11 Indlela yesithathu ababeyilandela ukuze bafikelele umlinganiselo wobulungisa yayingokwemisebenzi engokoMthetho. Izithethe zabo zazifundisa ukuba xa izenzo zomntu ubukhulu becala zilungile loo mntu wayeya kusindiswa. Oku kufunyaniswa “ngokwesizinzi sobuninzi bemisebenzi elungileyo okanye emibi.” (Mishnah) Ukuze ugwetywe ngenceba, inkxalabo yabo “yayikukufikelela kwinqanaba ebeliya kuthi lizicime izono.” Ukuba imisebenzi elungileyo kabani ingaphezulu kwemisebenzi yakhe emibi ngomnye, wayeya kusindiswa—ngokungathi uThixo wayegweba ngokubala imisetyenzana yabo engento! (Mateyu 23:23, 24) Enikela imbono echanileyo uPawulos wabhala esithi: “Ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni [kaThixo].” (Roma 3:20) Ngokuqinisekileyo, ubulungisa bomKristu bufanele bube ngaphezulu kobo bababhali nobabaFarisi.

“Nivile Ukuba Kwathiwa”

12. (a) Yiyiphi inguqulelo uYesu awayenzayo kwindlela yakhe eqhelekileyo yokubhekisela kwiZibhalo zesiHebhere kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, yaye kwakutheni? (b) Yintoni esiyifunda ekusetyenzisweni okwesihlandlo sesithandathu kwebinzana elithi “Kwathiwa”?

12 Xa ngaphambili uYesu wacaphula kwiZibhalo zesiHebhere, wathi: “Kubhaliwe kwathiwa.” (Mateyu 4:4, 7, 10) Kodwa izihlandlo ezithandathu kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, wavelisa oko kwavakala ngokungathi ngamazwi avela kwiZibhalo zesiHebhere athi: “Kwathiwa.” (Mateyu 5:21, 27, 31, 33, 38, 43) Kwakutheni? Kuba wayebhekisela kwiZibhalo njengoko zazitolikwa ngokwezithethe zabaFarisi ezazingqubana nemithetho kaThixo. (Duteronomi 4:2; Mateyu 15:3) Oku kucaciswe yimbekiselo kaYesu yesithandathu neyokugqibela kolu ngcelele ethi: “Nivile ukuba kwathiwa, Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho.” Kodwa akukho mthetho kaMoses owawusithi, “Luthiye utshaba lwakho.” Oku kwathethwa ngababhali nangabaFarisi. Le yayiyindlela ababewutolika ngayo uMthetho wokuthanda ummelwane wakho—ummelwane wakho ongumYuda, kungengabo abanye.

13. UYesu ulumkisa njani ngokuchasene kwanangesiqalo sehambo enokukhokelela ekubulaleni okungokoqobo?

13 Ngoku khawuqwalasele amazwi okuqala kolu ngcelele lwamathandathu. UYesu wavakalisa esithi: “Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungabulali; wothi othe wabulala, abe sisisulu somgwebo. Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo.” (Mateyu 5:21, 22) Ingqumbo esentliziyweni inokukhokelela kumazwi okunyelisa yaye ukususela apho ekugwebeni okungafanelekanga, yaye oko ekugqibeleni kusenokukhokelela kwisenzo sokubulala. Ingqumbo egcinwe ixesha elide entliziyweni inokubulala: “Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu.”—1 Yohane 3:15.

14. UYesu usiluleka njani ukuba singaliqalisi kwaukuliqalisa ikhondo elikhokelela ekukrexezeni?

14 Ngokulandelayo uYesu wathi: “Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi. Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe.” (Mateyu 5:27, 28) Ngaba akusayi kukrexeza? Ngoko musa ukuba saqala ukuhamba ngelo khondo ngokucinga ngako. Londoloza intliziyo yakho, apho izinto ezinjalo ziphuma khona. (IMizekeliso 4:23; Mateyu 15:18, 19) UYakobi 1:14, 15 ulumkisa esithi: “Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe yeyakhe inkanuko. Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; sithi ke isono sakuba sikhulelwe, sizale ukufa.” Maxa wambi abantu bathi: ‘Musa ukukuqala oko ungenakukugqiba.’ Kodwa kule meko sifanele sithi: ‘Musa ukukuqala oko ungenakukunqumamisa.’ Bambi abaye bathembeka naxa sebesongelwa ngokufa phambi kwamajoni abulala umntu ogwetyelwe ukufa baye kamva bawela kumgibe oyingozi wokuziphatha okubi ngokwesini.

15. Indlela uYesu akujonga ngayo ukuqhawula umtshato yahluke njani ngokupheleleyo kuleyo iphathelele izithethe zamaYuda?

15 Ngoku siza kumazwi esithathu kaYesu. Wathi: “Kwathiwa ke, Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yokwahlukana. Ke mna ndithi kuni, Othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo [okuthetha ukuthi, owaliwe ngesizathu esingesiso esokuziphatha okubi ngokwesini], uyakrexeza.” (Mateyu 5:31, 32) Wambi amaYuda ayeqhubana ngobuqhophololo nabafazi bawo aze ahlukane nabo ngezizathu ezingavakaliyo. (Malaki 2:13-16; Mateyu 19:3-9) Izithethe zabantu zaziyivumela indoda ukuba yahlukane nomfazi wayo “enoba kungenxa nje yokuba epheke kakubi” okanye “ifumene ongathi ufanelekile kunaye.”—Mishnah.

16. Luluphi uqheliselo lobuYuda olwakwenza ukufunga akwaba nantsingiselo, yaye uYesu wakujonga njani oku?

16 Ngokwengqiqo efanayo, uYesu wahlabela mgama esithi: “Kanjalo nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungafungi buxoki; . . . Ke mna ndithi kuni, Maningakhe nifunge nto.” Ngeli xesha amaYuda ayelisebenzisa kakubi ilungelo lokufunga yaye ayesenza izifungo ezininzi ngezinto ezincinane aze angazenzi. Kodwa uYesu wathi: “Maningakhe nifunge nto . . . Ilizwi lenu ke malibe nguewe, ewe; nguhayi, hayi.” Lo mthetho wakhe wawulula: Nyaniseka ngamaxesha onke, uqinisekise ilizwi lakho ngesifungo. Funga kuphela kwimibandela ebalulekileyo.—Mateyu 5:33-37; thelekisa esama–23:16-22.

17. UYesu ufundisa ngayiphi indlela efaneleke ngakumbi kunaleyo ithi “iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo ngezinyo”?

17 Ngokulandelayo uYesu wathi: “Nivile ukuba kwathiwa, Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo ngezinyo. Ke mna ndithi kuni, Maningasunduzani ngokungendawo; yithi osukuba ekutywakraza esidleleni sakho sokunene, umguqulele nesinye eso.” (Mateyu 5:38-42) Apha uYesu akabhekiseli kwisithonga esenzelwe ukukwenzakalisa kodwa impama nje yokukucaphukisa ngomva wesandla. Musa ukuzithoba isidima ngokuphindisela ngezithuko. Kuphephe ukubuyisela ububi ngobubi. Kunoko, buyisela okulungileyo yaye ngaloo ndlela “boyise ububi ngokulungileyo.”—Roma 12:17-21.

18. (a) AmaYuda awuguqula njani umthetho ongokuthanda ummelwane wakho, kodwa uYesu ȁkuchasa njani oku? (b) UYesu wamphendula njani umqondisi-mthetho othile owayefuna ukubeka umda ekusebenzeni komthetho ‘ongommelwane’?

18 Kumzekelo wesithandathu nowokugqibela, ngokucacileyo uYesu wabonisa indlela uMthetho kaMoses owenziwa buthathaka ngayo sisithethe sabefundisi esithi: “Nivile ukuba kwathiwa, Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho. Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo.” (Mateyu 5:43, 44) UMthetho kaMoses owawubhaliwe wawungabeki mida ekubonakaliseni uthando: “Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.” (Levitikus 19:18) YayingabaFarisi abongezelelayo kulo mthetho, yaye ukuwuphepha balisikela umda ibinzana elithi “ummelwane” beliphelelisela kuphela kwabo babegcina izithethe. Ngoko kwaba ngenxa yoku le nto uYesu wathi kamva xa wayekhumbuza umqondisi-mthetho othile ngomthetho othi ‘mthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako,’ le ndoda inesikrokro yabuza isithi: “Ngubani na ongummelwane wam?” UYesu waphendula ngomzekeliso womSamariya olungileyo—yiba ngummelwane walowo ufuna uncedo lwakho.—Luka 10:25-37.

19. Sisiphi isenzo sikaYehova kwabangendawo uYesu awancomela ukuba sisilandele?

19 Ehlabela mgama nentshumayelo yakhe, uYesu wavakalisa ukuba ‘uThixo wabonakalisa uthando kwabangemalungisa. Elibangela ilanga libakhanyisele nokuba imvula inele phezu kwabo. Akukho nto ikhethekileyo ngokuthanda abo bakuthandayo. Abangendawo benza kwaloo nto. Akukho sizathu sakuvuzwa ngenxa yoko. Zingqineni ngoko ningoonyana bakaThixo. Mxeliseni. Yiba ngummelwane kubo bonke uze umthande ummelwane wakho. Yaye ngaloo ndlela niya kuba ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.’ (Mateyu 5:45-48) Onjani wona ukuba lucelomngeni umlinganiselo esimele siphile ngawo! Yaye hayi indlela oku okukubonisa ngayo ukusilela kobulungisa bababhali nobabaFarisi!

20. Kunokuba awubekele ecaleni uMthetho kaMoses, uYesu wakwenza nzulu waza wakomeleza njani ukusebenza kwawo?

20 Ngoko xa uYesu wabhekisela kwiinxalenye zoMthetho waza wongezelela ngokuthi, “Ke mna ndithi kuni,” wayengawubekeli ecaleni uMthetho kaMoses yaye ethetha enye into endaweni yawo. Akunjalo, kodwa wayewenza nzulu yaye esomeleza ukusebenza kwawo ngokubonisa oko kwakuqulethwe nguwo. Umthetho ophakamileyo wobuzalwana ugweba ukuba nenqala njengokubulala. Umthetho ophakamileyo wobunyulu ugweba iingcinga eziqhubekayo zokubawa njengokukrexeza. Umthetho ophakamileyo womtshato awuvumelani noqhawulo-mtshato lobuqhetseba njengekhondo elikhokelela kwimitshato yesibini yokukrexeza. Umthetho ophakamileyo wokuthetha inyaniso ubonisa ukuba ukufunga ngokuphindaphindiweyo akuyomfuneko. Umthetho ophakamileyo wobulali uyakugweba ukuziphindezelela. Umthetho ophakamileyo wothando ufuna ukuba sibe nothando lobuthixo olungasikelwe mda.

21. Amazwi okululeka kaYesu atyhila ntoni ngokuzigqala kwabefundisi bengamalungisa, yaye yintoni enye ezaziza kuyifunda izihlwele?

21 Enjani yona impembelelo ukuba namandla ekumele ukuba zaba nayo ezo ziluleko ezaziviwa okwesihlandlo sokuqala ngabo babeziphulaphule! Hayi indlela ezabenza babonakala bulilize ngayo ubulungisa bohanahaniso obabusekelwe kwikratshi nakwizithethe zabefundisi ezazikhobokisa! Kodwa njengokuba uYesu wayehlabela mgama neNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, izihlwele ezazilambele nezazinxanelwe ubulungisa bukaThixo kwakufuneka zifunde ngokuva ngokungqalileyo indlela yokubuzuza, njengoko inqaku elilandelayo libonisa.

Imibuzo Yempinda

◻ Kwakutheni ukuze amaYuda avelise izithethe zawo?

◻ Nguwuphi umahluko omkhulu uYesu awawenzayo ngokuphathelele ababhali nabaFarisi nabantu abaqhelekileyo?

◻ Ababhali nabaFarisi babelindele njani ukugqalwa nguThixo bengamalungisa?

◻ UYesu wayibonisa iyiyiphi indlela yokuphepha ukuhenyuza nokukrexeza?

◻ Ngokubonisa oko kwakuqulethwe nguMthetho kaMoses, yiyiphi imilinganiselo ephakamileyo eyamiselwa nguYesu?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share