Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Intsikelelo KaThixo Iyabonakala EVenezuela
Umsebenzi wamaNgqina kaYehova eVenezuela ngokwenyaniso uye wasikelelwa. (INdumiso 3:8) Ebudeni bowe-1985 inani labavakalisi lande nge-16 ekhuIwini ngaphezu konyaka odluleyo yaye ngoFebruwari 1986 lafikelela incopho ezodlula zonke ezinye ngabavakalisi beendaba ezilungileyo abangama-31 247. Oovulindlela abathe ngxi bafikelela kuma-2 291 ngoFebruwari, incopho yama-38 kwezilandelelanayo! Isimbuku sama-50 659 sezifundo zeBhayibhile siqhutywa nabantu abanomdla. Bambi baba bantu bafumane inyaniso phantsi kweemeko ezingaqhelekanga.
◻ Enye indoda eselula etshatileyo ibisaziwa kakhulu njengomzingeli wabafazi. Izinto azizange ziyihambele kakuhle. Yaba nemvakalelo eqinileyo yokuba umfazi wayo wayeye kwigqirha yaza yayalela ukuba iqalekiswe ngenxa yokukrexeza kwayo. Ngoko yafuna igqirha ukuze lisenze singasebenzi isiqalekiso ibe yaxelelwa ngomfazi othile. Noko ke, lo mfazi wayefundisise iBhayibhile namaNgqina kaYehova yaye wayeluyekile uqheliselo lwakhe lobugqwirha. Waxelela le ndoda ukuba wayengenako ukuyinceda, kodwa wayenokuyinika ikhelingi yalapho yayinokuya khona ize ifumane uncedo. Yayiyikhelingi yeHolo yoBukumkani. Yafika—ineenwele ezinde, irhaqalala ziindevu, yaye inxibe kakubi. Yazinandipha iintlanganiso kangangokuba yabuyela kuloo mpelaveki, ikunye nabantwana bayo abathathu abancinane. Ngeli xesha iinwele zayo zazichetyiwe, yaye inxibe kakuhle neendevu izichebile. Namhlanje, le ndoda ingumvakalisi weendaba ezilungileyo. Ngaba umfazi wayo wayekuvuyela ukuyeka kwayo ukusukela abanye abafazi? Hayi, ndaweni yoko wachasa kakhulu! Kodwa iinguqulelo ezenziwa yile ndoda kubomi bayo ziye zachukumisa kanobom abanye abaninzi eyayibazi, zibavulela indlela yokuba nabo beve isigidimi senyaniso.
◻ Kwidolophu ekufutshane nomda waseColombla, umfundisi wasekuhlaleni wenza iphulo elinxamnye namaNgqina. Wabhala igama elithi “AmaNgqina KaYehova” ngoonobumba abakhulu ababomvu kwibhodi yakhe yenkcazelo yecawa yakhe waza ngaphantsi kwayo wabeka ubuxoki obuthile obubi nxamnye nawo. Ilungu lecawa lalibona igama elalibonakaliswe ngokubalaseleyo laza, ngaphandle kokufunda inkcazelo eyayilandela, lafikelela kwisigqibo sokuba icawa yayivumelana namaNgqina kaYehova. Ngoko laya kwintlanganiso yamaNgqina laza lakuthanda elakubonayo nelakuvayo. Ingxelo ithi, “enyanisweni, iphulo lomfundisi liye labangela umdla omkhulu kunokuba libangele okuchasene noko.” Ngoku abaninzi bayakuvuma ukufundisisa yaye bade baziyele kumaNgqina esitratweni baze bawabuze ngexesha aya kubatyelela ngalo kwakhona.
◻ Yaba yintetho yomngcwabo emfutshane emangcwabeni yodade osandul’ ukubhaptizwa eyathi yabangela enye intsapho yaseVenezuela ukuba idibane nenyaniso. Igosa lomkhosi nentsapho yalo nezalamane zofileyo, banikel’ ingqalelo epheleleyo kwintetho yeZibhalo baza emva koko bamemela isithethi kwikhaya labo ukuze bahlolisise iindinyana zeBhayibhile ezikhankanyiweyo ngokweenkcukacha ezingakumbi. Waba yintoni umphumo? Makhe siyekele igosa lomkhosi liphendule:
“Mna nomfazi wam sobabini safun’ ukwazi saza safuna ukuphanda iBhayibhile. Kuqala umnqweno wam yayikukubonisa ukuba ndandichanile ngokuthi ndikholelwa kunqulo lwamaKatolika. Noko ke, sihlandlo ngasinye ndandiyibhebhetha ingongoma, umzalwana owayendiqhubela isifundo wayebuya nembono esengqiqweni yeBhayibhile. Ngokuthobeka, ndathi ndaqonda ukuba inyaniso yayinamaNgqina kaYehova. Namhlanje, mna nomfazi wam singamaNgqlna kaYehova, ibe abantwana bam bafundisisa iBhayibhile. Ndiyambulela okuphela koThixo oyinyaniso, uYehova, endivuyayo ukumkhonza njengejoni kungekhona ngezixhobo zokwenyama zemfazwe kodwa ngezixhobo ezinikelwa ngumoya kaThixo, ngokutsho kweyesi-2 yabaseKorinte 10:4, 5.”
Ewe, uYehova uye wabasikelela ngokutyebileyo abakhonzi bakhe eVenezuela. Ngenxa yoziwo lweSikhumbuzo oluphawulekayo lwenani eliliphinda kane inani labavakalisi, kukho ithemba elikhulu lolwando olungakumbi kwiminyaka ezayo.
[Itshati ekwiphepha 21]
Iincopho ezithile zeVenezuela ezisekelwe kwiingxelo zikaFebruwari 1986:
Ama-31 247 abavakalisi
Ama-2 291 oovulindlela
Ama-50 659 ezifundo zeBhayibhile
“Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho”—INdumiso 3:8