Iimbalasane ZeBhayibhile INdumiso 73 kuse kweye-106
“Mbonge UYehova”—Ngoba?
Ngubani kuthi onokungabi nambulelo xa sicinga ngako konke esikwenzelwe nguYehova, akwenzayo, nasaya kusenzela kona? Eneneni, iintliziyo zethu zimele zisishukumisele ukuba simbonge uThixo wethu. Into yokuba sinesizathu esaneleyo sokumbonga uYehova igxininiswa kakuhle kwiNcwadi yeSithathu neyeSine yeeNdumiso. Njengoko ngoku siqwalasela ilNdumiso zama-73 kuse kweze-106, khawuzibuze, ‘Ziziphi izizathu mna ngokobuqu endinazo zokubonga uYehova?’
Mus’ Ukubamonela Abangendawo
Khawufunde INdumiso 73 ukuya kweyama-77. Ezi kuthiwa zezikaAsafu, ngokucacileyo kuquka noonyana bakhe. UAsafu uyavuma ukuba wabamonela abangendawo—de waba nesimo sengqondo esihle. (INdumiso 73) Emva koko intshabalalo yeYerusalem iyakhalelwa. (INdumiso 74) Ngokulandelayo sifumana amazwi ombulelo abhekiswa kuThixo “owoyikekayo,” elandelwa ngumthandazo obhekiswa ‘kuThixo omkhulu’ ukuba akhumbule abantu bakhe abaziintsizana.—INdumiso 75-77.
◆—UYehova wamnika luphi “uzuko” umdumisi?
De umdumisi waqonda ukuba ‘ukusondela kuYehova kwakulungile kuye,’ wayevakalelwa kukuba abangendawo babelunge gqitha kunamalungisa. (INdumiso 73:2-12, 28) Ukuvumela “icebo” likaThixo ukuba limkhokele kwaphumela ekufumaneni kwakhe “uzuko,” oko kukuthi, ukuba ngokholekileyo kuYehova, ulwalamano oluzukileyo naYe.
◆“Iinqwelo zokulwa” ‘namahashe’ ‘zasindwa njani bubuthongo’?
AmaSirayeli ayefundiswe ukuba athembele kuYehova kunakumahashe nakwiinqwelo zokulwa. (INdumiso 20:7; IMizekeliso 21:31) Ayengenasizathu sakutyhwatyhwa ngenxa yamahashe neenqwelo zokulwa ezineerhengqa zeentshaba zawo, kuba uYehova wayenokwenza lintshaba zawo zingabi namandla, azenze ‘zisindwe bubuthongo.’ Okubhekiselwa kuko apha ‘bubuthongo obungunaphakade’—ukufa ngokwako. (Yeremiya 51:39) Oku kumele kube sisilumkiso kwiinkokeli zehlabathi namhlanje ezithembele kwizixhobo zazo.—INdumiso 76:12.
Esikufundayo Koku: INdumiso 75 iqulethe isilumkiso nxamnye nekratshi xa isithi, “Musani ukuluphakamlsela phezulu uphondo Iwenu.” (Indinyana 5) Uphondo lwalungumqondiso wamandla. (Duteronomi 3:17) Ukuphakamisa uphondo lukabani yayikukubonakalisa ikratshi. Apha umdumisi ulumkisa abangendawo ukuba bangakratshi ngenxa yamandla abo abenza babonakale benqabisekile, kuba ‘iimpondo zabangendawo ziya kuxakaxwa’ nguYehova. (INdumiso 75:10) Ukwazi oku kukhuthaza abakhonzi bakaThixo ukuba bahlale bethembekile kuye phezu kwayo nje impumelelo ebonakalayo yabangendawo.—Thelekisa INdumiso 144:11-15a
Thobela “Osenyangweni”
Funda INdumiso 78 kuse kweyama-83. Iindumiso zika-Asafu ziyaqhubeka. Kubaliswa ngembali kaSirayeli. (INdumiso 78) Ngoko intshabalalo yetempile iyakhaleIwa, ilandelwa ngumthandazo wokubuyiselwa kukaSirayeli. (INdumiso 79, 80) Ngemva kwengoma evakalisa usindiso lukaThixo nokululeka abantu bakhe ukuba bamthobele, kwenziwa izibongozo kuYehova ukuba aphumeze umgwebo kubagwebi ababi naphezu kweentshaba zikaSirayeli.—INdumiso 81-83.
◆—UThixo ugweba njani “phakathi koothixo”?
Kuyabonakala ukuba, “oothixo” yayingabagwebi bakwaSirayeli. Babebizwa ngokuba bangoothixo kuba babenamandla kwigunya lokugweba. UYehova, njengoMgwebi Ophakamileyo wayenelungelo lobuthixo lokungena phakathi kwabagwebi abanjalo ukuze abaluleke ngenxa yokusilela kwabo ukugweba ngokuvisisana nomthetho wakhe.—Isaya 33:22; INdumiso 82:2-4.
◆ —Ngaba ukuphindezela kwakuyintshukumisa yomdumisi?
Akunjalo konke konke. Wathandaza kuThixo ukuba aphumeze umgwebo wakhe kwabo ‘bamthiyayo’ uYehova. (Indinyana 2) Ngaloo ndlela ezinye iintlanga zazlya kufunda ukuba uThixo ogama linguYehova eneneni ‘ungOsenyangweni phezu kwehlabathi lonke.’ (Indinyana 18) Le mbonakaliso yamandla yayiya kuphumela ekuzukisweni kwegama likaThixo, uYehova, emhlabeni ngokubanzi.
Esikufundayo Koku: Into yokuba uYehova ubavuza ngokutyebileyo abo bamthobelayo iboniswa ngamazwi athi ‘ingqolowa etyebileyo.’ (INdumiso 81:16) Apha igama elithi “etyebileyo” lisetyenziswe ngokomfuziselo ukuchaza okona kulungileyo. (Thelekisa INdumiso 63:5.) Ukuba amaSirayeli ‘ayeliphulaphule ilizwi likaYehova,’ wayeza kuwasikelela ‘ngengqolowa etyebileyo’—ngezona zinto zilungileyo, nangezona zinto ziphambili. (INdumiso 81:11; Duteronomi 32:13, 14) Ngokufanayo, ukuba ‘siyaphulaphula kwilizwi likaYehova,’ uya kusisikelela ngokutyebileyo nathi.—IMizekeliso 10:22.
Ukusondela KuThixo
Funda INdumiso 84 kuse kweyama-89. Umdumisi uvakalisa ukulangazelela kwakhe indlu kaThixo. (INdumiso 84) Okulandelayo, abathinjwa ababuyisiweyo bacela ukuba umsindo kaThixo urhoxiswe. (INdumiso 85) UDavide uthandazela ukhokelo nenkuselo, enentembelo yokuba uYehova uya kumphendula. (INdumiso 86) Umhobe omalunga nabo ‘bazalelwe eZiyon’ ulandelwa sisibongozo salowo ulusizana. (INdumiso 87, 88) Kwandule ke kuze indumiso ebalaselisa inceba kaYehova njengoko kuboniswe kumnqophiso kaDavide.—Indumiso 89.
◆ —Kutheni ikhankanya iintaka nje?
Umdumisi, oyinzala engabaLevi kaKora, wakunqwenela ukuba ‘kwiminquba ethandekayo’ kaYehova. (Indinyana 1, 2) Kodwa kwakukho amashumi amawaka abaLevi. Kuphela kanye kwisiqingatha nyaka ngamnye, ekwakusithi inxalenye yabaLevi inikwe izabelo zokukhonza iveki emnqubeni. Ngokwahlukileyo koko, kwaneentakana zazinekhaya elisisigxina ngakumbi kwindawo engcwele ngokwakha kwazo izindiwana apho. Hayi indlela umdumisi awayeya kuvuya ngayo ngokuthi adumise uYehova ngokuthi ngokukwanjalo ahlale isigxina kwindlu kaYehova!
◆ —Yayiziziphi ezi zenzo ‘zenceba’?
Ibinzana elithi “inceba” libhekisela kumnqophiso woBukumkani ukunye nazo zonke izinto owawuphawuleka ngazo. Ngamaxesha obunzima, kwakufanelekile ngamaSirayeli ukuba ezise la madinga kwingqalelo kaYehova, kungengenxa yokuba ewuthandabuza umnqophiso, kodwa ngendlela yokubongoza kuThixo ngesizinzi sawo.
Esikufundayo Koku: INdumiso 85 igxininisa oko kumele kusenze silangazelele inkqubo entsha kaThixo yezinto. Iintsikelelo zezinto eziphathekayo azikhankanywa kangako. (Indinyana 12) Kubethelelwa iintsikelelo zokomoya: inceba, inyaniso, ubulungisa noxolo. (Indinyana 10-13) UYehova akabangeli umtsalane ngokusebenzisa iminqweno yokuphathekayo kodwa ubonisa ukuba iintsikelelo zokomoya zenkqubo entsha zimele zibe ngawona mandla ashukumisayo kuthi.
‘UYehova Uye WanguKumkani!’
Funda INdumiso 90 kuse kweye-100. UMoses uthelekisa ukuba ngunaphakade kukaThixo kunye nobufutshane bobomi bomntu, andule ke abalaselise uYehova njengomthombo wethu wonqabiseko. (INdumiso 90, 91) Iimpawu eziphakamileyo zikaYehova ziyazukiswa, yaye iindumiso ezilandelanayo zibalaselisa amandla kaThixo, inceba nobulungisa ndawonye nomxholo ongoBukumkani.—INdumiso 92-100.
◆ —Ngaba uMoses akazange aphile ngaphezu kwama-80 eminyaka?
UMoses, owaphila iminyaka eli-120, wayengafani nabantu ngokubanzi. Kwisizukulwana esingenalukholo esaphuma eYiputa, ababebaliwe “bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse” babeza kufa kwiminyaka yama-40, kanye ngokwendlela awachaza ngayo uMoses. (Numeri 14:29-34) Amagqabaza athi ngexesha lokufa kukaMoses ‘lalingenalurhatyazo iliso lakhe, esomelele nokomelela’ abonisa ukuba wayenamandla azimasayo kaThixo.—Duteronomi 34:7.
◆ —“Ngukumkani omkhulu ngaphezu koothixo bonke” njani uYehova?
NjengoMongami weNdalo Iphela, uYehova wongamile yaye unguKumkani phezu kwabo bonke oothixo bobuxoki kuba ukude lee kubo. Ngokwenene uYehova uThixo akanakulinganiswa kunye naziphi na izithunywa zezulu okanye nayo nantoni na eyenye abanokuthi abathile bayinqule, kuquka noothixo bobuxoki abangekhoyo.
Esikufundayo Koku: INdumiso 91 ibalaselisa esinye isizathu esinaso sokubonga uYehova—‘isithe IOsenyangweni.’ (Indinyana 1) Liyindawo yonqabiseko lokomoya, indawo yenkuselo kwiingozi zokomoya, eyenzelwe abo baphumeza ezo mfuneko zandlalwe kule ndumlso. ‘Isithekile’ kuba ayaziwa ngabantu behlabathi, abangenawo umbono wokomoya. Isibakala sokuba liyindawo efihlakeleyo ‘yOsenyangweni’ sibonisa ukuba sofumana unqabiseko ukuba nje siphakamisa icala likaYehova lembambano yolongamo lwendalo iphela.
“Bulelani KuYehova”
Funda INdumiso 101 kuse kweye-106. Apha uDavide uchaza indlela ayisingatha ngayo imicimbi. (INdumiso 101) Olusizana uthandaza kuYehova ukuba ‘akhe iZiyon.’ (INdumiso 102) Imfuneko ‘yokubonga uYehova’ kulandela yona kwiindumiso itsalela ingqalelo kwimfesane kaThixo, ubukhulu nemisebenzi yakhe yobugcisa. Kwakhona, apha kusisihlandlo sokuqala kwezingaphezu kwama-20 kwiNdumlso ukuba sifumane ibinzana elithi, “Bulelani kuYehova.” (INdumiso 103, 104) Okokugqibela, iincwadi zeendumiso ezimbini zembali zibonga uYehova ngezenzo zakhe ngenxa yabantu bakhe.—INdumiso 105, 106.
◆ —Ngubani ‘owaseka ihlabathi’?
Umdumisi wayethetha ngoThixo, kodwa yena umpostile uPawulos la mazwi wawasebenzisa kuYesu Kristu. (Hebhere 1:10, 11) Njengoko kubonakala, la mazwi akwasebenza kuYesu, kuba wasebenza njengoMmeli kaYehova ekudaleni indalo. (Kolose 1:15, 16) Ngoko noYesu, kwakunokuthiwa ngaye “waliseka ihlabathi.”
◆ —Igama elithi “ukubunjwa” libonisa ntoni?
Apha igama eliguqulelwe ngokuthi “ukubunjwa” linxibelelene nesenzi ‘ukubumba,’ elisetyenziswe kwiGenesis 2:7, nesibizo esithi “umbumbi,” esisetyenziswe ukubhekisela kulowo usebenza ngodongwe. (Isaya 29:16; Yeremiya 18:2-6) Ngoko umdumisi usikhumbuza ukuba uYehova, uMbumbi Omkhulu, usiphatha ngokuthantamisayo, esazi ukuba siethe-ethe njengezitya zodongwe.—Thelekisa eyesi-2 yabaseKorinte 4:7.
◆ —UYehova ‘uzenza njani izithunywa zakhe zibe yimimoya’?
Ekubeni izithunywa zezulu sele zizizidalwa zokomoya, le nkcazelo ayinakuba ibhekisela kwimizimba yazo yokomoya. Noko ke, igama elithi “umoya” kwakhona lisenokuthetha “umoya nje” okanye “amandla asebenzayo.” Ngaloo ndlela uThixo unokusebenzisa izithunywa zakhe zezulu njengemikhosi enamandla ukuphumeza ukuthanda kwakhe. Kwakhona zinokusetyenziswa njengabameli abagwebayo—‘njengomlilo olenyayo.’ Kuyomeleza kumaKristu ukwazi ukuba umsebenzi wawo wokushumayela uyaxhaswa zizidalwa ezinjalo ezinamandla nezizizithunywa zezulu.—Thelekisa ISityhilelo 14:6, 7.
Esikufundayo Koku: INdumiso 106 isinceda siqonde ukuba uKora, uDatan noAbhiram abanemvukelo bamonela isikhundla sikaMoses njengomphathi wohlanga lukaThixo. (INdumiso 106:16; Numeri 16:2-11) Ekugqibeleni, imvukelo yaqongqothwa xa ‘umlilo watshisa’ aba bavukeli. (INdumiso 106:18) Ngokuqinisekileyo iingozi zekratshi nomona ziye zabhencwa apha. Ukuthetha nxamnye nabakhonzi abamiselweyo bakaYehova namhlanje ngokukwanjalo kunokuzisa ingqumbo yakhe.—Hebhere 13:17; Yuda 4, 8, 11.
Eneneni, uYehova usinike okuninzi esinokuthi ngako sibe nombulelo. Xa sigqala zonke iintsikelelo aye wasithululela zona, ngaba asifanele senze njengoko umdumisi wabongozayo esithi, “Mbonge uYehova, mphefumlo wam”?—INdumiso 103:1.