Amasiko Okanye Imigaqo YeBhayibhile—Kukuphi Okulawula Ubomi Bakho?
INDODA yaseJapan eyayityelele kwelinye ilizwe laseAsia yasuke yathi ndwanye amehlo ingakukholelwa oko yayikubona ngenxa yokothuka. Lo yayimtyelele, esebenzisa ezakhe izinti zokutya, wathabatha inyama ekwisithebe sokophulela, wahlaba iqatha lenyama, waza ke walibeka kwisitya sondwendwe esinerayisi! Kowayo eJapan apho isuka khona, oku bekungajongwa njengokungabi nambeko. Akukho bani obengasebenzisa izinti zakhe ukukha ukutya okusesityeni esikhulu ngaphandle kokuba ezo zinti kuqala beziphethulwa khon’ ukuze ezi ndawo zingena emlonyeni zingafikeleli ekutyeni. Kanti le ndoda yayityelelwe ngokwenene yona yayifuna nje ukubonakalisa imbeko kulo utyeleleyo, kungekhona ukumkhubekisa. Into eyayingenakwenziwa eJapan yayiyimbonakaliso yembeko kweli lizwe!
Hayi indlela ahluka ngayo amasiko! Hayi indlela angekho ngqiqweni ngayo amasiko amaninzi! Yaye ngubani onokuthi ngawaphi angawona alungileyo? Noko ke, wambi amasiko asekelwe kwiinkolo okanye kwiimfundiso zobuxoki. Kwabo banezazela eziqeqeshwe yiBhayibhile, ngokucacileyo amasiko anjalo kufuneka aphetshwe. Yintoni enokunceda umntu onqwenela ukukholisa uThixo ukuba agqibe enoba ngawaphi na amasiko anokuwagcina yaye ukusa kuwuphi umlinganiselo? Ukulandela imigaqo yeBhayibhile kunokumnceda, kuba umKristu wamkela iBhayibhile njengomlinganiselo wakhe kungakhathaliseki ukuba uhlala phi na.
Ukusebenzisa Imigaqo YeBhayibhile
Into yokuba iLizwi likaThixo linamandla amakhulu okusebenza kwintliziyo yomntu othobekileyo yaye linokubenza ubomi bakhe buvisisane ngakumbi nangakumbi nendlela kaThixo iye yaboniswa ngokwaneleyo. Umpostile uPawulos wathi amaKristu aseTesalonika alamkela iLizwi likaThixo “njengokuba kunjalo okwenyaniso, lililizwi likaThixo elisebenzayo nokusebenza kuni bakholwayo.” (1 Tesalonika 2:13) Linamandla gqitha ke elo Lizwi kangangokuba, njengokuba eyoku-1 yabaseKorinte 6:9-11 ibonisa ngokuphandle, laye labangela ukuba abaninzi kwiKorinte yamandulo, eyayisaziwa ngokuba nguvula zibhuqe, bashiye ikhondo labo langaphambili lobusela, lokuhenyuza, lobunxila nobufanasini. Ngaba iLizwi likaThixo liyasebenza nakuwe? Ngaba imigaqo yalo ilawula ubomi bakho ukusa kowona mlinganiselo upheleleyo, likunceda ukuba uqonde oko umele ukwenze xa ujongene namasiko asekuhlaleni?
Maxa wambi kuyacaca ukuba isiko lingqubana ngokuthe ngqo nemigaqo yeBhayibhile. Kwiimeko ezinjalo umntu oyaziyo imilinganiselo kaYehova nonqwenela ukumkholisa uya kuwaphepha amasiko anjalo. Ngokomzekelo, isiko lisenokuba lelokwenza isiqhumiso emngcwabeni ukuze kuxoliswe kongasekhoyo okanye “kumphefumlo omkileyo” wakhe okanye ukumhambisa kakuhle nokwenza ukuba “umphefumlo” wakhe wonwabe. Okanye isenokuba kukutshiswa kwemifuziselo yezindlu, yoomabonwakude, yeenqwelo-mafutha, njalo njalo, itshiswa ngenjongo yokumenza onwabe kummandla wokomoya. Noko ke, umKristu okholelwayo kumazwi eBhayibhile athi abafileyo “abazi lutho” uyazi ukuba uqheliselo olunjalo lusekelwe kwiinkolelo zobuxoki yaye ngaloo ndlela uyaluphepha.—INtshumayeli 9:5, 10; INdumiso 146:4.
Noko ke, xa isiko lingachasananga ngokuthe ngqo nemigaqo yeBhayibhile kodwa lisuka nje lenze kube nzima ngakumbi ukumkhonza ngokupheleleyo uYehova uThixo, kuba nzima ngakumbi ukuzibekela umlinganiselo ngokoko uya kukwenza uze ubonise ukuba imigaqo yeBhayibhile ilawula ubomi bakho. Ukuxabisa gqitha imfundo nokuphumelela ngezinto eziphathekayo, ukuzithoba kubazali bakho ngalo lonke ixesha lokuphila kwakho, nokukhethelwa kukabani iqabane lomtshato ngabazali ngamasiko aphakathi kwamanye asasazeke gqitha anokuchaphazela ulwalamano lukabani noYehova. Imigaqo yeBhayibhile inokusetyenziswa njani kwiimeko ezinjengezi?
[Umfanekiso okwiphepha 3]
Izinto ezitshiswayo emngcwabeni