Ukuqiqa Okusezindabeni
Ingxoxo Phakathi KwamaKatolika Nabakholelwa Kwimfundiso KaMarx
EBudapest, eHungary, ngo-Oktobha 1986, abefundisi abali-15 becawa yaseRoma Katolika nezithandi zobulumko baqubisana neengcaphephe ezili-15 ezikholelwa kwimfundiso kaMarx. Le ntlanganiso yalungiselelwa LiQumrhu LeVatican Elingemicimbi Yabantu AbangakhoIwayo Naliziko Lezifundo Zenzululwazi laseHungary ukuze kuxutyushwe ngokuphuculwa kwemilinganiselo yokuziphatha.
Phakathi kwamaKatolika awayekho yayiyiKhadinali yaseFransi uPoupard, owayengusihlalo weQumrhu Elingemicimbi Yabangakholwayo, neKhadinali yaseOstriya uKoenig, oyingcali kumaqhina eCawa yamaKatolika neentlanga zobukomanisi. Abakholelwa kwimfundiso kaMarx babequka abaphathi beZiko Lentanda-bulumko laseHungary nabeZiko LaseRashiya Lenzululwazi Yokungakholelwa KuThixo.
ILe Monde eliphephandaba laseFransi lemihla ngemihla yanikela le ngxelo: “Ungcaphephe ezikholelwa kwimfundiso kaMarx ziyaqonda ukuba zijamelene namanqam angemilinganlselo yokuziphatha, ubunzulu bawo abawufumanisa ngenani labantu abazibulalayo, ngokusetyenziswa kweziyobisi nokuselwa kotywala. Ngokutsho kwabo bamela amaKatolika, ekukhangeleni kwabo [abakholelwa kwimfundiso kaMarx] isicombululo baxhomekeke kwintsebenziswano yeecawa zobuKristu. Kwicala lamaRoma [Katolika], injongo entlumbini yayikukuhlolislsa indlela umntu nokuziphatha abafaneleka ngayo kwibutho labantu abakholelwa kwimfundiso kaMarx ‘nokuhlolisisa isiseko sokuziphatha ukwenzela imvisiswano eluqilima phakathi kwamaKristu akumazwe aseMpuma [obukomanisi] nabantu abakholelwa kwimfundiso kaMarx.’”
Isicombululo sokwenyaniso kwiingxaki zokuziphatha zanamhianje asisayi kufunyanwa kwiingqungquthela zabantu abaneengcamango ezingqubanayo. Kunoko, siya kufunyanwa xa uBukumkani bukaThixo abuphathise uNyana wakhe, uYesu, bubhukuqa le nkqubo ikhoyo yezinto, buze endaweni yayo bumisele ihlabathi elitsha elilawulwa bobo Bukumkani basezulwini.—Daniyeli 2:44; ISityhilelo 21:4, 5.
Ngaba Yinkululeko Yokwenyaniso?
Imfundiso yezakwalizwi yenkululeko—inkqubo ekholelwa ukuba ugonyamelo luyindlela “yokukhulula abangamahlwempu nabacinezelekileyo,” ingakumbi kuMazwe Asakhasayo, iya ithandwa ngakumbi nangakumbi. Lo yayingumxholo wengxoxo kwiNdibano Yesibini Yabefundisi Abakumazwe Asakhasayo Neyezizwe Ngezizwe yoMbutho Womanyano Lweecawa eyaqhutyelwa eOaxtepec, eMexico, ngoDisemba 8-13, 1986. Kutheni le nto aba baphicothi bezonqulo bezimisele ngakumbi kusukelo lwabo lokuba kubekho inguqulelo kwezentlalo ngaphezu kunanini na ngaphambili?
Nangona ngowe-1985 IVatican yakhupha umthetho ogxeka imfundiso yezakwalizwi yenkululeko, i-Instruction on Christian Freedom and Liberation eyathunyelwa ngowe-1986 yabonisa ukuba kuyinto “esemthethweni ngokupheleleyo ukuba abo bacinezelwa ngabafumileyo okanye abanegunya lobupolitika baziphindezele.” Kungoku nje kuvunyelwe ukuba ‘kuliwe ngezlxhobo’ ‘njengento yokugqibela emakubhenelwe kuyo.’
Noko ke, ngoxa wayesemhlabeni, ngaba uYesu wabandakanyeka kwiinkqubo zentlalo zehlabathi? Hayi, ngokwahlukileyo koko, xa umpostile uPetros wabhenela ‘ekreleni’ ukuba akhusele uNyana kaThixo, uYesu wamkhalimela ngokuthi: “Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele.” (Mateyu 26:52) IBhayibhile ithembisa ukuba inkululeko yokwenyaniso iya kuza ngokungenelela kukaThixo xa ehlabathini ephelisa kungekuphela nje ubuhlwempu, ukuxabana kwezizwe ngezizwe, ucalucalulo lobuhlanga nengcinezelo kodwa kwaneenyembezi, iingqaqambo, iintlungu nokufa. (ISityhilelo 21:4) Ngokuqinisekileyo, le iya kuba yinkululeko yokwenyaniso!
Ukubhaptizwa Kwabantwana Akuvunyelwa
Umfundisi ongumProtestanti waseFrankfurt eJamani kutshanje uye waxelela amagosa ecawa ukuba ukususela ngoko ukusa phambili akasayi kukuvumela “ukubhaptizwa kwabantwana abasebandleni lakhe abangekabhadli.” Ecacisa isizathu sokuba ukubhaptizwa kwakhe eselusana kwakungalifanelekele igama elithi ukubhaptizwa, uKlaus Hoffmann oneminyaka engama-58 ubudala wathi: “Akuzange kuyizalisekise into efunwa kwangaphambili lubhaptizo lweBhayibhile, nto leyo elukholo, kungazange kwenziwe nangendlela efanelekileyo yokuluphawula, oko kukuthi ngokuntywiliselwa.” Ukuze ahambisane nembono yakhe, wakhetha ukuba abhaptizwe ngokutsha waza ngaloo ndlela “wenza ubhaptizo lokuntywiliselwa oluseBhayibhileni,” linikela loo ngxelo iphephandaba laseJamani iFrankfurter Allgemeine Zeitung.
Ekuqaleni, amagosa ecawa amyekisa yonke imisebenzi lo kaHoffmann, kodwa isigwebo sasisesokuba “angasebenzi iinyanga ezintathu ngenjongo yokuba ahlolisise.” Yaba yintoni imiphumo? Iphephandaba linikela ingxelo yokuba ukwenza kwakhe uhlolisiso ngokubhekele phaya ngalo mbandela kwathi nje kwamqinisekisa “ukuba eBhayibhileni lwalungaxhaswa ubhaptizo lweentsana. Kwakhona, imibhalo yamaKristu okuqala ayikhuphi nelimdaka ngokuqaliswa kwesi senzo de kwangenkulungwane yesithathu.”
Akumangalisi ukuba iinkokeli zonqulo zicaphule isithethe njengesiseko sesi senzo. Noko ke, phezu kwazo nje ezi zibakala, ukubhaptizwa kweentsana kusaqhubeka kusenziwa kwinkoliso yeecawa zeNgqobhoko. Ngaba ukuxhaswa kwako okunjalo ngabefundisi kukwenza kube kokulungileyo? UYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba babhaptize, kungekhona iintsana, kodwa amakholwa awayefundiswe ukuba agcine yonke imithetho yakhe. Yena ngokwakhe wayengelosana kodwa waye “eminyaka ngathi imashumi mathathu ezelwe” xa wathi wantywiliselwa kumanzi oMlambo iYordan.—Luka 3:21-23; Mateyu 28:19, 20.