“Yonke Indalo Iyancwina”—Kutheni?
INDODA nomfazi bokuqala bamnikel’ umva uThixo. Kodwa ekubeni babeyifumene “inkululeko” ababeyifuna, ngoku kwakufuneka balungelelanise imicimbi kangangoko benako. Kungekudala bafumanisa ukuba oko bathi kokona kulungileyo bakuphumezayo kwakungalungile konke konke. Ukungabi namava nolwazi oluncinane kwakhokelela kwiingxaki.
Kungenxa yoko le nto inkoliso yethu iye yaba ngamaxhoba ocalucalulo okanye okungekho sikweni. Kungenxa yoko le nto sonke siye saba ngamakhoboka okungafezeki kwabantu, kungenxa yoko le nto sigulayo, sisiva ubuhlungu bokuba nesiphene ngokwasemzimbeni nangokwasengqondweni, yaye siphalaza iinyembezi zosizi. Okanye, ngokwentetho yeBhayibhile, kungenxa yoko le nto “yonke indalo [incwina], inenimba kunye unangoku.”—Roma 8:22.
Ngaloo ndlela ukuzama kokuqala komntu ukufuna ukukhululeka kuye kwaguqukela ekubeni kube kokumkhobokisayo. Kangangeenkulungwane ezingama-60 ngoku, uye wazama ukuzikhulula kwimiphumo emibi yako. Kodwa ngaba uphumelele?
Ukukhululela Kwezobupolitika
Umntu uye walinga zonke iintlobo zoorhulumente. Abo bacinezelayo okanye abangekho sikweni, okanye abangakwazanga ukuhlangabezana neentswelo zabantu ezingxamisekileyo, baye bashenxiswa okanye bade babhukuqwa ngokunogonyamelo baze bathatyathelw’ indawo ngabanye—kodwa imiphumo iyathandabuzeka.
ULance Morrow ongumhleli kalindixesha, ethetha ngovukelo-mbuso kwezobupolitika, uthi: “Imbali iye yatyhubela imidlalo emininzi yentelekelelo yokuguqulwa koorhulumente okuphumele koorhulumente bobuzwilakhe nabanendyikitya, njengabo babashenxisayo-uloyiso lwabantu abanenzondelelo nabanethemba abaye bakubona.”
Ukumisela urhulumente ongafezekanga endaweni yomnye ongafezekanga kungangenkankulu ukuba kube yindlela efanelekileyo yokuzisa inkululeko yokwenene. Ngenxa yoko, uKumkani uSolomon osisilumko waphefumlelwa ngokobuthixo ukuba abhale oku: “Umntu agunyazele umntu, kube kubi kuye.” (INtshumayeli 8:9) Ngokucacileyo, “yonke indalo [iya kuqhubeka incwina], inenimba kunye” de urhulumente ofezekileyo enze ukuba ukukhululeka kulawulo olungafezekanga kube yinto yokwenene.
Ukukhululeka Kacalucalulo Lobuhlanga Nolobuzwe
Ikhethe lobuzwe okanye elobuhlanga liyiphikisa ngokungqalileyo inyaniso yeBhayibhile yokuba uThixo “wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga” neyokuba “uThixo akamkhethi wabuso bamntu; kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.” (IZenzo 17:26; 10:34, 35) Kodwa abo bafuna ukuphathwa ngokulinganayo ngokufuthi abakufumananga, kwanakwiintlanga ezizibanga zingamaKristu.
Ngokomzekelo, qwalasela isizwe esintsundu. Bambi ekuthiwa ngamaKristu bathi ibala lesikhumba elimnyama libangelwa sisiqalekiso sikaThixo esathotywa phezu kukaKanan nakwinzala yakhe, kusibeka kwisikhundla sokuba sibe ngamakhoboka. Ngokuthetha oku bayaphazama. Isizwe esintsundu asiyonzala kaKanan koko siyinzala kaKushi yaye kunokwenzeka nokuba siyinzala kaPuti. Yaye aba abazange baqalekiswe.—Genesis 9:24, 25; 10:6.
Phezu kwaso nje esi sibakala, ngokufuthi abantsundu bazifumanise becinezelwa ngokwentlalo nangokwezoqoqosho kwangabantu abantsundu abangoowabo. Baye balangazelela ukukhululeka. Kodwa imibutho yabo yenkululeko, phezu kwako nje ukulwisana nocalucalulo nokugwayimba ngokunogonyamelo, iye yabazisela impumelelo engephi. Ingakwazi ukuziguqula ngokupheleleyo iintliziyo, iye yasilela ukushenxisa ikhethe lobuzwe, iyantlukwantlukwano engokonqulo nokungabi naluthando ngommeIwane.
Ngoko “yonke indalo [iya kuqhubeka incwina], inenimba kunye” de ucalucalulo lushenxiswe buBukumkani bukaThixo ngoKristu. AmaKristu okwenene sele elushenxisile.
UKukhululeka Kwabafazi
Kuzo zonke iinkulungwane ukuza kutsho ngoku, abafazi baye baphathwa kakubi yaye futhi begqalwa njengabantu abakudidi oluphantsi. Eli asilotyala loMdali wabo. Akazange umfazi amdalele ukuba indoda imjonge ngokulula njengento yokwanelisa isini. Indoda ayizange iyalelwe ukuba imphathe ngqwabalala. Njengomfazi wendoda, wayeza kuba ‘ngumncedi,’ asebenze ‘njengomncedani onguwabo,’ ukuba abe “nyama-nye” nayo.—Genesis 1:26-28; 2:18-24.
Ukunqwenela kukaEva ukukhululeka kwigunya likaThixo elinothando kwaphumela kulawulo olungqwabalala kungekhona kwinkululeko. Ekubona kwangaphambili oku, uThixo waxela kwangaphambili esithi: “Inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona.” (Genesis 3:16) Kubafazi abaninzi, ukulawulwa yindoda engafezekanga kuye kwaba kokona kungayolisiyo, yaye imibutho emininzi yabafazi iye yazama ukukushenxisa.
Kodwa Umbutho Wenkululeko Yabafazi, ngoxa ukwazile ukuzisa iinguqulelo ezithile ezilungileyo, uye wasilela kuba uchasene nenkululeko elungeleleneyo ethenjiswe nguThixo. “Yonke indalo [iya kuhlala incwina], inenimba kunye” de uBukumkani bukaThixo bufundise onke amadoda ukuba ‘athande abawo abafazi njengemizimba yawo’ yaye abaphathe ‘abafazi abakhulu njengoonina; abancinane, njengoodade, benobunyulu bonke.’—Efese 5:28; 1 Timoti 5:2.
Ngaphambi kokucacisa indlela oluya kufika ngayo olo suku, simele sixubushe ngomnye umbuzo obalulekileyo. AmaKristu afanele ayijonge njani imibutho yenkululeko yanamhlanje?
[Amagama acatshuliweyo akwiphepha 4]
Ukumisela urhulumente ongafezekanga endaweni yomnye ongafezekanga akusosicombululo sokuzisa inkululeko yokwenene
[Amagama acatshuliweyo akwiphepha 5]
Ukungathobeli kwabantu, imibutho elwisana nocalucalulo negwayimba ngokunogonyamelo ayiziguquli iintliziyo
[Amagama acatshuliweyo akwiphepha 6]
Umbutho Wenkululeko Yabafazi usilele kuba uchasene nenkululeko elungeleleneyo ethenjiswe nguThixo