IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 7/1 iphe. 8
  • Yisebenzise Kakuhle Inkululeko YobuKristu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yisebenzise Kakuhle Inkululeko YobuKristu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Shumayela Ngethemba Lenkululeko
  • “Yonke Indalo Iyancwina”—Kutheni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Inkululeko—Hayi Indlela Enqweneleka Ngayo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Indlela AmaKristu Amakavakalelwe Ngayo NGOKUKHULULEKA
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • UYehova Usinceda Sikhululeke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 7/1 iphe. 8

Yisebenzise Kakuhle Inkululeko YobuKristu

AMAKRISTU aye ‘abizelwa enkululekweni,’ kodwa ayalunyukiswa ukuba angathi ‘ukuyiphatha inkululeko leyo, avulele inyama ithuba.’ (Galati 5:13; 1 Petros 2:16) Hayi indlela ebekuya kuba lusizi ngayo ukuba umKristu ebenokuyisebenzisa kakubi inkululeko yobuKristu aze ngaloo ndlela abe likhoboka kwakhona! Makhe senze umzekelo.

Abantu abaninzi abahamba icawa baye bafundiswa ukuba ukusela iziselo ezinxilisayo kusisono. Ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile luya kumkhulula kule ngcamango iphosakeleyo, ekubeni iBhayibhile ingakugwebi ukusela kodwa igweba ubunxila. (Thelekisa INdumiso 104:14, 15 neyoku-1 kwabaseKorinte 6:10 neyoku-1 kaPetros 4:3.) Ngoku loo mKristu ukhululweyo usenokuziva ekhululekile ukuba ngamathuba athile asele. Kodwa ukuba uqalisa ‘ukusebenzisa inkululeko ngokuvulela inyama ithuba,’ bekusenokwenzeka ukuba agqithisele, evelisa umkhuba wokuxhomekeka etywaleni, ade akhotyokiswe bubo.

Ngaloo ndlela, emva kokukhululeka kwiimbono zobuxoki ngokuzihlaziya, ukunxiba nokuzilungisa, okanye ukuziphatha ngokwasentlalweni, umKristu akamele agabadele: echithela ixesha okanye imali eninzi kwizinto ezazalelwe ngaphambili kodwa ezivunyelweyo ngoku. Oku bekuya kuba kukuyisebenzisa kakubi inkululeko yobuKristu. Bekunokuba nemiphumo emibi gqitha.

Shumayela Ngethemba Lenkululeko

Idinga likaThixo lokuba “nendalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo” belisondela kwinzaliseko yalo ngokukhawulezileyo ngokukodwa ukususela ekumiselweni koBukumkani bukaThixo obungoMesiya ngowe-1914. (Roma 8:21) UKristu sele ewakhulule amazulu kwimpembelelo kaSathana. (ISityhilelo 12:7-12) Kungekudala uya kutshabalalisa iBhabhiloni Enkulu, eye yakhobokisa uluntu ngempazamo yonqulo. Ngoko emfazweni kaThixo eArmagedon, uya kulukhulula uluntu koorhulumente babantu abangafezekanga ngokubacola bangabikho. (Daniyeli 2:44; ISityhilelo 18:21; 19:11-21) Uya kude akhulule abantu koyena mxhasi uyintloko wobukhoboka xa uSathana enziwe akasebenza, angabi nako ‘ukulahlekisa iintlanga de ibe iminyaka eliwaka izalisekile.’—ISityhilelo 20:2, 3.

Ekupheleni koLawulo lwakhe Lweminyaka Eliwaka, uKristu uya kube elukhulule ngokupheleleyo uluntu kuyo yonke imiphumo emibi eye yaba ngumphumo wombutho wenkululeko wasekuqaleni emva phayaa e-Eden. Amaqela esizwe aye aphathwa kakubi aya kube ekhuluIwe kwimpatho engekho sikweni neyocalucalulo. Abafazi baya kube bekhululwe kulawulo lwendoda olucinezelayo. Abantu abagulayo baya kube bekhululwe kwizifo. Abantu abalupheleyo baya kube bekhululwe kubuthathaka obubangelwa kukwaluphala. Yaye abantu abeva ubuhlungu ngenxa yokushiywa ngabo babathandayo baya kube bekhululwe elusizini, kuba abafileyo babo abathandekayo baya kube bekhutshiwe emangcwabeni, nto leyo engummangaliso wemimangaliso!—ISityhilelo 20:13-21:5; bona kwaneNdumiso 146:5-10.

Ngokushumayela esi sigidimi sobuthixo sokukhululeka, amaNgqina kaYehova namhlanje asebenzisa inkululeko yawo yobuKristu ngendlela eluncedo. Hayi indlela ebekuya kuba kukuswela imbono ephangaleleyo ngayo ukuba baxhase imibutho yokukhululeka yabantu, enokuthi, sele yenze kangangoko inako, izise nje inkululeko engephi leyo ithi, enyanisweni, ilenze lifiphale ithemba lenkululeko yokwenene.

Cinga ngako oku: Unelungelo lokuphila uze ubone inkululeko ezuke gqitha kunenkululeko uPatrick Henry awathetha ngayo. Ngaphezu koko, unethuba lokunandipha iintsikelelo zayo emva kweArmagedon, kuse kwixesha elingenasiphelo!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share