Ukuxunela Kwizinto Zabantu Abakhulileyo
“Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye.”—FILIPI 2:4.
1, 2. (a) Iqumrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala lawubonakalisa njani umdla kwiintswelo zabantu abakhulileyo? (b) Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba umsebenzi wokushumayela wawungatyeshelwa?
EMVA nje kwePentekoste yowama-33 C.E. “kwabakho ukukrokra [kwibandla lamaKristu] kwawesiGrike amaYuda ngakwawesiHebhere, ngokuba abahlolokazi bawo babesilela ekulungiselelweni [ukudla kwabo basweleyo] kwemihla ngemihla.” Ngokungathandabuzekiyo iqela laba bahlolokazi lalisele likhulile yaye lingenako ukuzinyamekela. Phofu ke, abapostile bangenelela ngokwabo, besithi: “Khangelani ngoko, bazalwana, amadoda kuni abe sixhenxe, angqinelwe ukulunga, ezele nguMoya oyiNgcwele nabubulumko, esiya kuwamisela lo msebenzi.”—IZenzo 6:1-3.
2 Ngaloo ndlela amaKristu okuqala akujonga ukunyamekela abasweleyo, ‘njengomsebenzi oyimfuneko, (NW).’ Kwiminyaka kamva umfundi uYakobi wabhala wathi: “Unqulo lona oluhlambulukileyo, olungadyobhekileyo phambi koThixo uBawo, lulo olu: kukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo.” (Yakobi 1:27) Ngoko, ngaba oku kwakuthetha ukuba umsebenzi obaluleke gqitha wokushumayela wawutyeshelwa? Hayi, kuba ingxelo ekwiZenzo ithi emva kokuba umsebenzi wokunceda abangabahlolokazi wathi walungelelaniswa kakuhle, “laye liya likhula ilizwi likaThixo, liya lisanda kakhulu inani labafundi eYerusalem.”—IZenzo 6:7.
3. Luluphi ukhuthazo olunikelwa kwabaseFilipi 2:4, yaye kutheni oku kufaneleke ngokukhethekileyo nje namhlanje?
3 Namhlanje sijamelene ‘namaxesha anomngcipheko.’ (2 Timoti 3:1) Ukunyamekela iintswelo zobomi bentsapho nomsebenzi wempangelo kunokusishiya siphelelwe ngamandla—okanye ngumnqweno—wokuzixhalabisa ngeentswelo zabakhulileyo. Ngoko, kungokufanelekileyo ukuba eyabaseFilipi 2:4 isibongoze ukuba ‘singaxuneli kwizinto zethu zodwa, kodwa sixunele nakwezabanye.’ Oku kunokwenziwa njani ngendlela elungeleleneyo nesebenzisekayo?
Ukubanika Imbeko Abangabahlolokazi
4. (a) Kwakutheni lize ibandla lenkulungwane yokuqala ‘libabeke’ abahlolokazi yaye njani? (b) Ngaba amalungiselelo anjalo ayesoloko eyimfuneko?
4 Kweyoku-1 kuTimoti isahluko 5, uPawulos ubonisa indlela amaKristu okuqala awabanyamekela ngayo abahlolokazi abakhulileyo ebandleni. Wabongoza uTimoti esithi: “Babeke abahlolokazi abangabahlolokazi ngenene.” (1 Timothy 5 Indinyana 3) Abahlolokazi abakhulileyo babekhethwa njengabakufanelekele ngokukhethekileyo ukufumana imbeko ngokusoloko bexhaswa ngokuthi banikwe imali. Abo banjalo babekhutshwa kuzo zonke iindlela ezibonakalayo zokuxhaswa yaye babenokuthi kuphela ‘babeke ithemba labo kuThixo baze baqhubeke bekhunga yaye bethandaza ubusuku nemini.’ (1 Timothy 5 Indinyana 5) Yayiphendulwa njani imithandazo yabo yokuba bafumane into edliwayo? Yayiphendulwa ngebandla. Ngendlela ecwangcisiweyo, abahlolokazi abafanelekileyo babexhaswa ngendlela ebalingeneyo. Kakade ke, ukuba umhlolokazi wayenendlela yokufumana imali, okanye wayenezalamane ezikwaziyo ukumxhasa, amalungiselelo anjalo ayengeyomfuneko.—1 Timothy 5 Indinyana 4, 16.
5. (a) Abahlolokazi abathile basenokuba ‘babezixhamla njani iziyolo’? (b) Ngaba ibandla lalinyanzelekile ukuba lixhase abantu abanjalo?
5 “Kodwa yena [umhlolokazi] oxhamla iziyolo ufile [ngokomoya], nakuba ngathi udla ubomi,” walumkisa ngelitshoyo uPawulos. (1 Timothy 5 Indinyana 6) UPawulos akayicacisi indlela abathile “ababeziphatha ngokuzanelisa” ngayo, njengoko iKingdom Interlinear ikuchaza ngokoqobo oko. Bambi basenokuba babesilwa idabi ‘neemvakalelo zabo zesini.’ (1 Timothy 5 Indinyana 11) Noko ke, ngokweLiddell & Scott’s Greek-English Lexicon, “ukuziphatha ngokuzanelisa” kwakusekwanokubandakanya ‘ukuphila tofotofo okanye ubuqheleqhele okanye ukuzifica ngokugqith’ emgceni.’ Ngoko, mhlawumbi bambi babefuna ukutyetyiswa libandla, babefuna ukuba ibandla likhuphe imali abathi bona bayisafaze nokuze baphile ubomi bokuzifica ngokugqith’ emgceni nokungabi ngcathu. Enoba yayinjani na imeko, uPawulos ubonisa ukuba abanjalo babengakufanelekele ukuxhaswa libandla.
6, 7. Nokubhalwe emazantsi ephepha. (a) Kwakuthetha ukuthini ‘ukubalelwa enanini’? (b) Kwakutheni abo babengaphantsi kweminyaka engama-60 ubudala babengakufanelekelanga ukuxhaswa? (c) UPawulos wabanceda njani abahlolokazi abasebatsha ukuze bangafumani ‘isigwebo’ esingathandekiyo?
6 UPawulos wandula wathi: “MakangabaleIwa enanini labahlolokazi [abafumana inkxaso yemali] umhlolokazi ongaphantsi kweminyaka emashumi mathandathu.” Ngomhla kaPawulos umfazi owayengaphezu kwama-60 eminyaka ubudala ngokucacileyo wayejongwa njengongenako ukuzixhasa yaye kungenakufane kwenzeke ukuba atshate kwakhona.a UPawulos wathi: “Abahlolokazi abasebatsha uze ungababhalisi bona. Kaloku uthi wakubavukela umnqweno . . . , bamfulathele uKristu, baze ke babe netyala ngokwaphula isithembiso.”—1 Timothy 5 Indinyana 9, 11, 12, TE.
7 Ukuba abahlolokazi abaselula babengathi ‘babalelwe enanini,’ babenokuthi ngokungxama bavakalise ukuba babezimisele ukuhlala bengatshatanga. Noko ke, njengokuba ixesha lalihamba, bambi babenokuthi babe nobunzima bokulawula ‘iimvakalelo zabo zesini’ bafune ukutshata kwakhona, baze ‘bafumane isigwebo sokuba belutshitshisile ukholo lokuqala’ lokuhlala bengatshatanga. (Thelekisa INtshumayeli 5:2-6.) UPawulos waziphepha iingxaki ezinjalo, ehlabela mgama esithi, “Ndinga abahlolokazi abatsha bangenda, bazale.”—1 Timothy 5 Indinyana 14.
8. (a) Amazwi olwalathiso kaPawulos alikhusela njani ibandla? (b) Ngaba abahlolokazi abaselula ababeswele okanye amadoda awayesele ekhulile babekwanyanyekelwa?
8 Umpostile wakwaphelelisela ukubalelwa enanini kwabo banengxelo yexesha elide yemisebenzi emihle yobuKristu. (1 Timothy 5 Indinyana 10) Ngaloo ndlela ibandla ‘lalingeloziko lempilontle’ labonqenayo okanye lababawayo. (2 Tesalonika 3:10, 11) Kodwa kuthekani ngamadoda asele ekhulile okanye abahlolokazi abaselula? Ukuba abanjalo babesithi bagaxeleke kwintswelo, ngokungathandabuzekiyo ibandla laliya kubanyamekela, ngokwabantu ngabanye.—Thelekisa eyoku-1 kaYohane 3:17, 18.
9. (a) Kutheni le nto amalungiselelo okunyamekela abantu abakhulileyo namhlanje ebeya kwahluka kulawo enziwa ngenkulungwane yokuqala? (b) Ingxubusho kaPawulos mayela nabahlolokazi ekweyoku-1 kuTimoti isahluko 5 isinceda ukuba siqonde ntoni namhlanje?
9 Amalungiselelo anjalo ngokucacileyo ayezifanelekele kakuhle iintswelo zamabandla enkulungwane yokuqala. Kodwa kunjengokuba iThe Expositor’s Bible Commentary isithi: “Namhlanje, ngobukho bemali ye-inshurensi, ukunqabiseka ngokwasentlalweni, namathuba omsebenzi, imeko yahluke gqitha.” Ngenxa yenguqulelo kwimeko yezentlalo nezoqoqosho, kunqabile ukuba kufuneke into yokuba amabandla namhlanje abe noludwe lwabantu abakhulileyo abafuna ukuxhaswa. Sekunjalo, amazwi kaPawulos kuTimoti asinceda ukuba siqonde ukuba: (1) Iingxaki zabantu abakhulileyo zifanele zixhalatyelwe libandla liphela—ingakumbi ngabadala. (2) Inyameko enikelwa kubantu abakhulileyo ifanele ilungelelaniswe kakuhle. (3) Inyameko enjalo ipheleliseIwa kwabo baswele ngokwenene.
Nina Njengabadala Nixunele Kwizinto Zabo
10. Namhlanje abadala banokukhokela njani ekuboniseni umdla kwabakhulileyo?
10 Abaveleli namhlanje bakhokela njani ekuboniseni umdla kubantu abakhulileyo? Kumaxesha ngamaxesha banokubalaselisa iintswelo zabakhulileyo kucwangciso lweentlanganiso zabo. Ukuba kukho uncedo olukhethekileyo olufunekayo, banokulungiselela ukuba lunikelwe. Basenokungalunikeli ngokwabo uncedo, ekubeni kudla ngokubakho abaninzi abakulungeleyo ukwenjenjalo—kuquka nolutsha—olusebandleni olunokunceda. Noko ke, banokuthi bakongamele kakuhle ukunikelwa kwenyameko enjalo, mhlawumbi ngokuthi babele umzalwana ukuba alawule uncedo lokunyamekela umntu lowo.
11. Abadala banokuziqhelanisa njani neentswelo zabantu abakhulileyo?
11 USolomon waluleka esithi: “Khuthalela ukubazi ubume bempahla yakho emfutshane.” (IMizekeliso 27:23) Ngaloo ndlela abaveleli banokuthi ngokobuqu batyelele abantu abakhulileyo ukuze babone eyona ndlela ilungileyo abanokuthi ngayo ‘babe nobudlelane mayela neentswelo zabo.’ (Roma 12:13) Umveleli ohambahambayo oku ukuchaza ngale ndlela: “Bambi abantu abakhulileyo abakufuni konke konke ukuba luxanduva emntwini, ibe akuncedi nto ukubabuza nje ngoko kumele kwenziwe. Okona kulungileyo kukukuqonda oko kufanele kwenziwe nokuqhubeka nomsebenzi!” EJapan abaveleli abathile bafumanisa ukuba udade onama-80 eminyaka ubudala wayefuna ukunyanyekelwa gqitha. Banikela le ngxelo: “Ngoku siyaqinisekisa ukuba uthile umbonile kabini ngosuku, ekuseni nangokuhlwa, ngokumtyelela okanye ngokumtsalela umnxeba.”—Thelekisa uMateyu 25:36.
12. (a) Abadala banokuqiniseka njani ukuba abantu abakhulileyo bafumana iingenelo zeentlanganiso zebandla? (b) Zinokusetyenziswa kakuhle njani iiteyipu eziveliswa nguMbutho?
12 Abaveleli bakwakuxhalabele ukuba abantu abakhulileyo bayazifumana iingenelo zeentlanganiso zebandla. (Hebhere 10:24, 25) Ngaba kukho abathile abafuna ukuthuthwa ngenqwelo-mafutha? Ngaba bambi abakwazi nje ‘ukuva baze baqonde’ kwiintlanganiso ngenxa yokuba zizithulu? (Mateyu 15:10) Mhlawumbi bekuya kuba luncedo ukubafakelela iiearphones. Ngokufanayo, iqela lamabandla ngoku lenza ukuba iintlanganiso zidluliselwe ngomnxeba ukuze abaneziphene baphulaphule besekhaya. Amanye arekhoda iintlanganiso kwiikhasethi ukuze ancede abo bagula gqitha bangenakubakho kuzo—maxa wambi bebathengela iteyiphu rekhoda. Yaye ethetha ngeeteyiphu, umdala waseJamani wathi: “Ndiye ndatyelela abantu abakhulileyo abaliqela ababesithi nje bahlale bebukele iinkqubo zikamabonwakude ezazingenakuchazwa zizezakhayo ngokomoya.” Kungani ningathi endaweni yoko nibakhuthaze ukuba baphulaphule iiteyiphu ezenziwe nguMbutho zinjengezo zineeKingdom melodies nofundo lweBhayibhile?
13. Abantu abakhulileyo banokuncedwa njani ukuba bahlale bekhuthele njengabavakalisi boBukumkani?
13 Amalungu athile angamagqala ebandla aye axhiphulisa okanye aphola ekushumayeleni. Noko ke, asingetsho ukuba ubudala buyamthintela umntu ekuvakaliseni ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani.’ (Mateyu 24:14) Abanye basenokuvuma xa ubamemela ukuba babe kunye nawe kwinkonzo yasentsimini. Mhlawumbi ungavuselela uthando lwabo lokushumayela ngokuthi wabelane nabo ngamava enkonzo yasentsimini. Ukuba ukuqabela izinyuko kuyingxaki, lungiselela ukuba bona basebenze kwizindlu ezinezinyusi (lifts) zombane okanye kwindawo ekuhlalwa kuyo engenazo izinyuko. Bambi abavakalisi banokumema abantu abakhulileyo ukuba babapheleke xa besiya kwizifundo zabo zeBhayibhile—okanye baqhube isifundo kwikhaya lomntu okhulileyo.
14. (a) Abadala banokwenza ntoni ukuba umzalwana okanye udade oseI’ ekhulile uba ngoswele gqitha ngokwemali? (b) Amabandla athile aye anceda njani?
14 ‘Imali ingumthunzi.’ (INtshumayeli 7:12) Kanti oodade nabazalwana abaninzi baswele gqitha ngokwemali yaye abanazalamane zikulungeleyo ukubanceda. Noko ke, abantu ngabanye abasebandleni ngokuqhelekileyo bayakuvuyela ukunceda xa baye baziswa ngentswelo. (Yakobi 2:15-17) Abadala bakwanokuhlola ukuba kokuphi na okunokufumaneka kurhulumente okanye kumalungiselelo entlalo, kwiinkqubo zeinshorensi, kumhlala-phantsi, njalo njalo. Noko ke, kumazwe athile amalungiselelo anjalo kunzima ukuba afumaneke, ibe kusenokungabikho ndlela yimbi ngaphandle kokulandela umzekelo okweyoku1 kuTimoti isahluko 5 kuze kulungiselelwe ukuba ibandla xa lilonke lincede. (Bona Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu, iphepha 122-3.)
Abavakalisi baseNigeria rhoqo banceda uvulindlela othe ngxi oneminyaka engama-82 ubudala nomfazi wakhe ngokubapha izipho. Emva kokuba urhulumente wacwangcisela ukuba indlu ababehlala kuyo ichithwe, ibandla labamema ukuba bafudukele kwigumbi elalixokonyozelwe kwiHolo yoBukumkani de kulungiselelwe ezinye iindawo zokuhlala.
EBrazil ibandla laqesha umongikazi ukuba anyamekele isibini esikhulileyo. Kwangaxeshanye, udade wabelwa ukuba acoce indlu, asilungiselele ukutya, aze anyamekele ezinye iintswelo zokwenyama. Nyanga nganye ibandla libekela bucala imali yokuba siyisebenzise.
15. (a) Ngaba kukho imiqathango kuncedo olunokunikelwa libandla. (b) Isiluleko esikuLuka 11:34 sinokuba sesifanelekileyo njani kwabathile ababanga uncedo ngokugqithiseleyo?
15 Njengakwinkulungwane yokuqala, amalungiselelo anjalo angawabo bawafanelekeleyo nabawaswele ngokwenyaniso. Abaveleli abanyanzelekanga ukuba bahlangabezane neemfuno eziza kusafazwa okanye balungiselele abantu abafuna ukunyanyekelwa ngokungekho ngqiqweni. Nabo abantu abakhulileyo bamele bagcine ‘iliso labo lingenakumbi.’—Luka 11:34.
Njengabantu Ngabanye Sixunele Kwizinto Zabo
16, 17. (a) Kutheni le nto kubalulekile nje ngabanye ngaphandle kwabadala ukuba babe nomdla kubantu abakhulileyo? (b) Abavakalisi abaxakekileyo ‘banokulonga njani ixesha’ ukwenzela abantu abakhulileyo?
16 Ngaxa lithile lidlulileyo udade osel’ ekhulile wamkelwa esibhedlele. Ekuxilongweni kwakhe kwafunyaniswa ukuba akondlekanga. Omnye umdala wabhala wathi: “Ukuba abangakumbi ebandleni babe nomdla wobuqu kuye, mhlawumbi oku ngekwakungazange kwenzeka.” Ewe, abadala asingabo bodwa abamele babe nomdla kwabakhulileyo. UPawulos wathi: “Singamalungu, omnye elelomnye.”—Efese 4:25.
17 Ngokungathandabuzekiyo abathile benu sele benomthwalo weembopheleleko zobuqu. Kodwa ‘xunela nakwizinto zabanye, ungaxuneli kwizinto zakho zodwa.’ (Filipi 2:4) Ngohlengahlengiso lobuqu olufanelekileyo, ngokufuthi ‘unokonga ixesha.’ (Efese 5:16) Ngokomzekelo, ngaba unokumtyelela umntu okhulileyo emva kwenkonzo yasentsimini? Iintsuku zaphakathi evekini ngamathuba esithukuthezi esigqithileyo kwabanye. Kwanabakwishumi elivisayo banokubandakanyeka ekutyeleleni abantu abakhulileyo nasekubenzeleni imisetyenzana ethile. Omnye udade owancedwa ngoselula wathandaza wathi: “Enkosi Yehova ngoMzalwana oselula onguJohn. Hayi indlela alunge ngayo.”
18. (a) Kutheni le nto ukuncokola nomntu okhulileyo maxa wambi kusenokuba yinto enzima? (b) Ubani unokumtyelela okanye unokuncokola njani nomntu okhulileyo ngendlela eyakhayo kubo bobabini?
18 Ezintlanganisweni, ngaba abantu abakhulileyo ubabulisa nje ukuze uzalise idinga? Kuyavunywa ukuba, kunokungabi lula ukuncokola nomntu ova kanzima okanye ekunzima ukuba ancokole. Yaye ekubeni impilo ebuthathaka ichaphazela abantu abaninzi, ababaninzi abantu abakhulileyo abangabadlamkileyo. Sekunjalo, “ulungile umoya ozeka kade umsindo.” (INtshumayeli 7:8) Ngomgudu omncinane, kunokulandela ‘ukuvuselelana.’ (Roma 1:12) Zama ukubalisa ngamava enkonzo yasentsimini. Yabelana nabo ngengongoma oyifunde kwiMboniselo okanye kuVakani! Okanye okude kwaba kokulunge ngakumbi, phulaphula. (Thelekisa uYobhi 32:7.) Abantu abakhulileyo banokuninzi abanokwabelana nawe ngako ukuba uyabavumela. Omnye umdala wavuma esithi: “Ukutyelela kwam laa mzalwana ukhulileyo kwaba yingenelo gqitha kum.”
19. (a) Ukuxhalabela kwethu abantu abakhulileyo kudlulela nakoobani? (b) Ziziphi ezinye zeendlela esinokungqineka siluncedo ngazo kwiintsapho ezinyamekela abazali abakhulileyo?
19 Ngaba ukuxhalabela kwakho abantu abakhulileyo akufanele ukuba kudlulele kwanakwiintsapho ezibanyamekelayo? Esinye isibini esasinyamekela abazali abalupheleyo sabika oku: “Bambi ebandleni baye basigxeka gqitha endaweni yokuba basikhuthaze. Omnye udade wathi: ‘Ukuba nisoloko niphoswa ziintlanganiso, niya kugula ngokomoya!’ Kodwa wayengakulungele ukwenza nayiphi na into ukusinceda ukuba sikhuthalele iintlanganiso.” Okungakhuthaziyo ngendlela efanayo zizithembiso ezingamampunge ezinjengokuthi, Ukuba uyalufuna uncedo, ndazise oko kudla ngokuba yinto efanayo nokuthi, “Yothani, hluthani.” (Yakobi 2:16) Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukuba inkxalabo yakho iphethukele ekubeni sisenzo! Esinye isibini sinikela le ngxelo: “Abahlobo bethu bebelunge gqitha yaye besixhasa! Bambi bebenyamekela uMama kangangeentsuku eziliqela ngexesha ukuze sifumane isihlandlo sokuphumla. Bambi bebehamba naye ukuya kwizifundo zeBhayibhile. Ibe kusikhuthaza ngokwenene xa abanye bebuza ngempilo yakhe.”
20, 21. Abantu abakhulileyo banokwenza ntoni ukunceda abo babanyamekelayo?
20 Ubukhulu becala abantu bethu abakhulileyo banyanyekelwa kakuhle. Noko ke, yintoni enokwenziwa ngamaNgqina angabantu abakhulileyo ukuze abenza umsebenzi onjalo bawenze bevuyile, bengancwini? (Thelekisa amaHebhere 13:17.) Sebenzisanani nabadala kumalungiselelo abawenzayo okuninyamekela. Yibani nombulelo noxabiso ngazo naziphi na izenzo zobubele ezenziwayo, nize nikuphephe ukuba ngabawabanga ngokugqithiseleyo amalungiselelo anjalo okanye nibe ngabagxeka ngokugqithiseleyo. Yaye ngoxa iingqaqambo neentlungu zokwaluphala ziyinto yokwenene, zamani ukubonisa isimo sengqondo sokonwaba nesokunganikezeli.—IMizekeliso 15:13.
21 ‘Abazalwana baluncedo gqitha. Andazi ukuba bendingathini na ngaphandle kwabo,’ abaninzi abakhulileyo baye beviwa bethetha njalo. Sekunjalo, imbopheleleko ephambili yokunyamekela abantu abakhulileyo ithe zinzi ebantwaneni babo. Oku kuquka ntoni, ibe kunokuhlangatyezwana njani kakuhle nolu celomngeni?
[Umbhalo osemazantsi]
a ILevitikus 27:1-7 ibhekisela ekuhlangulweni kwabantu ‘abanikelwe’ (ngesifungo) etempileni njengabasebenzi. Ixabiso lentlangulo lalishiyashiyana ngokobudala. Kubudala beminyaka engama-60 eli xabiso lalisihla kakhulu, ngokucacileyo ngenxa yemvo yokuba umntu osel’ ekhule ngolo hlobo wayengakwazi ukusebenza nzima njengoselula. Ngokubhekele phaya iEncyclopœdia Judaica ithi: “Ngokutsho kweTalmud, ukwaluphala . . . kuqalisa kwiminyaka engama-60.”
Uyakhumbula Na?
◻ Ngawaphi amalungiselelo enzelwa abahlolokazi abakhulileyo ngenkulungwane yokuqala?
◻ Abaveleli banokulungiselela njani ukuba abantu abakhulileyo banyanyekelwe libandla?
◻ Abantu ngabanye abasebandleni banokuwubonisa njani umdla kubazalwana noodade abakhulileyo?
◻ Abantu abakhulileyo banokwenza ntoni ukuncedisana nabo babanyamekelayo?
[Ibhokisi ekwiphepha 11]
Ukunceda Abakhulileyo—Oko Kwenziwa Ngabanye
Ibandla eliseBrazil lafumana indlela entle yokunyamekela iintswelo zokwenyama zomzalwana ohlala ngakwiholo yoBukumkani yalo: Iqela lesifundo sencwadi elabelwe ukucoca iHolo lalikwacoca nekhaya lakhe.
Elinye ibandla lakhona lafumana indlela elula yokugcina umzalwana onesiphene esikhuthalele iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Xa kufika ixesha lakhe lokuba anikele intetho, kwabelwa umzalwana ukuba ahambe nabavakalisi ababini okanye abathathu baye kutyelela lo mzalwana. Kuqala intlanganiso emfutshane ngomthandazo, aze umzalwana anikele isabelo sakhe. Kunikelwa isiluleko esifunekayo. Olunjani lona ukhuthazo olu tyelelo olungqineka lululo!
Abaveleli abahambahambayo baye bangumzekelo omhle ekukhokeleni. Kwelinye ibandla umzalwana osele ekhulile owayesoloko ekwisihlalo esihambayo wacaphuka gqitha yaye ngenxa yoko wayengafane atyelelwe. Noko ke, umveleli ohambahambayo walungiselela ukuya kubonisa lo mzalwana ngasese intetho yakhe yeslides. Awakubonayo lo mzalwana usel’ ekhulile kwambangela ukuba acuntsule kule nto yabantwana. Lo mveleli uthi: “Ndaziva ndifumene umvuzo omkhulu gqitha kukubona indlela inyameko nje encinane enikelwayo nothando ezinokuzisa imiphumo enjalo ngayo.”
Bambi abadala baseNigeria benza utyelelo lokwalusa kumzalwana owalupheleyo baza bafumanisa ukuba wayegula ngokungaginyisi mathe. Kungaphoziswanga maseko, wasiwa esibhedlele. Lo mzalwana walupheleyo kwafumaniseka ukuba wayefuna unyango lwezamayeza olongezelelekileyo kodwa wayengakwazl ukuluhlawulela. Xa ibandla akulo lathi laziswa ngokuswela kwakhe, abazalwana babetha imali eyaneleyo yokuhlawula iindleko zakhe. Abadala ababini babephumzana ekuqhubeni ukumsa nokumbuyisa esibhedlele, nakuba oku kwakufuna ukuba bathabathe ixesha labo lomsebenzi. Noko ke, baba novuyo lokubona lo mzalwana echacha kubunkenenkene bempilo yakhe waza waba nguvulindlela ongumncedani de wafa emva kweminyaka emine.
KwiiPhilippines udade owayesele ekhulile wayengenantsapho. Ibandla lenza amalungiselelo okumnyamekela ebudeni beminyaka emithathu yokugula kwakhe. Lamlungiselela indawo encinane yokuhlala, limzisela ukudla mhla ngamnye, laza lanyamekela nempilo yakhe.
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Bonke banokuba nesabelo ekubekeni abantu bethu abakhulileyo ebandleni