Indima Ephuculiweyo Yamabhinqa Ngaba Izisa Iingenelo Neengxaki?
“LILONKE, kule minyaka yamashumi asibhozo amabhinqa afunde kakhulu, asempilweni entle yaye aphila ubomi obude nabanelisa ngakumbi.” Ngaloo mazwi, iphephancwadi elithile laqukumbela inqaku lalo elithi: “Indlela Esasiphila Ngayo; Indlela Esiphila Ngayo Ngoku.” Kodwa ngaba kusenokuba indima ephuculiweyo yamabhinqa ngokwenene iye yezisa iingenelo neengxaki ngenxa yemiphumo yayo engathandekiyo?
Umphumo Emtshatweni Nasentsatsheni
Ngokomzekelo, kukho ukungavisisani okuqhelekileyo phakathi kobomi bentsapho buphela nokusukela umsebenzi wempangelo. Enye ingxelo yabika oku: “Akwenzeki ukuba amabhinqa aphetheyo emisebenzini akwazi ukubeka ubomi bekhaya kwindawo ephambili kunokuba kunjalo ngamaqabane awo angamadoda, yaye ngokuphindwe kabini kunokwenzeka ukuba amadoda awo aqhawule iqhina lomtshato.” Usenokubuza isizathu soko. Unjingalwazi ophetheyo kwiYunivesithi yeSiwe eKhalifoniya, uchaza ngokuthi: “Amadoda ayijonga imekobume yasekhaya njengenkqubo ewomelezayo, ngoxa amabhinqa eyijonga ngakumbi njengomthwalo. Indoda ibuyela ekhaya ize iphumle; oko koko ibisebenzela kona. Kodwa kumabhinqa oko kuthetha umsebenzi ongumthwalo ngokongezelelekileyo.”
Oku akwenzeki kuphela kubantu abaphetheyo. Amabhinqa aseRashiya ebephangela kangangeminyaka emininzi ngaphambi kokuba athelelwe ngawamazwe aseNtshona. Ukunyamekela umsebenzi wempangelo nentsapho asakufumana kungumthwalo. Umhleli waseRashiya weWorking Women uthi: “Abafazi bangundoqo entsatsheni yaye bamele babe ngabafudumele ngakumbi ukuze benze kubekho umoya wokufudumala nowothando.” Ngoko bajongene nomthwalo ophindaphindiweyo, ngoxa amadoda amaninzi esilela ukuncedisana nabo kwimisebenzi yasekhaya.
Omnye unobangela wongquzulwano uboniswa ngomnye wabona bafazi baphumeleleyo nabangoosomashishini baseWall Street. Uqhayisa ngokuthi: “Umsebenzi kum kukuzihlaziya,” yaye wongezelela athi, “Ndiyakuthanda oko ndikwenzayo, ibe andivumeli eminye imicimbi indiphazamise”—nkqu neyentsapho yakhe. Impilontle yentsapho ithe zinzi emagxeni endoda ethi inyamekele abantwana babo ababini, nakubeni ingusomashishini. Izinxulumani zalo mfazi ziwuchaza umdla wakhe ovuthayo “ngokucacileyo uyinto engalufanelekelanga ulwalamano lwentsapho.”
Oku kufana nemeko yomnye wabafazi abaziinkulumbuso zale mihla. Intsapho yakhe yayingayifumani ingqalelo yakhe eyaneleyo ngenxa yamabhongo awayenawo ngeepolitiki. Ngoxa abantwana bakhe babesakhula, ngokufuthi babehlala kwaninalume kuba, sixelelwa oku, “enye yezona zinto ababezithanda kakhulu yayikukutya ndawonye njengentsapho, nto leyo ekwakungazange kwaba lula ukuyilungiselela” kokwabo.
Kudliwanondlebe lwakutshanje olwenziwa nabafazi abane abangabaphathi abaphezulu emsebenzini kwelaseYurophu, omnye watyhila ukuba intwazana yakhe ene-12 leminyaka ubudala phantse ngokupheleleyo yayikhuliswa yindoda yakhe. Omnye umphathi emsebenzini wabonisa ukuba kuphela kwakuba ngeempelaveki awayesithi ngazo akwazi ukunyamekela abantwana bakhe. Ngokutsho kweengxelo zeendaba, abaphulaphuli baphawula ukuba abathathu kwaba bafazi babetyekele ekuphelelweni yimvakalelo yobuntu engokwemvelo.
Kambe ke, bambi abafazi bayaphangela ngenxa yokuba bengenakwenza ngakumbi, mhlawumbi ngenxa yokuba indoda yathi yafa okanye yayishiya intsapho. Ngoko kubafazi abanjalo, ukukwazi kwabo ukufumana umsebenzi wengqesho kusenokungabi yingenelo yokwenene, kodwa kunjalo okanye kungenjalo, bamele bajongane nezinto ezingathandekiyo.
Imiphumo Engathandekiyo
Elokuba indima eguqukileyo yamabhinqa izise iingenelo neengxaki icaca kumphumo oqhelekileyo othi ubekho xa abafazi besodlula amadoda abo ngokwegunya abanalo okanye iwonga emsebenzini abawufundeleyo. Ngokutsho kweengcali kwezonyango, olu tyekelo “luba ngamanqam abalaseleyo naphawulekayo kwimitshato emininzi ngakumbi.” Isikhalazo senye indoda singumzekelo woku: “Ndiyazi ngokwengqondo ukuba ndiyamncoma ngempumelelo yakhe. Kodwa ngokweemvakalelo ndiziva ndibuhlungu. Ndivakalelwa ngokungathi ndiyashiywa. Ibe ndiziva ndinetyala ngenxa yokukhathazeka kwam okungaka.” Ukuba okwangoku amaqabane angamaKristu omabini amele asebenze, ukuxoxa nokuqwalasela imicimbi ngokunothando kunokuwanceda ukuba anciphise iimvakalelo nemiphumo engathandekiyo enjalo.—1 Petros 4:8.
Enye into ebonisa ukuba inkqubela eyenziwa ngamabhinqa izisa iingenelo neengxaki kukubalaselisa kwamabhinqa amaninzi alwela amalungelo awo oko ngokuyintloko kuyingenelo kuwo. IThe Coming Matriarchy yalatha kwixesha laxa ihlabathi liya kuba sezandleni zamabhinqa anekratshi nabuza ukuba, “Ndiya kuzuza ntoni mna kuloo nto?” Okubangel’ umdla kukuba, umfazi osisinhanha nophumeleleyo ochazwe ngaphambilana wathetha kanye ngolo hlobo; wayengenamdla ekuncedeni abanye ukuba nabo benze inkqubela ngaphandle kokuba wayeza kufumana inzuzo ngokwenza oko. Wavuma wathi: “Ndikholelwa gqitha ekufumaneni inzuzo.” Kububulumko kangakanani oko, ngenxa yesiluleko sikaYesu? KwiNtshumayelo yaseNtabeni wathi: “Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo.” “Ngoko musani ukuxhalela ingomso; kuba ingomso liya kuxhalela okwalo.” (Mateyu 7:12; 6:34) Ngokuqinisekileyo, amabhinqa angamaKristu azabalazela ukuba nembono kaYesu kwiimeko ezinjalo.
Ngaba Ukuziphatha Kakuhle OkungokweBhayibhile Kuyasetyenziswa
Akuthandabuzeki ukuba eyona nkalo engathandekiyo kwindima eguqukileyo yamabhinqa kukungabikho kwemilinganiselo yokuziphatha okuhle. Kunqabile ukuva abo balwela amalungelo abasetyhini bethetha ngoThixo okanye ngonqulo yaye ngokuqhelekileyo bahlaba amadlala. Amabhinqa awubekela ixesha elizayo umtshato ngenxa yomsebenzi olusukelo ebomini bawo ngokufuthi athi anokuba nazo iintlobano zesini nangaphambi kokuba atshate kuqala.
Umkhwa ombi wombutho wabalwela amalungelo abasetyhini kukuxhasa kwawo ubufanasini phakathi kwamabhinqa. Ngowe-1971 intlanganiso yaminyaka le yeNOW (Intlangano YeSizwe Yamabhinqa) yenza isigqibo: “Sokuba iNOW iyakuqonda ukucinezelwa okuphindiweyo kwamabhinqa angamafanasini, Sokuba ilungelo lowasetyhini ngomzimba wakhe liquka ilungelo lokuchaza nokubonisa iimpawu zakhe zesini nokuzikhethela indlela yakhe yobomi, Sokuba iNOW iyakuvuma ukucinezelwa kwamabhinqa angamafanasini njengento yokulwela amalungelo abasetyhini emele ixhalatyelwe ngokusemthethweni.” Noko ke, khawuthelekise oko nomgwebo kaThixo oboniswe kwabaseRoma 1:26, 27. Ngokufuthi okuhambisana nembono yabo balwela amalungelo amabhinqa ngokuphathelele ubufanasini kukuxhasa ukuqhomfa njengelungelo lawo. Unjingalwazi wezomthetho uBillups Percy weYunivesithi iTulane wathetha kakuhle xa wathi: “Ukujonga ukutshatyalaliswa kosana olungekazalwa njengolunye uhlobo lotyando kukujongela phantsi imfundo ngolwaphulo-mthetho, imfundiso yonqulo nengcamango yokuziphatha okuhle nto ezo esele zineminyaka emininzi zikho.”
Enye ingxelo ibika ukuba kwiminyaka elishumi edlulileyo amatyala anzulu enziwa ngamabhinqa aye anda ngokukhawuleza kakhulu kunalawo enziwa ngamadoda. Phakathi kowe-1974 nowe-1979, inani lamabhinqa awabanjelwa ukuqhatha eUnited States landa phantse ngama-50 ekhulwini, kodwa elamadoda landa kuphela nge-13 ekhulwini. Ngokufanayo inani lamatyala obusela obenziwa ngamabhinqa landa malunga nama-50 ekhulwini kodwa elamadoda landa kuphela nge-1,5 ekhulwini. Inani lamabhinqa abanjelwa ubuqhetseba nokukhohlisa lenyuka ngama-27,7 ekhulwini kodwa emadodeni ulwando lwaba ngaphantsi kwe-10 ekhulwini. Ngokucacileyo indima eguqukileyo yamabhinqa ayiphumelanga kulwaneliseko lokwenene.
Ukusetyenziswa kwecuba ngamabhinqa nako kuye kwanda. Umhlaza wemiphunga obangelwa kukutshaya uthabathel’ indawo umhlaza wamabele njengoyena nobangela uyintloko wokufa kwamabhinqa ngenxa yomhlaza. Komnye unyaka wakutshanje kuwo onke amabhinqa abulawa ngumhlaza lo wona wabangela ukufa kwama-25 ekhulwini yaye wanda ngomlinganiselo wesi-7 ekhulwini nyaka ngamnye.
Linokubakho Njani Ikamva Elanelisayo?
Ngaba ukuphangela okanye omnye umsebenzi zinokuzisa ulwaneliseko olupheleleyo kuninzi lwamabhinqa ebomini? Ngokucacileyo akunjalo, njengoko amaninzi ngakumbi ekufumanisa oko. UHilary Cosell, umbhali weWoman on a Seesaw: The Ups and Downs of Making It, wathetha ngale ngxaki kwinqaku elithile, ebuza esithi: “Ukuba ngaphambili abafazi babethe benza into ephazamisa umtshato, ukuba ngumama nokuba ngumfazi ongaphangeliyo, ngaba babenokuba bayawuphazamisa kwakhona umsebenzi abawufundeleyo, umsebenzi olusukelo lwabo ebomini kwanempumelelo?” Kwakhona ubuza athi: “Ngaba ngenene sinokwenza yonke into eyayisenziwa ngoomama bethu neyayisenziwa ngoobawo bethu?”
Ngokufanayo, kwiThe Cost of Loving, uMegan Marshall watyhila ukuba “uhanahaniso lokhuphiswano ngezigxina zomsebenzi ofundelweyo lwalufihle nje amanxeba angabonakaliyo: udano, ukucinezelelwa ukukrexeza, ukulinga ubufanasini, ukuqhomfa, uqhawulo-mtshato nokuba lilolo.” Uchaza indlela umbutho wabafazi owaba ngunobangela “weNtsomi Yenkululeko” ngayo, kodwa kwawona mabhinqa maninzi, oku akuncedi nto.
UMarshall uqukumbela ngokuthi “simele sikholelwe kuhlobo lothando oluhlala luhleli nolukhuselwa ngumtshato olungileyo,” ibe uthi “umntu ngokwakhe akanakuphila ngobulolo” yaye ukwathi “simele sifumane abanye esinokubanyamekela, nabaya kusinyamekela.” Oku kusikhumbuza amazwi oyena Mfundisi mkhulu kwabakhe bakho emhlabeni, uYesu Kristu. “Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.”—IZenzo 20:35.
Ngokwenene, abantu batyekele ekwenzeni izinto ngendlela ebaxiweyo. Into yokuba indima yale mihla ephuculiweyo yamabhinqa asiyontsikelelo engenazingxaki igxininisa amazwi omprofeti uYeremiya athi: “Akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.” (Yeremiya 10:23) Ukuzazi kwamabhinqa angamaKristu iinguqulelo ezenzekileyo (ezilandelwe ziintsikelelo neengxaki), kunokuwenza akuxabise ngakumbi ukubaluleka kokulandela isiluleko sikaThixo. Amava abonise ukuba ‘sinokunqweneleka ngakumbi kunegolide sona.’ ‘Ekusigcineni mkhulu umvuzo.’—INdumiso 19:7-11.