Ngaba Unqulo Luzanelisile Iintswelo Zethu?
UMARIA wayengunongendi ongumRoma Katolika kangangeminyaka engama-21. Wakhulela kummandla owawunabantu abaluthanda kakhulu unqulo. Ewe, esengumntwana, wayedla ngokuvuka ebusuku ukuze athandazele abanye! Noko ke, ekugqibeleni, ubuhlwempu, ukubandezeleka nokungekho sikweni nto ezo ezaziqhubeka phezu kwayo nje iminyaka engamawakawaka yokuphenjelelwa lunqulo zamenza wazibuza oku: ‘Ngaba unqulo ngenene luzanelisile iintswelo zethu?’
Iinkonzo ezininzi zithethelela iinjongo ezintle nemigaqo elungileyo yokuziphatha. Kodwa unqulo ngokufuthi lujongwa njengolubangela iingxaki, lujongwa njengolongeza kubunzima esikubo, kunokwanelisa iintswelo zethu. Ngokomzekelo, qwalasela la magqabaza avakaliswa ngabakhi mkhanya kwimicimbi yonqulo: “Esona sizathu sibangela abantu bakhohlakale ngendlela engathethekiyo lunqulo.” (National Review) “Eyona mpembelelo eyintloko yemfazwe ayisekuko ukunyoluka kodwa lunqulo.” (Toronto Star) “Ukubulawa kwamaYuda kwiMfazwe Yehlabathi II ‘konke kwabangelwa ngamaKristu abhaptiziweyo.’”—The Tampa Tribune.
Ngaba kuyamangalisa ukuba abantu bekukhanyela ukuzibanga konqulo lusisixhobo sokwanelisa iintswelo zethu? Baye basibona isiqhamo salo. Ngokomzekelo, iThe Christian Century yathi, “YayingamaShinto, unqulo lwaseJapan, ayengazange axhase ngokupheleleyo nje kuphela imfazwe, kodwa awanikela nezizathu ezivakalayo zokuliwa kwayo.” Zingaphi iinkonzo ezenze kanye ngolo hlobo—‘eziye zayixhasa ngokupheleleyo imfazwe’! Khawucinge nje ngokubulawa kwabantu abaninzi ngaxeshanye nokuziphindezelela okwaye kwenziwa ngamaBhuda namaHindu eSri Lanka, ukubulawa kwabantu nezenzo zenkohlakalo phakathi kwamaKatolika namaProtestanti eIreland—ewe, iicawa ezibandakanyeke ezimfazweni zingangoboya benja! “AmaHindu, amaSilamsi, amaSikh namanye amahlelo aseIndiya ebesilwa iimfazwe eziphumele kwizantyalantyala zegazi kangangeenkulungwane,” yavakalisa loo mazwi abuhlungu iU.S.News & World Report.
Abanye abantu unqulo basenokungaluboni njengolubangela ububi, kodwa ngokuqinisekileyo abalujongi njengento ekhuthaza ngamandla okulungileyo. INational Catholic Reporter yathetha “ngokusilela kwecawa okusisithethe ukuhlangabezana ngokufanelekileyo neemfuno kunye neentswelo zabantu.” Ibe ulindixesha iLiberty wathi kubonakala ukuba uluntu ngokubanzi umfundisi lumjonga njengomntu “wokuthamsanqelisa, angcwalise aze asikelele” ofuneka kuphela ngamaxesha eenkonzo ezikhethekileyo. Wongeza ngelithi: “Kwiingqondo zabantu abaninzi ungumfundisi wemeko yelo xesha.” Ngaba uye walujonga ngaloo ndlela unqulo—kungekuphela njengento engenakuzisa bungozi kodwa kwakhona njengento engenakuba luncedo kangako kuthi?
Namhlanje unqulo luyafana nolwexesha laxa uYesu wayelapha emhlabeni. Wathi iinkokeli zonqulo zangoko zazimbeka uThixo ngemilebe yomlomo wazo kuphela. Umphumo wezenzo zazo yaba kukubeka imithwalo engakumbi phezu kwabantu endaweni yokwanelisa iintswelo zabo. Wathi: “Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu.” (Mateyu 23:4) Namhlanje, unqulo luthembisa abantu ngezinto ezininzi kodwa lubonakala kungekho nto luyinikelayo. Ngoko ngaba sikho isizathu sokukholelwa ekubeni unqulo lungazanelisa iintswelo zethu?