IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w91 12/1 iphe. 6-8
  • Ngaba Naluphi Na Unqulo Lulungile?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Naluphi Na Unqulo Lulungile?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umahluko Obalulekileyo
  • Kufuneka Kwenziwe Ukhetho
  • Indlela Yokukhetha Unqulo Oluchanileyo
  • Inyaniso Nesiqhamo
  • Lukho Unqulo Lokwenyaniso Namhlanje
  • Iinkonzo Zobuxoki Zilingcolisa Njani Igama LikaThixo?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Isiphelo Sonqulo Lobuxoki Sisemnyango!
    Isiphelo Sonqulo Lobuxoki Sisemnyango
  • Kutheni Simele Sibe Nomdla Nje Kwezinye Iinkonzo?
    Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo
  • Ukukhululeka Kunqulo Lobuxoki
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
w91 12/1 iphe. 6-8

Ngaba Naluphi Na Unqulo Lulungile?

“Isiphelo samaxesha ethu siza kuba yintlekele. Sifuna unqulo, kodwa asifumani Thixo ufanelekileyo kulo.”—ULucian Blaga, imbongi nesithandi sobulumko saseRomania

“Unqulo nabefundisi baye baba phakathi kwezona ntshaba zinkulu zenkqubela nenkululeko, ibe mhlawumbi baya kuhlala benjalo kangangethuba elide.”—UKhristo Botev, imbongi yaseBulgaria

AMAZWI acatshulwe apha abonisa ingxaki abazibona bekuyo abantu abaninzi abanyanisekileyo. Kubo ngaphakathi banemvakalelo yokuba bayalufuna unqulo, kodwa uThixo ongaqondakaliyo abefundisi abafundisa ngaye asingoThixo banokumqonda baze bamthande. Ngaphezu koko, bayaqonda ukuba abefundisi neenkonzo zabo baye banegalelo kakhulu ekubambezeleni inkqubela nenkululeko yabantu. Ewe, ngoxa abantu abangakumbi nangakumbi beqonda ukuba luyafuneka unqulo, abantu abanyanisekileyo abayi kusuka nje bamkele naluphi na unqulo.

Umahluko Obalulekileyo

Unqulo lunendima enkulu kwisiseko nakwimbali yoluntu. IThe New Encyclopædia Britannica ithi unqulo “luyinto yokwenene kumava, kwimpucuko, nakwimbali yabantu” ize yongezelele oku: “Ubungqina bokutyekela nokunyaniseka elunqulweni bukho kuzo zonke iinkalo zobomi babantu.” Kodwa imbali ibonisa ukuba akukho nanye kwiinkonzo eziphambili zeli hlabathi eye yaluzisela iintsikelelo uluntu.

Igosa laseburhulumenteni eIndiya uJawaharlal Nehru lakhe lathi: “EIndiya nakwezinye iindawo, le nto kuthiwa lunqulo, okanye ke ubuncinane unqulo olulungelelanisiweyo, iye yasizalisa ngoloyiko.” Xa ucinga ngeemfazwe nolwaphulo-mthetho oluye lwenziwa egameni lonqulo, ngaba ngokunyaniseka ungamphikisa?

Ngenkulungwane ye-18, isithandi sobulumko esingumFrentshi uVoltaire sabonisa umahluko obangel’ umdla. Sabhala: “Nithi, unqulo luye lwabangela izigigaba ezininzi gqitha. Kunoko nifanele nithi ziinkolo, iinkolo ezilawula ihlabathi lethu elizaliswe ziinkathazo. Iinkolo lolona tshaba lonqulo olunyulu esifanele silunikele kOsenyangweni.” UVoltaire walwa nokuchaswa kweembono ezingokonqulo komhla wakhe, kodwa wahlala ekholelwa kuThixo onguMdali wendalo iphela. Wawubona umahluko phakathi konqulo lokwenyaniso nolobuxoki.

Kufuneka Kwenziwe Ukhetho

Asingabo bonke abantu abavumelanayo noVoltaire. Bambi bathi bona bazibona zilungile zonke iinkonzo; ngenxa yoko, abakuboni kuyimfuneko ngokwenene ukuphum’ iphulo befuna unqulo lokwenyaniso. Abantu abanjalo bafanele basiphaphele isilumkiso esanikelwa ngumprofeti uIsaya, owabhala oku: “Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama; abamisa ubukrakra endaweni yobumnandi, ubumnandi endaweni yobukrakra!” (Isaya 5:20) Unqulo lobuxoki lubazisele okubi abantu. Luye lwazisa ubumnyama bokomoya kwaye luye lwashiya ubukrakra emilonyeni yabantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo.

Ngoko ke, ukhetho alukho phakathi kokuba ngongakholelwayo kubukho bukaThixo nokholelwa kulo naluphi na unqulo. Akulula ngolo hlobo. Akuba ubani evakalelwa kukuba uyamfuna uThixo, loo mntu umele afune unqulo lokwenyaniso. Kunjengokuba umphengululi uÉmile Poulat wakuchaza kakuhle oku kwiLe Grand Atlas des Religions (Incwadi Enkulu Eneenkcukacha Zonqulo): “Izinto ezifundiswayo nezifunwayo [ziinkonzo] zahlukahlukene gqitha kangangokuba akunakwenzeka ukuzikholelwa zonke.” Ingqinela oku, iEncyclopædia Universalis (Intyilalwazi Kawonke wonke) yesiFrentshi ithi: “Ukuba kwinkulungwane yama-21 kubuyelwa elunqulweni, . . . kuya kufuneka ukuba umntu agqibe enoba izinto ezingcwele azifundiswayo ziyinyaniso okanye zibubuxoki kusini na.”

Indlela Yokukhetha Unqulo Oluchanileyo

Yintoni eza kusikhokela ukuze sikhethe unqulo oluchanileyo? IEncyclopædia Universalis ichan’ ucwethe xa ibalaselisa ukubaluleka kwenyaniso. Unqulo olufundisa ubuxoki alunakuba lolokwenyaniso. Oyena mprofeti mkhulu owakha wahamba phezu kwalo mhlaba wathi: “UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.”—Yohane 4:24.

Loo mprofeti yayinguYesu Kristu, ibe kwakhona wathi: “Balumkeleni abafundisi bonqulo lobuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha kodwa eneneni beziingcuka ezibawayo. Ninokubaqonda ngeziqhamo zabo. . . . Wonke umthi olungileyo uvelisa isiqhamo esihle, kodwa umthi obolileyo uvelisa isiqhamo esibi.” (Mateyu 7:15-17, Phillips) Bebona isiqhamo esibi seenkonzo “eziphambili” zeli hlabathi, kwanamahlelo neemvaba eziye zavela, abantu abaninzi abanyanisekileyo bazijonga zonke ‘njengemithi ebolileyo,’ azilunganga nje ngokupheleleyo. Kodwa banokulufumana njani unqulo lokwenyaniso?

Ngokucacileyo bekungenakwenzeka ukuhlolisisa yonke le ntlaninge yeenkonzo zeNgqobhoko nezingaphandle kwayo ngaphambi kokwenza ukhetho. Noko ke, ukuba—njengoko uYesu watshoyo—sisebenzisa inyaniso nesiqhamo njengenkqubo yokuvavanya, sinako ukulubona unqulo lokwenyaniso.

Inyaniso Nesiqhamo

UYesu wakhankanya inyaniso. Ngokuphathelele oku, liliphi iqela lamakholwa elingafuni nokububona ubuxoki bonqulo obuvela kwiintsomi nentanda-bulumko yamaGrike exhaphakileyo kwinkoliso yeenkonzo? Obunye ubuxoki obunjalo yimfundiso ethi umphefumlo womntu awufi ngokwemvelo.a Le mfundiso ibe ngunozala wemfundiso ehlazisa uThixo yesihogo somlilo.

Kwakhona uYesu wakhankanya isiqhamo. Mayela noku, ngaba uyalwazi unqulo oluye lwavelisa ubudlelane bokwenyaniso bezizwe ngezizwe obudlulela ngaphaya kwemiqobo yobuzwe, yolwimi neyobuhlanga ngothando nangokumanyana? Ngaba kukho abantu obaziyo bonqulo athe amalungu alo akhetha ukutshutshiswa kunokuvumela iinkokeli zobupolitika okanye ezonqulo ziwaxhokonxele ekubeni athiye abazalwana noodade bawo aze ababulale egameni lokulwela ilizwe lawo okanye elonqulo? Unqulo olwathi lwabukhaba ngawo omane ubuxoki obunjalo bonqulo lwaza lwavelisa isiqhamo belungaba bubungqina obunamandla bokuba lolokwenyaniso, akunjalo na?

Lukho Unqulo Lokwenyaniso Namhlanje

Ngaba lukho unqulo olunjalo namhlanje? Ewe, lukho. Kodwa umele uqonde ukuba aluyiyo inxalenye yeenkonzo eziphambili zeli hlabathi. Ngaba oku kufanele kusimangalise? Hayi. KwiNtshumayelo yakhe edumileyo yaseNtabeni, uYesu wathi: “Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo. Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.”—Mateyu 7:13, 14.

Ngoko lunokufunyanwa phi ke unqulo lokwenyaniso? Ukuba sithetha inyaniso emsulwa, simele sithi amaNgqina kaYehova abumba ibutho lazwenibanzi labantu abahamba kule ‘ndlela ecutheneyo nemxinwa.’ Liyinyaniso elokuba iinkonzo eziphambili ziyawagculela amaNgqina kaYehova ziwabiza ngokuba lihlelo. Kodwa leyo yindlela kanye iinkokeli zonqulo ezingabawexuki kwinkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo ezaziwabiza ngayo amaKristu okuqala.—IZenzo 24:1-14.

Kutheni amaNgqina kaYehova eqinisekile nje ukuba alunqulo lokwenyaniso? Kaloku, abumba ubuzalwana bezizwe ngezizwe obufikelela kumazwe angaphezu kwama-200 nobudlulela ngaphaya kweeyantlukwano zobuhlanga, zobuzwe, zolwimi nezentlalo. Kwaye awazikholelwa iimfundiso—enoba kudala kangakanani na zikho—ezingqubana ngokucacileyo noko kuthethwa yiBhayibhile. Kodwa afikelele njani kule meko enqweneleka kakhulu? Ibe ukuqhelisela unqulo lokwenyaniso kubandakanya ntoni? Lo mbuzo neminye engonqulo iza kuxutyushwa kumanqaku amabini alandelayo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane ubungqina obuneenkcukacha bemvelaphi yasentsomini yale nkolelo, bona incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., iphepha 52-7.

[Umfanekiso okwiphepha 7]

IiMfazwe zoMnqamlezo zaziyinxalenye yesiqhamo esibi sonqulo lobuxoki

[Inkcazelo]

Bibliothèque Nationale, Paris

[Umfanekiso okwiphepha 8]

Unqulo lokwenyaniso luvelisa isiqhamo esihle

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share