Ikamva Eliqaqambileyo Lomhlaba Phantsi KoBukumkani BukaThixo
IBHAYIBHILE ithi “ukholo ke kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo.” (Hebhere 11:1) Njengoko siye sabona kwinqaku elingaphambilana, kwiminyaka engaphezu kwama-500 ngaphambi kokuzalwa kukaKristu, uThixo wenza ukuba kubhalwe kwincwadi kaDaniyeli isiprofeto esasixela kwangaphambili ngokuvela nokuwa kwamagunya ehlabathi ukususela kumhla kaDaniyeli ukuza kuthi ga kumhla wethu. Ukuchana kwezi ziprofeto kuyasiqinisekisa, kusinika isizathu esomeleleyo sokholo, ekubeni inxalenye yeziprofeto zikaDaniyeli nayo iya kuzalisekiswa nokuba kungekudala uBukumkani bukaThixo phantsi koKristu Yesu buya kuthabathela indawo oorhulumente babantu.
Enjani yona inguqulelo okuya kuyizisa oku kuluntu! Ejonge phambili kwelo xesha, uThixo ngokwakhe uthi: “Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha.” (ISityhilelo 21:5) Ukuqwalasela ezinye zezi ziprofeto ziphefumlelweyo ezisizobela umfanekiso welo xesha limnandi kuya kusinceda sibone ukuba izinto ‘ezintsha’ ziya kuba njani na, nendlela ezahluke kwaphela ngayo kwesikubonayo namhlanje phantsi kolawulo lwabantu. Enyanisweni, oko iBhayibhile ikutshoyo malunga nekamva lomhlaba wethu nobomi kuwo kumangalisa ngokupheleleyo. Qwalasela oku:
Ulwaphulo-mthetho nogonyamelo ziya kuphela. “Ngokuba abenzi bobubi baya kunqunyulwa; . . . angabikho ongendawo.” Abo baphilayo “baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo; kuba umlomo kaYehova wemikhosi uthethile.”—INdumiso 37:9, 10; Mika 4:4.
Iiyantlukwano zobuhlanga nezobuzwe, neemfazwe ezibangelwa zizo, ziya kube ziphelile. “Uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.”—Isaya 2:4.
Ukunqongophala kwezindlu, ukungabi na. makhaya nokungaqeshwa ziya kube izizinto zexesha elidluleyo. UIsaya waxela kwangaphambili esithi: “Baya kwakha izindlu, bazihlale; bat yale izidiliya, badle iziqhamo zazo. . . . Badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam.”—Isaya 65:21, 22.
Iindlala ezoyikekayo, ezinjengezo ziye kutshanje zabhuqa imimandla yeAfrika, ziya kuthatyathelwa indawo yintabalala yokutya kumntu wonke. “Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba.” “Umhlaba uyivelisile indyebo yawo; uya kusisikelela uThixo, uThixo wethu.”—INdumiso 72:16; 67:6, 7.
Ukongezelela, kuya kubakho impilo nobomi bokunandipha ezi ntsikelelo. Kwanasebudeni bobulungiseleli buka Yesu basemhlabeni, ngokunyanisekileyo kwathiwa “iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva.” Noko ke, isithembiso esikhulu gqitha siya kube siphunyezwa: “Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.”—Luka 7:22; ISityhilelo 21:4.
Hayi indlela ebalasele ngayo le nguqulelo! Enjani yona inkululeko konke oku okuya kuyizisa kuluntu olubandezelekileyo! Siyakukhuthaza ukuba uzithobe kwanangoku kuBukumkani bukaThixo, ukuze nawe ufumane iingenelo eziya kuvela kule nguqulelo ibalulekileyo kulawulo lwehlabathi.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Abantu abaphilayo ngoku basenokukhangela phambili kwiintsikelelo ezimangalisayo—ukuphela kwemfazwe, ulwaphulo-mthetho, ubuhlwempu, ukugula kwanokufa. Ngaba uya kulinandipha ikamva elinjalo?