Ukuqiqa Okusezindabeni
Ngaba Ikhokelela Kulonwabo?
“Iminyaka emibini yobunzima, ukonwaba ngonaphakade.” Ngokwephephandaba laseJapan iYomiuri Shimbun esi saci siyintetho ekhoyo phakathi kwabafundi abangamaTshayina eJapan. Belindele ukuba zizityebi, aba bafundi baboleka imali yokuza eJapan, apho bakholelwa ukuba imali ihla njengemvula evela ezulwini. Bathemba ukuba ngokusebenza iminyaka emibini kwimisebenzi yesingxungxo ngoxa behamba isikolo, basenokugcina imali engangezigidi ezibini zeeyen (malunga nama-R39 200,) baze emva koko babuyele ekhaya ukuya kuhlala ngolonwabo ngonaphakade.
Intembelo enjalo emalini njengekhokelela kulonwabo ixhaphake kulo lonke ilizwe. Kuhlolisiso lwakutshanje olwenziwe kulutsha kumazwe asi-9 kwali-11 kuye kwafunyaniswa ukuba “‘imali’ yeyona nto iphambili kuludwe lwezinto” ezilukhathazayo noluzixhalabeleyo, itsho njalo iAsahi Evening News.
Ngaba ukuthembela kubutyebi eneneni kuya kuzisa ulonwabo? UKumkani uSolomon owayesisilumko walumkisa ngelithi “othanda isilivere akaneliswa yisilivere.” (INtshumayeli 5:10; 7:12) Ukubeka imali kuqala akuphumeli kulwaneliseko lokwenyaniso, kungaqinisekisi nekamva elinqabisekileyo. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi: “Isilivere yabo negolide yabo ayisayi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova.” (Zefaniya 1:18) Noko ke, ngokwahlukileyo koko, umdumisi uDavide wabhala wenjenje: “Hayi, uyolo lwendoda emenze uYehova inkoloseko yayo.” Ukukholosa ngoYehova, kungekhona ngemali, kukhokelela ekunandipheni ulonwabo ngonaphakade.—INdumiso 40:4; Isaya 30:18.
Ingxaki Engobhaptizo
Kutshanje kuye kwaphakama iingxaki ezimbini ezingobhaptizo lweentsana kwicawa yaseTshetshi. Eyokuqala iphathelele ukubhaptizwa “kwakhe nabani na,” nto leyo omnye umfundisi awayichaza njengohlobo oluthile “logonyo olungokomoya.” Eyesibini kukwala kwenani elandayo labefundisi ukubhaptiza iintsana zabazali abangayixhasi ngokukhutheleyo iCawa yaseTshetshi.
Abefundisi abaninzi bafumanisa ukuba ngokufuthi abazali abanamnqweno wakuza ecaweni yaye bengafuni nokuba abantwana babo benjenjalo. Ngoko kutheni bezibhaptiza iintsana? IThe Times, igqabaza ngelithi, “Bafuna ukuphehlelela iintsana zabo, kanye njengokuba befuna ukunikela okanye ukwamkela izipho zomhla wokuzalwa nokuhombisa amakhaya abo ngeKrismesi . . . Oku kuyinxalenye yendlela yabo yokuphila: akukho mfuneko yokuba kude kubekho isizathu.”
Omnye umfundisi warhoxa ecaweni ngenxa yokuba wafikelela kwisigqibo sokuba ukubhaptizwa kweentsana akufanele kwenziwe. Wathi: “Ngumntu ngokwakhe onokuzibophelela ngolo hlobo kuKristu.” Wayenokongezelela ngelithi uYesu Kristu wayeneminyaka engama-30 ubudala xa wathi wabhaptizwa yaye igama lesiGrike elithetha ukubhaptiza, uba·ptiʹzo lithetha ukutshonisa okanye ukuntywilisela. Emva kokuba ebhaptiziwe kumlambo iYordan, uYesu ‘wenyuka ephuma emanzini.’ (Marko 1:10; Mateyu 3:13, 16) Akukho ndawo eBhayibhileni ethetha ngokufefwa kweentsana ngamanzi. Ekubeni ubhaptizo lungumqondiso wokuzahlulela kukabani kuThixo njengomlandeli wamanyathelo kaKristu, esi ayisosigqibo sinokwenziwa lusana.
Izinto Zokuthintela Ukukhawula NamaKatolika
Ukukuchasa kweCawa yamaKatolika ukusetyenziswa kwezinto zokuthintela ukukhawula kwagxininiswa nguJohn Paul II kwiNgqungquthela Yesibini Yezizwe Ngezizwe Yentshumayelo Yokuziphatha eyaqhutyelwa eRome ngoNovemba ophelileyo. Ngokwephephandaba leSixeko saseVatican, iL’Osservatore Romano, wathi: “Ukuzala akuyonto eveliswe ngumntu. Kubhalwe ngomnwe wokudala kaThixo kanye kwindlela umntu adalwe ngayo. Ukuyithandabuza kunjengokwala ukuthobela uThixo wamandla ethu okuqiqa” yaye ngenxa yoko, “ayinakuthandatyuzwa ngabefundisi bamaKatolika.”
Kodwa incwadi ethi Humanae Vitae eyabhalwa nguPaul IV malunga neminyaka engama-20 eyadlulayo nawathi wabhekisela kuyo uPopu John Paul “kwangoko yaqalis’ ukuthandatyuzwa ngabefundisi abaninzi,” latsho njalo iphephandaba laseItali iLa Stampa, yaza yatyeshelwa ‘yinkoliso yamaKatolika.’
Ngokucacileyo, ukuba ngqongqo kwecawa kumcimbi wokucwangcisa intsapho kubangele iyantlukwano kubefundisi kwaza kwawaphazamisa kakhulu amaKatolika anyanisekileyo. Iyantlukwano eqhubekayo engokusetyenziswa kwalo naluphi na uhlobo lwezinto zokuthintela ukukhawula iye yakhokelela uJohn Paul ukuba aluleke abefundisi bonke ukuba bathethe “intetho enye.” Kanti, ngokwahlukileyo kwibango likapopu lokuba ukuma kweecawa ngokusetyenziswa kwezinto zokunqanda ukukhawula ‘kwakubhalwe ngomnwe wokudala kaThixo,’ iphephandaba laseItali iLa Repubblica libonisa ukuba “akukho ndinyana yeeVangeli okanye yeTestamente Endala ecatshuliweyo ukungqina ubunyaniso bale mfundiso.”
Akukho ndawo eBhayibhileni ekuxutyushwa kuyo ngokusetyenziswa kwezinto zokuthintela ukukhawula okanye ukucwangciswa kwentsapho emtshatweni, ingatsho nokuba amaKristu anyanzelekile ukuvelisa abantwana. Lo mcimbi ungocwangciso-ntsapho iLizwi likaThixo liwushiyela kwisazela sesibini ngasinye esitshatileyo esingamaKristu. Ngokunyanzela umthetho wayo ongokucwangcisa intsapho iCawa yamaKatolika iye yadlulela “ngaphezu koko kubhaliweyo.”—1 Korinte 4:6.