IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w89 7/15 iphe. 21-23
  • ‘Kodwa Andimthandi UYehova!’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Kodwa Andimthandi UYehova!’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Intliziyo, Isazela, Nokholo
  • Usengakwazi Ukubuyela
  • Indlela Abanokunceda Ngayo Abanye
  • Zuza Intliziyo Eyamkelekileyo KuYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Zimisele Ukukhonza UYehova Ngentliziyo Epheleleyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Ukufuna UYehova Ngentliziyo Elungisiweyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Londoloza Intliziyo Yakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
w89 7/15 iphe. 21-23

‘Kodwa Andimthandi UYehova!’

UBOB wayengumfana nje oselula xa unina wathi waba ngomnye wamaNgqina kaYehova. Kangangeminyaka eliqela, wayempheleka unina ukuya eHolweni yoBukumkani kwanakumsebenzi wokushumayela, nangona engazange abhaptizwe. Noko ke, wathi akufikelela kwiminyaka yakhe yokugqibela yeshumi elivisayo, wayeka ukunxulumana namaNgqina. Ngalo lonke eli thuba wayegaxeleka kwimeko embi enye emva kwenye, yaye ngokomphumo wabonakalisa ubomi bakhe. Nangona esenebango lokuba uyazikholelwa izinto ezininzi awazifunda eBhayibhileni, oku akukhange kube kokwaneleyo ukumenza afune ukubuyela kwintlangano kaYehova. Kutheni uBob evakalelwa ngolu hlobo?

Qwalasela omnye umzekelo. UDavid ebengumlungiseleli wexesha elizeleyo kangangeminyaka eliqela. Ngamathuba athile, kwakuthi qatha engqondweni yakhe imibuzo ngokuphathelele iimfundiso ezithile zeBhayibhile. Kodwa wayesoloko ezicombulula iingxaki ngokuqiqa ngokuthi njengokuba kunjalo ukucombulula ijigsaw puzzle (umdlalo wokudibanisa iziqwengana ezisikwe ngokungafaniyo ukuze wenze umfanekiso), umntu akancami kuba nje isiqwenga esinye okanye ezibini zibonakala zingangeni kakuhle kwasekuqaleni. Wayanelisekile kukulindela kuYehova ukuze afumane ukukhanyiswa kwemicimbi. Kodwa kwathi ethubeni, uDavid wathi akasenako ukuzanelisa ngaloo ndlela. Ewalahla amalungelo akhe enkonzo, ngokukhawuleza wayishiya inyaniso. Yintoni eyabangela inguqulelo kwindlela awayecinga ngayo?

Ngokuqinisekileyo, kubuhlungu ukubona abo sibathandayo benikezela kugqatso lobomi. Ngaphandle kwamathandabuzo, sifuna ukwenza konke esinokukwenza ukubanceda. (2 Korinte 12:15; Galati 5:7) Kodwa yintoni ngokwenene ebangela ukuba umntu akhukuliseke emke enyanisweni? Kunokwenziwa ntoni ukunceda ubani ololo hlobo ukuba abuyele elugqatsweni? Ibe yintoni ubani afanele ayenze ukuba utyekelo olunjalo luqalisa ukubonakala kuye?

Intliziyo, Isazela, Nokholo

Kukho nto inye iphawulekayo ngabo baye bayishiya inyaniso. Inkoliso yabo ayikwenzi oko kuba ingasakholelwa ukuba yinyaniso. Ngokwahluke mpela koko, uninzi lwabo luthi, “Ndiyazi ukuba le yinyaniso, kodwa . . . ”okanye, “Ukuba ikho inyaniso, ndiyazi ukuba yiyo le.” Kumazantsi eentliziyo zabo, abaninzi babo basakholwa ukuba oko bathi bakufunda eBhayibhileni kuyinyaniso. Kodwa ngandlel’ ithile baye bayekelela baza baphelelwa yinzondelelo ababenayo. UYakobi wathi: “Ukholo, ingekho imisebenzi, lufile.”—Yakobi 2:26.

Ukholo lokwenyaniso luquka okungaphezulu nje kokuba nolwazi okanye ukukholelwa ukuba into ethile iyinyaniso. Kunokuba lube yinkqubo nje yasengqondweni, ukholo lubandakanya intliziyo yokomfuziselo, kuba iBhayibhile isixelela oku: “Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa.” (Roma 10:10) Ngokusengqiqweni ke ngoko, xa umntu eqalisa ukunxaxha iBhayibhile yalatha entliziyweni njengomthombo wengxaki. Kunjengokuba umpostile uPawulos walumkisayo: “Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo.”—Hebhere 3:12.

Ukuze sifumane ubungqina bokuba intliziyo ibandakanyeke ngokunzulu, kusengafuneka siphulaphule uDiane, owathi wakhukuliseka. Xa amaKristu angoowabo azama ukumnceda, waphendula ngokuphandle esithi, “Andinako ukubuyela kuYehova. Andimthandi!” Wayesazi ukuba ekuphela kwendlela eyayinokumnceda ukuba ahlale esondele kuYehova uThixo kukuba nothando ngaye njengoMntu nanjengaLowo ukufaneleyo ukuba azinikele kuye. Enyanisweni, yayilolu hlobo lothando olwathi kwasekuqaleni lwamshukumisela ukuba ahlulele ubomi bakhe kuYehova. Kodwa ngandlela ithile wayengasenalo uthando olunjalo. Ngaphandle kwalo, wayesazi ukuba wayeya kuba usebenzisa iimvakalelo kuphela ukuba wayeya kubuyela. Kodwa umntu uphulukana njani nothando olwakukhe lwanzulu ngolu hlobo?

Ewe, uPawulos wakhankanya “intliziyo engendawo, engakholwayo.” Kwezinye iimeko, ukuswela ukholo okunjalo kungumphumo wokuvumela intliziyo inqwenele oko uYehova uThixo akwalelayo okanye ukuxhathisa okuthile akuyalelayo. Ngaloo ndlela intliziyo iyahlulelana yaye ayisaphelelanga kuYehova. Wandula ke ubani lowo, akuqonda ukuba ikhondo lakhe lesenzo alimkholisi uThixo, abone ukuba eyona ndlela ilula yokuphepha ukungqubana ngokubhekele phaya noThixo kukuba ‘arhoxe emke kuThixo ophilileyo’ (Thelekisa iGenesis 3:8-10.) Endaweni yokuba iguquke, “intliziyo engendawo” imshukumisela ubani ukuba amkhuphele ngaphandle uYehova nenjongo yakhe ebomini bakhe. Ngaloo ndlela umntu oswele ukholo uyayishiya inyaniso.

Kwezinye iimeko, endaweni yokuva ubuhlungu besazela ngenxa yekhondo elithile, ubani uvumela intliziyo yakhe imshukumise ngendlela yobuqhetseba ukuba afune ukusaba ngobukrelekrele esebenzisa ukuthandabuza, ukuhlaba amadlala, okanye kwanokuwexuka. Ukuba unako ukuzeyisela ekubeni sonke isiseko sokholo lwakhe siphosakele, akasaziva ebophelelekile ukuphila phakathi kwemida yalo. Abantu abanjalo bayasigiba isazela esilungileyo yaye ‘baphukelwa ngumkhombe mayelana nokholo.’—1 Timoti 1:19.

Kakade ke, umntu usengayishiya inyaniso ngasizathu simbi. Kodwa kungakhathaliseki ukuba sisiphi na, phants’ ukuba ngokungaguquguqukiyo sibandakanya intliziyo. Ngenxa yesi sizathu, esi siluleko sisexesheni ngokwenene: “Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho; kuba aphuma kuyo amathende obomi.”—IMizekeliso 4:23.

Usengakwazi Ukubuyela

Ukuvuma ukuba utyekelo lwethu oluphosakeleyo belungoyena nobangela wokuphelelwa kwethu lukholo kufuna inkalipho. Kodwa ukwenza ngolo hlobo kulinyathelo lokuqala eliya ngasekulungiseni indlela yethu yokubuyela kulwalamano olomeleleyo noYehova. Amava kaSteve, onguvulindlela eNgilani, ayibonisa kakuhle le ngongoma.

Nangona uSteve engazange ade ayishiye inyaniso, kodwa ngaxa lithile waqalisa ukuziva elikhamnte yaye engenalo ulweyiseko. Xa wayeshumayela kwabanye, amazwi akhe ayevakala elilize ezindlebeni zakhe. Xa uSteve wayephakathi kwabazalwana noodade bakhe bokomoya, wayeziva engakunandiphi ukuba lapho, ngokungathi wayengenguye omnye wabo.

Okuvuyisayo ngoSteve, kukuba waqonda ukuba ingxaki ilele kuye. Ukhumbula oku, “Andizange ndiyenze impazamo yokuzikhetha ukuze ndikhe ndiye kuyiphonononga imicimbi, ngokungathi kwakukho mthombo uthile wempefumlelo ngaphakathi kwinyama engafezekanga owawuya kunikela iimpendulo ezichanileyo.” (Thelekisa amaRoma 7:18) Kunoko, wayiqonda into yokuba umele ahlolisise intliziyo yakhe aze akhuphele ngaphandle iminqweno yenkohliso emkhokelela kude nenyaniso. Eqalela kanye kwesona siseko sengxaki, wasebenzela ukuba aluqinisekise kwakhona uthando lwakhe ngoYehova nokholo kwiLizwi lakhe. Namhlanje, uSteve ukhonza ngokonwabileyo njengomvangeli wasemazweni.

Indlela Abanokunceda Ngayo Abanye

Asinguye wonk’ ubani oye waphulukana okanye ophulukana nokubambelela kwakhe enyanisweni ozibona izinto ngokucacileyo njengokuba wenzayo uSteve. Enyanisweni, ngokufuthi koku kuphelelwa ngumbono wokomoya okukhokelela ekuweni ekugqibeleni. Kulapho ke amaKristu angoowethu anokunikela khona uncedo. (Roma 15:1; Galati 6:1) Kodwa oku kunokwenziwa njani ngeyona ndlela incamisileyo?

Ngokucacileyo, akwanele nje ukusuka ukhuthaze umntu onjalo ukuba abuye. Izinto ezimphazamisileyo kufuneka ziqondwe zize zishenxiswe. Kumele kwenziwe imigudu yokufikelela intliziyo yalowo utyhafileyo okanye opholileyo. Iingxubusho eziphandle, kodwa zobubele, nezokutyhilelana izifuba zisenokumnceda umntu lowo. Ukusebenzisa izibhalo ezinjengeyoku-1 kuTimoti 1:19, Hebhere 3:12, noYeremiya 17:9, 10 kusengamnceda ukuba ayigocagoce nzulu intliziyo yakhe ukuze abone ukuba yintoni na embangela ukuba ‘arhoxe emke kuThixo ophilileyo.’

Bakuba nje oonobangela beqondiwe, imigudu ifanele yalathiselwe ekuqhubaneni nabo. Intliziyo yokwenyama enesifo ifuna inyameko ibe mhlawumbi notyando olubuhlungu ukuba umguli uza kusinda. Kuyafana ke nangentliziyo yokomfuziselo enesifo. Iminqweno ephosakeleyo, utyekelo lokufuna ukuzimela geqe, okanye abanye oothunywashe ababangela intliziyo iphambuke bafanele bashenxiswe ukuba iza kuba yesabela ngokuvumayo kwakhona. AmaKristu akhutheleyo asenokude athandaze nomntu opholileyo, aqhube nkqu nesifundo seBhayibhile kunye naye ukuba abadala bakubona oku kucebiseka. Kuphela kungezo ndlela enokuthi intliziyo ivuselelwe aze umntu lowo abuyele ekumthandeni uYehova kwakhona.—IMizekeliso 2:1-5.

Oku kwakuyinyaniso kwimeko kaDiane. Iingxubusho namaKristu akhulileyo zamnceda ukuba akuqwalasele oko kwakuyimfuneko ukuba akwenze ukuze aluvuselele kwakhona uthando lwakhe ngoYehova. Eqonda ukuba kwakuza kufuneka amazi ngokusondeleyo uYehova kwakhona, uDiane walwamkela uncedo awalunikwayo. Emva kokufunda iBhayibhile kangangonyaka, yena nendoda yakhe baphinda bangabadumisi bakaYehova abakhutheleyo.

Ekubeni uthando lubandakanya isenzo, ngokufuthi kukwenza oko uYehova akutshoyo nokuba namava oncedo lwakhe olunothando okungqineka kunomphumo ngokonakona. Ewe, ukukhuthala kuyamnceda umntu ukubuyisela uthando olwalukhe lwayishukumisa intliziyo yakhe. (INdumiso 34:8) Oku kusenokuqaliswa ngokuthabatha amanyathelo enkuthalo okulwa iminqweno ephosakeleyo okanye okulungisa utyekelo olungafanelekanga lwentliziyo. Naluphi na uloyiso kweli dabi lulinqanaba elisondeza ekubuyiseleni intliziyo kuYehova. (IMizekeliso 23:26; 1 Petros 2:1-3) Njengokuba intliziyo izuzeka, umnqweno wokwabelana nabanye ngoko kukuyo uyakhula. Kungoko ke, ngokukhawuleza nje bakuba befaneleka abo babesakuba ngabavakalisi boBukumkani abapholileyo, bafanele bancedwe ukuba babe nesabelo kumsebenzi wokushumayela, kuba “umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa; avume ke ngomlomo, ukuze asindiswe.”—Roma 10:10.

Kubo nabaphi na abavakalelwa kukuba abasamthandi uYehova, indlela ebuyela kubomi bokuhlonela uThixo isenokuba nde yaye ibe nzima. Phofu ke, ukuchacha kokomoya kukaSteve nokukaDiane kububungqina bokuba inguqulelo yentliziyo inokwenzeka. Ewe, ukuhlaziyeka kunokwenzeka ngokusebenza komoya kaYehova, ukusebenzisa iLizwi lakhe, nokusebenzisana ngendlela ehlaziyiweyo nentlangano yakhe. Kulithemba nomthandazo wethu onyanisekileyo ukuba abantu abanjalo banokuncedwa ukuba bavuye kwakhona elunqulweni lukaYehova nakwinkonzo yakhe engcwele njengabo bamthanda ngentliziyo iphela uYehova.—Marko 12:30; 1 Korinte 13:8; 3 Yohane 1-4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share