IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w89 11/1 iphe. 10-15
  • Ukucoceka Ngokokuziphatha Kusisihombo Solutsha

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukucoceka Ngokokuziphatha Kusisihombo Solutsha
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ucelomngeni Enijamelene Nalo
  • Uncedo Ekujamelaneni Nolu Celomngeni
  • Zigcine Ucocekile!
  • Ngaba Uhlala Ucocekile Kuzo Zonke Iinkalo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Abakhonzi BakaThixo Bamele Bacoceke
    Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
  • Ukuhlanjululwa Ukuze Senze Imisebenzi Emihle
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • UThixo Uthanda Abantu Abacocekileyo
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
w89 11/1 iphe. 10-15

Ukucoceka Ngokokuziphatha Kusisihombo Solutsha

“Vuya, ndodana, ebutsheni bakho, . . . uhambe ngeendlela zentliziyo yakho, nangokukhangela kwamehlo akho; kodwa yazi ukuba ngenxa yezo zinto zonke uThixo uya kukusa ematyaleni.”—INTSHUMAYELI 11:9.

1, 2. (a) Yintoni uYehova ayinqwenelela ulutsha? (b) Kutheni kububudenge nje ukuba nosukelo lwayo nantoni na enomtsalane entliziyweni nasemehlweni akho?

“UBUTSHA, ukudlamka nokuba ngoselula kunjengemihla yasentlakohlaza. Kunokuba ukhalazele . . . ukudlula kwayo ngokukhawuleza, zama ukuyinandipha.” Yabhala yenjenjalo enye imbongi engumJamani yenkulungwane ye-19. Loo mazwi okunicebisa nina baselula aphinda lawo abhalwa kumawaka eminyaka ngaphambilana kwincwadi yeBhayibhile yeNtshumayeli athi: “Vuya, ndodana, ebutsheni bakho, ikuchwayitise intliziyo yakho ngemihla yobudodana [okanye, yobuntombi] bakho, uhambe ngeendlela zentliziyo yakho, nangokukhangela kwamehlo akho.” (INtshumayeli 11:9a) Ngoko uYehova uThixo akathi ngokungeyomfuneko abe nembono elandulayo ngoko kunqwenelwa lulutsha. Ufuna ukuba uwanandiphe ngokuzeleyo amandla nokomelela kobutsha bakho.—IMizekeliso 20:29.

2 Noko ke, ngaba oku kuthetha ukuba unokuba nosukelo lwayo nantoni na enomtsalane entliziyweni nasemehlweni akho? Akunjalo konke konke! (Numeri 15:39; 1 Yohane 2:16) Esi sibhalo sihlabela mgama sisithi: “Kodwa yazi ukuba ngenxa yezo zinto zonke [usukelo olukhethayo ukuze wanelise iminqweno yakho] uThixo uya kukusa ematyaleni.” (INtshumayeli 11:9b) Ewe, akunakuyiphepha imiphumo yezenzo zakho; abaselula, njengabo bakhulileyo, balindelwe ngumgwebo kaYehova.—Roma 14:12.

3, 4. (a) Kutheni nimele nigcine umlinganiselo ophakamileyo wokucoceka ngokokuziphatha? (b) Yiyiphi ingcinezelo enijongene nayo yokuphulukana nokuma okucocekileyo noThixo, ibe kuphakanyiswa yiphi imibuzo?

3 Ukugwetywa nguYehova ngenceba akukhokeleli nje kuphela kubomi obungunaphakade kodwa kwanakulwalamano olusondeleyo noThixo ngoku. Phofu ke, umele uhlale ukumgangatho ophakamileyo wokucoceka ngokokuziphatha. INdumiso 24, indinyana yesithathu ukuya kweyesihlanu, ikubeka oku ngolu hlobo: “Ngubani na onokunyuka aye entabeni kaYehova? Ngubani na onokuma endaweni yakhe engcwele? Ngozandla zimsulwa, ontliziyo inyulu, ongawuphakamiseli kwinkohlakalo umphefumlo wakhe, ongafungiyo ngenkohliso. Uya kwamkela intsikelelo kuYehova, nobulungisa kuThixo ongumsindisi wakhe.” Ewe, nibahle emehlweni kaYehova ukuba nihlala nicocekile ngokokuziphatha.

4 Kanti, kukho ingcinezelo ezingisileyo phezu kwenu yokuniphulukanisa nokuma okucocekileyo eninako kuThixo. Njengoko le mihla yokugqibela isondela esiphelweni sayo, isimo sokuziphatha okubi neempembelelo ezingacocekanga zanda kakhulu. (2 Timoti 3:1-5) Aluzange lube lukhulu kangaka ucelomngeni lokuba ulutsha luhlale lucocekile ngokokuziphatha. Ngaba nihlangabezana ngokuphumelelayo nolu celomngeni? Ngaba niya kuqhubeka nisenjenjalo?

Ucelomngeni Enijamelene Nalo

5. Ziziphi iimpembelelo zokungacoceki ezenza kube nzima ukulondoloza ukuma okucocekileyo phambi koThixo?

5 Iinkqubo zokuzonwabisa zihlasela ulutsha ngezinto ezikusingela phantsi oko kundilisekileyo zize zizukise oko ngokucacileyo kukukuziphatha okubi. Ngokomzekelo, xa kwakuboniswa okokuqala olunye longcelele lwemifanekiso eshukumayo yogonyamelo oluhlasimlis’ umzimba, omnye umhlalutyi wayo wabhala wathi: “Ukutshintshaniswa kwezenzo ezothusa ngokugqithiseleyo zesini, zokubulala, nezokwenziwa kwamanyala kuyinkqubo eqhelekileyo yalo mboniso bhanyabhanya. Ukuba baninzi abantu abaya kuwubukela, oko kuya kuba sesinye isikhumbuzo sokuhla okukhulu kwimilinganiselo emihle . . . yoko kuthandwayo kwimifanekiso eshukumayo.” Ukongezelela kwimifanekiso eshukumayo enjalo kukho iingoma ezinamazwi abalaselisa isini neenkqubo zikamabonwakude ezizukisa isini esingekho mthethweni. Ngaba unokuzichanaba kwimifanekiso ewubonakalisa ngokweenkcukacha ngolo hlobo “loo melelo wokuzibhubhisa” uze ulondoloze ukuma okucocekileyo phambi koThixo? (1 Petros 4:4) Kunjengokuba umzekeliso usitsho: “Umntu unokuwuthabatha na umlilo ase esifubeni sakhe, zingatshi na iingubo zakhe?”—IMizekeliso 6:27.

6. Ulutsha lujamelene nayiphi ingcinezelo evela koontanga balo?

6 Ingcinezelo enijongene nayo yokuba niphulukane nokuma okucocekileyo noThixo ikwavela nakomnye umthombo—oontanga benu. Enye intombazana yehlabathi eneminyaka eli-17 ubudala ibuhlungu yathi: “Ndaba neentlobano zesini okwesihlandlo sokuqala ngezizathu eziphosakeleyo zonke: kuba inkwenkwe endandithandana nayo yazingisa kwelokuba senze oko kwanangenxa yokuba ndacinga ukuba bonke abantu bayakwenza oku.” Akukho mntu ufuna ukuhlekwa. Kungokwemvelo ukufuna ukuthandwa ngabanye. Kodwa xa umela ukuziphatha okuhle okuseBhayibhileni, olunye ulutsha lusenokukugculela. Umnqweno wokuba ngolandelayo, wokufuna ukwamkeleka koontanga bakho, unokukuzisela ingcinezelo yokwenza okuthile okwaziyo ukuba kuphosakele.—IMizekeliso 13:20.

7. Kutheni kunzima ngokukhethekileyo kulutsha ukulwa neempembelelo zokungacoceki, kodwa amawaka abaselula kwintlangano kaYehova aye azibonakalisa engabanjani?

7 Kunzima ukulwa nezi mpembelelo ingakumbi ebudeni bexesha ‘lokuba sentlahleni,’ xa umnqweno ongokwesini unamandla. (1 Korinte 7:36) Akumangalisi ngoko ukuba omnye umbutho wophengululo wagqiba kwelithi: “Ngumntu oselula okhethekileyo ongekabi nazo iintlobano zesini ngaphambi komtshato xa ekubudala beminyaka eli-19.” Kanti, abaninzi kakhulu kuni nina bantu baselula kwintlangano kaYehova baye bazibonakalisa bengabantu abakhethekileyo. Nijamelana ngempumelelo nolu celomngeni yaye nihlala nicocekile ngokokuziphatha.

8. Kutheni le nto olunye ulutsha olungamaKristu luye lwasivumela isimo sengqondo sehlabathi sokuziphatha okubi salosulela, yaye ube yintoni umphumo woko?

8 Noko ke, kulusizi ukuthi, ulutsha oluninzi olungamaKristu luye lwavumela isimo sengqondo sehlabathi sokuziphatha okubi ukuba silosulele. Ngoxa lusenokuthi luyakuthanda okulungileyo, alukuthiyanga okubi; ubuncinane, alukuthiyanga ngokwaneleyo. (INdumiso 97:10) Kwiimeko ezithile, lude lubonakale lukuthanda. Kunjengokuba INdumiso 52:3 ikubeka oku ngokuthi: “Uthanda okubi kunokulungileyo; ubuxoki, kunokuthetha ubulungisa.” Lumbi lude lufikelele ekubeni lulugatye ngokupheleleyo ulwalathiso oluvela kwintlangano kaYehova kwimicimbi enjengokwenza amadinga, ukuzonwabisa nokuziphatha okuhle. Ngenxa yoko, lubangela usizi kulo nakubazali balo. Kwakhona luphelelwa sisihombo salo emehlweni kaThixo—2 Petros 2:21, 22.

Uncedo Ekujamelaneni Nolu Celomngeni

9. Yintoni efunekayo ukuze ujamelane nocelomngeni lokuhlala ucocekile ngokokuziphatha?

9 Ninokujamelana njani nocelomngeni lokuhlala nicocekile ngokokuziphatha? Umdumisi wabuza kwaloo mbuzo xa wathi: “Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe?” Wandula ke waphendula ngokuthi: “Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho.” (INdumiso 119:9) Ewe, nifuna ukhokelo oluvela kwiLizwi likaThixo. Yaye uBawo wethu wasezulwini onothando uye waqinisekisa ukuba intlangano yakhe ilungiselela ukhokelo olunjalo ukuze inincede ekubeni nixhathise iingcinezelo zokungacoceki zeli hlabathi.

10, 11. (a) Ziziphi iimpapasho eziye zalungiselelwa ukunceda abaselula ukuba bahlale becocekile ngokokuziphatha? (b) Bambi abaselula baye bancedwa njani lungcelele lwamanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . ”? (c) Wena ngokobuqu ungenelwe njani kungcelele lwamanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . ”?

10 Kwiminyaka edluleyo kuye kwalungiselelwa iimpapasho eziliqela ngokukhethekileyo kucingwa ngabantu abaselula, ezinjengencwadi ethi Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo. Ukususela ngowe-1982, ungcelele lwamanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza. . . ” akwiphephancwadi uVukani! aye anikela isiluleko esiluncedo kakhulu kwimicimbi enjengezinto ezibonisa amanyala, iincwadi zamabali othando nehambo efanelekileyo ebudeni bexesha lokuthandana ngaphambi komtshato. Ngaba inkcazelo enjalo iye yabanceda ngokwenene abantu abaselula? Khawucinge ngalo mzekelo. Amanqaku amaninzi kolu ngcelele axubusha ngoqheliselo lokuphulula amaphambili, ebonisa ukuba lo mkhwa uvuselela “ukuthabatheka okuhlazisayo” yaye unokubangela ukuba nje ngokulula ubani awele ekuziphatheni okubi ngokwesini.a (Kolose 3:5) Kwanikelwa amacebiso asebenzisekayo ngendlela yokulwa nxamnye nalo mkhwa nendlela yokuhlangabezana nokuvukwa likakade. Ngenxa yala manqaku, lumbi ulutsha lwabhala lwenjenje: “Bendisoloko ndinayo le ngxaki yokuphulula amaphambili ukususela oko ndandineminyaka eli-12 ubudala. Ngoku ndineminyaka eli-18, yaye ngokuthe ngcembe ndiyawoyisa lo mkhwa, ndibamba ngazibini ngamanqaku enu.” “Ekubeni ngoku ndithe ndalisebenzisa icebiso elinikelwe kula manqaku, ndizifumanisa ndikwisimo esifaneleke ngakumbi sengqondo. Ndiziva ndicoceke ngakumbi kunangaphambili.”

11 Kuthabath’ ixesha ukufunda nokufundisisa inkcazelo enjalo, kodwa ukwenjenjalo kunokukunceda ukuze uhlale ucocekile ngokokuziphatha. Ngaba uwusebenzisa ngokuzeleyo umbandela opapashiweyo onjalo? Igqabaza ngenqaku elithi “Isini Ngaphambi Komtshato—Kutheni Singafuneki?”b elikungcelele oluthi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . ,” enye intombazana, eyayisafundisisa iBhayibhile ngelo xesha, yabhala yathi: “Ndiyazazi iimvakalelo ezibuhlungu, zokuziva unetyala nezobukhwele oba nazo emva kokuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato, yaye ndizisola gqitha ngoku. Ndimbulela imihla ngemihla uYehova ngokundamkela nokundixolela kwakhe. Ndinethemba lokuba, inqaku lenu liya kunceda abanye ngaphambi kokuba benze ngendlela endenze ngayo. Eneneni kubangel’ intlungu oku. Ngoku ndiyasiqonda isizathu sokuba uYehova uThixo athande ukuba ‘sikhumke kulo uhenyuzo.’”—1 Tesalonika 4:3.

12. Yintoni eya kusishukumisela ukuba sifune ukukholisa uYehova?

12 Oku kusizisa komnye umbandela oya kuninceda ukuze nijamelane ngokuphumelelayo nolu celomngeni: Nimele niqonde ukuba uYehova unguMongami Wendalo Iphela yaye ufanele athotyelwe. (ISityhilelo 4:11) Noko ke, kwangaxeshanye, unguBawo wasezulwini onothando, yaye usinqwenelela okona kulungileyo. (IMizekeliso 2:20-22; Isaya 48:17) Imithetho yakhe icetyelwe ukusikhusela, kungekuko ukusimisela imiqathango ngokungeyomfuneko. Ngaloo ndlela, ukuyithobela kulikhondo lobulumko. (Duteronomi 4:5, 6) Ukusiqonda ngokucacileyo isizathu sokuba uYehova egxininisa kukucoceka okungokokuziphatha kuya kuninceda ukuze nibone isihombo sokwenene kuko yaye kuya kunishukumisela ekubeni nifune ukumkholisa.—INdumiso 112:1.

13. Unokuyiphuhlisa njani ingongoma yokuba umthetho kaYehova owalela uhenyuzo ngowokulungelwa kwethu?

13 Khawucinge ngesibakala sokuba uYehova ekuphelelisele emtshatweni ukuba neentlobano zesini yaye ekwalela ngokungqongqo ukuhenyuza. (Hebhere 13:4) Ngaba ukuthobela lo mthetho kunibandeza okuthile okulungileyo? Ngaba uBawo wasezulwini onothando ebeya kumisa umthetho wokunihlutha uyolo ebomini? Kakade ke akunjalo! Bonani oko kuqhubekayo kubomi boontanga benu abawugatyayo umthetho kaThixo wokuziphatha okuhle. Ukumitha okungafunwayo ngokufuthi kubakhokelela ekuqhomfeni okanye, mhlawumbi, kwimitshato yangaphambi kwexesha. Kwiimeko ezininzi oku kuthetha ukukhulisa umntwana ngaphandle komyeni. Ngaphezu koko, ulutsha oluhenyuzayo ‘lona owalo umzimba’ luze luzichanabe kwizifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini. (1 Korinte 6:18) Yaye xa umntu oselula ozahluleleyo kuYehova ehenyuza, imiphumo eyingozi engokwemvakalelo inokuba yetshabalalisayo. Ukuzama ukukucinezela ukudliwa sisazela esinetyala kunokubangela umvandedwa nokuphuthelwa. (INdumiso 32:3, 4; 51:3) Ngoko, ngaba alicaci elokuba umthetho kaYehova owalela ukuhenyuza ucetyelwe ukukhusela nina? Kukho iingenelo zokwenene ekulondolozeni ukucoceka okungokokuziphatha!

14. Mayela noko kuthethwayo kusithiwa ukutshata usekwishumi elivisayo kuyinkuselo, chaza indlela esifanele siwagqale ngayo amazwi kaPawulos akweyoku 1 yabaseKorinte 7:9 nakwesesi-7:36.

14 Kuyavunywa ukuba, akulula ukunamathela kwimithetho engqongqo kaThixo engokuziphatha okuhle. Ngenxa yoku, lumbi ulutsha luye lwagqiba kwelokuba eyona ndlela iyiyo yokuzikhusela kukutshata ngoxa lusekwishumi elivisayo. Luqiqa ngokuthi, ‘Ngapha koko, ngaba eyoku-1 yabaseKorinte 7:9 ayithi: “Ukuba abanakuzeyisa, mabazeke, mabende, kuba kukhona kulungileyo ukuba kuzekwe, kwendiwe, kunokutshiseka”?’ Noko ke, imbono enjalo ikukungabi nambono iphangaleleyo. La mazwi kaPawulos awabhekiswa kwabakwishumi elivisayo kodwa kwabo ‘bagqithe entlahleni yabo.’ (1 Korinte 7:36) Ubukhulu becala abo basesentlahleni yabo abakakhuli ngokwaneleyo ngokweemvakalelo nangokomoya ukusingatha iingcinezelo neembopheleleko ezihamba nomtshato. IJournal of Marriage and the Family inikela le ngxelo: “Abantu abatshata besebancinane bafumana ulwaneliseko oluncinane emtshatweni kuba bengakhange balungiselele ukuyisingatha kakuhle indima yabo kuwo. Ukungakwazi ukuyisingatha kakuhle indima yabo kunciphisa ulwaneliseko, nto leyo ekhokelela kukungazinzi komtshato.” Ngoko isicombululo sikukuba ningatshati ngoxa niselula, kodwa nihlale ninyulu ngoxa ningekatshati de nibe nivelise zonke iimpawu eziyimfuneko ukuseka umtshato ophumelelayo.

Zigcine Ucocekile!

15. Ngawaphi amanyathelo angqongqo afunekayo ukuba uza kuhlala ucocekile ngokokuziphatha?

15 Umpostile uPawulos wabhala: “Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo.” (Kolose 3:5) Ewe, kufuneka amanyathelo angqongqo; umele uzimisele ukuhlala ucocekile ngokokuziphatha. Igqabaza ngesenzi esiguqulelwe ngokuthi “bhubhisani,” iThe Expositor’s Bible Commentary ithi: “Esi senzi sibonisa ukuba asimele nje kuphela sicinezele okanye silawule izenzo neengcinga ezingendawo. Simele sizitshayele zingabikho, siyitshabalalise ngokupheleleyo indlela ebesifudula siphila ngayo. ‘Ukunyothula ngokupheleleyo’ kusenokuwuphuhlisa umfutho waso. . . . Intsingiselo yesenzi nomfutho wemo yexesha esikulo zibonisa isenzo esinamandla nesibuhlungu sokuzimisela.”—Thelekisa uMateyu 5:27-30.

16. Ukuze uhlale ucocekile ngokokuziphatha, kutheni le nto umele usebenze nzima ukuze uzigcine ucocekile ngokwasengqondweni, yaye unokuphumelela njani ekwenzeni njalo?

16 Noko ke, ‘unokuzinyothula’ ngokupheleleyo okanye ‘uzitshayele’ njani iingcinga zokungacoceki ngokokuziphatha? UYesu wayifumana intsusa-mabandla yale ngxaki xa wathi: “Ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, . . . ookubawa.” (Marko 7:21, 22) Intliziyo yokomfuziselo iquka amandla okucinga, kungeso sizathu le nto inxulunyaniswe ‘nezicamango.’ Ngoko, ukuze uhlale ucocekile ngokokuziphatha umele uzabalazele ukuzigcina ucocekile ngokwasengqondweni. Njani? Ekubeni ingqondo isondliwa ngokusebenza kwezivamvo, umele ukulumkele oko ukujonga ngamehlo akho, uziphephe iincwadi, iinkqubo zikamabonwakude, okanye imifanekiso eshukumayo ebonisa okanye engakugatyiyo ukuziphatha okubi ngokwesini. Kwakhona, umele ukulumkele oko ukuphulaphula ngeendlebe zakho, uzinxwema kwiingoma ezinamazwi abalaselisa ukuziphatha okubi ngokwesini. Ukuma okulolu hlobo kufuna inkalipho, ingakumbi xa ujamelene noontanga bakho, kodwa ukwenza ngolo hlobo kuya kukunceda ukuba uhlale ucocekile ngokokuziphatha uze ulondoloze isidima sakho.

17. Kutheni kungafanele kukhankanywe kwaukukhankanywa phakathi kwenu ukungacoceki ngokokuziphatha?

17 Kwakhona umpostile uPawulos waluleka wathi: “Ke umbulo [“uhenyuzo” NW], nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu njengoko kubafaneleyo abangcwele.” (Efese 5:3; bona kwanendinyana 12.) Ngoko ukungacoceki ngokokuziphatha kufanele kungakhankanywa kwaukukhankanywa, oko kuthetha ukuthi, kungadliwa imbadu ngako okanye kusetyenziswe njengombandela wokuqhula. Kutheni kungenakuba njalo nje? Kunjengokuba umphengululi weBhayibhile uWilliam Barclay ekubeka oku ngokuthi: “Ukuthetha ngento, ukuqhula ngayo, ukuyenza umbandela ekuncokolwa ngawo ngokufuthi kukuyifaka engqondweni yakho loo nto, nokuphembelela ngakumbi umnqweno wokuyenza.” (Yakobi 1:14, 15) Kufuna ukuzimisela ngokwenene ‘ukuwugcina uwubophile umlomo wakho,’ ngokungakumbi xa olunye ulutsha lusenza iziqhulo ezingcolileyo okanye lusebenzisa intetho engamanyala ukuchaza izenzo ezithile ezingokwesini. (INdumiso 39:1) Kodwa ngokuhlala ungothe tye nococekileyo, uya kuyivuyisa intliziyo kaYehova.—INdumiso 11:7; IMizekeliso 27:11.

18. (a) Ukuze woyise kumlo wokungacoceki ngokokuziphatha, kutheni kunganele nje ukugatya iingcinga nentetho engacocekanga? (b) Usenokungenelwa njani kwisiluleko sikaPawulos esasisiya kwabaseFilipi?

18 Ukuze uphumelele kumlo onxamnye nokungacoceki ngokokuziphatha, akwanele nje ukugatya iingcinga nentetho engacocekanga. Isaci samaTshayina sithi: “Ingqondo engenanto yamkela onke amacebiso.” (Thelekisa uMateyu 12:43-45.) UPawulos wayiqonda imfuneko yokuzalisa ingqondo ngeengcinga ezakhayo nezicocekileyo. Ngenxa yoko, wababongoza abaseFilipi esithi: “Iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto [‘camngcani ngenyameko ngezo zinto’c].”—Filipi 4:8.

19. Kutheni le nto umele ulifundisise ngenkuthalo iLizwi likaThixo, yaye oku kuya kukunceda njani ukuze uhlale ucocekile ngokokuziphatha?

19 Oku kuthetha ukulifundisisa ngenkuthalo iLizwi likaThixo. (Yoshuwa 1:8; INdumiso 1:2) Liya kuyomeleza ingqondo nentliziyo yakho yaye liya kukunceda ukuba wakhe ulwalamano olusondeleyo noYehova. Ngaloo ndlela uya kuba kwimeko efaneleke ngakumbi yokuzixhathisa izihendo zokuba ubandakanyeke kwihambo engacocekanga. Akusayi kuthi nje ngokulula uzibeke engozini yokuzisa ugculelo egameni likaYehova nosizi kwintsapho yakowenu nasebandleni. Kunoko, uya kuwasebenzisa amandla nokomelela kobutsha bakho ngendlela ongasayi kuthi kamva uzisole ngayo. Ewe, uya kulandela ikhondo lokucoceka ngokokuziphatha, enyanisweni elisisihombo solutsha olufunyanwa lukhonza uYehova!—IMizekeliso 3:1-4.

[Imibhalo esemazantsi]

a Bona inkupho kaVukani! kaSeptemba 8, 1987, iphepha 14-16; Disemba 8, 1987, iphepha 12-14; nekaMatshi 8, 1988, iphepha 16-19.

b UVukani! kaDisemba 8, 1985, iphepha 16-18.

c IThe Expositor’s Greek Testament.

Lutsha—Ninokuphendula Nithini?

◻ Kutheni le nto nimele nigcine umlinganiselo ophakamileyo wokucoceka ngokokuziphatha?

◻ Ziziphi iingcinezelo ezikwenza kube lucelomngeni ukulondoloza ukuma okucocekileyo noThixo?

◻ Yintoni enokuninceda ukuze nijamelane nocelomngeni lokuhlala nicocekile ngokokuziphatha?

◻ Ngawaphi amanyathelo angqongqo afunekayo ukuba niza kuzigcina nicocekile?

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Inkoliso yabo basesentlahleni yabo bancinane gqitha ukuba banganyamekela iimbopheleleko zokuba ngabazali

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share