Uyijonga Njani Imithetho Elishumi?
ABANTU bayijonga iMithetho Elishumi yeBhayibhile ngeendlela ezahlukahlukeneyo. AmaSabatha athi iMithetho Elishumi iyabophelela kubantu bonke. AmaLuthere ayigqala “iyeyona ngqokelela yemithetho eyakhe yanikelwa anokuthi umntu ngamnye asekele kuyo ubomi bakhe.” Isithethi samaKatolika sicacisa sisithi, “Ukuba iqondwe kakuhle, iMithetho Elishumi isanikela isiseko sobomi bobuKristu.”
Ngaloo ndlela, ngoxa amanye amaqela onqulo ekholelwa ukuba sifanele sithobele iMithetho Elishumi de kuse kwisuntswana lokugqibela, bambi bayigqala kuphela njengokhokelo lokuziphatha okuhle. Enyanisweni, ngokutsho kwe-Encyclopœdia of Religion and Ethics, “kubonakala ngathi alukho uxwebhu olubhalwe ngumntu olukhe lwanempembelelo enkulu elunqulweni nakubomi bokuziphatha kuneMithetho Elishumi.” Kutheni kunjalo nje? Kuqala khawuqwalasele oko ikuthethayo. Ihlab’ emxholweni, inomongo yaye inamandla. Kodwa ufanele uyijonge njani iMithetho Elishumi? Ithetha ntoni kuwe?
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
IMITHETHO ELISHUMI
1. Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.
2. Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kwezo nto . . .
3. Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho . . .
4. Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise. Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho . . . Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho . . .
5. Beka uyihlo nonyoko . . .
6. Uze ungabulali.
7. Uze ungakrexezi.
8. Uze ungebi.
9. Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.
10. Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.—Eksodus 20:3-17.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]
Umfanekiso okwiphepha elingaphandle: Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.