UYehova Usazi Kakuhle!
UYEHOVA usazi ngokwenene, ingakumbi ukuba singabakhonzi bakhe abanyanisekileyo. Izihlobo ezisondeleyo, izalamane, kwanabazali, abasazi kakuhle njengokuba yena esazi. Ewe, uThixo yena usazi ngakumbi kunokuba thina sizazi!
Ulwazi olugqibeleleyo lukaYehova ngabakhonzi bakhe lwachazwa kakuhle kwiNdumiso 139. Yintoni awayithethayo uDavide kuloo ndumiso? Ibe ngaba ukusazi kukaThixo kumele kuyichaphazele njani intetho nezenzo zethu?
Oko UYehova Akwaziyo!
Ekubeni uThixo enguMdali wethu, sifanele simlindele ukuba abe nolwazi olupheleleyo ngathi. (IZenzo 17:24-28) Ngenxa yoko, uDavide wayenokuthi: “Yehova, undigocagocile, wandazi.” (INdumiso 139:1) Ulwazi lukaThixo ngoDavide lwalufana nolo olufunyanwa ngokwenza uhlolisiso olunenyameko. Evuya kuba uYehova wayemgocagocile, umdumisi wazinikela ngokupheleleyo kulawulo nakukhokelo lukaThixo. Ngokufanayo, amaNgqina kaYehova ngomthandazo ‘ayekela kuYehova indlela yawo, akholose ngaye,’ eqinisekile ukuba ngalo lonke ixesha uya kwenza oko kulungileyo. (INdumiso 37:5) Kukho imvakalelo yokunqabiseka ngokomoya ezintliziyweni zethu ngenxa yokuba sifuna ukukhokelwa bubulumko bukaThixo, ibe ngokuvumayo siyazithoba kukhokelo lwakhe lobuthixo. (IMizekeliso 3:19-26) Ngokufana noDavide, sinokufumana intuthuzelo ngokwazi ukuba uThixo usijongile, eziqonda iingxaki zethu, ibe usoloko ekulungele ukusinceda.
Umdumisi wavuma esithi, “wena uyakwazi ukuhlala kwam nokusuka kwam.” (INdumiso 139:2a) UThixo wayesazi yonke into eyayisenziwa nguDavide, njengokuhlala kwakhe phantsi ekupheleni kwemini yomsebenzi ibe nokuvuka kwakhe emva kokuphumla ebusuku. Ukuba singamaNgqina kaYehova, masiqinisekiswe kukuba ngokufanayo uThixo usazi kakuhle ngaloo ndlela.
UDavide wavuma esithi: “Uyaziqonda izicamango zam nakude.” (INdumiso 139:2b) Nangona uThixo ehlala emazulwini kude lee kummandla wasemhlabeni, wayekwazi oko kwakucingwa nguDavide. (1 Kumkani 8:43) Ukuqonda okunjalo akumele kusothuse, kuba uYehova “ukhangela intliziyo.” (1 Samuweli 16:7; IMizekeliso 21:2) Isibakala sokuba uThixo ezihlolisisa iingcinga zethu simele sisishukumisele ekubeni sicinge ngezinto ezinyulu, ezinesidima neziludumo oluhle. Ibe hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba sizivakalise ngokuthe rhoqo iingcinga zethu ngomthandazo onyanisekileyo ukuze sifumane ukhokelo ‘noxolo lukaThixo’!—Filipi 4:6-9.
Umdumisi wongezelela esithi: “Ukuhamba kwam nokulala kwam, uyakwela; uqhelene neendlela zam zonke.” (INdumiso 139:3) Ukulinganisa kwakhe ukuhamba kukaDavide esuka kwenye indawo esiya kwenye nokulala kwakhe ngoxa ephumle ngokucacileyo kwathetha ukuba uYehova wayephicotha yonke into umdumisi awayeyenza. Osenyangweni wayelinganisa zonke izenzo zikaDavide ukuze aqinisekise ngendlela awayeziphatha ngayo. UThixo wayenolwazi olupheleleyo ngeendlela zikaDavide, ikhondo awayehamba ngalo ebomini. Xa uBawo wethu wasezulwini esihlolisisa ngendlela efanayo, kwanga angasifumana simkhonza ngokuthembeka ibe sihleli ‘kumendo wobulungisa’ okhokelela kubomi obungunaphakade.—IMizekeliso 12:28.
Ekubeni kwakungekho nto awayenokuyithetha efihlakeleyo kuThixo, uDavide wathi: “Ngokuba akukho lizwi elulwimini lwam ongalaziyo ke, Yehova, kanye.” (INdumiso 139:4) Ukuba sixinezeleke kangangokuba asikwazi oko emasikuthethe emthandazweni, umoya kaYehova ‘uyasithethelela ngezincwino ezingathethekiyo.’ (Roma 8:26) Kwiincoko zethu, uThixo unokubona izinto ezisencamini yolwimi kodwa ezingathethwanga, kuba uyazazi iimvakalelo zethu zokwenyaniso. Yaye ukuba sinothando oluphuma ‘elukholweni olungahanahanisiyo,’ asisayi kuze sizame ukukhohlisa abanye “ngamazwi anencasa.”—1 Timoti 1:5; Roma 16:17, 18.
UDavide wongezelela wathi: “Ngasemva nangaphambili undingqingile, wasibeka phezu kwam isandla sakho.” (INdumiso 139:5) Ngenene, uYehova wamrhangqa uDavide njengesixeko esingqingiweyo ngexesha ledabi. Kuyabonakala ukuba umdumisi wayesazi ukuba kwakukho imida koko wayenokukwenza ngethuba lokudla kwakhe ubomi. Kwakhona wayesazi ukuba kwakungenakwenzeka ukuba azimele kwiliso elibukhali likaThixo nesandla sakhe, okanye ulawulo lwakhe. Kakade ke, uDavide akazange azame ukuphuncula kuye, ibe ke nathi asifuni ukwenjenjalo. Kodwa masisoloko siziphatha siqonda ukuba isandla sikaYehova siphezu kwethu njengamaNgqina akhe.
Ukumazi kukaThixo uDavide kwamenza wanoloyiko. Ngaloo ndlela, wavakalisa wathi: “Kubalulekile kum oko kwazi, kuphezulu, kundinqabele.” (INdumiso 139:6) Ulwazi lukaThixo ngathi njengabantu ngabanye lugqibelele kangangokuba asinako ukululinganisa, kungakhathaliseki amava okanye imfundo esinayo. Ekubeni lukugqwesa ukwazi kwabantu, sinokuqiniseka ukuba uYehova wazi oko kukokona kulungileyo ngathi. Ngenxa yoko, ukuba sithandazela okuthile ize impendulo yakhe ibe nguhayi, masizithobe kukuthanda kukaThixo. Kunjengokuba umpostile uYohane wabhala esithi: “Ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva.”—1 Yohane 5:14.
Akukho Kuphuncula Kumoya KaThixo
UYehova akaphenduli nje kuphela imithandazo yabakhonzi bakhe abanyanisekileyo kodwa umoya wakhe ukwasebenza kubo ukuze ubancede ukuba benze ukuthanda kwakhe. Enyanisweni, uDavide wabuza esithi: “Ndingahambela phi na ukumka emoyeni wakho? Ndingabalekela phi na ukumka ebusweni bakho?” (INdumiso 139:7) Umdumisi wayesazi ukuba wayengenakuphuncula kumoya kaYehova, okanye amandla akhe asebenzayo, anokufikelela nakwiindawo ezikude zendalo iphela. Ibe akukho mntu unokubaleka ebusweni bukaThixo, oko kukuthi, emke kwingqalelo yakhe. Kuyinyaniso ukuba, “uYona wesuka, ebalekela eTarshishe, emka ebusweni bukaYehova,” kodwa loo mprofeti wayengenakuyiphepha intlanzi enkulu uThixo awayimisela ukuba imginye okanye ukuziphendulela ngenxa yesabelo sakhe esingokobuthixo. (Yona 1:3, 17; 2:10–3:4) Ngoko ke, masithembele ngomoya kaYehova ukuze usincede siphumeze izabelo zethu esizinikwe nguThixo.—Zekariya 4:6.
Ekubeni uDavide wayesazi ukuba kwakungenakwenzeka ukuba angabonakali kuThixo, wathi: “Ukuba ndithe ndenyuka ndaya emazulwini, ulapho wena; ukuba ndithe ndazandlalela kwelabafileyo, nanko ukho.” (INdumiso 139:8) Ngomhla womdumisi, ‘ukunyukela emazulwini’ kwakuthetha ukuqabela phezu kweentaba eziphakamileyo, ezazineencopho ngokufuthi ezazigutyungelwa ngamafu. Sekunjalo, ukuba sasikweyona ncopho iphakamileyo yentaba, sasingenakuba sikwindawo engenakufikelelwa ngumoya kaThixo. Ngaphezu koko, sasingenakuyiphepha ingqalelo yakhe ukuba sasikwelabafileyo, ngokufuziselayo okuthetha ezona nzulu zomhlaba.—Thelekisa iDuteronomi 30:11-14; Amosi 9:2, 3.
UDavide wathi, “ukuba ndithe ndaphakamisa amaphiko esifingo, ndaya ndahlala ekupheleni kolwandle, besingandikhaphayo kwanalapho isandla sakho, sindibambe isandla sakho sokunene.” (INdumiso 139:9, 10) Lithetha ntoni ibinzana elithi “amaphiko esifingo”? La mazwi acacisa ngendlela ebumbongo indlela ukukhanya kwesifingo, ngokungathi kungamaphiko, kunabela ngokukhawuleza ngasempuma ukuya ngasentshona. Kodwa kuthekani ukuba uDavide wayenokuthabatha amaphiko esifingo aze afikelele kweyona ndawo ikude yolwandle okanye iziqithi ezisentshona? Sekunjalo wayesaya kuba phantsi kwesandla sikaThixo, okanye ulawulo nolwalathiso lwakhe. Ngoncedo lomoya Wakhe, uYehova wayeya kufikelela nalapho amkhokele ngothando umdumisi.—INdumiso 51:11.
Ubumnyama Abuyongxaki KuThixo
Umgama okanye ubumnyama abunako ukumenza umntu abekude kuThixo. Ngoko uDavide wongezelela esithi: “Ukuba ndithe, mabundisongele ubumnyama bona bodwa, nokukhanya kube bubusuku ngeenxa zonke kum: kwanobumnyama obo abungebi bubumnyama kuwe; ubusuku bungaba mhlophe njengemini, ubumnyama bungaba njengokukhanya.” (INdumiso 139:11, 12) Umntu ebesenokugutyungelwa bubumnyama obupheleleyo, ngokungathi ubanjiswe bubo. Kodwa kuYehova ebeya kubonakala ngokungathi ume emini enkulu. Akukho mntu unokumfihlela uThixo naziphi na izono ezenziwe ebumnyameni.—Isaya 29:15, 16.
Ukuzifihla komntu akwenzi angabonakali kuMdali wethu. Kulo mba uDavide wathi: “Ngokuba wena wazibumba izintso zam, wandibiyela esizalweni sikama. Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; zibalulekile izenzo zakho, umphefumlo wam uyazi kakuhle. Ayengagushekile kuwe amathambo am, mna ndenzelwayo entsithelweni, ndalukwa ndayimfakamfele ezinzulwini zomhlaba. Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela; ziyiliwe ngenxa engaphambili, [amalungu omzimba] kungekabikho ke nanye kuzo [ilungu lomzimba elicacileyo].”—INdumiso 139:13-16.
UYehova uThixo, owazi iimvakalelo zethu ezinzulu, wabumba izintso zikaDavide. Ekubeni ziphakathi kanye emzimbeni, izintso ziphakathi kwawona malungu omzimba afihlakeleyo nangenakufikelelwa, kodwa uThixo unako ukuzibona. Unako nokukhangela esiswini sikanina, okanye esibelekweni. Ewe, uYehova unako ukubona imveku engekazalwa esakhulayo! Ukucinga nje ngendlela emangalisayo awabunjwa ngayo esibelekweni uDavide kwamshukumisela ukuba amdumise uMenzi wakhe. Ngokucacileyo umdumisi wabhekisela kwisibeleko sikamama ‘njengentsithelo.’ Apho, efihliwe kwimbonakalo yomntu kodwa ebonakala kuThixo, amathambo omntwana, imisipha, izihlunu, imithambo-luvo, nemithambo yegazi kulapho yolukwa khona.
Ngaphambi kokuba iinxalenye zomzimba kaDavide zibe zazinokubonakala esibelekweni sikanina, inkangeleko yakhe yayisaziwa nguThixo. Ngoba? Kungokuba ukukhula kweemveku engekazalwa kwakulandela inkqubo ethile, ngokungathi yayithobela imiyalelo ebhalwe encwadini. Hayi indlela oku okububonakalisa ngayo ubulumko bukaYehova namandla akhe okubona kwanezinto ezifihlakeleyo! Kwakhona oku kumele kusenze sikuxabise ukuba uThixo wadala uhlanga loluntu ibe nguye onembopheleleko yazo zonke iinkqubo zokuvelisa ezimangalisayo eziye zabangela ubukho bethu njengabantu ngabanye.
Hayi Indlela Ezixabiseke Ngayo Iingcinga ZikaThixo!
Ukucinga ngokukhula kosana esibelekweni kwamenza uDavide wacinga ngobulumko bukaThixo. Ngaloo ndlela, umdumisi wadanduluka esithi: “Kum ke zinjani na ukunqaba izicamango zakho, Thixo! Asingangani isimbuku sazo!” (INdumiso 139:17) UDavide wazixabisa izicamango zikaYehova uThixo, ibe zininzi kangangokuba wayechukumisekile ‘sisimbuku sazo.’ Ukuba izicamango zikaThixo zixabisekile kuthi, siya kuba ngabafundi abakhutheleyo beZibhalo. (1 Timoti 4:15, 16) Izicamango zakhe ezibhaliweyo ‘zincedela ukufundisa, ukohlwaya, ukuqeqesha okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.’—2 Timoti 3:16, 17.
Ngokuphathelele izicamango zikaYehova, uDavide wathi: “Zingathi, ndizibalile, zibe ninzi ngaphezu kwentlabathi; ndakuvuka ndoba ndisenawe.” (INdumiso 139:18) Ekubeni izicamango zikaThixo zizininzi ngakumbi kunentlabathi, ukuba uDavide wayenokuqalisa ukuzibala xa kuthi qheke ukusa, wayengayi kuzigqiba de kufike ixesha lokulala. Ekuvukeni kwakhe ekuseni, wayeya kuba esenaye uYehova. Oko kuthetha ukuthi, wayeya kuba esabala izicamango zikaThixo. Enyanisweni, ekubeni silufuna ulwalathiso lukaYehova, ukucamngca ngomthandazo ngezicamango neenjongo zakhe kusenokuthi ngokufanelekileyo kuzigcine iingqondo zethu kude kube sebusuku kuze kube yinto yokuqala ekuseni.—INdumiso 25:8-10.
Impindezelo Kwabangendawo
Ekubeni uThixo enikela ulwalathiso lobulumko, uDavide wavakalelwa njani ngabo balugatyayo ukhokelo lukaThixo? Wathandaza esithi: “Ngamana wambulala ongendawo, Thixo! Nina madoda amagazi, sukani kum. Abo bakukhankanyela amayelenqe, balibizele inkohlakalo igama lakho abazondi bakho.” (INdumiso 139:19, 20) UDavide akazange azame ukubabulala abangendawo kodwa wathandaza ukuba akwaba bebeya kuzuza impindezelo evela esandleni sikaYehova. Nathi sifanele sibe nesimo sengqondo esinjalo. Ngokomzekelo, sinokuthandazela inkalipho ekuthetheni iLizwi likaThixo xa iintshaba zisitshutshisa. (IZenzo 4:18-31) Kodwa asifuni ukuzitshabalalisa ngokwethu iintshaba zethu, kuba siyazi ukuba uYehova wathi: “Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna.”—Hebhere 10:30; Duteronomi 32:35.
Ukuba uThixo wayebabulele abangendawo, abantu abanjalo abanetyala legazi babeya kumka kuDavide. Babenengxelo yokuba netyala lokuphalaza igazi ibe kwakhona bathetha izinto ngoYehova ngokweengcamango zabo, kungekhona ngokuvisisana nezicamango zakhe. Ngaphezu koko, babefanelwe kukufa ngenxa yokuzisa ugculelo egameni likaThixo ngokuliphatha ngendelelo, ngokunokwenzeka belisebenzisa njengoko babehambisela phambili izinto zabo ezimbi ababeziceba. (Eksodus 20:7) Ngamana singakuphepha nanini na ukuba netyala lezono ezinjengezo!
Ngenxa yokuba abangendawo babenetyala lokuphalaza igazi nokuzisa ugculelo egameni likaThixo, uDavide wavakalisa oku: “Andinakubathiya na abakuthiyayo, Yehova, ndikruquke ngabasukela phezulu kuwe? Ndibathiya ngentiyo ephelelisileyo, kum mna baziintshaba.” (INdumiso 139:21, 22) UDavide waziva ebacekisa aba bantu ngenxa yokuba babemthiye kakhulu uYehova ibe babemvukela. Babeziintshaba zomdumisi ngenxa yokuba wayebucekisa ubungendawo babo, ukungahloneli Thixo, nokuvukela kwabo Osenyangweni.
Mvumele UThixo Akucikide
UDavide akazange afune ukuba afane nabantu abangendawo, kodwa wayesazi ukuba wayengafanele abe nobutshaba ngakubo. Ngoko wathandaza wathi: “Ndigocagoce, Thixo, uyazi intliziyo yam; ndicikide, uzazi iingcingangcinga zam; ubone ukuba kukho ndlela yobubi na kum, undikhaphele kwindlela engunaphakade.” (INdumiso 139:23, 24) Ngokufana nomdumisi, sifanele sifune ukuba uThixo azicikide iintliziyo zethu aze asihlole enoba sineentshukumisa ezingafanelekanga kusini na. (1 Kronike 28:9) Sifanele simcele uYehova ukuba asicikide, azazi ezona nzulu zeengcamango zethu aze abone ukuba akukho naziphi na iindlela ezimbi kuthi. Ukuba sixhalatyiswa ziimpazamo zethu okanye kukho nayiphi na intlungu engaphakathi kwethu okanye into ephosakeleyo kwiintshukumisa zethu, masithandaze ngokuthobekileyo size sizithobe ngokupheleleyo kulwalathiso lomoya kaThixo nakwisiluleko seLizwi lakhe. (INdumiso 40:11-13) Ngokwenjenjalo, oyena Mhlobo wethu, uYehova, unokusikhokelela kwindlela kanaphakade, esinceda ukuba siphuthume ikhondo lobulungisa elikhokelela kubomi obungunaphakade.
Ngaloo ndlela INdumiso 139 inikela ukhuthazo lokwenene. Ibonisa ukuba, ekubeni kungekho nto angenakuyibona uBawo wethu osezulwini, unako ukusinceda ngalo lonke ixesha lobunzima. (Hebhere 4:16) Ngaphezu koko, ngenxa yokuba uYehova esazi ngakumbi kunokuba sizazi thina, sinqabisekile phantsi kwenyameko yakhe enothando. (Duteronomi 33:27) Ukuba simcela ngokuthobekileyo ukuba asigocagoce aze azise iintsilelo zobuqu engqalelweni yethu, sinako ukuyilungisa imicimbi ngoncedo lwakhe. Ngoko ke, ngokuqinisekileyo ukusazi kukaThixo njengabantu ngabanye kufanele kubuchaphazele ubomi bethu ngendlela esenza sityekele kokulungileyo. Kufanele kusishukumisele ekubeni sibe ngabameli abathembekileyo bonqulo lokwenyaniso size sihambe ngokuthobekileyo phambi koYehova, osazi kakuhle ngolo hlobo.