“Ndigocagoce, Thixo”
“Ndigocagoce, Thixo, uyazi intliziyo yam; . . . undikhaphele kwindlela engunaphakade.”—INDUMISO 139:23, 24.
1. UYehova uqhubana njani nabakhonzi bakhe?
SONKE siyathanda ukuphathwa ngumntu oqondayo, uthile oziqwalaselayo iimeko zethu, uthile osincedayo xa sisenza iimpazamo, uthile ongafuni kuthi okungaphezulu koko sinokukwenza. UYehova uThixo uqhubana ngaloo ndlela nabakhonzi bakhe. INdumiso 103:14 ithi: “Uyakwazi yena ukubunjwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” Yaye uYesu Kristu, oyimbonakaliso egqibeleleyo kaYise, udlulisela esi simemo sobubele: “Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla. Thabathani idyokhwe yam niyithwale [okanye, “Ngenani edyokhweni yam kunye nam,” ngokombhalo osemazantsi weNW], nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.”—Mateyu 11:28-30.
2. Thelekisa imbono kaYehova naleyo yabantu ngokuphathelele (a) uYesu Kristu, kunye (b) nabalandeli bakaKristu.
2 Imbono kaYehova ngabakhonzi bakhe ngokufuthi yahluka gqitha kuleyo yabantu. Imicimbi uyijonga ngendlela eyahlukileyo yaye uqwalasela neenkalo abanye abasenokuba abazazi. Xa uYesu Kristu wayesemhlabeni, ‘wayedeliwe, eshiyiwe ngabantu.’ Abo bangazange bakholwe kuye njengoMesiya abazange ‘bambeke.’ (Isaya 53:3; Luka 23:18-21) Kodwa, emehlweni kaThixo, ‘wayenguNyana [kaThixo] oyintanda,’ uYise awathi kuye: ‘Ndikholisiwe nguwe.’ (Luka 3:22; 1 Petros 2:4) Phakathi kwabalandeli bakaYesu Kristu kukho abantu abajongelwa phantsi ngenxa yokuba bengamahlwempu ngezinto eziphathekayo yaye benyamezela ukubandezeleka okugqithiseleyo. Noko ke, emehlweni kaYehova noNyana wakhe, abanjalo basenokuba bazizityebi. (Roma 8:35-39; ISityhilelo 2:9) Kutheni kukho oku kwahluka kweembono?
3. (a) Kutheni imbono kaYehova ngabantu ngokufuthi isahluka gqitha kweyabantu? (b) Kutheni kubaluleke gqitha ukuba sizihlole ukuba siluhlobo luni lwabantu ngaphakathi?
3 UYeremiya 11:20 uyaphendula: “Yehova . . . [uyazicikida] izintso nentliziyo.” Ubona oko sikuko ngaphakathi, kwanezo nkalo zobuntu bethu zifihlakeleyo kwabanye. Xa esicikida, ngokuyintloko ugxininisa kwiimpawu neemeko ezibalulekileyo ekubeni sibe nolwalamano oluhle naye, ezo zinokusizisela iingenelo ezihlala zihleli. Ukwazi oko kuyasiqinisekisa; yaye kuyasikhuthaza. Ekubeni uYehova enikela ingqalelo koko sikuko ngaphakathi, kubalulekile ukuba sizihlolisise oko sikuko ngaphakathi ukuba siza kuzingqina siluhlobo lwabantu abafunayo kwihlabathi lakhe elitsha. ILizwi lakhe lisinceda senze uhlolisiso olunjalo.—Hebhere 4:12, 13.
Hayi Indlela Ezixabiseke Ngayo Iingcinga ZikaThixo!
4. (a) Yintoni eyashukumisela umdumisi ukuba athi iingcinga zikaThixo zazixabisekile kuye? (b) Kutheni zifanele zixabiseke kuthi?
4 Emva kokucamngca ngobubanzi nobunzulu bendlela uThixo abazi ngayo abakhonzi bakhe, kwanangamandla kaThixo angaphezu kwaqhelekileyo okunikela naluphi na uncedo abasenokulufuna, umdumisi uDavide wabhala: “Kum ke zinjani na ukunqaba izicamango [“ukuxabiseka iingcinga,” NW] zakho!” (INdumiso 139:17a) Ezo ngcinga, ezityhilwe eLizwini lakhe elibhaliweyo, ziphakame gqitha kunazo naziphi na ezabantu, kungakhathaliseki ukuba zisenokubonakala zikrelekrele kangakanani na iimbono zabo. (Isaya 55:8, 9) Iingcinga zikaThixo zisinceda salathisele ingqalelo kwizinto ezibaluleke ngokwenene ebomini yaye sibe nenzondelelo enkonzweni yakhe. (Filipi 1:9-11) Zisibonisa indlela yokujonga imicimbi ngendlela uThixo ayijonga ngayo. Zisinceda sinyaniseke kwiziqu zethu, sivume ukuba ngokwenyaniso singabantu abanjani na ezintliziyweni. Ngaba ukulungele ukwenjenjalo?
5. (a) Yintoni iLizwi likaThixo elisibongoza ukuba “nazintweni zonke” siyilondoloze? (b) Sinokungenelwa njani kwingxelo yeBhayibhile engoKayin? (c) Nangona singekho ngaphantsi koMthetho kaMoses, usinceda njani siqonde oko kumkholisayo uYehova?
5 Abantu batyekele ekugxininiseni kakhulu kwimbonakalo yangaphandle, kodwa iZibhalo zisiluleka zisithi: “Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho.” (IMizekeliso 4:23) Ngemithetho nangemizekelo, iBhayibhile isinceda senjenjalo. Isixelela ukuba uKayin ngokungakhathali wanikela amadini kuThixo ngoxa intliziyo yakhe yayizele yingqumbo, kwaza kwalandela intiyo, ngakumntakwabo uAbheli. Yaye isibongoza ukuba singafani naye. (Genesis 4:3-5; 1 Yohane 3:11, 12) Inikela ingxelo ngemfuneko yokuthobela echazwe kuMthetho kaMoses. Kodwa kwakhona igxininisa ukuba eyona mfuneko ibalaselayo yoMthetho yayikukuba abo banqula uYehova bamele bamthande ngentliziyo, ingqondo, umphefumlo namandla abo ephela; yaye ithi umthetho olandela lowo ngokubaluleka yayingowokuthanda abamelwane babo njengokuba bezithanda.—Duteronomi 5:32, 33; Marko 12:28-31.
6. Xa sisebenzisa IMizekeliso 3:1, yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona?
6 KwiMizekeliso 3:1 sibongozwa ukuba singaneli nje ukugcina imithetho kaThixo kodwa siqiniseke ukuba ukuthobela kwethu kuyimbonakaliso yoko kusentliziyweni yethu ngokwenene. Ngamnye kuthi kufuneka azibuze, ‘Ngaba ndikuthobela ngenxa yeso sizathu oko uThixo akufunayo?’ Ukuba siyaqonda ukuba kwimicimbi ethile intshukumisa okanye ukucinga kwethu akufanelekanga—yaye akukho namnye kuthi onokuthi akanasiphako—kufuneka ke sizibuze, ‘Ndenza ntoni ukuze ndiyiphucule le meko?’—IMizekeliso 20:9; 1 Yohane 1:8.
7. (a) Ukugxeka kukaYesu abaFarisi kuMateyu 15:3-9 kunokusinceda njani silondoloze intliziyo yethu? (b) Ziziphi iimeko ezisenokwenza kube yimfuneko ukuba sithabathe amanyathelo angqongqo okuqeqesha ingqondo nentliziyo yethu?
7 Xa abaFarisi bamaYuda benza ngathi babemhlonela uThixo ngoxa ngobuqhophololo babekhuthaza izenzo ezazishukunyiswa zizilangazelelo zobuqu, uYesu wathi bangabahanahanisi waza wabonisa ukuba unqulo lwabo lwalulilize. (Mateyu 15:3-9) Kwakhona uYesu walumkisa ngelokuba ukuze simkholise uThixo, ozibonayo iintliziyo zethu, akwanele ukubonakala ngathi siphila ubomi bokuziphatha kakuhle ngoxa, ngenjongo yokuziyolisa, sithe gqolo sizifica ngeengcinga zokuziphatha okubi. Kusenokufuneka sithabathe amanyathelo aqatha ukuze siqeqeshe ingqondo nentliziyo yethu. (IMizekeliso 23:12; Mateyu 5:27-29) Kwakhona uqeqesho olunjalo luyimfuneko ukuba ngenxa yomsebenzi wethu wempangelo, usukelo esinalo lwemfundo, okanye ukuzonwabisa esikukhethayo, silinganisa ihlabathi, silivumela ukuba lisixonxe ngokwemilinganiselo yalo. Kwanga asingelibali ukuba umfundi uYakobi wathi ‘ngabakrexezikazi’ abo babesithi bangabakaThixo kodwa befuna ukuba ngabahlobo behlabathi. Ngoba? Ngenxa yokuba “ihlabathi liphela lilele kongendawo.”—Yakobi 4:4; 1 Yohane 2:15-17; 5:19.
8. Ukuze singenelwe ngokuzeleyo kwiingcinga zikaThixo ezixabisekileyo, yintoni ekufuneka siyenze?
8 Ukuze singenelwe ngokupheleleyo kwiingcinga zikaThixo kule mibandela nakweminye, kufuneka sibekele bucala ixesha lokuzifunda okanye lokuziphulaphula. Ngaphezu koko, kufuneka sizifundisise, sithethe ngazo, size sicamngce ngazo. Abafundi beMboniselo abaninzi babakho rhoqo kwiintlanganiso zebandla zamaNgqina kaYehova, ekuxutyushwa iBhayibhile kuzo. Bazongela ixesha kwezinye izinto ukuze benjenjalo. (Efese 5:15-17) Yaye oko bakuzuzayo ngenxa yoku kuxabiseke ngaphezu kobutyebi bezinto eziphathekayo. Ngaba akuvakalelwa ngaloo ndlela?
9. Kutheni abathile ababakho kwiintlanganiso zamaKristu besenza inkqubela ngokukhawuleza ngakumbi kunabanye?
9 Noko ke, abathile ababakho kwezi ntlanganiso benza inkqubela yokomoya ngokukhawuleza ngakumbi kunabanye. Inyaniso bayisebenzisa ngokuzele ngakumbi ebomini babo. Yintoni ebangela oku? Ngokufuthi, uthunywashe obalulekileyo kukukhuthalela kwabo ufundisiso lobuqu. Bayaqonda ukuba asiphili ngasonka sodwa; ukufumana ukutya kokomoya yonke imihla kubaluleke njengokufumana ukutya kokwenyama rhoqo. (Mateyu 4:4; Hebhere 5:14) Ngoko bazabalazela ukuchitha ubuncinane ithuba elithile suku ngalunye befunda iBhayibhile okanye iimpapasho eziyicacisayo. Balungiselela iintlanganiso zebandla, bafundisise izifundo kusengaphambili baze bajonge nezibhalo. Abapheleli nje ngokuwufunda umbandela; bayacamngca ngawo. Indlela abafundisisa ngayo iquka ukucinga nzulu ngomphumo oko bakufundayo okufanele kube nawo kubomi babo. Njengoko bekhula ngokomoya, bavakalelwa ngendlela awayevakalelwa ngayo umdumisi owabhala wathi: “Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho! . . . Ziyimisebenzi ebalulekileyo izingqiniso zakho.”—INdumiso 1:1-3; 119:97, 129.
10. (a) Kungokulifundisisa ithuba elide kangakanani iLizwi likaThixo esinokuthi singenelwe kulo? (b) IZibhalo zikubonisa njani oku?
10 Enoba besifundisisa iLizwi likaThixo unyaka, iminyaka emi-5, okanye iminyaka engama-50, alize libe yinto edinayo—ngaphandle kokuba iingcinga zikaThixo azixabisekanga kuthi. Kungakhathaliseki ukuba nabani na kuthi uzifunde kangakanani iZibhalo, kuninzi esingakwaziyo. UDavide wathi: “Thixo! Asingangani isimbuku sazo! Zingathi, ndizibalile, zibe ninzi ngaphezu kwentlabathi.” Iingcinga zikaThixo asinako ukuzibala. Lingatshona ilanga sizama ukubala iingcinga zikaThixo, liphinde liphume ziseninzi esinokucinga ngazo. Ngaloo ndlela, uDavide wabhala: “Ndakuvuka ndoba ndisenawe.” (INdumiso 139:17, 18) Koda kube semaphakadeni zininzi izinto ekufuneka sizifundile ngoYehova neendlela zakhe. Asisayi kuze sifikelele kumkhamo wokuba sazi yonke into.—Roma 11:33.
Ukuthiya Oko UYehova Akuthiyileyo
11. Kutheni kubalulekile ukungazi nje kuphela iingcinga zikaThixo kodwa kwanokuba neemvakalelo ezifana nezakhe?
11 ILizwi likaThixo asilifundisisi nje ukuze sizalise iintloko zethu ngenkcazelo eyinyaniso. Njengokuba sizivumela zendele ezintliziyweni zethu, sikwaqalisa ukuba neemvakalelo ezifana nezikaThixo. Hayi indlela okubaluleke ngayo oko! Ukuba asibi nazo iimvakalelo ezinjalo, usenokuba yintoni umphumo? Nangona sisenokukwazi ukuphindaphinda oko iBhayibhile ikutshoyo, sekunjalo, sisenokunqwenela izinto ezalelweyo, okanye sisenokuvakalelwa kukuba oko kufuneka sikwenze kuluxanduva. Liyinyaniso elokuba nokuba sikuthiyile okuphosakeleyo, kusenokufuneka sihlale sisilwa ngenxa yokungafezeki njengabantu. (Roma 7:15) Kodwa ukuba asizibhokoxi sizama ukuvisisanisa oko sikuko ngaphakathi noko kulungileyo, ngaba sinokulindela ukuba siya kumkholisa uYehova, “umcikidi weentliziyo”?—IMizekeliso 17:3.
12. Kubaluleke kangakanani ukuthiya oko uThixo akuthiyileyo nokuthanda oko akuthandayo?
12 Ukuthiya oko uThixo akuthiyileyo kusikhusela ngokwenene ekwenzeni okuphosakeleyo, kanye njengokuba ukuthanda oko uThixo akuthandayo kusibangela sikuvuyele ukwenza okulungileyo. (1 Yohane 5:3) IZibhalo zisibongoza ngokufuthi ukuba sihlakulele uthando nentiyo. “Bathandi bakaYehova, kuthiyeni okubi.” (INdumiso 97:10) “Kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo.” (Roma 12:9) Ngaba senjenjalo?
13. (a) Nguwuphi umthandazo kaDavide ongokutshatyalaliswa kwabangendawo esivumelana nawo ngokupheleleyo? (b) Njengokuba kuboniswa kumthandazo kaDavide, ngoobani abangendawo awayethandazela ukuba uThixo abatshabalalise?
13 UYehova uyichaze ngokucacileyo injongo yakhe yokubatshabalalisa abangendawo emhlabeni aze azise ihlabathi elitsha ekuya kuma ubulungisa kulo. (INdumiso 37:10, 11; 2 Petros 3:13) Abathandi bobulungisa bayakulangazelela ukufika kwelo xesha. Bavumelana ngokupheleleyo nomdumisi uDavide, owathandaza wenjenje: “Ngamana wambulala ongendawo, Thixo! Nina madoda amagazi, sukani kum. Abo bakukhankanyela amayelenqe, balibizela inkohlakalo igama lakho abazondi bakho.” (INdumiso 139:19, 20) UDavide wayenganqweneli kubabulala ngokwakhe abangendawo abanjalo. Wathandazela ukuba impindezelo yenziwe nguYehova. (Duteronomi 32:35; Hebhere 10:30) Aba asingobantu ababemkhubekise ngokobuqu uDavide ngandlel’ ithile. Babemmele kakubi uThixo, baliphatha ngendlela engafanelekanga igama lakhe. (Eksodus 20:7) Ngokunganyaniseki, babesithi bayamkhonza, kodwa babesebenzisa igama lakhe ukuze bakhuthaze ezabo iinjongo. UDavide wayengabathandi abo babekhetha ukuba ziintshaba zikaThixo.
14. Ngaba bakho abantu abangendawo abanokuncedwa? Ukuba kunjalo, njani?
14 Kukho amawaka ezigidi zabantu abangamaziyo uYehova. Abaninzi babo ngokungazi benza izinto iLizwi likaThixo elibonisa ukuba zingendawo. Ukuba bayazingisa kweli khondo, baya kuba phakathi kwabo baya kutshabalala kwimbandezelo enkulu. Sekunjalo, akumnandi kuYehova ukufa kongendawo, akufanele kube mnandi nakuthi. (Hezekile 33:11) Logama nje ixesha lisavuma, sizabalazela ukubanceda abantu abanjalo bafunde iindlela zikaYehova baze bazisebenzise. Kodwa kuthekani ukuba abantu abathile babonisa intiyo egqithiseleyo ngoYehova?
15. (a) Ngoobani umdumisi awabagqala ‘njengeentshaba’? (b) Namhlanje sinokubonisa njani ukuba ‘sibathiyile’ abo bavukela uYehova?
15 Ebhekisela kubo, umdumisi wathi: “Andinakubathiya na abakuthiyayo, Yehova, ndikruquke ngabasukela phezulu kuwe? Ndibathiya ngentiyo ephelelisileyo, kum mna baziintshaba.” (INdumiso 139:21, 22) Kukumthiya kwabo ngokunzulu uYehova okwabangela ukuba uDavide abacaphukele. Abawexuki baqukiwe phakathi kwabo babonisa ukumthiya uYehova ngokumvukela. Eneneni, uwexuko kukuvukela uYehova. Abanye abawexuki bathi bayamazi yaye bayamkhonza uThixo, kodwa abazamkeli iimfundiso okanye iimfuneko ezandlalwe eLizwini lakhe. Abanye bathi bayakholelwa eBhayibhileni, kodwa abayamkeli intlangano kaYehova yaye bazama ngamandla ukuphazamisana nomsebenzi wayo. Xa ngabom bekhetha ububi obunjalo emva kokwazi okulungileyo, xa ububi busendela kangangokuba bungabi nakwahlukana nabo, ngoko umKristu umele abathiye (ngokwembono yeBhayibhile) abo bazidibanise nobubi ngokungenakwahlulwa. AmaKristu okwenyaniso aneemvakalelo ezifana nezikaYehova ngakubawexuki abanjalo; awanamdla kwiimbono zabawexuki. Ngokuchasene noko, ‘abathiyile’ abo bazenze iintshaba zikaThixo, kodwa akuyekela kuYehova ukuphumeza impindezelo.—Yobhi 13:16; Roma 12:19; 2 Yohane 9, 10.
Xa UThixo Esigocagoca
16. (a) Kutheni uDavide wayefuna ukuba uYehova amgocagoce? (b) Yintoni esifanele sicele uThixo asincede siyiqonde ngentliziyo yethu?
16 UDavide wayengafuni kufana nabangendawo nangayiphi na indlela. Abantu abaninzi bazama ukuzifihla oko bakuko ngaphakathi, kodwa ngokuthobeka uDavide wathandaza: “Ndigocagoce, Thixo, uyazi intliziyo yam; ndicikide, uzazi iingcinga-ngcinga [“iingcinga eziphazamisayo,” NW] zam; ubone ukuba kukho ndlela yobubi na kum, undikhaphele kwindlela engunaphakade.” (INdumiso 139:23, 24) Xa wayebhekisela kwintliziyo yakhe, uDavide wayengathethi ngelungu lomzimba. Ngokuvisisana nentsingiselo yokomfuziselo yelo binzana, wayebhekisela koko wayekuko ngaphakathi, umntu wangaphakathi. Nathi sifanele sifune ukuba uThixo ayigocagoce intliziyo yethu aze abone enokuba sineminqweno, iimvakalelo, iinjongo, iingcinga okanye iintshukumisa ezingafanelekanga kusini na. (INdumiso 26:2) UYehova uyasimema esithi: “Ndinike intliziyo yakho, nyana wam, amehlo akho akholiswe ziindlela zam.”—IMizekeliso 23:26.
17. (a) Kunokuzifihla iingcinga zethu eziphazamisayo, sifanele senze ntoni? (b) Ngaba kufanele kusimangalise ukufumana utyekelo oluphosakeleyo entliziyweni yethu, yaye sifanele senze ntoni ngalo?
17 Ukuba ngaphakathi kuthi kukho naziphi na iingcinga zobubi neziphazamisayo ezifihlakeleyo ngenxa yeminqweno ephosakeleyo okanye iintshukumisa eziphosakeleyo okanye ngenxa yehambo yethu ephosakeleyo, ngoko ngokuqinisekileyo kufuneka uYehova asincede siwulungise lo mcimbi. Kunokuba iliguqulele ngokuthi “nayiphi na indlela yobubi,” inguqulelo kaMoffatt isebenzisa ibinzana elithi “ikhondo eliphosakeleyo”; iThe New English Bible ithi: “Nayiphi na indlela ekwenza buhlungu wena [oko kukuthi, Thixo].” Thina sisenokungaziqondi iingcinga eziphazamisayo kuthi yaye ngoko singayazi indlela emasiyichaze ngayo ingxaki yethu kuThixo, kodwa yena uyayiqonda imeko yethu. (Roma 8:26, 27) Akufanele kusimangalise ukuba kubekho utyekelo olubi entliziyweni yethu; sekunjalo, asifanele silungxengxezele. (Genesis 8:21) Sifanele sifune uncedo lukaThixo ukuze siluphelise ngokupheleleyo. Ukuba simthanda ngokwenene uYehova neendlela zakhe, sinokulucela kuye uncedo olunjalo siqinisekile ukuba “uThixo mkhulu kunentliziyo yethu, ezazi izinto zonke.”—1 Yohane 3:19-21.
18. (a) UYehova usikhokelela njani kwindlela engunaphakade? (b) Ukuba siyaqhubeka silandela ulwalathiso lukaYehova, kukuphi ukunconywa okukhuthazayo esinokukulindela?
18 Ngokuvisisana nomthandazo womdumisi wokuba uYehova amkhaphele kwindlela engunaphakade, ngokwenene, uYehova uyabakhokela abakhonzi bakhe abathobekileyo nabathobelayo. Akabakhokeleli nje kuphela kwikhondo elinokubangela babe nobomi obude ngenxa yokuba bengayi kutshatyalaliswa ngokukhawuleza ngenxa yokwenza ububi kodwa ubakhokelela kwikhondo elisa kubomi obungunaphakade. Ubethelela kuthi imfuneko yexabiso ledini likaYesu lokucamagushela izono. NgeLizwi lakhe nangentlangano yakhe, unikela imiyalelo ebalulekileyo ukuze sikwazi ukwenza ukuthanda kwakhe. Ubethelela kuthi imbaluleka yokusabela kuncedo lwakhe ukuze ngaphakathi kuthi sibe luhlobo lwabantu esithi silulo ngaphandle. (INdumiso 86:11) Yaye uyasikhuthaza ngethemba lempilo efezekileyo, kwihlabathi elitsha lobulungisa kunye nobomi obungunaphakade esinokubusebenzisela ukukhonza yena, okuphela koThixo oyinyaniso. Ukuba siyaqhubeka sisabela ngokunyaniseka kulwalathiso lwakhe, eneneni, uya kuthi kuthi, njengokuba watshoyo kuNyana wakhe: ‘Ndikholisiwe nguwe.’—Luka 3:22; Yohane 6:27; Yakobi 1:12.
Athini Amagqabaza Akho?
◻ Kutheni imbono kaYehova ngabakhonzi bakhe ngokufuthi isahluka kuleyo yabantu?
◻ Yintoni enokusinceda siqonde oko uThixo akubonayo xa ehlola intliziyo yethu?
◻ Luhlobo luni lofundisiso olusinceda siqonde izibakala size silondoloze intliziyo yethu?
◻ Kutheni kubalulekile ukungazi nje kuphela oko uThixo akutshoyo kodwa kwanokuba neemvakalelo ezifana nezakhe?
◻ Kutheni ngamnye wethu efanele athandaze athi: “Ndigocagoce, Thixo, uyazi intliziyo yam”?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Xa ufundisisa, zabalazela ukuba neengcinga neemvakalelo ezifana nezikaThixo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Iingcinga zikaYehova ‘zininzi ngaphezu kwentlabathi’
[Inkcazelo]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.