Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Iintombi Eziziingqondi Neziziziyatha
UYESU ebephendula umbuzo wabapostile bakhe ongomqondiso wobukho bakhe esemandleni oBukumkani. Ngoku unikela iinkalo ezibhekele phaya zomqondiso ngemizekeliso emithathu.
Ukuzaliseka komzekeliso ngamnye kwakuza kuphawulwa ngabo baphila ngethuba lobukho bakhe. Uchaza owokuqala ngamazwi athi: “Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni. Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha.”
Ngokusebenzisa amazwi athi “ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi,” uYesu akathethi ukuthi isiqingatha sabo babudla ilifa uBukumkani basezulwini bangabantu abaziziyatha size isiqingatha sibe ngabaziingqondi! Hayi, kodwa uthetha ukuba ngokuphathelele uBukumkani bamazulu, kukho inkalo elolu hlobo okanye eloluya, okanye ukuba imibandela ephathelele uBukumkani iya kuba njengale nto naleya.
Iintombi ezilishumi zifuzisela onke amaKristu aza kufumana okanye lawo athi aza kufumana uBukumkani basezulwini. KwakungePentekoste yowama-33 C.E. elathi ibandla lamaKristu lathenjiswa ukutshata noMyeni ovusiweyo nozukisiweyo, uYesu Kristu. Kodwa lo mtshato wawuza kuqhubeka ezulwini ngexesha elithile elizayo elingachazwanga.
Kulo mzekeliso, iintombi ezilishumi ziphuma ngenjongo yokwamkela umyeni nokuthelela abantu abeze emtshatweni abenze ungcelele. Xa efika, ziya kukhanyisa indlela yokwenza ungcelele ngezibane zazo, ngaloo ndlela zinikela imbeko kuye njengoko esizisa umtshakazi wakhe endlwini alungiselelwe yona. Noko ke, uYesu uyacacisa: “Ezo ziziziyatha zaphatha izibane zazo, azaphatha oli nazo; kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo. Ke kaloku, akubon’ ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala.”
Ukulibazisa komyeni okuthabatha ixesha elide kubonisa ukuba ubukho bukaKristu njengoKumkani olawulayo buza kuthabatha ixesha elide ngaphambi kokuba bufike. Ekugqibeleni ubekwa etroneni yakhe ngowe-1914. Ebudeni bobusuku obude obungaphambi koko, zonke ezi ntombi ziyalala. Kodwa azigwetywa ngenxa yoku. Ukugwetywa kweentombi eziziziyatha kungenxa yokuba zingenayo ioli kwizitya zazo. UYesu ucacisa indlela ezivuka ngayo ezi ntombi ngaphambi kokuba afike umyeni:
“Phakathi kobusuku ke kwabakho umemezo oluthi, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela. Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo. Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo, ngokuba izibane zethu zicima. Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi, hleze inganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele.”
Ioli ifuzisela oko kugcina amaKristu okwenyaniso ekhanya njengezikhanyiso, okukoku, iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, abambelele nkqi kulo, ndawonye nomoya oyingcwele, owanceda ukuba aliqonde elo Lizwi. Le oli yokomoya yenza ukuba iintombi eziziingqondi zikhanyise ekwamkeleni umyeni ngethuba lokwenziwa kongcelele ngabantu abaya kumsitho womtshato. Kodwa udidi lweentombi eziziziyatha alunayo ioli yokomoya efunekayo kuzo, oko kukuthi ezityeni zazo. Ngoko uYesu uchaza oko kwenzekayo esithi:
“Kuthe ke, zisaya kuthenga [ioli iintombi eziziziyatha], wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango. Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, nkosi, sivulele. Yaphendula ke yona yathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina.”
Emva kokuba uKristu efikile ekuBukumkani bakhe basezulwini, udidi lweentombi eziziingqondi lwa- maKristu okwenyaniso nathanjisiweyo lwavukela kwilungelo lalo lokukhanyisa kweli hlabathi lisebumnyameni ludumisa uMyeni obuyileyo. Kodwa abo bafanekiselwa ziintombi eziziziyatha babengakulungelanga ukunikela le ndumiso yolwamkelo. Ngoko xa ixesha lifika, uKristu akabavuleli ucango ukuze bangene kumsitho womtshato osezulwini. Ubashiya ngaphandle ebumnyameni basezinzulwini zobusuku beli hlabathi, ukuze batshabalale kunye nabo bonke abasebenzi bokuchasene nomthetho. UYesu uqukumbela ngelithi, “Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.” Mateyu 25:1-13.
◆ Ngoobani abafuziselwa ziintombi ezilishumi?
◆ Idinga lokutshatela kumyeni lenziwa nini, kodwa ufika nini ukuza kuthabathela umtshakazi wakhe kumsitho womtshato?
◆ Imela ntoni ioli, ibe ukuba nayo kweentombi eziziingqondi kuzenza zikwazi ukwenza ntoni?
◆ Uqhutyelwa phi umsitho womtshato?
◆ Nguwuphi umvuzo omkhulu ezilahlekelwa nguwo iinto-mbi eziziziyatha, ibe siyintoni isiphelo sazo esiyintlekele?