Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Isiluleko Ngaphambi Kokwahlukana
KUSEMVA kwesidlo sesikhumbuzo, kodwa uYesu nabapostile bakhe basekwigumbi eliphezulu. Nangona uYesu eza kuhamba kungekudala, usenezinto ezininzi afuna ukuzithetha. Uyabathuthuzela esithi: “Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo.” Kodwa kukho okungakumbi okufunekayo. Wongezelela ngokuthi: “Nikholwe nakum.”
UYesu uhlabela mgama esithi: “Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala. . . . Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo . . . ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani. Apho ke ndiya khona mna niyakwazi, nendlela niyayazi.” Abapostile abaqondi ukuba uYesu uthetha ngokuya ezulwini, ngoko uTomas uyabuza: “Nkosi, asazi apho uya khona; singathini na ke ukuyazi indlela?”
UYesu uphendula esithi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi.” Ewe, kuphela kungokwamkela nokuxelisa ikhondo lakhe lobomi anokuthi ubani angene kwindlu yasezulwini kaYise kuba, kunjengokuba uYesu esitsho: “Akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.”
UFilipu unesi sicelo kuye: “Nkosi, sibonise uYihlo, kosanelisa.” Ngokucacileyo uFilipu ufuna baboniswe umbono obonakalayo kaThixo, njengoko oko kwenzeka kumaxesha amandulo kumbono owaboniswa uMoses, uEliya noIsaya. Kodwa, enyanisweni, abapostile banento elunge ngakumbi kunemibono elolo hlobo, njengokuba uYesu esithi: “Ndinaxesha lingakanana ndinani nje, akukandazi na, Filipu? Lowo undibonileyo mna umbonile uBawo.”
UYesu uyimbonakaliso egqibeleleyo yobuntu bukaYise kangangokuba ukuhlala naye nokuqwalasela iindlela zakhe, ngokungathi kunjalo, kunjengokubona uYise ngokoqobo. Ukanti, uBawo mkhulu kunoNyana, njengokuba uYesu ekuvuma oko ngokuthi: “Amazwi endiwathethayo mna kuni, andiwathethi ephuma kum.” Ngokufanelekileyo uYesu ulunikela lonke uzuko lweemfundiso zakhe kuYise wasezulwini.
Olunjani lona ukhuthazo ekumele ukuba kwaba lulo oku kubapostile ukumva ngoku uYesu ebaxelela oku: “Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza”! UYesu akathethi ukuba abalandeli bakhe baya kuba namandla okwenza imimangaliso emikhulu kunaleyo wayenzayo. Akunjalo, kodwa uthetha ukuba baya kuqhubeka nobulungiseleli ixesha elide gqitha, beya kugubungela ummandla omkhulu gqitha yaye kubantu abaninzi gqitha.
UYesu akasayi kubalibala abafundi bakhe emva kokumka kwakhe. Ubathembisa esithi: “Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona.” Esongezelela, uthi: “Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade: uMoya wenyaniso.” Kamva, emva kokunyukela kwakhe ezulwini, uYesu uthulula umoya oyingcwele phezu kwabafundi bakhe, omnye umthetheleli.
Lisondele ixesha lokuba uYesu abashiye, njengoko esithi: “Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona.” UYesu uza kuba sisidalwa somoya ekungekho mntu unokusibona. Kwakhona uYesu uthembisa abapostile bakhe abathembekileyo oku: “Ke nina niyandibona; ngokuba ndisidla ubomi mna, nani niya kudla ubomi.” Ewe, uYesu akayi kubonakala kuphela kubo engumntu emva kokuvuswa kwakhe kodwa ngexesha elifanelekileyo uya kubavusela ebomini ndawonye naye ezulwini njengezidalwa zomoya.
Ngoku uYesu uvakalisa umthetho olula othi: “Lowo unayo imithetho yam ayigcine, nguye ondithandayo; lowo ke undithandayo, uya kuthandwa nguBawo; nam ndiya kumthanda, ndizibonakalalise kuye.”
Xa ethetha oku umpostile uYuda, okwabizwa ngokuba nguTadeyu, uyangenelela esithi: “Nkosi, kutheni na, le nto uza kuzibonakalalisa kuthi, ungazibonakalalisi kulo ihlabathi?”
UYesu uphendula esithi: “Ukuba umntu uyandithanda, woligcina ilizwi lam; wothi uBawo amthande . . . Lowo ungandithandiyo akawagcini amazwi am.” Ngokwahlukileyo kubalandeli bakhe abathobelayo, abantu behlabathi bayazigatya iimfundiso zikaKristu. Ngoko akazibonakalisi kubo.
Ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu ubafundise izinto ezininzi abapostile bakhe. Baya kuzikhumbula njani zonke, ingakumbi ekubeni, kude kube ngoku, belibala kangaka? Okuvuyisayo kukuba, uYesu ubathembisa oku: “Ke uMthetheleli, uMoya oyiNgcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni.”
Kwakhona ebathuthuzela, uYesu uthi: “Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam . . . Mayingakhathazeki intliziyo yenu, mayingabi nabugwala.” Enyanisweni, uYesu uyemka, kodwa ubacacisela esithi: “Ukuba benindithanda, ngenavuyayo kuba ndathi, Ndiya kuBawo; ngokuba uBawo mkhulu kunam.”
Lincinane ixesha eliseleyo uYesu esenabo. Uthi: “Andisayi kuba sathetha zinto zininzi nani; kuba esiza umphathi weli hlabathi, engenanto nam.” USathana uMtyholi, owathi wakwazi ukungena kuYuda waza wamlawula, ungumlawuli wehlabathi. Kodwa uYesu akanabo ubuthathaka besono uSathana anokubusebenzisa ukuze amkhukulise ekukhonzeni uThixo. Yohane 14:1-31; 13:27; Luka 22:3, 4; Eksodus 24:10; 1 Kumkani 19:9-13; Isaya 6:1-5.
◆ UYesu uyaphi, yaye uTomas ufumana yiphi impendulo ngokuphathelele indlela yokuya apho?
◆ Ngokwesicelo sakhe, kubonakala ukuba uFilipu ufuna ukuba uYesu ababonise ntoni?
◆ Kutheni lowo ubone uYesu ekwabone noYise?
◆ Abalandeli bakaYesu bayenza njani imisebenzi emikhulu kunaleyo wayenzayo?
◆ USathana akananto noYesu ngayiphi ingqiqo?