Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Isiluleko Esibhekele Phaya Sokwahlukana
UYESU nabapostile balungele ukuphuma kwigumbi eliphezulu. Uhlabela mgama esithi: “Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze ningakhutyekiswa.” Ngoko unikela isilumkiso esinyanisekileyo: “Baya kunigxotha esikhungwini; ewe, kuza ilixa lokuba bonke abanibulalayo, babe bona bakhonza uThixo.”
Kubonakala ukuba abapostile baphazamiseke ngokunzulu sesi siluleko. Nangona uYesu wayetshilo ngaphambili ukuba ihlabathi laliya kubathiya, akazange atsho ukuba babeya kubulawa. UYesu ucacisa athi: “[Ezi] zinto ke andinixelelanga kwasekuqaleni, ngokuba bendinani.” Kanti, hayi indlela ekukuhle ngayo ukuba abaxhobise kwangaphambili ngale nkcazelo ngaphambi kokuba ahlukane nabo!
UYesu uqhubeka athi: “Ngoku ke ndiyemka, ndiya kowandithumayo; akukho namnye kuni undibuzayo, athi, Uya phi na?” Ngaphambilana kobu busuku, babebuzile ukuba wayesiya phi na, kodwa ngoku bothuswa kakhulu koko wayebaxelela kona kangangokuba abaqhubeki babuze ngako oku. Njengokuba uYesu esithi: “Ngokuba ke ezi zinto ndizithethile kuni, iintlungu ziyizalisile intliziyo yenu.” Abapostile babuhlungu kungengenxa yokuba baye beva ukuba baza kutshutshiswa ngokukrakra baze babulawe kuphela kodwa ngenxa yokuba iNkosi yabo ibashiya.
Ngoko uYesu ucacisa athi: “Kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.” UYesu unokuba kwindawo enye kuphela ngexesha, kodwa xa esemazulwini, unokumthumela umthetheleli, umoya kaThixo oyingcwele, kubalandeli bakhe nokuba basenokubaphi emhlabeni. Ngoko ukumka kukaYesu kuza kuba yingenelo.
UYesu uthi, umoya oyingcwele “uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo.” Isono sehlabathi, ukusilela kwalo ukuba nokholo kuNyana kaThixo, siya kubhencwa. Ukongezelela, ubungqina obeyisayo bobulungisa bukaYesu buya kubonakaliswa kukunyukela kwakhe kuYise. Yaye ukusilela kukaSathana nehlabathi lakhe elingendawo ukwaphula ingqibelelo kaYesu kububungqina obeyisayo bokuba umphathi weli hlabathi ugwetywe ngokuqatha.
UYesu uhlabela mgama esithi: “Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku.” Ngoko ke uYesu uthembisa ukuba xa athulula umoya oyingcwele, ongamandla kaThixo asebenzayo, uya kubakhokelela ekuziqondeni ezi zinto ngokwamandla abo okuqonda.
Abapostile abaqondi ukuba uYesu uza kufa aze aphinde abonakale kubo emva kokuba evusiwe. Ngoko bayabuzana besithi: “Yintoni na le ayithethayo kuthi, athi, Liselilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nize nindibone; nokuthi, Mna ndiya kuBawo?”
UYesu uyaqonda ukuba bafuna ukumbuza, ngoko uyabacacisela esithi: “Inene, inene, ndithi kuni, niya kulila nihlahlambe, ke lona ihlabathi liya kuvuya; niya kuxhalaba nina, ke ukuxhalaba kwenu kuya kuba luvuyo.” Ngemva kwemini elandelayo, xa uYesu ebulawa, iinkokeli zonqulo lwehlabathi ziyavuya, kodwa abafundi babuhlungu. Noko ke, intlungu yabo iba luvuyo xa uYesu evuswa! Yaye bayaqhubeka bevuya xa ebanika amandla ngePentekoste ukuba babe ngamaNgqina akhe ngokuthululela phezu kwabo umoya oyingcwele kaThixo!
Ethelekisa imeko yabapostile naleyo yomfazi onenimba, uYesu uthi: “Umfazi xa aza kuzala, uyaxhalaba, ngokuba ilixa lakhe lifikile.” Kodwa njengoko engasayikhumbuli imbandezelo yakhe xa athe umntwana wazalwa, uYesu ukhankanya oku: “Nani ke ngoko nixhalabile ngokunje; kodwa ndobuya ndinibone [xa ndivusiweyo]; yaye iya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akukho namnye uya kuluhlutha kuni.”
Ukuza kuthi ga ngoku, abapostile abazange benze zicelo egameni likaYesu. Kodwa ngoku uthi: “Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika. . . . Kuba uBawo ngokwakhe uyanithanda; ngokuba nina nindithandile, nakholwa ukuba mna ndaphuma kuThixo. Ndaphuma kuBawo ndeza ehlabathini; ndibuya ndilishiye ihlabathi, ndiye kuBawo.”
Amazwi kaYesu alukhuthazo olukhulu kubapostile. Bathi: “Ngaloo nto siyakholwa ukuba waphuma kuThixo.”
UYesu ubuza athi: “Niyakholwa na ngoku? Yabonani kuza ilixa, nakaloku lifikile, lokuba nichithwe, elowo aye kowabo, nindishiye ndedwa.” Njengokuba oko kuvakala kungenakukholeleka, kwenzeka kanye ngaphambi kokuba kudlule ubusuku!
UYesu uqukumbela ngelithi: “Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.” UYesu waloyisa ihlabathi ngokukuphumeza ngokuthembeka ukuthanda kukaThixo phezu kwako nje ukuba uSathana nehlabathi lakhe baye bazama yonke into ukuze uYesu angayigcini ingqibelelo yakhe. Yohane 16:1-33; 13:36.
▪ Sisiphi isilumkiso sikaYesu esiphazamisa abapostile bakhe?
▪ Kutheni abapostile bengambuzanga nje uYesu ukuba uyaphi?
▪ Yintoni le bangayiqondiyo abapostile?
▪ Ubonisa njani uYesu ukuba imeko yabapostile iya kuguquka ekuxhalabeni ibe luvuyo?
▪ Yintoni uYesu athi iza kwenziwa ngabapostile ngokukhawuleza?
▪ UYesu uloyisa njani ihlabathi?