Ngaba Uza Kuqhubeka Uhamba Enyanisweni?
“ANDINALUVUYO lungaphezu kolu, lokuba . . . abantwana bam bahamba enyanisweni.” (3 Yohane 4) Watsho njalo umpostile uYohane ngasekupheleni kobomi bakhe obude. Unyamezelo oluqhubekayo ‘lwabantwana bakhe,’ abo wayebangenise “enyanisweni,” lwamzisela uvuyo olukhulu. UYehova naye uyavuya xa abanquli bakhe behlala enyanisweni. Hayi indlela amele ukuba uvuya ngayo namhlanje kukubona intlangano enkulu, efikelela kwizigidi, ilandela elo khondo lobulumko!—IMizekeliso 27:11.
Phofu ke, nangona abantu bakaThixo xa bebonke benamathele ngokungaxengaxengiyo enyanisweni, amaKristu athile aye arhoxobisa okanye ade alushiya unqulo olunyulu. Oku akuyonto ingalindelekanga, ekubeni kwenzeka okufanayo nangenkulungwane yokuqala. (2 Timoti 4:10; Hebhere 2:1) Sekunjalo, isibakala sokuba abathile berhoxobisa sibethelela imfuneko yokuba bonke babuphaphele ubumoya babo. UPawulos wakhuthaza onke amaKristu wathi: “Zicikideni ngokwenu.” (2 Korinte 13:5) MKristu ngamnye ufanele azibuze lo mbuzo: ‘Ndinokuqiniseka njani ukuba ndiya kuqhubeka ndihamba enyanisweni?’
Bambi baye barhoxobisa okanye bade bayeka ukuhamba enyanisweni ngenxa yokuba baye badinyazwa—mhlawumbi ziingxaki zempilo okanye kukungqubana kweempawu zobuntu. Abanye baye barhoxobisa ngenxa yokuba baye bawexulwa. Bafuna ukuxhamla ubuncwane obuthile bale nkqubo yezinto ngoxa isekho. Sinokukuphepha njani ukurhoxobisa? Ukuze siphendule lo mbuzo, makhe siqwalasele umzekelo uYesu awasishiyela wona
Landela Umzekelo KaYesu
UYesu wayejamelene neemeko ezininzi ezinzima. Kwafuneka ecombulule ukungqubana kweempawu zobuntu phakathi kwabalandeli bakhe, kuquka ukunyamezela intiyo nokugculelwa ziintshaba zakhe. Kwakhona kwakufuneka oyise izilingo zeli hlabathi. Enyanisweni, wayethenjiswe ubutyebi nodumo ngomlinganiselo oye wafunyanwa ngabantu abambalwa kuphela. (Mateyu 4:8-11; Yohane 6:14, 15) Kanti, uYesu wathi gqolo ehamba enyanisweni. Yintoni eyamnceda wenza oku?
Umpostile uPawulos uyasixelela xa ebhala oku: “Silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu; sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu, owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela [“umthi wentuthumbo,” NW], elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo.” (Hebhere 12:1, 2) Kwimeko kaYesu, ukukhumbula ‘uvuyo olwalubekwe phambi kwakhe,’ imivuzo ephakamileyo eyayimlindele, kwamnceda ukuba aqhubeke ehamba enyanisweni. Olu “vuyo olwalubekwe phambi kwakhe” lwaluxabiseke ngakumbi lee kunokudinyazwa okanye ukuphazanyiswa kokomzuzwana awayemele ajamelane nako.
Ukuhlala sikhumbula umvuzo kunokusinceda sinyamezele, kanye njengokuba kwamncedayo noYesu. (ISityhilelo 22:12) Ngokomzekelo, cinga ngomhambi ohamba kwindledlana embi esentabeni. Uyadinwa aze adimazeke. Nyathelo ngalinye lingumgudu, yaye nendlela ibonakala ingapheli. Wandula ke afike encotsheni yeqhina aze mgama abone idolophu aya kuyo. Ngephanyazo uhambo lukhangeleka lusiba lula. Ukuba nembomo ecacileyo ngendawo aya kuyo kumnceda akulibale ukudinwa kwakhe. Ngokufanayo umKristu uya kukufumanisa kulula ukuqhubeka ehamba enyanisweni ukuba uhlala enombono ocacileyo wendawo aya kuyo engqondweni.
Xelisa Umpostile UPawulos
Omnye owanyamezela okuninzi engekwakumdimazile yayingumpostile uPawulos. Kwakufuneka ecombulule iiyantlukwano nokungqubana kweempawu zobuntu phakathi kwabazalwana, aze anyamezele iingxaki ezinzulu ezingokwempilo, intshutshiso, ubunzima bokwenyama, neengxaki kwanenkcaso ngaphakathi emabandleni. (1 Korinte 1:10; 2 Korinte 10:7-12; 11:21-29; 12:7-10) Kwakutheni ukuze uPawulos angadimazeki ukusa kumkhamo wokunikezela? Uyacacisa: “Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo.” (Filipi 4:13) Akazange azame ukuwuthwala yedwa umthwalo wakhe. Kunoko, uPawulos wakhangela kuYehova ukuba amxhase.—INdumiso 55:22.
Umthombo wamandla ongokobuthixo uPawulos awacela kuwo uncedo lokunyamezela usekho nanamhlanje. IBhayibhile ithi: “[UYehova] umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina. Namadodana angatyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe; ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.” (Isaya 40:29-31) Ukuba sikhangela kuYehova ukuba asinike amandla ngofundisiso lobuqu, ngokubakho kwiintlanganiso, ngokwenza umsebenzi wamaKristu wenzondelelo, yaye—ngokukhethekileyo—ngomthandazo, siya kuba nako ukunyamezela izilingo nokudinyazwa okusenokuvela amathuba ngamathuba.—INdumiso 1:1-3; Roma 10:10; 1 Tesalonika 5:16, 17; Hebhere 10:23-25.
Izigidi Zilungiselela Ukuphila EParadisi
USathana unguthixo wale nkqubo yezinto, leyo amaKristu angabasemzini, okanye abaphambukeli kuyo. (2 Korinte 4:4) Ngenxa yoko, asimele simangaliswe kukuba ngamathub’ athile sijamelana nokudinyazwa okanye ukuphazanyiswa. Kwincwadi eya kumaHebhere uPawulos wabhala: “Kuba apha asinamzi uhleliyo, singxamele lowo uza kuza.” (Hebhere 13:14) Ukukhumbula ukuba ithemba lethu alikho kweli hlabathi lidala kodwa likwelo liza kuza kusekwanokusinceda singarhoxobisi.
Ngezinye iindlela, amaKristu afana nabasemzini abashiya ilizwe labo lokuzalwa ukuya kufuna ubomi obulunge ngakumbi kwenye indawo. Ngokuqhelekileyo, eli linyathelo ekunzima ukulithabatha. Libandakanya ukupakisha okanye ukulahla zonke izinto zikabani nokuthi ndlela-ntle kwikhaya aliqhelileyo, kwanakwizihlobo nezalamane. Kukwabandakanya ukuya kwilizwe abangaliqhelanga, ukuphila phakathi kwabantu abasenokungabamkeli, nokufunda ulwimi olutsha nendlela engaqhelekanga yobomi. Kanti, abaninzi bathabatha inyathelo elinjalo ngethemba nje lokuphucula imeko yabo yezinto eziphathekayo kweli hlabathi.
Abo bafudukayo, ngokungathi kunjalo, beshiya le nkqubo indala yezinto baze babe yinxalenye yabantu bakaThixo bajamelana nocelomngeni olufanayo. Benza inguqulelo kwindlela yokuphila ukuze baphile ngokuvisisana nemilinganiselo ecocekileyo yeLizwi likaThixo, yaye bafunda “intetho enyulu” yenyaniso. (Zefaniya 3:9; 1 Korinte 6:9-11) Bakwasebenza nzima, ukuze bakhonze uKumkani omkhulu woBukumkani bukaThixo, uYesu Kristu. Ngaphezu koko, kwiimeko ezininzi izalamane nababesakuba ngabahlobo baqhawula unxibelelwano, ukuze bathi ndlela-ntle ngokwenene kubo.
Kodwa amaKristu aza kufumana inzuzo engakumbi kunabo bafuduka ngenxa yezizathu ezingokoqoqosho. Ngenxa yesizathu sokuba, bangena kwibutho labantu abawathandayo nabawanyamekelayo. (Luka 18:29, 30) Okubaluleke ngakumbi kukuba, aba banolwalamano olusondeleyo noYehova, uThixo wendalo iphela. Afumana uxolo lwengqondo nentembelo ngekamva njengokuba ekhangele phambili ekuzalisekeni kwamadinga kaThixo amangalisayo. (Filipi 4:8, 9) Abo banoxabiso olululo ngezi zibakala abayi kuvumela ukuphazanyiswa okanye ukudinyazwa kubenze barhoxobise ngokusisigxina. Abayi kujikwa kwindlela emxinwa ekhokelela ebomini.—Mateyu 7:13, 14; 1 Yohane 2:15-17.
Nyamekela Impilo Yakho Yokomoya
Ukuba siyinyamekela rhoqo impilo yethu yokomzimba, sinamathuba angakumbi okumelana nezifo. Yaye ukuba kuyenzeka sigule, siphila ngokukhawuleza ngakumbi. Ngokufanayo, ukuba siyayinyamekela impilo yethu yokomoya, sihlale sinombono ocacileyo weentsikelelo esizinandiphayo ngoku nezo zisilindeleyo, yaye ukuba sifunda ukuthembela ngamandla kaYehova kunawethu, siya kuba kwimeko elunge ngakumbi yokusingatha iingxaki ezisenokuvela. Asinakuziphepha ngokupheleleyo iimeko eziphazamisayo nezidimazayo. Kodwa ukuba siye sayinyamekela ngokufanelekileyo impilo yethu yokomoya kusengaphambili, izinto ezinjalo aziyi kusoyisa.
Khumbula, uYehova uyavuya xa abanquli bakhe benyamezela. Ngoko masiyivuyise intliziyo yakhe ngokuqhubeka sihamba enyanisweni.