Ngaba Uyanyamezela?
1 “Andinaluvuyo lungaphezu kolu lokuba ndive, . . . ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.” (3 Yoh. 4) Ukunyamezela kwabantwana bokomoya bakaYohane kwamvuyisa kakhulu. Hayi indlela ekumele ukuba kumchwayitisa ngayo uBawo wethu wasezulwini ukubona izigidi zabo banokuba ngabantwana bakhe ‘behamba enyanisweni’!—IMize. 23:15, 16; 27:11.
2 Ngoxa abantu bakaThixo xa bebonke bezingisa kumsebenzi wamaKristu ngenzondelelo, bambi ngokuthe ngcembe baye bayekelel’ umxakatho. Nangona besenokuba babekhuthele xa babeqala ukufunda inyaniso, ekuhambeni kweminyaka, basenokuba baye baqalisa ukurhuq’ iinyawo nokuba nesabelo esincinane okanye baxhiphulisa kumsebenzi wokwenza abafundi.
3 Kuyaqondakala ukuba abanye basenokweth’ amandla ngenxa yokugula okanye ukwaluphala. Noko ke, bafanele banconywe ngokunyamezela kwabo. Benza oko banako. Kodwa ngamnye owahlulele ubomi bakhe kuThixo ufanele azibuze oku: ‘Ngaba ndiye ndazibhokoxa kwizinto zobuqu kangangokuba izilangazelelo zoBukumkani zithabathe indawo encinane kubomi bam? Ngaba ndiye ngandlel’ ithile “ndadikidiki,” okanye ngaba “ndisazibhokoxa”?’ (ISityhi. 3:15, 16; Luka 13:24) Ngamana sonke singakuhlolisisa ngomthandazo oko sikwenzayo size siphucule njengoko kufuneka, sikhumbula ukuba uYehova umthembisa ‘ngozuko nembeko noxolo wonk’ ubani owenza okulungileyo.’—Roma 2:10.
4 Indlela Yokunyamezela: Yintoni eyanceda uYesu wanyamezela? UPawulos wachaza: “Ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe wasinyamezela isibonda sentuthumbo, elidela ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo.” (Heb. 12:1-3) Uvuyo olwalubekwe phambi kukaYesu lwaluzigqwesa lee izilingo ekwakufuneka ajamelane nazo. Ukusoloko sikhumbula uvuyo olubekwe phambi kwethu kunokusinceda nathi sinyamezele. (ISityhi. 21:4, 7; 22:12) Ukuba sikhangela kuYehova ukuze asomeleze ngesifundo sobuqu, siye rhoqo kwiintlanganiso sizingise emthandazweni, siya kukwazi ukuzingisa emsebenzini asinike wona ukuba siwenze.
5 UYehova uyavuyiswa kukunyamezela kwabo bathembekileyo kuye. Ngoko ke masandise uvuyo lwakhe ngokuqhubeka ‘sihamba enyanisweni.’