Indlela UYehova Awusikelela Ngayo Umsebenzi Wakhe
KUMASHUMI eminyaka yakutshanje, amaNgqina kaYehova aye anda ngokuphawulekayo. Kwiminyaka nje elishumi edluleyo, aye anda esusela kumabandla angama-42 600 ukusa kwisimbuku samabandla angama-60 192 kumazwe angama-212. Ngenxa yoku, bambi baye babuza oku: Umsebenzi wamaNgqina uxhaswa njani ngokwasemalini? IWatch Tower Society iyakuvuyela ukuphendula lo mbuzo neminye enjengayo kweli nqaku.
Ngaba amaNgqina kaYehova anikela izishumi?
Akunjalo. KuSirayeli wamandulo, umyalelo wokunikela izishumi wanikelwa phantsi koMthetho kaMoses ukuze kuxhaswe abo babesebenza kwitempile kaThixo, abaLevi nababingeleli. (Numeri 18:21, 24-29) Aba babengenamasimi abo ngaphandle kwezixeko ezithile, ngoko babeyifuna le nkxaso ikhethekileyo. Ukongezelela, amaSirayeli athembekileyo ayekhululekile ukuba anikele ngokuzithandela ukulungiselela imicimbi ekhethekileyo, enjengokwakhiwa kwetabarnekile, yaye, kamva, itempile.—Eksodus 25:1-8; 1 Kronike 29:3-7.
Noko ke, xa uYesu wafayo, iBhayibhile ithi ‘wawubhangisa umyalelo wemithetho esemimiselweni.’ (Efese 2:15; Kolose 2:13, 14) Ngamanye amazwi, emehlweni kaThixo uMthetho wawungasawabopheleli amaYuda okanye amaKristu. Ngenxa yoko, ndawonye nezinye iinkalo zoMthetho, ezinjengamadini awayenikelwa ngokuthe rhoqo etempileni, ukunikela ngezishumi kwakungaseyomfuneko kwabo bathembekileyo.
KumaKristu, ukupha kuyintshukumisa yothando, kungekhona umthetho. Umpostile uPawulos wawucacisa loo mgaqo xa wayeqokelela iminikelo eyayisenzelwa amaKristu asweleyo elakwaYuda. Wathi: “Elowo makanike njengoko agqibe ngako entliziyweni; makungabi kokuphuma kabuhlungu, nangokunyanzelwa; kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” (2 Korinte 9:7) AmaNgqina kaYehova asebenzisa le nkqubo engokweZibhalo yokunikela ngokuzithandela.
Ngaba nibhenela kwizidlo ezikhulu zokunyusa imali, kwiimvulophu zenkongozelo, ekuceleni ukulizwa ngemali nakwiindlela ezifanayo zokunyusa imali?
Akuyomfuneko ukuba amaKristu okwenyaniso anyanzelwe okanye anyotywe ukuze anikele ngokuthi kubekwe amabhaso phambi kwawo. Amaqela angokonqulo abhenela kumdlalo webingo, kwibhazari, kwiiraffle, kwicarnival, ekuhlawulweni kwezihlalo ezithile ecaweni okanye ekudluliselweni kwezitya zenkongozelo atyhila ukuba awakhange anike abantu bawo ukutya okungokomoya, ibe ngoko umoya kaThixo awuwashukumiseli amarhamente awo ukuba anikele ngemali ekhululekile. Kunokuthethwa okufanayo ngabo babhenela kuqheliselo oluphelelwe lixesha lokunikela ngezishumi.—Mateyu 10:8.
Niwuhlawulela njani umsebenzi onjengokwakhiwa kweHolo yoBukumkani entsha neeofisi zamasebe, ndawonye nokwandiswa kwekomkhulu lenu lehlabathi eliseBrooklyn nelisePatterson, eNew York?
UYehova uthulula umoya wakhe oyingcwele phezu kwamaNgqina akhe, ukuze akwazi ‘ukwenza okulungileyo, ukuba zizityebi zemisebenzi emihle, nokwaba kakuhle, ukuba nobudlelane; ukuziqwebela isiseko esihle, ukuze ase exesheni eliza kuza, abubambe ubomi obungunaphakade.’ (1 Timoti 6:18, 19) Lo moya ushukumisela amaNgqina kaYehova ekubeni axhase umsebenzi woBukumkani ngazo zonke iindlela.
Ngokomzekelo, ngowe-1989, amaNgqina azizi-3 787 188 kumazwe angama-212 achitha iiyure ezizizi-835 426 538 ekufundiseni abanye ngeLizwi likaThixo. Yaye aqhuba izifundo ezithe rhoqo zeBhayibhile zamakhaya ezizizi-3 419 745 kunye nabantu abanomdla. Naziphi na iindleko ezazibandakanyekile kulo msebenzi zazihlawulwa ngabantu ababewenza. UYehova wawuvuza lo msebenzi wothando ngolwando lwamaNgqina asandul’ ukubhaptizwa angama-263 855.
Umoya ofanayo wokupha ushukumisela amaNgqina nabantu abanomdla ukuba baxhase lo msebenzi ngokwemali. Ngaphandle kokuncedisa ngokuhlawulwa kweendleko eziqhelekileyo zebandla lawo lasekuhlaleni, axhasa nawuphi na umsebenzi wokwakha osenokuba yimfuneko, onjengokuhlaziywa okanye ukwandiswa kweHolo yoBukumkani okanye iHolo yeNdibano okanye ukwakhiwa kwentsha. Nyaka ngamnye, ngenxa yolwando olukhawulezileyo, kuye kwafuneka kwakhiwe iiHolo ZoBukumkani ezininzi, zimbi zikwadla iirandi ezingamakhulu amawaka. Iindleko zezi zakhiwo zihlawulwa ngamaNgqina asekuhlaleni ngeminikelo nangomsebenzi wawo wokuzithandela.
Ngaphezu koko, kumazwe amaninzi kuye kwafuneka kwandiswe umsebenzi wokushicilela owenziwa kula masebe nezakhiwo zeeofisi ndawonye nokwandiswa kweendawo zokuhlala—okanye kwakhiwe ezintsha—ukuhlalisa abasebenzi abandileyo nezixhobo zokusebenza ezifunwa yile ntlangano yandayo. Nako oku kuxhaswa yiminikelo nangumsebenzi owenziwa ngokuzithandela, njengoko kunjalo ngokwakhiwa nokuhlaziywa kwezakhiwo eziseBrooklyn nasePatterson, eNew York. Apho kunokwenzeka, amaNgqina asekuhlaleni ayayihlawula imali yeso sakhiwo. Kwezinye iimeko, iWatch Tower Society ilungiselela ukuba amasebe afumane uncedo—ngokwasemalini nangabasebenzi abangamagcisa—abavela kwamanye amazwe. Ngaloo ndlela, phantsi kolwalathiso loMbutho, oku kubangela “ukulingana.”—2 Korinte 8:14.
Kutheni ningenzi izibhedlele okanye iikliniki nize nibandakanyeke kumsebenzi wokuhlangula ngamaxesha entlekele neminye imisebenzi engokwezentlalo njengoko amaqela amaninzi angokonqulo esenza?
AmaNgqina kaYehova asabela ngokukhawuleza kungxamiseko lwemiphumo yasemva kwemfazwe okanye iintlekele ezingokwemvelo xa enako. Enyanisweni, ngokuqhelekileyo aba phakathi kwabokuqala abeza nokutya, impahla nabangamatshantliziyo ekuncediseni xa kuphinda kusakhiwa. Noko ke, amaNgqina kaYehova awanazibhedlele okanye iikliniki, engenawo kwanamaziko okucima umlilo okanye imikhosi yabakwantsasana, nto ezo nazo eziluncedo ekukhuseleni ubomi.
Angabalungiseleli abazahluleleyo bevangeli, yaye isabelo sawo sikukushumayela nokufundisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kulo lonke ihlabathi ukuze kunikelwe ubungqina ngaphambi kokuba kufike isiphelo. (Mateyu 24:14) Njengoko uYesu watshoyo, ukuvuna kona kuninzi yaye abasebenzi bambalwa. Bekuya kuba yinto engenakuxoleleka ukuba atyeshele lo msebenzi ubaluleke kangaka aze enze eminye imisebenzi, phezu kwako nje ukuba nayo incomeka.—Mateyu 9:37, 38.
Njengoko kunjalo, inani elithile lamaNgqina kaYehova ngoogqirha, abongikazi nabancedisi basesibhedlele. Kodwa lo msebenzi bawugqala njengowongezelelekileyo kubizo lwawo oluyintloko, ubulungiseleli bobuKristu.
Ngaba kukho nawaphi na amagosa okanye amalungu eWatch Tower Society awenza imali ngomsebenzi wenu omkhulu wokushicilela?
Akunjalo konke konke! Ngokomthetho, lo Mbutho liqumrhu elingenangeniso. Akukho bantu banezabelo njengakumashishini orhwebo, akukho nzala, kungekho namivuzo. Umlungiseleli ngamnye kula makomkhulu, kuquka umongameli nabalathisi boMbutho, baye benza isifungo esingokwasemthethweni sokuhlala ulihlwempu. Ufumana ukutya, ikhusi nokunyanyekelwa okuyimfuneko ngokwezamayeza, ndawonye nemali encinane yembuyiselo-ndleko ekuye kwafuneka azihlawulele ngokwakhe. Ukuba iNgqina lihambela imicimbi yoMbutho, iindleko zolo hambo lwalo ngokuqhelekileyo kuthi kuhlangatyezwane nazo.
Ukongezelela, ayikho indawo ehlabathini apho abalungiseleli bethu bafuna imali ngokunikela iintetho zemitshato, ezobhaptizo okanye ezemingcwabo. Kungekho zimali zakungena okanye zankongozelo kwiintetho zesidlangalala okanye zendibano.
Ekubeni kungahanjiswa zitya zankongozelo, amabandla asekuhlaleni ayifumana njani iminikelo yokuhlangabezana neendleko zawo?
KwiiHolo zoBukumkani kukho iibhokisi zeminikelo ukuze umntu ngamnye akwazi ukwenza iminikelo yokuzithandela ukuba unqwenela njalo. (2 Kumkani 12:9) Yonke loo minikelo, enoba mikhulu okanye mincinane, iyaxatyiswa. (Marko 12:42-44) Kanye ngenyanga, umlungiseleli onyamekela imali yebandla ufundela ibandla inkcazelo encinane elazisa ngesimbuku seminikelo efunyenweyo, inkcitho neminikelo eyenziwe libandla kwiWatch Tower Society ukuxhasa umsebenzi wokushumayela owenziwa kwihlabathi lonke kwakunye neminye imisebenzi.
Xa abantu beliqonda eli lungiselelo, bakhululekile ekubeni nenxaxheba ukuba banqwenela njalo, ngamnye loo nto “asukuba esikelelwe ngayo.” (1 Korinte 16:2) Le yinto eyenziwa kwibandla ngalinye kwangaphezu kwangama-60 000 asehlabathini lonke.
NgePentekoste amaKristu okuqala abelana ngezinto zonke ngokulinganayo. Ngaba amaNgqina kaYehova ayakwenza oku?
Kwaphakama imeko yongxamiseko emva kwePentekoste yowama-33 C.E. xa amaYuda awayevela kwiindawo ezikude awayesandul’ ukuguqukela kubuKristu ahlala eYerusalem ukuze afumane ukukhanya okubhekele phaya ngokomoya. Ayefuna iindawo zokuhlala okwexeshana nokutya; ngenxa yoko, amaKristu asekuhlaleni ngokuzithandela athengisa izinto zawo aza abelana ngokulinganayo ngemali yentengiso ukuze alungiselele ukuba nethuba elandisiweyo lobudlelane. (IZenzo 2:1, 38-47; 4:32-37) Akukho namnye owanyanzelelwa ekubeni athengise okanye anikele. (IZenzo 5:1-4) Oku kwabelana ngezinto ngokulinganayo kwakungebubo ubukomanisi, njengoko abanye becinga. Yayililungiselelo nje lokwexeshana. Xa amaKristu abuyela emakhayeni awo, eli lungiselelo laphela.
Ngaba nifundisa ukuba ukunikela ngezinto zokwenyama kuyindlela yokucamagushela isono?
Akunjalo konke konke. IBhayibhile ithi, “Nisazi nje ukuba anihlawulelwanga nikhululwe ngazinto zinokonakala, oozisilivere noozigolide, kuyo ihambo yenu engento, enayinikelwayo ngooyihlo. Kwakungegazi elinqabileyo likaKristu, njengelemvana engenasiphako, engenabala.”—1 Petros 1:18, 19.
AmaNgqina kaYehova anokholo kwidini lentlawulelo likaYesu ukuze asindiswe. Awenzi minikelo yokuzithandela elindele ukuba oku kuya kuwazisela usindiso. Sekunjalo, ayazi ukuba kufuneka imali eninzi ukuze kubhengezwe iindaba ezilungileyo zehlabathi elitsha likaThixo lobulungisa. (2 Petros 3:13) Ibe avakalelwa kukuba ukunikela ukuze kuvakaliswe oku kulilungelo elivunyelwe nguYehova.
Xa wayesenza umnikelo omkhulu etempileni kaYehova eyayiza kwakhiwa ngunyana wakhe uSolomon, uKumkani uDavide wathandaza esenjenje: “Bobakho, Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nendili. Ewe, konke okusezulwini nokusehlabathini kokwakho. . . . Ngokuba ndingubani na mna, bangoobani na abantu bam, ukuba side sibe namandla okunika ngokuqhutywa yintliziyo njengoku? Ngokuba zivela kuwe zonke izinto; sikunika okuvele esandleni sakho.”—1 Kronike 29:11, 14.
Namhlanje, amaNgqina kaYehova nabanye abantu abatyekele ebulungiseni bavakalelwa ngendlela efanayo naleyo wavakalelwa ngayo uDavide. Ayavuyiswa kukuba nelungelo lokwenza iminikelo ukuxhasa umsebenzi wokudumisa uYehova, eqonda ukuba kakade yonke into ayinikela enkonzweni yakhe ivela kuye. UYehova uyawusikelela lo moya, yaye le yindlela awuhambisela phambili ngayo umsebenzi wakhe.
[Ibhokisi ekwiphepha 23]
INDLELA ABANYE ABANIKELA NGAYO KUMSEBENZI WOBUKUMKANI
◻ IZIPHO: Iminikelo yokuzithandela yemali isenokuthunyelwa ngqo kwiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, 25 Columbia Heights, Brooklyn, New York 11201, okanye kwiofisi yesebe yoMbutho yasekuhlaleni. Usenokunikela nangezinto onazo ezinjengomhlaba kuquka ezenziwe ngamatye anqabileyo okanye ezinye izinto ezixabisekileyo. Kufanele kubekho ileta emfutshane epheleka le minikelo nechaza ukuba le yiminikelo.
◻ ILUNGISELELO LOMNIKELO WOXHOMEKEKO: Imali isenokunikelwa kwiWatch Tower Society ibe selugcinweni lwayo, kukho ilungiselelo lokuba xa kufuneka isetyenziselwe ingxaki yobuqu, iya kubuyiselwa kulowo ebenikele ngayo.
◻ I-INSHORENSI: IWatch Tower Society isenokubhaliswa njengaleyo eya kufumana imali kwi-inshorensi okanye kwilungiselelo lemali yomhlala phantsi. UMbutho umele waziswe ngawo nawaphi na amalungiselelo anjalo.
◻ IMINQOPHISO YAMAFA: Impahla okanye imali isenokushiyelwa iWatch Tower Society ngokwenziwa komnqophiso welifa ongokwasemthethweni. Kumele kuthunyelwe umbhalo waloo myolelo kuMbutho. (EMzantsi Afrika iminqophiso yamafa ifanele ibhaliswe ngeJehovah’s Witnesses of South Africa.)
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi namacebiso ngokubhekisele imibandela elolo hlobo, bhalela kwiTreasurer’s Office, Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, Private Bag 2067, Krugersdorp, 1740, okanye kwiofisi yesebe yoMbutho yasekuhlaleni.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Inxalenye yeziko lemfundo engokweBhayibhile yamaNgqina kaYehova elakhiwayo ePatterson, eNew York
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
UYehova uyawusikelela umsebenzi wokwakha ngabantu bakhe abenza iminikelo yokuzithandela