Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Inyaniso YeBhayibhile Yoyisa Isithethe
ISITHETHE esingokonqulo sinokwendela nzulu kakhulu. Izigidi zivakalelwa kukuba kuphosakele ukuba umntu ayeke unqulo lwakhe angene kolunye. USawule, owaba ngumpostile uPawulos, ngokucacileyo wavakalelwa ngendlela efanayo, ekubeni wathi: ‘Ndandizizondelele ngokugqithiseleyo izithethe zoomawokhulu [kunabaninzi ababengoontanga bam].’ Kodwa emva kokuba eboniswe inyaniso, waguquka kubuYuda waza waba ngumKristu. (Galati 1:13-16) Abaninzi namhlanje baye baqonda ukuba inyaniso yeBhayibhile ivela kumthombo owongame ngakumbi kunesithethe. Phawula indlela inyaniso yeBhayibhile eye yoyisa ngayo eItali.
Elinye ibhinqa licacisa lisithi: “Mna nodade wethu sakhulela kwintsapho enkulu eyayinethuba elide ikholelwa kwizithethe zobuKatolika, yaye sasingamaKatolika anenzondelelo kakhulu. Njengoko ixesha lahamba, ndatshata. Emva koko ndaphulukana nomyeni wam, yaye ndahlala njengomhlolokazi kangangeminyaka emininzi nabantwana bam. Umtshana wam wayefundisa ikathekizim, yaye wayesoloko ebuza umfundisi imibuzo yeBhayibhile, kodwa akazange afumane zimpendulo zanelisayo.
“Ngoxa ndandityelele idolophu yasekhaya, okwesihlandlo sokuqala ndadibana namaNgqina kaYehova ndaza ndamkela isifundo seBhayibhile. Onke amaqabane am angaphambili angamaKatolika ayehlekisa ngam kuba ndandifundisisa iBhayibhile. Noko ke, ndandingadimazeki. Okokuqala ebomini, ndaba neBhayibhile, yaye akukho mntu wayeza kuyihlutha kum. Nodade wethu wammela uYehova, yaye kwiminyaka nje emibini, sobabini sabhaptizwa.
“Ndalila xa ndahlukana okokuqala necawa kuba ndandisoyika ukulahla izithethe ezazendele kum kangangeminyaka engama-76. Kodwa ngoku ndonwabile kuba ndihamba ngeendlela zikaYehova yaye ndisenza okusemandleni am ukunceda abanye baphume kubumnyama obungokomoya!”—Thelekisa eyoku-1 kaPetros 2:9.
Umchebi Weenwele Ulungisa Indlela Ephosakeleyo Yokucinga
Umchebi weenwele eJapan wayekuthanda ukuthetha ngeedemon nangeZinto Ezibhabhayo Ezingaziwayo (UFO’s) ngoxa echeba iinwele zabantu. Noko ke, emva kokuba eqalise ukufundisisa iBhayibhile, wayiqonda indlela olu qheliselo oluyingozi ngayo. Ngoko kunoko wamema bonke abantu awayebacheba ukuba bamthelele kwisifundo sakhe seBhayibhile. Wanikela ubungqina kubantu abaselula awayebacheba ngendalo. Veki nganye wayeodola iiBhayibhile nemibhalo yencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni kwiNgqina elalifundisisa naye ukuze akwazi ukuyinika abantu awayebacheba.
Nangona okwangoku engakabiloNgqina, uhambise iiBhayibhile ezingama-30 ezihamba nencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade ebudeni bonyaka wakhe wokuqala wokufundisisa. Abantu abangaphezu kwama-25 baqalisa ukufundisisa iBhayibhile ngenxa yokunikela kwakhe ubungqina obungacwangciswanga. Ngamanye amaxesha abanokuba lishumi baye bathabatha inxaxheba kwisifundo seBhayibhile seqela lakhe. Ngoku abasixhenxe babo aye wanikela ubungqina kubo xa ebacheba iinwele baye balungisa indlela yabo yokucinga ephosakeleyo yaye bangamaNgqina kaYehova abhaptiziweyo!