IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w91 7/15 iphe. 18-22
  • Phuthuma Ububele Obunothando Ngamaxesha Onke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Phuthuma Ububele Obunothando Ngamaxesha Onke
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ububele Busenza Singazingci Yaye Sibuke Iindwendwe
  • Ububele Busenza Sibe Nolwazelelelo
  • Ububele Bomeleza Amaqhina
  • Xa Abafazi Bebonisa Ububele
  • Qhubeka Uphuthuma Ububele Obunothando
  • Bonakalisa Ububele Bothando Kwabo Bafuna Uncedo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Vumela ‘Umthetho Wobubele Bothando’ Ulondoloze Ulwimi Lwakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Ukuzuza Kububele Bothando BukaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Kholisa UYehova Ngokubonakalisa Ububele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
w91 7/15 iphe. 18-22

Phuthuma Ububele Obunothando Ngamaxesha Onke

“Ophuthuma ubulungisa nenceba [nobubele obunothando, “NW”] wofumana ubomi nobulungisa nozuko.”—IMIZEKELISO 21:21.

1. Kutheni sifanele silindele ukuba abo bakhokelwa ngumoya kaThixo babonakalise ububele?

UYEHOVA unobubele nemfesane. ‘UnguThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba [ngobubele obunothando, NW] nenyaniso.’ (Eksodus 34:6, 7) Ngoko, kuyaqondakala ukuba isiqhamo somoya wakhe siquka uthando nobubele.—Galati 5:22, 23.

2. Ngoku yiyiphi imizekelo esiza kuyiqwalasela?

2 Abo bakhokelwa ngumoya oyingcwele, okanye amandla asebenzayo kaYehova, babonakalisa isiqhamo sawo esibububele. Babonakalisa ububele obunothando kulwalamano lwabo nabanye. Enyanisweni, balandela umzekelo wompostile uPawulos, bezingqina njengabalungiseleli bakaThixo ngokuba ‘nobubele’ nangezinye iindlela. (2 Korinte 6:3-10) Umoya abanawo wobubele, imfesane, ukuxolela uvisisana nobuntu bukaYehova, “onobubele obunothando obugqithiseleyo” noLizwi lakhe liqulethe imizekelo emininzi yobubele. (INdumiso 86:15, NW; Efese 4:32) Yintoni esinokuyifunda kweminye yale?

Ububele Busenza Singazingci Yaye Sibuke Iindwendwe

3. UAbraham wayengumzekelo njani ekubonakaliseni ububele, yaye luluphi ukhuthazo uPawulos alunikelayo ngako oku?

3 Usolusapho uAbraham (uAbram)—“isihlobo sikaThixo,” ‘noyise wabo bonke abakholwayo’—wamisela umzekelo omhle wokubonakalisa ububele. (Yakobi 2:23; Roma 4:11) Yena nentsapho yakhe, kuquka umtshana wakhe uLote, bashiya iUre yamaKaledi baza bangena kwelakwaKanan ngokomyalelo kaThixo. Nangona uAbraham wayeyindoda enkulu kwaye eyintloko-ntsapho, wabonakalisa ububele nokungazingci ngokuvumela uLote akhethe elona dlelo lihle, ngoxa yena ethabatha okwakusele. (Genesis 13:5-18) Ububele obufanayo busenokusishukumisela ukuvumela abanye bafumane amalungelo ngoxa thina esiphosa. Ububele obunjalo bokungazingci buvisisana nesiluleko sompostile uPawulos esithi: “Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; elowo makafune nokomnye.” UPawulos ‘wayekholisa bonke ezintweni zonke, engafuni okwakhe ukulungelwa, efuna okwabaninzi, ukuze basindiswe.’—1 Korinte 10:24, 33.

4. UAbraham noSara bavuzwa njani ngokubonakalisa ububele ngokubuk’ iindwendwe?

4 Maxa wambi ububele bubonakaliswa ngokubuk’ iindwendwe okusuka entliziyweni. Ngaminazana ithile uAbraham nomfazi wakhe, uSara, babonakalisa ububele nokubuk’ iindwendwe kubahambi abathathu ababedlula ngendlela. UAbraham wabeyisela ukuba bahlale ithutyana, ngoxa yena noSara ngobungxamo babelungiselela ezi ndwendwe isidlo esimnandi. Kwathi kanti abo bahambi zizithunywa zezulu zikaYehova, esathi esinye sazo sathembisa uSara owalupheleyo nongenabantwana ukuba wayeya kuba nonyana. (Genesis 18:1-15) Onjani wona ukuba mkhulu umvuzo wokubonakalisa ububele ngokubuk’ iindwendwe!

5. UGayo wabubonakalisa ngayiphi indlela ububele, yaye sinokukwenza njani okufanayo?

5 Enye indlela onke amaKristu anokubonakalisa ububele ngayo kungokwamkela iindwendwe. (Roma 12:13; 1 Timoti 3:1, 2) Ngokuvisisana noku, abakhonzi bakaYehova ngobubele babonakalisa ukwamkela iindwendwe kubaveleli abahambahambayo. Oku kukubonakalisa ububele obufana nobo babonakaliswa ngumKristu wenkulungwane yokuqala uGayo. Wenza “okuthembekileyo” ngokwamkela abazalwana abatyelelayo ngomoya wokubuka iindwendwe—yaye ‘babe ngabasemzini’ engazange wababona ngaphambili. (3 Yohane 5-8) Ngokuqhelekileyo, siyabazi abo sinokubonakalisa ububele kubo ngokubuk’ iindwendwe. Mhlawumbi siphawula ukuba udade wokomoya udakumbile. Iqabane lakhe lomtshato lisenokuba alikholwa okanye lingumntu osusiweyo kubudlelane. Elinjani lona ithuba lokubonakalisa ububele ngokummema ukuba anandiphe ubudlelane bokomoya nesidlo nentsapho yethu ngamathuba athile! Nangona sisenokuba asiyi kulungiselela intabalala yokudla, ngokuqinisekileyo intsapho yethu iya kukuvuyela ukubonakalisa ububele kudade onjalo. (Thelekisa IMizekeliso 15:17.) Yaye ngokungathandabuzekiyo uya kuvakalisa umbulelo wakhe ngoku ngamazwi okanye ngokusibhalela amazwi ombulelo.

6. ULidiya wabubonakalisa njani ububele, yaye kutheni kubalulekile ukubonakalisa uxabiso ngezenzo zobubele?

6 Emva kokuba intokazi ezinikeleyo uLidiya ibhaptiziwe, uLuka wongezelela esithi “yasibongoza isithi, Ukuba nithi [uPawulos namaqabane akhe] ndikholiwe eNkosini, ngenani endlwini yam, nihlale. Yasizama.” Ngokungathandabuzekiyo, ububele bukaLidiya baxatyiswa. (IZenzo 16:14, 15, 40) Kodwa ukusilela ukubonakalisa uxabiso kusenokwenzakalisa. Ngasihlandlo sithile, udade oneminyaka engama-80 ubudala ongenamandla nazinto zingako wabil’ esoma elungiselela iindwendwe eziliqela isidlo. Waphoxeka ngokukodwa xa omnye umfana engazange azidube nokuziduba ngokumazisa ukuba wayengenakubakho. Ngesinye isihlandlo, oodade ababini abazange babekho kwisidlo esasilungiselelwe bona ngokukhethekileyo libhinqa elithile eliselula. Wathi “Ndandityumke intliziyo, njengoko bobabini babengalibelanga. . . . Ngendandikhethe ukuva ukuba babelibele ngesi sidlo, kodwa kunoko akukho nokuba abe mnye udade owaba nobubele okanye uthando ngokwaneleyo ukuba anditsalele umnxeba.” Ngaba isiqhamo somoya oyingcwele sobubele ngesasikuqhubele ukuba ube noxabiso nolwazelelelo phantsi kweemeko ezifanayo?

Ububele Busenza Sibe Nolwazelelelo

7. Yiyiphi ingongoma engobubele ebonakaliswa ngumgudu owenziwayo wokuphumeza iminqweno engokungcwatywa kukaYakobi?

7 Ububele bufanele busenze sibe nolwazelelelo ngabanye nangeminqweno yabo efanelekileyo. Ngokomzekelo: uYakobi (uSirayeli) wacela ukuba unyana wakhe uYosefu abonakalise ububele obunothando kuye ngokungamngcwabeli eYiputa. Nangona oku kwafuna ukuba isidumbu sikaYakobi sithwalwe umgama omde, uYosefu nabanye oonyana bakaYakobi “bamthwala . . . bamsa ezweni lakwaKanan, bamngcwaba emqolombeni wentsimi yaseMakapela, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi, ukuba ube yindawo eyiyeyakhe yokungcwaba, kuEfron umHiti phambi kowakwaMamre.” (Genesis 47:29; 49:29-31; 50:12, 13) Ngokuvisisana naloo mzekelo, ngaba ububele obunothando abufanele busishukumisele ukwenza ngokuvisisana namalungiselelo omngcwabo amkelekileyo ngokweZibhalo afunwa lilungu lentsapho elingumKristu?

8. Imeko kaRahabhi isifundisa ntoni ngokubuyekeza ububele?

8 Xa abanye bebonakalisa ububele obunothando kuthi, ngaba asifanele sivakalise uxabiso okanye sibabuyisele ngandlela ithile? Ngokuqinisekileyo sifanele senjenjalo. URahabhi owayelihenyukazi wabonakalisa ububele ngokufihla iintlola zamaSirayeli. Ngenxa yoko, amaSirayeli abonakalisa ububele obunothando ngokumlondoloza yena nendlu yakhe xa atshabalalisa isixeko saseYeriko. (Yoshuwa 2:1-21; 6:20-23) Onjani wona ukuba mhle umzekelo obonisa ukuba sifanele sibubuyekeze ububele esibenzelweyo ngokuba nolwazelelelo nobubele!

9. Kutheni unokuthi kufanelekile ukucela ukuba uthile abonise ububele obunothando kuthi?

9 Ngenxa yoko, kufanelekile ukucela ukuba uthile abonakalise ububele obunothando kuthi. Oku wakwenza uYonatan, unyana wokumkani wokuqala wakwaSirayeli, uSawule. UYonatan wacela umhlobo wakhe oselula nawayemthanda uDavide ukuba abonakalise ububele obunothando kuye nendlu yakhe. (1 Samuweli 20:14, 15; 2 Samuweli 9:3-7) UDavide wakukhumbula oku xa wayephindezela ububi obabenziwe nguSawule kumaGibhiyoni. Ekhumbula ‘isifungo sikaYehova’ esibe siphakathi kwakhe noYonatan, uDavide wabonisa ububele obunothando ngokumsindisa unyana kaYonatan uMefibhoshete. (2 Samuweli 21:7, 8) Ngaba nathi ngokufanayo ‘uewe wethu nguewe’? (Yakobi 5:12) Yaye ukuba singabadala bebandla, ngaba ngokufanayo sinemfesane xa amakholwa esikunye nawo efuna ukuboniswa ububele obunothando?

Ububele Bomeleza Amaqhina

10. Wasikelelwa njani uRute ngenxa yobubele bakhe obunothando?

10 Ububele obunothando bomeleza amaqhina entsapho buze bukhulise ulonwabo. Oku kwaboniswa kwimeko yomMowabhikazi uRute. Wasebenza nzima engumbhikici kwintsimi kaBhohazi okhulileyo kufutshane neBhetelehem, ezilungiselela ukudla yena noninazala ongumhlolokazi nosweleyo, uNahomi. (Rute 2:14-18) Kamva uBhohazi wamxelela oku uRute: “Inceba yakho yamva nje ingaphezu kweyokuqala, ungalandelanga madodana nje, nokuba ngasweleyo nokuba nganobutyebi.” (Rute 3:10) Okokuqala, uRute wabonakalisa ububele obunothando kuNahomi. ‘Kamva,’ lo mMowabhikazi wabonakalisa ububele obunothando ngokuvuma ukutshatela kuBhohazi okhulileyo ukuze amenzele igama umyeni wakhe ofileyo noNahomi owalupheleyo. NgoBhohazi, uRute waba ngunina kayise mkhulu kaDavide uObhede. Yaye uThixo wampha ‘umvuzo ozeleyo’ wokuba ngukhokhokazi kaYesu Kristu. (Rute 2:12; 4:13-17; Mateyu 1:3-6, 16; Luka 3:23, 31-33) Ezinjani zona iintsikelelo uRute nentsapho yakhe abazifumanayo ngenxa yobubele bakhe obunothando! Namhlanje, kubakho iintsikelelo, ulonwabo nokomelela kwamaqhina entsapho xa kukho ububele obunothando kumakhaya abantu abahlonel’ uThixo.

11. Kwaba nawuphi umphumo ukubonakalisa kukaFilemon ububele?

11 Ububele bomeleza amaqhina kumabandla abantu bakaYehova. Indoda engumKristu uFilemon yayidume ngokubonakalisa ububele obunothando kumakholwa eyayikhonza kunye nawo. uPawulos wayixelela oku: “Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ndikukhumbula emithandazweni yam, ndiluva nje olwakho uthando, nokholo onalo kuyo iNkosi uYesu, nakubo bonke abangcwele . . . Sinovuyo olukhulu nothuthuzeleko olukhulu ngalo uthando lwakho, ngokuba izibilini zabangcwele ziphunyuziwe ngawe, mzalwana.” (Filemon 4-7) IZibhalo aziyichazi indlela izibilini zabangcwele ezaziphunyuzwe ngayo ngoFilemon. Noko ke, umele ukuba wabonakalisa ububele obunothando kwabanye abathanjiswa ngeendlela ezininzi ezazibaphumza, yaye ngokungathandabuzekiyo oku kwawomeleza amaqhina phakathi kwabo. Kwenzeka okufanayo xa amaKristu ebonakalisa ububele obunothando namhlanje.

12. Kwaba nawuphi umphumo ukubonakalisa kukaOnesiforo ububele?

12 Kwakhona ububele bukaOnesiforo baba nemiphumo emihle. UPawulos wathi, “Yanga iNkosi ingayenzela inceba indlu kaOnesiforo; ngokuba kwaba futhi endiphumza, akaba nazintloni nguwo umxokelelwane wam. Wathi akuba eseRoma, wandifuna ngokukhuthala okukhulu, wandifumana. Yanga iNkosi ingamfumanisa inceba eNkosini ngaloo mini. Nguwena waziyo kakuhle oko zingako izinto awalungiselela ngazo e-Efese.” (2 Timoti 1:16-18) Ukuba siyazibhokoxa ekubonakaliseni ububele obunothando kwamanye amakholwa, siya kuba noyolo ibe siya kuba someleza amaqhina othando lobuzalwana ebandleni lamaKristu.

13, 14. Lalingumzekelo njani ibandla laseFilipi, yaye uPawulos wasabela njani kububele balo?

13 Xa ibandla liphela libonisa ububele obunothando kwabanye abanquli, oku kuyawomeleza amaqhina phakathi kwabo. Ukusondelelana okulolo hlobo kwakukho phakathi kukaPawulos nebandla elikwisixeko saseFilipi. Enyanisweni, esinye sezizathu zokuba abhale incwadi yakhe eya kwabaseFilipi yayikukuvakalisa umbulelo ngobubele babo noncedo lwezinto eziphathekayo. Wabhala: “Ekuqalekeni kweendaba ezilungileyo ezi, xenikweni ndaphumayo kwelaseMakedoni, akubangakho nalinye ibandla eladlelana nam, ngokusingisele emcimbini wokunikela nowokwamkela, yaba nini nedwa. Ngokuba, naseTesalonika, kwaba kanye nakabini nithumela, nindinceda ekusweleni kwam. . . . Ke ndinezinto zonke nje, ndityebile, ndihluthi, ndizamkele nje kuEpafrodito izinto ezavela kuni: ivumba elimnandi, umbingelelo owamkelekileyo, okholekileyo kakuhle kuye uThixo.”—Filipi 4:15-18.

14 Akumangalisi ke ngoko ukuba abe uPawulos wayewathandazela la maFilipi anobubele! Wathi: “Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ekunikhumbuleni kwam konke (ekukhungeni kwam konke ndikhunga ngenxa yenu nonke, ndivuyile), ngenxa yobudlelane benu obubhekisele kuzo iindaba ezilungileyo, kususela kwimini yokuqala kude kube ngoku.” (Filipi 1:3-5) Ukuxhasa umsebenzi wokushumayela uBukumkani ngentliziyo enobubele nesisa okunjalo akuze kulenze lihlwempuzeke ibandla. Emva kokuba amaFilipi ngobubele enza okusemandleni kule nkalo, uPawulos wawaqinisekisa: “Ke uThixo wam wokwenzelelela konke ukuswela kwenu ngokobutyebi bakhe, ngokozuko olukuKristu Yesu.” (Filipi 4:19) Ewe, uThixo uyabubuyekeza ububele nesisa. ILizwi lakhe lithi: “Into esukuba ilungile, athe ulowo wayenza, uya kwamkeliswa kwayona yiNkosi.”—Efese 6:8.

Xa Abafazi Bebonisa Ububele

15, 16. (a) Bakhunjulwa njani ububele bukaDorkas, yaye kwenzeka ntoni akufa? (b) Abafazi abangamaKristu abaneentliziyo ezinobubele basibonakalisa njani isisa namhlanje?

15 Ububele obunothando bomfundi uDorkas (Tabhita) waseYopa babuyekezwa. “Wayezele yimisebenzi elungileyo, nasisisa,” yaye wathi ‘akuhliwa sisifo, wafa,’ abafundi bathumela ukuba kubizwe uPetros eLida. Akufika, “bamsa egumbini eliphezulu; bema ngakuye bonke abahlolokazi, belila, bembonisa ukuba zininzi kwazo iingubo zangaphantsi nezokwaleka abezenza uDorkas oko ebenabo.” Khawube nombono woku: Abahlolokazi abalusizi nabanyembezana baxelela lo mpostile indlela uDorkas awayenobubele ngayo baza bambonisa ezo ngubo njengobungqina bothando nobubele bakhe. Ebakhuphele phandle bonke, uPetros waguqa wathandaza waza waguqukela esidumbini. Phulaphula! Wathi: “Tabhita, vuka.” Yaye khangela! “Wawavula ke amehlo akhe; wathi akubona uPetros, wesuka wahlala. Wamnika ke isandla sakhe, wamphakamisa; wababiza abangcwele nabahlolokazi abo, wammisa phambi kwabo ephilile.” (IZenzo 9:36-41) Enjani yona intsikelelo evela kuThixo!

16 Esi yayisisihlandlo sokuqala kwezibhaliweyo sokuba umpostile kaYesu Kristu avuse umntu. Yaye iimeko ezakhokelela kulo mmangaliso zazizalwa bububele. Ngubani onokuthi uDorkas ngewayevusiwe ukuba wayengenamisebenzi mininzi ilungileyo nesisa—ukuba wayengazaliswanga bububele obunothando? Akuzange kusikelelwe uDorkas nabo bahlolokazi nje kuphela kodwa ummangaliso wokuvuswa kwakhe wanikela ubungqina bozuko lukaThixo. Ewe, “oko kwazeka kuyo yonke iYopa; baba baninzi abakholwayo eNkosini.” (IZenzo 9:42) Namhlanje, abafazi bamaKristu abantliziyo zinobubele nabo benza imisebenzi emininzi elungileyo—mhlawumbi bathungela amanye amakholwa iimpahla, balungiselela abakhulileyo abaphakathi kwethu izidlo, bebonakalisa ukubuk’ iindwendwe kwabanye. (1 Timoti 5:9, 10) Obunjani bona ubungqina kwabo babukeleyo! Ngaphezu kwako konke, hayi indlela okusivuyisa ngayo ukuba ukuhlonel’ uThixo nobubele obunothando bushukumisela ‘lo mkhosi umkhulu weentokazi ukuba ushumayele iindaba ezilungileyo’ ukuze kuzukiswe uThixo wethu, uYehova!—INdumiso 68:11.

Qhubeka Uphuthuma Ububele Obunothando

17. Kuthiwani kwiMizekeliso 21:21, yaye loo mazwi asebenza njani kubantu abahlonel’ uThixo?

17 Bonke abanqwenela ukufumana inkoliseko kaThixo bamele baphuthume ububele obunothando. Umzekeliso wobulumko uthi, “Ophuthuma ubulungisa nenceba [nobubele obunothando, NW] wofumana ubomi nobulungisa nozuko.” (IMizekeliso 21:21) Umntu ohlonel’ uThixo ngenkuthalo uphuthuma ubulungisa, ngalo lonke ixesha ulawulwa yimigaqo kaThixo. (Mateyu 6:33) Uhlala ebonakalisa uthando olunyanisekileyo, okanye ububele obunothando, kwabanye ngezinto eziphathekayo ingakumbi ngokomoya. Ngaloo ndlela, ufumana ubulungisa, kuba umoya kaYehova uyamnceda aphile ngendlela yobulungisa. Enyanisweni, ‘wambethe ubulungisa’ njengokuba yayinjalo indoda eyoyik’ uThixo uYobhi. (Yobhi 29:14) Umntu onjalo akafuni olwakhe uzuko. (IMizekeliso 25:27) Kunoko, wamkela naluphi na uzuko uYehova amvumela ukuba alufumane, mhlawumbi ngokuhlonelwa ngabantu abashukunyiswa nguThixo ukuze bamenzele ububele ngenxa yokuba yena ebonakalise ububele obunothando kubo. Ngaphezu koko, abo benza ukuthanda kukaThixo ngokunyaniseka baya kufumana ubomi—kungekuphela nje kangangeminyaka embalwa edlulayo kodwa ngonaphakade.

18. Kutheni sifanele siphuthume ububele obunothando?

18 Ngoko ke, bonke abathanda uYehova uThixo mabaqhubeke bephuthuma ububele obunothando. Olu phawu lusenza sithandwe nguThixo nangabanye. Lukhulisa ukubuk’ iindwendwe luze lusenze sibe nolwazelelelo. Ububele bomeleza amaqhina entsatsheni nasebandleni lamaKristu. Abafazi ababonakalisa ububele obunothando bayaxatyiswa baze bazukiswe. Yaye bonke abo baphuthuma olu phawu lubalaseleyo bazisa uzuko kuThixo wobubele obunothando, uYehova.

Ubuya Kuphendula Njani?

◻ UAbraham wayengumzekelo njani ekubonakaliseni ububele?

◻ Imeko kaRahabhi isifundisa ntoni ngokubuyekeza ububele?

◻ Ibandla laseFilipi labubonakalisa njani ububele?

◻ Abafazi bamaKristu abaneentliziyo ezinobubele basibonakalisa njani isisa namhlanje?

◻ Kutheni sifanele siphuthume ububele obunothando?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share