Vumela ‘Umthetho Wobubele Bothando’ Ulondoloze Ulwimi Lwakho
“Umlomo wakhe uwuvula ngobulumko, nomthetho wobubele bothando uselulwimini lwakhe.”—IMIZE. 31:26.
1, 2. (a) Luluphi uphawu abakhuthazwa ukuba babe nalo abanquli bakaYehova? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kweli nqaku?
ISIGIDIMI esinamandla uKumkani uLemuweli wamandulo awasinikwa ngunina sichaza neemfaneleko ezibalulekileyo umfazi afanele abe nazo. Kwathiwa kuye: “Umlomo wakhe uwuvula ngobulumko, nomthetho wobubele bothando uselulwimini lwakhe.” (IMize. 31:1, 10, 26) Ububele bothando buyinto enqwenelekayo kulwimi lomfazi osisilumko nakubo bonke abafuna ukukholisa uYehova uThixo. (Funda iMizekeliso 19:22.) Bonke abanquli bokwenyaniso bafanele babonakalise ububele bothando kwindlela abathetha ngayo.
2 Buyintoni ububele bothando? Bufanele bubonakaliswe koobani? Yintoni eya kusinceda ukuze ‘umthetho wobubele bothando’ ube selulwimini lwethu? Ukwenjenjalo kuya kuyichaphazela njani indlela esithetha ngayo namalungu entsapho namanye amaKristu?
Xa Ububele Buqhutywa Luthando Olunyanisekileyo
3, 4. (a) Buyintoni ububele bothando? (b) Ububele bothando bahluke njani kububele obuqhelekileyo okanye bobuntu?
3 Kanye njengokuba eli gama libonisa, ububele bothando buquka uthando nobubele. Buquka ububele, ukuba nomdla kwabanye, ukubanceda nokuthetha kakuhle nabo. Ekubeni umele uqhutywe luthando, ukuze ubonakalise ububele bothando kufuneka ube nomdla kwimpilo-ntle yabanye kuba ubathanda. Noko ke, kulwimi lwamandulo, igama elithi ububele bothando alibhekiseli kububele nje obubangelwa luthando. Ukubonisa ububele bothando kuthetha ukwenzela umntu ububele ngokuzithandela nangokunyanisekileyo ngenxa yenjongo ethile de uyifikelele.
4 Ikho nenye indlela obahluke ngayo ububele bothando kububele obuqhelekileyo. Ububele obuqhelekileyo okanye ububele bobuntu, bunokubonakaliswa nakubantu ongabaziyo. Umpostile uPawulos nabanye abantu abangama-275 awayaphukelwe yinqanawa nabo, benzelwa olu hlobo lobubele ngabemi besiqithi saseMalta—abantu ababeqala ngqa ukubabona. (IZe. 27:37–28:2) Kwelinye icala, ububele bothando bubonakaliswa kubantu abanolwalamano olunyanisekileyo nekudala bengabahlobo.a Lolo hlobo lobubele olwabonakaliswa ngamaKeni ‘koonyana bonke bakaSirayeli ngexesha lokunyuka kwabo bephuma eYiputa.’—1 Sam. 15:6.
Ukucamngca Nokuthandaza Kubalulekile
5. Yintoni eya kusinceda silawule ulwimi lwethu?
5 Ukubonisa ububele bothando kwindlela esithetha ngayo akukho lula. Ebhekisela elulwimini, umfundi uYakobi wathi: “Akukho namnye kuluntu onako ukulwenza mbuna. Luyinto engalawulekiyo embi, luzele yityhefu ebulalayo.” (Yak. 3:8) Yintoni enokusinceda silawule eli lungu lomzimba? Amazwi awathethwa nguYesu kwiinkokeli zonqulo anokusinceda. Wathi: “Umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Mat. 12:34) Ukuze ububele bothando bulondoloze ulwimi lwethu, kufuneka sihlakulele olu phawu ezintliziyweni zethu—sibe nalo ngaphakathi. Masibone indlela ukucamngca nokuthandaza okunokusinceda ngayo ukuze sikwazi ukwenza oku.
6. Kutheni simele sicamngce ngezenzo zikaYehova zobubele bothando?
6 IBhayibhile ithi uYehova uThixo ‘unobubele bothando obuninzi.’ (Eks. 34:6) Umdumisi wathi: “Ububele bakho bothando, Yehova, buzalise umhlaba.” (INdu. 119:64) Kukho iingxelo ezininzi eZibhalweni ezichaza indlela uYehova awabubonakalisa ngayo ububele bothando kubanquli bakhe. Ukucamngca ‘ngezenzo zikaYehova’ kunokusinceda sibe nomnqweno wokuhlakulela olu phawu.—Funda iNdumiso 77:12.
7, 8. (a) UYehova wabubonakalisa njani ububele bothando kuLote nentsapho yakhe? (b) UDavide wavakalelwa njani emva kokwenzelwa ububele bothando nguThixo?
7 Ngokomzekelo, cinga ngendlela uYehova awamhlangula ngayo uLote umtshana ka-Abraham nentsapho yakhe, xa kwakutshatyalaliswa isixeko saseSodom awayehlala kuso. Njengoko kwakusondela intshabalalo, iingelosi zabongoza uLote ukuba athabathe intsapho yakhe aze aphume ngokukhawuleza kweso sixeko. IBhayibhile ithi: ‘Wathi akuqhubeka ezilazila, ngoko ngemfesane kaYehova, iingelosi zabamba isandla sakhe nesandla somfazi wakhe nezandla zeentombi zakhe zaza zamkhupha, zamsa ngaphandle kwesixeko.’ Ngaba asichukumiseki xa sifunda le ngxelo nokubona ukuba basindiswa ngenxa yobubele bothando bukaThixo?—Gen. 19:16, 19.
8 Kwakhona cinga ngomzekelo kaKumkani uDavide wakwaSirayeli wamandulo owathi: ‘UYehova uxolela sonke isiphoso sakho, uphilisa zonke izifo zakho.’ Ngokwenene, uDavide umele ukuba waba nombulelo ngokuxolelwa kwesono sakhe noBhatshebha! Wadumisa uYehova wathi: “Njengoko amazulu ephakamile kunomhlaba, ububele bakhe bothando bongamile kwabo bamoyikayo.” (INdu. 103:3, 11) Ukucinga ngezi Zibhalo kunye nezinye kusenza sibe nombulelo ngenxa yobubele bothando bukaYehova, kusenza simdumise yaye simbulele. Xa iintliziyo zethu zizaliswe ngumbulelo, siya kufuna ukuxelisa uThixo wethu oyinyaniso.—Efe. 5:1.
9. Siyintoni isizathu esiyintloko sokuba abanquli bakaYehova babonakalise ububele bothando kuzo zonke iinkalo zobomi babo bemihla ngemihla?
9 Imizekelo yeZibhalo ibonisa ukuba uYehova ubenzela ububele bothando—uthando lwakhe olunyanisekileyo—abo banolwalamano oluhle kunye naye. Kuthekani ngabo bangenalwalamano luhle noThixo ophilayo? Ngaba uYehova ubaphatha ngendlela engqwabalala okanye akabonisi bubele kubo? Akunjalo konke konke. ULuka 6:35 uthi: “[UThixo] unobubele kwabo bangenambulelo nabangendawo.” ‘Wenza ilanga lakhe liphume kubantu abangendawo nabalungileyo nemvula uyinisa kubantu abangamalungisa nabangengomalungisa.’ (Mat. 5:45) Ngaphambi kokuba sifunde inyaniso size siyamkele, sasifumana ububele obuqhelekileyo bukaThixo. Noko ke ngoku, njengabakhonzi bakhe sifumana uthando lwakhe olunyanisekileyo—ububele bakhe bothando obungenakushenxiswa. (Funda uIsaya 54:10.) Sinombulelo ngokwenene kuye ngenxa yoku! Ngoko, sinesizathu sokubonakalisa ububele bothando kwindlela esithetha ngayo nakuzo zonke iinkalo zobomi bethu bemihla ngemihla!
10. Kutheni umthandazo unokusinceda xa sifuna ukuba nobubele bothando?
10 Eyona nto inokusinceda ukuze sibe nobubele bothando, ngumthandazo. Kaloku uthando nobubele yinxalenye yesiqhamo somoya oyingcwele kaYehova. (Gal. 5:22) Sinokuba nobubele bothando ngokuvumela lo moya ukuba usiphembelele. Ukuze siwufumane umoya oyingcwele kaYehova, sifanele siwucele ngomthandazo. (Luka 11:13) Kufanelekile ukuwucela ngokuphindaphindiweyo umoya kaThixo size siwuvumele ukuba usikhokele. Ukucamngca nokuthandaza kubalulekile ukuze sibe nomthetho wobubele bothando elulwimini lwethu.
Bufanele Bubekho Naselulwimini Lwamaqabane Omtshato
11. (a) Sazi njani ukuba uYehova ulindele ukuba amadoda abonakalise ububele bothando ebafazini bawo? (b) Umthetho wobubele bothando, unokuyinceda njani indoda ilawule ulwimi lwayo?
11 Umpostile uPawulos ubongoza amadoda: “Qhubekani nibathanda abafazi benu, kanye njengokuba noKristu walithandayo ibandla waza wazinikela ngenxa yalo.” (Efe. 5:25) UPawulos uwakhumbuza nangoko uYehova wakuxelela uAdam noEva. Lo mpostile uthi: “Indoda iya kumshiya uyise nonina yaye iya kunamathela emfazini wayo, baze abo babini babe nyama-nye.” (Efe. 5:31) Ngokucacileyo, uYehova ulindele ukuba amadoda anamathele ebafazini bawo ngonyanisekileyo, abonakalise ububele bothando ngalo lonke ixesha kubo. Indoda enolwimi olulawulwa luthando olunyanisekileyo ayithethi ngeentsilelo zomfazi wayo ebantwini okanye imnyelise. Iyamdumisa. (IMize. 31:28) Xa kuvela ingxaki, ububele bothando bubangela ukuba indoda ilulawule ulwimi lwayo, ingathethi into eza kumthob’ isidima.
12. Indlela athetha ngayo umfazi inokubonisa njani ukuba ulwimi lwakhe lulawulwa ngumthetho wobubele bothando?
12 Nolwimi lomfazi lufanele lulawulwe ngumthetho wobubele bothando. Indlela athetha ngayo ayifanele iphenjelelwe ngumoya wehlabathi. Kuba ‘enentlonelo enzulu ngendoda yakhe,’ uthetha kakuhle ngayo kwabanye aze abangele ukuba bayihlonele ngakumbi. (Efe. 5:33) Kuba engafuni ukuba abantwana baphelelwe yintlonelo ngoyise, akaphikisani naye phambi kwabo. Iingxaki ezinjalo uzilungisa xa bebodwa. IBhayibhile ithi: “Umfazi osisilumko ngokwenene uyayakha indlu yakhe.” (IMize. 14:1) Intsapho yakhe yonke iyonwaba xa isekhaya.
13. Umthetho wobubele bothando umele ulawule phi ngokukhethekileyo yaye kunokwenziwa njani oku?
13 Kwanaxa behleli bodwa emzini wabo, abantu abatshatileyo bafanele baqhubeke bethetha ngendlela ebonisa ukuba bayahlonelana. UPawulos wathi: “Lahlani konke, ingqumbo, umsindo, ububi, yaye makungaphumi ntetho itshabhisayo, nantetho ingamanyala emlonyeni wenu.” Wongezelela wathi: “Yambathani umsa wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo. . . . Yambathani uthando, kuba lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.” (Kol. 3:8, 12-14) Xa abantwana beqhele ukubona abazali babo bethetha ngendlela ebonisa ububele nothando ekhaya, baya konwaba yaye nabo baya kuthetha ngendlela abazali babo abathetha ngayo.
14. Iintloko-ntsapho zinokulusebenzisa njani ulwimi lwazo ukuze zithuthuzele iintsapho zazo?
14 Umdumisi wathi ngoYehova: “Ngamana ububele bakho bothando, bunganceda bundithuthuzele.” (INdu. 119:76) Indlela ebalaseleyo uYehova abathuthuzela ngayo abantu bakhe, kukubabongoza nokubakhokela. (INdu. 119:105) Iintloko-ntsapho zinokungenelwa njani kumzekelo kaBawo wethu wasezulwini zize zithuthuzele iintsapho zazo? Zinokukwenza oku ngokunikela ukhokelo nokhuthazo. Ingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho lelona thuba lifanelekileyo lokufumana ubuncwane bokomoya.—IMize. 24:4.
Bonisa Ububele Bothando Kwamanye AmaKristu
15. Abadala nabanye abakhulileyo ngokomoya, banokulusebenzisa njani ulwimi lwabo ukuze balondoloze abanye ebandleni?
15 UKumkani uDavide wathi: “Ububele bakho bothando nokunyanisa kwakho makundilondoloze rhoqo.” (INdu. 40:11) Abadala bebandla namanye amaKristu akhulileyo ngokomoya anokumxelisa njani uYehova kule nkalo? Ngokuqinisekileyo, ukusebenzisa ulwimi lwethu ukuze salathisele ingqalelo kwinkcazelo yeZibhalo, kukubonakalisa ububele bothando.—IMize. 17:17.
16, 17. Ziziphi ezinye zeendlela esinokubonisa ngazo ukuba ulwimi lwethu lulawulwa ngumthetho wobubele bothando?
16 Yintoni esifanele siyenze xa sibona omnye umKristu esenza into engqubanayo nemigaqo yeBhayibhile? Ngaba ububele bothando abufanele busenze sifune ukusebenzisa ulwimi lwethu ukuze simncede? (INdu. 141:5) Xa sisazi ukuba omnye umKristu wenze isono esinzulu, uthando olunyanisekileyo luya kusenza simkhuthaze ukuba ‘abizele kuye amadoda amakhulu ebandla, ukuze amthandazele, amthambise ngeoli egameni likaYehova.’ (Yak. 5:14) Ukuba lo moni akababizi abadala, size nathi sithule, siya kube asibonisi thando okanye ububele. Kusenokwenzeka ukuba abanye kuthi badimazekile, bangamalolo, baziva bengento yanto okanye kukho into ebadanisileyo. Sinokubonisa ukuba umthetho wobubele bothando uselulwimini lwethu, ‘ngokuthuthuzela imiphefumlo edandathekileyo.’—1 Tes. 5:14.
17 Yintoni esifanele siyenze xa sisiva amarhe ezinto ezithethwa ziintshaba zikaThixo ngabanye abazalwana? Kunokuba sithandabuze ukunyaniseka kwabazalwana bethu, simele siwabhebhethe amarhe anjalo okanye sibuze loo mntu enoba uqinisekile ukuba bukho ubungqina baloo nto ayithethayo kusini na. Ukuba iintshaba zabantu bakaThixo ezifuna ukwenzakalisa abazalwana bethu abangamaKristu zifuna ukwazi apho bahlala khona, kuba sinothando olunyanisekileyo ngabazalwana bethu asinakuzixelela.—IMize. 18:24.
Umntu ‘Onobubele Bothando Uya Kufumana Ubomi’
18, 19. Kutheni indlela esiwaphatha ngayo amanye amaKristu imele ibonise ukuba umthetho wobubele bothando awusuki elulwimini lwethu?
18 Uthando lwethu olunyanisekileyo luya kubonakala kwindlela esibaphatha ngayo abanquli bakaYehova. Kwanaxa kunzima, umthetho wobubele bothando awufanele usuke elulwimini lwethu. Xa ububele bothando boonyana bakaSirayeli baba ‘njengombethe omka ekuseni,’ uYehova akazange akholiswe ngabo. (Hos. 6:4, 6) Kwelinye icala, uYehova uyakholiswa ngabo babonakalisa ububele bothando ngalo lonke ixesha. Phawula indlela abasikelela ngayo abo babusukelayo.
19 IMizekeliso 21:21 ithi: “Osukela ubulungisa nobubele bothando uya kufumana ubomi, ubulungisa nozuko.” Ezinye zeentsikelelo aya kuzifumana, bubomi—kungekhona ubomi nje bokwexeshana kodwa ubomi obungunaphakade. UYehova uya kumnceda ‘abubambe ngokuqinileyo ubomi benene.’ (1 Tim. 6:12, 19) Ngoko ke, ‘masibe nobubele bothando omnye nomnye.’—Zek. 7:9.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ubone umahluko phakathi kobubele bothando nokunyaniseka, uthando nobubele, funda iMboniselo kaMeyi 15, 2002, iphepha 12-13, 18-19.
Ngaba Unokuchaza?
• Unokubuchaza njani ububele bothando?
• Yintoni eya kusinceda sibe nomthetho wobubele bothando elulwimini lwethu?
• Abantu abatshatileyo banokubonisa njani ukuba banothando olunyanisekileyo kwindlela abathetha ngayo?
• Indlela esiwaphatha ngayo amanye amaKristu ibonisa njani ukuba umthetho wobubele bothando uselulwimini lwethu?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UDavide wamdumisa uYehova ngenxa yobubele bakhe bothando
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ngaba nilwenza rhoqo uNqulo Lwentsapho?