Ngaba UThixo Uyayiphendula Imithandazo Yakho?
“ANDIZANGE khe ndilufumane uchulumanco lokuba imithandazo yam iphendulwe,” latsho elinye ibhinqa elihlala eHokkaido, eJapan. Alilodwa koku. Abantu abaninzi bavakalelwa kukuba imithandazo yabo ayize iphendulwe. Enyanisweni, usenokuba uyazibuza ukuba uThixo uyayiphendula na imithandazo yakho.
Izigidi zibhekisa imithandazo emininzi koothixo abangenakubalwa. Kutheni kubonakala ngathi imithandazo emininzi kangaka ayiphendulwa? Ukuze sazi, okokuqala makhe siqwalasele iintlobo zemithandazo eyenziwayo.
Bathandazela Ntoni Abanye?
Ebudeni bexesha loNyaka Omtsha, ababini kwabathathu kubantu baseJapan, okanye abantu abanokuba zizigidi ezingama-80, bathandaza kwizindlu zonqulo zamaShinto okanye kwiitempile zamaBhuda. Banikela ngeengqekembe zemali baze bathandazele ithamsanqa nokukhuseleka kwentsapho.
NgoJanuwari nangoFebruwari—ngaphambi nje kokuba babhale iimviwo abaya kuthi ukuba baziphumelele bamkelwe kwiikholeji eziphambili—abafundi bathontelana kwizindlu zonqulo ezinjengaleyo iseTokyo edume ngothixo wayo wemfundo. Iminqweno yabo bayibhala kumacwecwe enziwe ngomthi okubhala imithandazo baze bawaxhome kwiintonga ezikwiintendelezo zezi zindlu zonqulo. Ubuncinane ngamacwecwe anjengala ali-100 000 awayehombise indawo ebiyelweyo kwindlu yonqulo edumileyo yaseTokyo ebudeni bexesha leemviwo ngowe-1990.
Abantu abaninzi bathandazela impilo. Kwindlu yonqulo eseKawasaki, eJapan, abantu bathandazela ukukhuselwa kuGawulayo. Umfundisi wale ndlu yonqulo wacacisa wathi, “Intsingiselo yokuthandazela ukungafunyanwa nguGawulayo, ikukuba kuya kwenza abantu bazilumkele izinto abazenzayo.” Kodwa ngaba umthandazo uphelela apho?
Kwenye itempile, umfazi osele ekhulile wathandazela “ukufa ngoko nangoko.” Kwakutheni? Kwakungenxa yokuba wayengafuni kungcungcuthekiswa kukugula ithuba elide ibe engafuni ukuba luxanduva kwintsapho yakhe.
Kwelinye ilizwe ekufane kuthiwe lelobuKristu, umphathi weqela lebhola ekhatywayo wathandazela ukuba iqela lakhe liphumelele lize likhuselwe ekwenzakaleni. AmaKatolika ePoland athandazela intlalo-ntle yawo yobuqu aze avathise uMadonna wawo ngamatye anqabileyo xa ekholelwa ukuba imithandazo yawo iviwe. Abantu abaninzi bayagxalathelana ukuya kwiicawa ezinjengeGuadalupe kwisiXeko saseMexico, neLourdes, eFransi, becela ukuphiliswa ngokungummangaliso.
Enoba baseMpuma okanye baseNtshona, abantu bayathandaza ngenxa yezizathu ezininzi nezahlukahlukeneyo. Ngokucacileyo, bafuna imithandazo yabo iviwe ize iphendulwe. Noko ke, ngaba kusengqiqweni ukukholelwa ukuba yonke imithandazo iya kuviwa ize yamkelwe? Kuthekani ngeyakho imithandazo? Ngaba iyaphendulwa? Enyanisweni, ngaba uThixo uyayiphendula imithandazo?