Indlela Okukuchaphazela Ngayo Ukwenziwa Kumila Kumbi KukaKristu
Amadoda amane asandul’ ukunyuka intaba ephakamileyo. Encochoyini yayo kwenzeka okuthile okumangalisayo. Njengoko abafundi bakaYesu Kristu abathathu nabakhwankqisiweyo babekhangele, bambona eguquka. Khawuphulaphule njengoko umbhali wencwadi yeVangeli uMarko enikela ingxelo ngesi siganeko sichulumancisayo:
“UYESU [wathabatha] uPetros noYakobi noYohane, banyuka intaba ephakamileyo bebodwa. UYesu ke wenziwa kumila kumbi phambi kwabo. Zasuka nezambatho zakhe zabengezela, zamhlophe qhwa; zamhlophe [ngaphezu kokuba nawuphi na umhlambi weempahla osemhlabeni ebenokuzenza mhlophe]. Kwabonakala uEliya noMoses bethetha noYesu. Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: ‘Mfundisi, kulungile ukuba sibe lapha. Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMoses, elinye libe lelikaEliya.’ Wayesitsho kuba ebengayazi into anokuyithetha, kuba babesoyika kakhulu. Ke kwabakho ilifu elibagubungelayo, kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: ‘Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.’ Bakusinga-singa ke, ababa sabona mntu wumbi ngaphandle koYesu.”—Marko 9:2-8, TE.
Khawufan’ ucinge! Ubuso bukaYesu babukhazimla njengelanga. (Mateyu 17:2) Iingubo zakhe zazibengezela, “zimhlophe ngaphezu kokuba nawuphi na umhlambi weempahla osemhlabeni ebenokuzenza mhlophe.” Kwavakala ilizwi elinamandla likaThixo ngokwakhe esenza isibhengezo ngoNyana wakhe. Esinjani sona ukumangalisa isiganeko!
Igama lesiGrike apha eliguqulelwe ngokuthi “wenziwa kumila kumbi” lithetha “ukuguqukela kwenye imo.” Kwakhona libonakala kwabaseRoma 12:2, apho amaKristu alulekwa ukuba ‘abe kumila kumbi’ ngokuhlaziya iingqondo zawo.—An Expository Dictionary of New Testament Words, nguW. E. Vine, uMqulu IV, iphepha 148.
Ewe esi siganeko sikhwankqisayo senzeka xa uYesu wenziwa kumila kumbi ngaxa lithile emva komsitho wePasika yowama-32 C.E. Yintoni eyakhokelela kulo mmangaliso? Ngaba unenjongo ekhethekileyo? Kwakutheni ukuze uMoses noEliya babandakanyeke? Yaye ukwenziwa kumila kumbi kukaKristu kukuchaphazela njani?
Iziganeko Zangaphambi Koko
Ngaphambi kokuba banyuke intaba, uYesu nabafundi bakhe babekummandla waseKesareya yakwaFilipu. Ekubeni esi sixeko sasimalunga neekhilomitha ezingama-25 kumzantsi ntshona weNtaba yeHermon, ukwenziwa kumila kumbi kusenokuba kwenzeka kwesinye seziphongo zayo eziphakamileyo.
Ngoxa babesiya ‘entabeni ephakamileyo,’ uYesu wababuza oku abafundi bakhe: “Kuthiwa ngabantu ndingubani na mna?” Baphendula bathi: “UnguYohane umbhaptizi; abanye bathi unguEliya; bambi ke bathi ungomnye wabaprofeti.” Waza uKristu wababuza: “Ke nina nithi ndingubani na?” UPetros waphendula wathi: “Wena unguye uKristu.” Emva koko, uYesu “wabakhalimela ukuba bangaxeleli bani ngaye. Waqala ukubafundisa, okokuba uNyana woMntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi emveni kweentsuku ezintathu abuye avuke.”—Marko 8:27-31.
UYesu wahlabela mgama esenza eli dinga: “Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla.” (Marko 9:1; Mateyu 16:28) Eli dinga lazalisekiswa “emveni kweentsuku ezintandathu,” xa uYesu wayethandaza waza wenziwa kumila kumbi phambi koPetros, uYakobi noYohane. ULuka uthi oku kwenzeka ‘kwiintsuku ezisibhozo’ emva koko, ngokucacileyo ngenxa yokuba waquka usuku lwesithembiso nolo lokuzalisekiswa kwaso.—Mateyu 17:1, 2; Marko 9:2; Luka 9:28.
Kwakungelophupha Okanye Into Ethelekelelwayo
Ukwenziwa kumila kumbi kukaYesu kwakungelophupha. Abapostile abathathu babengayi kuphupha into efanayo, yaye uYesu wakubiza ngokuthi ‘ngumbono.’ Oko akuthethi into ethelekelelwayo, kuba igama lesiGrike elisetyenziswe kuMateyu 17:9 liguqulelwe kwenye indawo ngokuthi “ukubona.” (IZenzo 7:31) Ngoko ababukeli babesezingqondweni ngokupheleleyo, yaye ngamehlo nangeendlebe zabo, bakubona baza bakuva ngokoqobo okwakusenzeka.—Luka 9:32.
Ethe qwa kodwa engayazi into amakayithethe, uPetros wacebisa ukwakhiwa kweminquba emithathu—omnye ube ngokaYesu, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. (Luka 9:33) Ngokucacileyo ilifu elabakhoyo njengoko uPetros wayethetha lalibonakalisa ubukho bukaThixo kuloo ntaba, njengakwintente yokuhlangana yakwaSirayeli entlango. (Eksodus 40:34-38; Luka 9:34) Yaye ngokuqinisekileyo abapostile babengenakuba babelele xa ‘uThixo uYise’ wabhengeza oku: “Lo nguNyana wam onyuliweyo; mveni yena.”—2 Petros 1:17, 18; Luka 9:35, TE.
Isizathu Sokubonwa KukaMoses
Ngexesha lokwenziwa kumila kumbi, uMoses ‘wayengazi lutho,’ kuba wafa kwiinkulungwane ngaphambili. (INtshumayeli 9:5, 10) Ngokufanayo noDavide, wayengavuswanga ibe ke ngoko wayengekho ngokobuqu. (IZenzo 2:29-31) Kodwa kwakutheni ukuze uMoses abonwe ekunye noKristu kulo mbono?
UThixo wayemxelele oku uMoses: “Ndiya kubavelisela umprofeti ephuma phakathi kwabazalwana babo, onjengawe; ndiwabeke amazwi am emlonyeni wakhe, athethe kubo konke endiya kubawisela umthetho ngako.” (Duteronomi 18:18) UPetros wasisebenzisa ngokukhethekileyo esi siprofeto kuYesu Kristu. (IZenzo 3:20-23) Ngaphandle kukaYesu, uMoses wayengoyena mprofeti umkhulu uThixo awamthumela kuhlanga lwakwaSirayeli.
Kukho ukufana phakathi kukaMoses noMoses Omkhulu, uYesu Kristu. Ngokomzekelo, ngoxa babeseziimveku, ubomi babo bobabini babubekw’ esichengeni ngabalawuli abakhohlakeleyo, kodwa uThixo waqinisekisa ukuba ezi ntsana zazikhuselekile. (Eksodus 1:20–2:10; Mateyu 2:7-23) Omabini la madoda achitha iintsuku ezingama-40 ezila ukutya ekuqaleni komsebenzi wawo njengabakhonzi abakhethekileyo bakaYehova. (Eksodus 24:18; 34:28; Duteronomi 9:18, 25; Mateyu 4:1, 2) Yaye bobabini uMoses noYesu benza imimangaliso ngamandla kaThixo.—Eksodus 14:21-31; 16:11-36; INdumiso 78:12-54; Marko 4:41; Luka 7:18-23; Yohane 14:11.
UThixo wasebenzisa uMoses ukuhlangula uSirayeli kubukhoboka baseYiputa, kwananjengokuba uYesu ezisa inkululeko yokomoya. (Eksodus 12:37–14:31; Yohane 8:31, 32) UMoses waba nelungelo lokuba ngumlamleli womnqophiso woMthetho phakathi koThixo namaSirayeli, ngoxa uYesu enguMlamleli womnqophiso omtsha. (Eksodus 19:3-9; 34:3-7; Yeremiya 31:31-34; Luka 22:20; Hebhere 8:3-6; 9:15) Kwakhona uYehova wasebenzisa uMoses ukuze azenzele igama phambi kwamaSirayeli, kwamaYiputa nakwabanye, kanye njengokuba uYesu Kristu eye waliphakamisa igama elingcwele likaYehova. (Eksodus 9:13-17; 1 Samuweli 6:6; Yohane 12:28-30; 17:5, 6, 25, 26) Ngokwenza ukuba uMoses abonakale noYesu owenziwe kumila kumbi, uThixo wabonisa ukuba uKristu wayeya kukhonza kwezi zikhundla ngomlinganiselo ozuke ngakumbi.
Isizathu Sokubonakala KukaEliya
Nangona umprofeti uEliya ofileyo wayengazange avuswe, kwakufanelekile ukuba abonakale kumbono wokwenziwa kumila kumbi. UEliya wenza umsebenzi omkhulu ngokubuyisela unqulo olunyulu nokungcwalisa igama likaYehova phakathi kwamaSirayeli. UYesu Kristu wenza okufanayo ngoxa wayesemhlabeni yaye uya kwenza kwanokungakumbi ukuze abuyisele unqulo olunyulu aze athethelele uYise wasemazulwini ngoBukumkani obungoMesiya.
Umprofeti uMalaki wabonisa ukuba umsebenzi kaEliya wawufuzisela okwakuya kwenzeka kwixesha elizayo. NgoMalaki, uThixo wathi: “Yabonani, ndiya kuthumela kuni uEliya umprofeti, ingekafiki imini enkulu eyoyikekayo kaYehova. Wobuyisela iintliziyo zooyise kubantwana, neentliziyo zabantwana kooyise, hleze ndize ndilichithe ilizwe ngokuliphanzisa.”—Malaki 4:5, 6.
Esi siprofeto saba nenzaliseko yaso encinane kumsebenzi kaYohane uMbhaptizi. UYesu wakukhankanya oku emva kokwenziwa kumila kumbi, xa abafundi bakhe bambuza isizathu sokuba ababhali bathi uEliya wayefanele ukufika tanci—ngaphambi kokubonakala koMesiya. UYesu wathi: “Okunene kufika uEliya tanci, abuye azimise zonke izinto. Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo uNyana woMntu uza kuva ubunzima ngabo.” Ingxelo yongezelela isithi: “Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.”—Mateyu 17:10-13.
UYohane wenza umsebenzi ofana nokaEliya xa wabhaptiza amaYuda awaguqukayo ezonweni zawo ezazinxamnye nomnqophiso woMthetho. Okubaluleke ngakumbi kukuba uYohane wayengumanduleli kaMesiya yaye watshayelela uYesu Kristu. (Mateyu 11:11-15; Luka 1:11-17; Yohane 1:29) Kodwa kwakutheni ukuze umsebenzi kaYohane ube yinzaliseko encinane kuphela yesiprofeto sikaMalaki?
Kulo mbono, uEliya wabonwa ethetha noYesu. Oku kwakusemva kokuba uYohane uMbhaptizi efile, ngaloo ndlela kubonisa ukuba umsebenzi kaEliya wawuseza kwenziwa. Ngaphezu koko, isiprofeto sabonisa ukuba lo msebenzi wawuya kwenziwa ingekafiki “imini enkulu eyoyikekayo kaYehova.” Eso siganeko sisondela ngokukhawuleza siquka ‘imfazwe yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla’ eHar–Magedon, okanye eArmagedon. (ISityhilelo 16:14-16) Oku kwakuthetha ukuba ukumiselwa koBukumkani bukaThixo basezulwini okwakungekenzeki ngelo xesha kwakuya kwandulelwa ngumsebenzi ofana ncam nemisebenzi kaEliya neyalowo wangena ezihlangwini zakhe, uElisha. Yaye kangangexesha elingaphezu kwenkulungwane, amaNgqina kaYehova anamhla ebeqhubeka esenza umsebenzi obandakanya ukubuyiselwa konqulo olunyulu nokuphakanyiswa kwegama likaThixo.—INdumiso 145:9-13; Mateyu 24:14.
Injongo Yako
Ukwenziwa kumila kumbi kukaYesu kufanel’ ukuba kwamomelezela iintlungu nokufa awayeza kukufumana. Ukuva uYise wasemazulwini ethetha ngaye njengoNyana Wakhe akholisiweyo nguye kufanel’ ukuba kwalomeleza ukholo lukaYesu. Kodwa ukwenziwa kumila kumbi kwakhe kwabenzela ntoni abanye?
Kwakhona ukwenziwa kumila kumbi kukaYesu kwalomeleza ukholo lwabo babebukele. Kwabethelela ezingqondweni zabo into yokuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo. Eneneni, ekubeni uMthetheli Oyintloko kaYehova, uLizwi, wayephakathi kwabo ngelo xesha, beva ilizwi likaThixo ngokwakhe libhengeza oku: “Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.” Nangona uYehova wayenikele ubungqina obufanayo xa uYesu wabhaptizwayo, ebudeni bokwenziwa kumila kumbi uThixo wongezelela ukuba abafundi babefanele bamve uNyana Wakhe.—Mateyu 3:13-17; 17:5; Yohane 1:1-3, 14.
Ukwenziwa kumila kumbi kwalomeleza ukholo nangenye indlela. Ebudeni bombono, uYesu, “uMoses” “noEliya” bancokola “ngokunduluka kwakhe [uKristu] okwakumele ukuba seYerusalem.” (Luka 9:31, TE) Igama elithi ‘ukunduluka’ liguqulelwe ngokusuka kwimo yelesiGrike elithi eʹxo·dos. Ngokucacileyo oku kufuduka, okanye ukunduluka, kwakuquka kokubini ukufa kukaYesu nokuvuselwa kwakhe nguThixo kubomi bokomoya. (1 Petros 3:18) Ngoko ukwenziwa kumila kumbi komeleza ukuba nokholo kuvuko lukaKristu. Ngokukhethekileyo kwakha ukholo ngokuvelisa ubungqina obeyisayo bokuba uYesu uya kuba nguKumkani woBukumkani bukaThixo obungoMesiya. Ngaphezu koko, umbono wabonisa ukuba uBukumkani buya kuba bobuzukileyo.
Kwakhona ukwenziwa kumila kumbi komeleza ukuba nokholo kwisiprofeto seZibhalo. Iminyaka enokuba ngama-32 kamva (malunga nowama-64 C.E.), uPetros wayesawakhumbula la mava waza wabhala esithi: “Kuba sithe, singalandelanga zintsomi zabuqhinga, sanazisa amandla nokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu; sithe saba ngababoneli bobungangamsha bakhe. Kuba wamkela kuThixo uYise imbeko nozuko, ekuzisweni kuye, bubuqaqawuli obubalaseleyo, izwi elinjengeli: Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye. Nelo zwi ke saliva thina, lisiza liphuma ezulwini, sinaye entabeni leyo ingcwele. Kanjalo sinalo nelona lizwi liqinisekileyo elilelobuprofeti, enityaphayo ukulinyamekela, linjengesibane esikhanyisa endaweni emnyama, kude kuse, liphume ikhwezi ezintliziyweni zenu.”—2 Petros 1:16-19.
Intsingiselo Yako Kuwe
Ewe, uPetros wakugqala ukwenziwa kumila kumbi kukaYesu njengesiqinisekiso esinamandla selizwi likaThixo lesiprofeto. Kwakhona umpostile uYohane ufanel’ ukuba wayebhekisela kulo mbono xa wathi: “ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso.” (Yohane 1:14) Ngokufanayo, ukwenziwa kumila kumbi kunokulwakha ukholo lwakho ngelizwi likaYehova lesiprofeto.
Ukwenziwa kumila kumbi neziganeko ezinxulumene nako zinokulomeleza ukholo lwakho lokuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo noMesiya othenjisiweyo. Kunokuyomeleza inkolelo yakho ekuvuselweni kukaYesu kubomi bokomoya ezulwini. Kwakhona lo mbono umangalisayo ufanele wandise ukholo lwakho kurhulumente kaThixo, kuba ukwenziwa kumila kumbi kwakungumbono wangaphambili wobungangamsha bukaKristu namandla oBukumkani.
Komelez’ ukholo ngokukhethekileyo ukwazi ukuba ukwenziwa kumila kumbi kukaKristu kwakusalatha kumhla wethu, xa ubukho bukaYesu buyinto yokwenene. (Mateyu 24:3-14) Ukususela ngowe-1914 ebelawula emazulwini njengoKumkani omiselwe nguThixo. Igunya namandla akhe awanikwe nguThixo kungekudala aya kusetyenziswa ngokunxamnye nazo zonke iintshaba zolawulo lukaThixo, evulel’ umtyhi ihlabathi elitsha. (2 Petros 3:13) Unokunandipha iintsikelelo zalo ezingapheliyo ukuba unokholo kwizinto ezimangalisayo ezaboniswa ekwenziweni kumila kumbi kukaYesu Kristu.