Xa UYesu Esiza ekuzuko LoBukumkani
“Kukho abathile kwabo bemi apha abangayi kungcamla kufa konke konke de kuqala bambone uNyana womntu esiza esebukumkanini bakhe.”—MATEYU 16:28.
1, 2. Yintoni eyenzekayo kamsinya nje emva kwePentekoste yowama-32 C.E., ibe yayiyintoni injongo yeso siganeko?
KAMSINYA nje emva kwePentekoste yowama-32 C.E., abapostile abathathu bakaYesu Kristu babona umbono ongalibalekiyo. Ngokutsho kwengxelo ephefumlelweyo, “uYesu wathabatha uPetros noYakobi noYohane umntakwabo waza wabanyusa intaba ephakamileyo bebodwa. Kwaye wenziwa kumila kumbi phambi kwabo.”—Mateyu 17:1, 2.
2 Umbono wokwenziwa kumila kumbi wafika ngexesha elibalulekileyo. UYesu wayesandul’ ukuqalisa ukuxelela abalandeli bakhe ukuba wayeza kubandezeleka aze afe eYerusalem, kodwa bakufumanisa kunzima ukuwaqonda amazwi akhe. (Mateyu 16:21-23) Lo mbono walomeleza ukholo lwaba bapostile bathathu bakaYesu ubalungiselela ukufa kwakhe okwakusiza kwaneminyaka yokutsala nzima nezilingo ezaziza kulandela kwibandla lamaKristu. Ngaba ikho into esinokuyifunda namhlanje kulo mbono? Ewe, kuba eneneni oko wawukufuzisela kwenzeka ngexesha lethu.
3, 4. (a) Yintoni eyathethwa nguYesu kwiintsuku ezintandathu ngaphambi kokwenziwa kumila kumbi? (b) Chaza okwenzekayo ebudeni bokwenziwa kumila kumbi.
3 Kwiintsuku ezintandathu ngaphambi kokwenziwa kumila kumbi, uYesu waxelela abalandeli bakhe oku: “UNyana womntu umiselwe ukuba eze ekuzuko lukaYise neengelosi zakhe, aze andule ke abuyekeze ngamnye ngokokuziphatha kwakhe.” La mazwi ayeza kuzaliseka ‘ekuqoshelisweni kwenkqubo yezinto.’ UYesu walek’ umsundulo esithi: “Enyanisweni ndithi kuni kukho abathile kwabo bemi apha abangayi kungcamla kufa konke konke de kuqala bambone uNyana womntu esiza esebukumkanini bakhe.” (Mateyu 16:27, 28; 24:3; 25:31-34, 41; Daniyeli 12:4) Ukwenziwa kumila kumbi kwawazalisekisa la mazwi.
4 Yintoni kanye le yabonwa ngaba bapostile bathathu? ULuka usichaza ngale ndlela esi siganeko: “Njengoko [uYesu] wayethandaza imbonakalo yobuso bakhe yaba yeyahlukileyo ibe isivatho sakhe saba mhlophe ngokumenyezelayo. Kanjalo, khangela! amadoda amabini ayencokola naye, ayenguMoses noEliya. La abonakala enozuko aza aqalisa ukuthetha ngokumka kwakhe awayemiselwe ukukuzalisekisa eYerusalem.” Emva koko, “kwayileka ilifu laza laqalisa ukubasibekela [abapostile]. Njengoko babengena efini, boyika. Ibe kwaphuma ilizwi efini, lisithi: ‘Lo nguNyana wam, lowo unyuliweyo. Mphulaphuleni yena.’ ”—Luka 9:29-31, 34, 35.
Ukholo Luyomelezwa
5. Ukwenziwa kumila kumbi kwaba nawuphi umphumo kumpostile uPetros?
5 Umpostile uPetros wayesele emfanisile uYesu ‘njengoKristu, uNyana woThixo ophilayo.’ (Mateyu 16:16) Amazwi kaYehova avela ezulwini akuqinisekisa oko, yaye umbono kaYesu wokwenziwa kumila kumbi wawukukungcamla ukuza kukaKristu ekumandla nozuko loBukumkani, ekugqibeleni eze kugweba uluntu. Kwiminyaka engaphezu kwama-30 emva kokwenziwa kumila kumbi, uPetros wabhala: “Akubanga ngokulandela amabali obuxoki ayilwe ngobuqhetseba esathi sanazisa amandla nobukho beNkosi yethu uYesu Kristu, kodwa kwaba ngokuthi sibe ngamangqina okuzibonela ubungangamela bayo. Kuba yamkela kuThixo uYise imbeko nozuko, xa yangqinelwa ngobungangamela bozuko ngamazwi anjengala: ‘Lo ngunyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.’ Ewe, la mazwi saweva engqinelwa ephuma ezulwini ngoxa sasinaye entabeni engcwele.”—2 Petros 1:16-18; 1 Petros 4:17.
6. Zatyhileka njani iziganeko emva kokwenziwa kumila kumbi?
6 Namhlanje, nolwethu ukholo luyomelezwa ngumbono waba bapostile bathathu. Kakade ke, kuye kwaqhubeka kusenzeka iziganeko ukususela ngowama-32 C.E. Ngonyaka olandelayo, uYesu wafa waza wavuswa, wanyukela kwisandla sokunene sikaYise. (IZenzo 2:29-36) NgePentekoste yaloo nyaka, “uSirayeli kaThixo” omtsha wasekwa, kwaza kwaqalisa iphulo lokushumayela, liqala eYerusalem laza kamva lanwenwela naseziphelweni zomhlaba. (Galati 6:16; IZenzo 1:8) Kungekudala ukholo lwabafundi bakaYesu lwavavanywa. Abapostile babanjwa baza babethwa kanobom ngenxa yokuba bengavumi ukuyeka ukushumayela. Kungekudala uStefano wabulawa. Emva koko uYakobi, owayelingqina lokuzibonela ukwenziwa kumila kumbi, wabulawa. (IZenzo 5:17-40; 6:8–7:60; 12:1, 2) Noko ke, uPetros noYohane basinda baza bakhonza uYehova ngokuthembeka kangangeminyaka emininzi. Eneneni, ngasekupheleni kwenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, uYohane wabhala imibono eyongezelelekileyo kaYesu ekuzuko lwasezulwini.—ISityhilelo 1:12-20; 14:14; 19:11-16.
7. (a) Waqalisa nini ukuzaliseka umbono wokwenziwa kumila kumbi? (b) UYesu wababuyekeza nini abanye ngokokuziphatha kwabo?
7 Ukususela ekuqaleni ‘kwemini yeNkosi’ ngowe-1914, uninzi lwemibono eyabonwa nguYohane luye lwazaliseka. (ISityhilelo 1:10) Kuthekani ‘ngokuza kukaYesu ekuzuko lukaYise,’ okwakufuziselwa kukwenziwa kumila kumbi? Lo mbono waqalisa ukuzaliseka ngokuzalwa koBukumkani bukaThixo basezulwini ngowe-1914. Xa uYesu, njengekhwezi, wavela kwindalo iphela njengoKumkani obekwe etroneni, ngokungathi kunjalo, oko yayikukuqalisa kwemini entsha. (2 Petros 1:19; ISityhilelo 11:15; 22:16) Ngaba ngelo xesha uYesu wababuyekeza abanye ngokokuziphatha kwabo? Ewe. Kukho ubungqina obunamandla bokuba kamsinya nje emva koko, uvuko lwasezulwini lwamaKristu athanjisiweyo lwaqalisa.—2 Timoti 4:8; ISityhilelo 14:13.
8. Ziziphi iziganeko eziya kuphawula ukuqalisa kokuzaliseka kombono wokwenziwa kumila kumbi?
8 Noko ke, kungekudala uYesu uza kufika “ekuzuko lwakhe, nazo zonke iingelosi zikunye naye” ukuze agwebe uluntu lulonke. (Mateyu 25:31) Ngelo xesha, uya kuzityhila ekulo lonke uzuko lwakhe olubalaseleyo aze anike “ngamnye” imbuyekezo efanelekileyo ngokokuziphatha kwakhe. Ababumvu baya kubudla ilifa ubomi obungunaphakade kuBukumkani obulungiselelwe bona, abanjengeebhokhwe baya kuhamba baye “kunqunyulo lukanaphakade.” Hayi indlela okuya kubalasela ngayo ukuqosheliswa kwenzaliseko yombono wokwenziwa kumila kumbi!—Mateyu 25:34, 41, 46; Marko 8:38; 2 Tesalonika 1:6-10.
Amaqabane KaYesu Azukisiweyo
9. Ngaba sifanele silindele ukuba uMoses noEliya babe noYesu xa kuzaliseka umbono wokwenziwa kumila kumbi? Cacisa.
9 UYesu wayengeyedwa xa wayesenziwa kumila kumbi. Wabonwa ekunye noMoses noEliya. (Mateyu 17:2, 3) Ngaba babekho ngokoqobo? Akunjalo, kuba omabini la madoda ayefe kudala ibe ayelele eluthulini elindele uvuko. (INtshumayeli 9:5, 10; Hebhere 11:35) Ngaba aza kubonakala noYesu xa esiza ekuzuko lwakhe lwasezulwini? Akunjalo, kuba uMoses noEliya babephila ngaphambi kokuba abantu banikwe ithemba lokuphila ezulwini. Aba baya kuba yinxalenye ‘yovuko lwasemhlabeni lwamalungisa.’ (IZenzo 24:15) Ngoko ukuvela kwabo kumbono wokwenziwa kumila kumbi kungumfuziselo. Wantoni?
10, 11. UEliya noMoses babefanekisela oobani ngokweengqiqo ezahlukeneyo?
10 Kwelinye icala, uMoses noEliya babengabaprofeti. Njengomlamleli womnqophiso woMthetho, uMoses wayefanekisela uYesu, uMlamleli womnqophiso omtsha. (Duteronomi 18:18; Galati 3:19; Hebhere 8:6) UEliya wayefanekisela uYohane uMbhaptizi, umtyenenezi wendlela kaMesiya. (Mateyu 17:11-13) Ngaphezu koko, ngokutsho komongo weSityhilelo isahluko 11, uMoses noEliya babefanekisela intsalela ethanjisiweyo kwixesha lesiphelo. Sikwazi njani oku?
11 Kaloku, khawutyhile kwiSityhilelo 11:1-6. Kwindinyana 3 sifunda oku: “Yaye ndiza kuwabangela amangqina am amabini aprofete imihla eliwaka elinamakhulu amabini anamashumi amathandathu ambethe irhonya.” Esi siprofeto sazaliseka kwintsalela yamaKristu athanjisiweyo ebudeni beMfazwe Yehlabathi I.a Kutheni ingamangqina amabini nje? Kungenxa yokuba intsalela ethanjisiweyo yenza imisebenzi ethi, ngokomoya, ifane nekaMoses noEliya. Indinyana 5 neyesi-6 zihlabela mgama zisithi: “Yaye ukuba nabani na ufuna ukuwonakalisa [la mangqina mabini], kuphuma umlilo emilonyeni yawo uze uziqwenge iintshaba zawo; ibe ukuba nabani na angafuna ukuwonakalisa, umele abulawe ngalo olu hlobo. Wona anegunya lokulivala izulu ukuba kungani mvula ebudeni bemihla yokuprofeta kwawo, yaye anegunya phezu kwamanzi lokuwaphethula abe ligazi nelokuwubetha umhlaba ngalo lonke uhlobo lwesibetho ngokufuthi kangangoko enqwenela.” Ngaloo ndlela, sitsho sikhumbule imimangaliso eyenziwa nguEliya noMoses.—Numeri 16:31-34; 1 Kumkani 17:1; 2 Kumkani 1:9-12.
12. Ngokwengqiqo yokwenziwa kumila kumbi, ngoobani abafanekiselwa nguMoses noEliya?
12 Ngoko ke, wayefanekisela bani uMoses noEliya ngokwengqiqo yokwenziwa kumila kumbi? ULuka uthi bavela kunye noYesu ‘benozuko.’ (Luka 9:31) Kuyacaca ukuba, babefanekisela amaKristu athanjiswe ngomoya oyingcwele ‘njengeendlalifa ezimanyene’ noYesu ezathi ngaloo ndlela zafumana ithemba elimangalisayo ‘lokuzukiswa kunye’ naye. (Roma 8:17) Abathanjiswa abavusiweyo baya kuba noYesu xa esiza ekuzuko lukaYise ukuza ‘kubuyekeza ngamnye ngokokuziphatha kwakhe.’—Mateyu 16:27.
Amangqina AnjengoMoses NoEliya
13. Ngabaphi oothunywashe abaphawula uMoses noEliya njengabakufanelekelayo ukufanekisela iindlalifa ezingokwesiprofeto ezimanyeneyo noYesu nezizukiswa kunye naye?
13 Baninzi oothunywashe ababalulekileyo abaphawula uMoses noEliya njengabakufanelekelayo ukufuzisela iindlalifa ezithanjisiweyo ezimanyene noYesu. UMoses noEliya babekhonza njengezithethi zikaYehova kangangeminyaka emininzi. Bobabini bajamelana nengqumbo yomlawuli othile. Xa babeswele, ngamnye wabo wayexhaswa yintsapho yelizwe lasemzini. Bobabini baprofeta ngenkalipho kookumkani baza bababhebhetha kanobom abaprofeti bobuxoki. UMoses noEliya babona imbonakaliso yamandla kaYehova kwiNtaba yeSinayi (ekwabizwa ngokuba yiHorebhe). Bobabini bathuma abo babeza kungena ezihlangwini zabo bekwicala elingasempuma leYordan. Ibe ixesha likaMoses (noYoshuwa) nelikaEliya (noElisha) laba neyona mimangaliso mininzi, xa singayibali leyo yenziwa ngexesha likaYesu.b
14. Abathanjiswa baye bakhonza njani njengezithethi zikaYehova, njengoMoses noEliya?
14 Ngaba konke oku akusikhumbuzi ngoSirayeli kaThixo? Ewe, kunjalo kanye. UYesu wabaxelela oku abalandeli bakhe abathembekileyo: “Hambani ke ngoko nize nenze abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bagcine zonke izinto endiye ndaniyalela zona. Yaye, khangelani! ndikunye nani yonke imihla de kube sekuqoshelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mateyu 28:19, 20) Ethobela la mazwi, amaKristu athanjisiweyo aye akhonza njengesithethi sikaYehova ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E. ukuza kuthi ga ngoku. NjengoMoses noEliya, aye ajamelana nengqumbo yabalawuli aza anikela ubungqina kubo. UYesu wabaxelela oku abapostile bakhe abali-12: “Niya kurholelwa phambi kweerhuluneli nookumkani ngenxa yam, ukuze ibe bubungqina kubo nakwiintlanga.” (Mateyu 10:18) Amazwi akhe aye azaliseka ngokuphindaphindiweyo ebudeni bembali yebandla lamaKristu.—IZenzo 25:6, 11, 12, 24-27; 26:3.
15, 16. Kukuphi ukufana okukhoyo phakathi kwabathanjiswa kunye noMoses noEliya kumbandela (a) wokuyimela ngokungenaloyiko inyaniso? (b) wokufumana uncedo kwabangengomaSirayeli?
15 Ukongezelela koko, amaKristu athanjisiweyo ebengenaloyiko njengoMoses noEliya ekumeleni inyaniso nxamnye nonqulo lobuxoki. Khumbula indlela uPawulos awamchasa ngayo umprofeti wobuxoki ongumYuda uBhar-Yesu nendlela awathi ngokubuchule kodwa ngokungqongqo wababhenca ngayo oothixo bobuxoki baseAthene. (IZenzo 13:6-12; 17:16, 22-31) Kwakhona, khumbula ukuba kula maxesha intsalela ethanjisiweyo iye yayibhenca ngenkalipho iNgqobhoko yaye ukunikela ubungqina okunjalo kuye kwayithwaxa kanobom.—ISityhilelo 8:7-12.c
16 Xa uMoses wayesaba kwingqumbo kaFaro, wabalekela kwikhaya lomntu owayengengomSirayeli, uRehuweli, owayekwabizwa ngokuba nguYitro. Kamva, uMoses wafumana icebiso elixabisekileyo lokulungelelanisa izinto kuRehuweli, onyana wakhe ogama linguHobhabhi wakhokela uSirayeli ukutyhubela intlango.d (Eksodus 2:15-22; 18:5-27; Numeri 10:29) Ngaba amalungu oSirayeli kaThixo aye ancedwa ngokufanayo ngabantu abangengawo amalungu athanjisiweyo oSirayeli kaThixo? Ewe, aye ancedwa ‘sisihlwele esikhulu’ ‘sezinye izimvu,’ esiye savela ebudeni bale mihla yokugqibela. (ISityhilelo 7:9; Yohane 10:16; Isaya 61:5) Exela kusengaphambili ngenkxaso efudumeleyo, enothando eyayiza kunikelwa zezi “zimvu” kubazalwana bakhe abathanjisiweyo, uYesu waprofeta kubo esithi: “Ndalamba kwaye nandinika into yokudla; ndanxanwa yaye nandinika into yokuba ndisele. Ndandingowasemzini naza nandamkela ngomoya wokubuk’ iindwendwe; ndandize, naza nandambesa. Ndagula yaye nandivelela. Ndandisentolongweni naza neza kum. . . . Enyanisweni ndithi kuni, Ngokomkhamo enakwenza ngawo koyena mncinane waba bazalwana bam, nakwenza kum.”—Mateyu 25:35-40.
17. Abathanjiswa bawafumana njani amava afana nakaEliya kwiNtaba yeHorebhe?
17 Ukongezelela koko, uSirayeli kaThixo uye wanamava afana nakaEliya kwiNtaba yeHorebhe.e NjengoEliya ngexesha wayebaleka uKumkanikazi uIzebhele, intsalela eyayisoyika yayicinga ukuba umsebenzi wayo wawuphela ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi I. Yandula ke, njengoEliya, yaqubisana noYehova, owayeze kugweba iintlangano ezazizibanga ‘ziyindlu kaThixo.’ (1 Petros 4:17; Malaki 3:1-3) Ngoxa iNgqobhoko yafunyanwa ingayifikeleli imilinganiselo, intsalela ethanjisiweyo yagqalwa ‘njengekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ yaza yamiselwa phezu kwayo yonke impahla kaYesu esemhlabeni. (Mateyu 24:45-47) EHorebhe, uEliya weva “ilizwi” elangqineka lilelikaYehova, limnika umsebenzi owongezelelekileyo awayemele awenze. Ngexesha lenzolo kwiminyaka eyayisemva kwemfazwe, abakhonzi abathanjisiweyo abathembekileyo bakaYehova beva ilizwi livela eBhayibhileni. Nabo babona ukuba babenothumo ababemele baluphumeze.—1 Kumkani 19:4, 9-18; ISityhilelo 11:7-13.
18. Iimbonakaliso ezibalaseleyo zamandla kaYehova ziye zabonakaliswa njani ngoSirayeli kaThixo?
18 Ekugqibeleni, ngaba iimbonakaliso ezibalaseleyo zamandla kaYehova ziye zabonakaliswa ngoSirayeli kaThixo? Emva kokufa kukaYesu, abapostile benza imimangaliso emininzi, kodwa le mimangaliso yaya iphela ngokuphela. (1 Korinte 13:8-13) Kule mihla, imimangaliso asiyiboni ngokoqobo. Kwelinye icala, uYesu wathi kubalandeli bakhe: “Ngokona kuyinyaniso ndithi kuni, Lowo uqhelisela ukholo kum, naye lowo uya kwenza imisebenzi endiyenzayo; ibe uya kwenza imisebenzi emikhulu ngakumbi kunale.” (Yohane 14:12) Oku kwazaliseka okokuqala xa abafundi bakaYesu babeshumayela iindaba ezilungileyo kubo bonke uBukhosi baseRoma ngenkulungwane yokuqala. (Roma 10:18) Namhlanje kuye kwenziwa imisebenzi emikhulu ngakumbi njengoko intsalela ethanjisiweyo iye yakhokela ekushumayeleni iindaba ezilungileyo “kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mateyu 24:14) Ube yintoni umphumo? Kule nkulungwane yama-20 kuye kwahlanganiswa elona nani likhulu labakhonzi abazahluleleyo, nabathembekileyo bakaYehova embalini. (ISityhilelo 5:9, 10; 7:9, 10) Obunjani ukuzuka ubungqina bamandla kaYehova!—Isaya 60:22.
Abazalwana BakaYesu Beza Eluzukweni
19. Babonwa nini abazalwana bakaYesu abathanjisiweyo benaye eluzukweni?
19 Njengoko intsalela yabazalwana abathanjisiweyo bakaYesu igqiba ikhondo layo lasemhlabeni, izukiswa kunye naye. (Roma 2:6, 7; 1 Korinte 15:53; 1 Tesalonika 4:14, 17) Ngaloo ndlela iba ngookumkani nababingeleli abangafiyo kuBukumkani basezulwini. Ikunye noYesu, iya kwandula ke ‘ukwalusa abantu ngentonga yentsimbi khon’ ukuze baqhekezwe njengezitya zodongwe.’ (ISityhilelo 2:27; 20:4-6; INdumiso 110:2, 5, 6) Ikunye noYesu, iya kuhlala ezitroneni igwebe “izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli.” (Mateyu 19:28) Indalo encwinayo iye yazilindela ngomdla ezi ziganeko, eziyinxalenye ‘yokutyhilwa koonyana bakaThixo.’—Roma 8:19-21; 2 Tesalonika 1:6-8.
20. (a) Liliphi ithemba okwathi ukwenziwa kumila kumbi komeleza ukholo lukaPetros kulo? (b) Ukwenziwa kumila kumbi kuwomeleza njani amaKristu namhlanje?
20 UPawulos wayethetha ngokutyhileka kukaYesu ebudeni ‘bembandezelo enkulu’ xa wabhala esithi: “Eza ukuze izukiswe ngokunxibelelene nabo bangcwele bayo nokuze ngaloo mini igqalwe ngokumangaliseka ngokunxibelelene nabo bonke abaqhelisela ukholo.” (Mateyu 24:21; 2 Tesalonika 1:10) Elinjani ukuzuka ithemba analo uPetros, uYakobi, uYohane nawo onke amaKristu athanjiswe ngomoya! Ukwenziwa kumila kumbi kwalomeleza ukholo lukaPetros. Ngokuqinisekileyo, kuyalomeleza nolwethu ukholo yaye kuqinisa nentembelo yethu yokuba uYesu kungekudala uza ‘kubuyekeza ngamnye ngokokuziphatha kwakhe.’ AmaKristu athanjisiweyo athembekileyo asaphilayo namhlanje aziva enentembelo engakumbi yokuba aya kuzukiswa noYesu. Ukholo lwezinye izimvu luyomelezwa kukwazi ukuba uya kuzisindisa ukutyhubela isiphelo sale nkqubo ingendawo yezinto ukuya kwihlabathi elitsha elizukileyo. (ISityhilelo 7:14) Olunjani ukhuthazo lokuma ngokuthe nkqi de kufike isiphelo! Ibe kuninzi gqitha esinokukufunda kulo mbono, njengoko siza kubona kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona incwadi ethi “Let Your Name Be Sanctified,” iphepha 313-14, nethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!, iphepha 164-5, ezipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
b Eksodus 2:15-22; 3:1-6; 5:2; 7:8-13; 8:18; 19:16-19; Duteronomi 31:23; 1 Kumkani 17:8-16; 18:21-40; 19:1, 2, 8-18; 2 Kumkani 2:1-14.
c Bona incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!, iphepha 133-41.
d Bona incwadi ethi You May Survive Armageddon Into God’s New World, iphepha 281-3, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
e Bona incwadi ethi “Let Your Name Be Sanctified,” iphepha 317-20.
Ngaba Uyakhumbula?
◻ Ngoobani abavela benoYesu ekwenziweni kumila kumbi?
◻ Ukwenziwa kumila kumbi kwalomeleza njani ukholo lwabapostile?
◻ Xa uMoses noEliya babonakala ‘benozuko’ kunye noYesu benziwe kumila kumbi, babemela oobani?
◻ Kukuphi ukufana okukhoyo phakathi kukaMoses noEliya kunye noSirayeli kaThixo?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ukwenziwa kumila kumbi kuye kwalomeleza ukholo lwamaKristu amandulo nawanamhlanje