UThixo Uya Kuba Nomonde Ixesha Elide Kangakanani?
MALUNGA neminyaka engama-3 000 eyadlulayo, indoda esisilumko yabhala yathi: ‘Umntu uye wagunyazela umntu kwakubi kuye.’ (INtshumayeli 8:9) Kususela oko waphawula oko, iimeko aziguqukanga. Ukutyhubela imbali, abantu okanye amaqela aye alawula, kungena omnye esikhundleni somnye, begunyazela baze baxhaphaze abanye abantu. UYehova uThixo uye wakunyamezela ngomonde oku.
UYehova ebenomonde ngoxa oorhulumente bebebulala izigidi ngokuzithumela emfazweni yaye bevumele ukungabikho kokusesikweni okuhambis’ amazinyo kwezoqoqosho. Namhlanje, usenomonde njengokuba abantu betshabalalisa umaleko womoya othintela ukugqatswa komhlaba lilanga baze bangcolise umoya nolwandle. Hayi indlela amele ukuba uba buhlungu ngayo xa ebona ukutshatyalaliswa komhlaba omhle onemveliso nokutshatyalaliswa ngaphandle kwesizathu kwamahlathi nezinto eziphilayo zasendle!
Kutheni UThixo Enomonde Kangaka?
Umzekeliso olula usenokusinceda siwuphendule lo mbuzo. Khawucinge ngomphumo kwishishini xa umqeshwa ngokuzingisileyo engafiki ngexesha. Ufanele enzeni umnini-shishini? Ukusebenzisa okusesikweni kusenokufuna ukuba amgxothe ngaphandle kokulibazisa loo mqeshwa. Kodwa usenokukhumbula umzekeliso weBhayibhile othi: “Ozeka kade umsindo unengqondo eninzi; ke yena ozekanekayo ucaphula ukumatha.” (IMizekeliso 14:29) Ukusebenzisa ingqiqo kusenokumbangela akhe alinde ngaphambi kokwenza okuthile. Usenokugqiba kwelokuba alinde de kuqeqeshwe umntu onokuvala eso sithuba ukuze ishishini lingaphazamiseki ngakumbi.
Novelwano lusenokumenza alinde. Kuthekani ngokulumkisa lo mqeshwa ungakhathaliyo ukuze abone enoba akayi kuzilungisa na iindlela zakhe? Kuthekani ngokuthetha naye ukuze abone enoba ukungafiki kwakhe ngexesha kubangelwa yingxaki enokuconjululwa na okanye sisimo sengqondo esibi nesingenakuncedwa? Noko ke, ngoxa umnini-shishini esenokugqiba kwelokuba abe nomonde, umonde wakhe awuyi kuba ngongenamda. Umqeshwa kuya kufuneka atshintshe okanye ekugqibeleni agxothwe. Oko kuya kuba kokufanelekileyo ngenxa yeshishini nangenxa yabaqeshwa abathobela imithetho.
Ngoko ngendlela efanayo, uYehova uThixo unomonde phezu kwabo nje ububi obuqhubekayo ukuze avumele ithuba lokucombulula iingxaki ezithile ngokusesikweni. Ngokubhekele phaya, umonde wakhe unika abenzi bobubi ithuba lokuba baguqule iindlela zabo baze bafumane iingenelo ezingunaphakade. Ngenxa yoko, iBhayibhile ayisikhuthazi ukuba singawuvuyeli umonde kaThixo. Kunoko, ithi: “Ukuzeka kade umsindo [“umonde,” NW] kweNkosi yethu kubaleleni ekuthini lusindiso.”—2 Petros 3:15.
Umzekelo Womonde KaThixo
UYehova uThixo wayenomonde ngaphambi koMkhukula omkhulu womhla kaNowa. Ihlabathi lelo xesha lalizaliswe lugonyamelo yaye lalinobungendawo obugqithiseleyo. Sifunda oku: “Wabona uThixo ukuba ububi babantu bandile ehlabathini . . . Wathi uYehova, Ndiya kumcima umntu endimdalileyo, angabikho ehlabathini.” (Genesis 6:5, 7) Ewe, emva apho uYehova wayenesicombululo esigqibeleleyo kwingxaki yobungendawo: ukupheliswa kwabantu abangendawo. Kodwa akazange athabathe inyathelo ngokukhawuleza. Ngoba?
Ngenxa yokuba asingabo bonke abantu ababengendawo. UNowa nentsapho yakhe babengamalungisa emehlweni kaThixo. Ngoko ngenxa yabo, ngomonde uYehova walinda ukuze anike ixesha lokuba loo malungisa ambalwa azilungiselele ukusindiswa. Ngokubhekele phaya, elo xesha lide lanika uNowa ithuba lokuba abe ‘ngumvakalisi wobulungisa,’ enika abo bantu bangendawo ithuba lokuguqula iindlela zabo. IBhayibhile ithi: “Ukuzeka kade umsindo [“umonde,” NW] kukaThixo kwakulindile ngemihla kaNowa, kwakubon’ ukuba kulungiswa umkhombe, ekwasindiselwa kuwo imiphefumlo embalwa, oko kukuthi esibhozo, ngamanzi.”—2 Petros 2:5; 1 Petros 3:20.
Isizathu Sokuba UThixo Enomonde Ngoku
Namhlanje, imeko iyafana. Kwakhona ihlabathi lizele lugonyamelo. Njengakumhla kaNowa, uThixo sele eligwebile eli hlabathi, iBhayibhile ethi ngalo, ‘ligcinelwe imini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo.’ (2 Petros 3:7) Xa oko kusenzeka, kuya kuphela ukonakaliswa komhlaba, ukucinezelwa kwabangenamandla, okanye ukusetyenziswa ngokubawa kwegunya.
Ngoko, kutheni uThixo engazange abatshabalalise kwakudala abantu abangahloneli Thixo? Kungenxa yokuba bekukho iimbambano ebezimele zizinziswe nemicimbi ebalulekileyo ebimele ilungiselelwe. Eneneni, uYehova usondela kwisicombululo esiya kuhlala sihleli sengxaki yobungendawo nesibandakanya izinto ezininzi, kuquka ukusindiswa kwabantu abantliziyo zilungileyo kubukhoboka bokugula nokufa.
Ecinga ngalo mphumo uchazwe mva, uYehova waceba ukulungiselela uMsindisi owayeya kunikela intlawulelo ngezono zethu. Ngokubhekisele kuye, iBhayibhile ithi: “Wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Ukuhlahl’ indlela yokuza kukaYesu ukuze anikele ngobomi bakhe ngenxa yoluntu kwathabatha amawaka eminyaka. Ebudeni bayo yonke loo minyaka, ngothando uThixo wayenomonde. Kodwa ngaba elo lungiselelo lalingakufanelanga ukulindwa?
UYesu walungiselela intlawulelo yoluntu malunga neminyaka engamawaka amabini eyadlulayo. Ngoko, kutheni uThixo esabonakalisa umonde? Esinye isizathu sikukuba ukufa kukaYesu kwaba ngumqondiso wokuqalisa kwephulo lokufundisa. Uluntu kwakufuneka lwazi ngeli lungiselelo lothando luze lunikwe ithuba lokulamkela okanye lokuligatya. Oko kwakuya kuthabatha ixesha, kodwa laliya kuba lixesha elichithwe kakuhle. IBhayibhile ithi: “INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni.”—2 Petros 3:9.
Imbambano Engorhulumente
Kwakhona kwakukho omnye umbandela obalulekileyo nawo owawuza kuthabatha ixesha. Kwakufuneka kuzinziswe ingxaki yorhulumente woluntu. Ekuqaleni, umntu wayengaphantsi korhulumente kaThixo. Kodwa kumyezo wase-Eden, abazali bethu bokuqala bamgatya. Bakhetha ukuzimela geqe kuThixo, befuna ukuzilawula. (Genesis 3:1-5) Noko ke, enyanisweni umntu wayengadalelwanga ukuzilawula. Umprofeti uYeremiya wabhala oku: “Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.”—Yeremiya 10:23; IMizekeliso 20:24.
Sekunjalo, ukususela oko imbambano engoburhulumente yaphakanyiswayo, uYehova ngomonde uye wavumela ixesha lokuba iconjululwe. Eneneni, ngesisa uye wavumela amawaka eminyaka okuba umntu azame zonke iintlobo zorhulumente anokuzicinga. Waba yintoni umphumo? Kuye kwacaca ukuba akakho urhulumente wabantu onokuyisusa ingcinezelo, ukungabikho kokusesikweni, okanye abanye oonobangela bokungonwabi.
Eneneni, xa siqwalasela imbali yabantu, ngaba ukho onokutsho ngokwenyaniso ukuba uThixo akekho sikweni xa esazisa injongo yakhe yokususa bonke oorhulumente babantu aze abathabathel’ indawo ngowakhe? Ngokuqinisekileyo akukho namnye! Sikwamkela ngovuyo ukuzaliseka kwesi siprofeto seBhayibhile esithi: “Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.”—Daniyeli 2:44.
UKumkani wasezulwini wobo Bukumkani nguYesu ovusiweyo. Ukumlungiselela eso sikhundla—kwanokukhetha abantu abaya kuba ngabalawuli kunye naye—kuye kwathabatha ixesha. Ebudeni balo lonke elo xesha, uThixo ubonakalise umonde.
Zuza Iingenelo Kumonde KaThixo Ngoku
Namhlanje, izigidi zabantu kumazwe anokuba ngama-212 ziyangenelwa kumonde kaThixo. Ziye zamanyana kumnqweno wazo wokuthobela uThixo nokukhonza urhulumente wakhe wasezulwini. Xa zihlanganisana kwiiHolo zazo zoBukumkani, zifunda indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile ebomini bazo. Azibi nasabelo kwiipolitiki zeli hlabathi, nangona zizithoba koorhulumente babantu logama nje uThixo ngomonde esabavumela balawule.—Mateyu 22:21; Roma 13:1-5.
Intsebenziswano enjalo phakathi kwabantu abaninzi kangako iyamthethelela uYehova njengaLowo unako ukuzisa imvisiswano phakathi kwabantu abafunda ukumthanda nabafuna ukumkhonza. Ngokungathandabuzekiyo uye wadibana naba njengokuba beqhubeka nomsebenzi owaqaliswa nguYesu, lowo wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. UYesu wayixela kwangaphambili incopho yalo msebenzi xa wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.”—Mateyu 24:14.
Awusayi Kuqhubeka Ithuba Elide!
Ubungqina obubonakalayo bungqina ukuba amalungiselelo orhulumente kaThixo wobulungisa oza kuthabathela kuye ukulawulwa komhlaba sele eza kugqitywa. Emva kokuchaza imiphumo eyintlekele yokusilela koorhulumente babantu ebesikubona ebudeni bale nkulungwane, uYesu wathi: “Xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukufuphi ubukumkani bukaThixo.”—Luka 21:10, 11, 31.
Kungekudala, uThixo uza kubasusa abangendawo emhlabeni. Amazwi omdumisi aya kuba nenzaliseko yokoqobo: “Abenzi bobubi baya kunqunyulwa . . . Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo; uthi wakuyikhangela indawo yakhe, angabikho.” (INdumiso 37:9, 10) Ngaba unokulithelekelela ihlabathi elingenabo ubungendawo? Iya kube ilawulwa ngubani imicimbi yabantu ngoko? IBhayibhile ithi: “Ukumkani [uKristu Yesu obekwe etroneni ezulwini] uya kulawula ngokobulungisa, abathetheli [abanyulwa bakhe abanyanisekileyo emhlabeni] bathethele ngokwesiko; wothi umsebeni wobulungisa ube luxolo, nokwenza kobulungisa kube kukuzola nokukholosa ngonaphakade; abantu bakowethu baya kuhlala esithilini esinoxolo, eminqubeni yenkoloseko, ezindaweni zokuphumla ezinokonwaba.”—Isaya 32:1, 17, 18.
Ngaloo ndlela, urhulumente kaThixo wasezulwini uya kulungisa yonke imiphumo eyonakalisayo yobubi obenziwe ngumntu aze alungelelanise bonke abo bakholosa ngaye babe libutho labantu elinemvisiswano. Ichaza le mvisiswano, iBhayibhile ithi: “Ingcuka iya kuhlala nemvana, ingwe ibuthe netakane lebhokhwe; kubuthe ndawonye ithole lenkomo, nengonyama entsha, nenkomo etyetyisiweyo; nomntwana aziqhube ezo zinto . . . Aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele; ngokuba ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.”—Isaya 11:6-9.
Onjani wona ukumangalisa umphumo wokubonakalisa kukaThixo umonde! Ngenxa yoko, kunokukhalazela ukuba uThixo elinde ithuba elide, kutheni ungasebenzisi eli thuba lokubonakalisa kwakhe umonde uze uzithobe kuBukumkani bakhe? Funda eBhayibhileni ukuba ithini na imigaqo yakhe uze wenze ngokuvisisana nayo. Nxulumana nabanye abazithobe kuye ngemvisiswano. Ngoko, umonde kaThixo uya kuphumela ekubeni ufumane iintsikelelo ezingunaphakade.