Kholosa Ngengalo KaYehova Esindisayo
“Yehova . . . , yiba yingalo yethu imiso ngemiso; yiba lusindiso kuthi ngexesha lembandezelo.”—ISAYA 33:2.
1. UYehova unengalo enamandla ngayiphi ingqiqo?
UYEHOVA unengalo enamandla. Kambe ke, ekubeni ‘uThixo enguMoya,’ asiyongalo yokwenyama. (Yohane 4:24) EBhayibhileni, ingalo yokomfuziselo imela amandla okusebenzisa igunya. Ngenxa yoko, uThixo usebenzisa ingalo yakhe ekuhlanguleni abantu bakhe. Eneneni, ‘njengomalusi, uThixo uyawalusa umhlambi wakhe. Uwabutha ngengalo amatakane, aze awathwale ngesifuba.’ (Isaya 40:11; INdumiso 23:1-4) Abantu bakaYehova baziva benqabiseke ngokwenene kwingalo yakhe yothando!—Thelekisa iDuteronomi 3:24.
2. Yiyiphi imibuzo elapha ekufuneka sinikele ingqalelo kuyo?
2 Ingalo kaYehova ibasindise njani abantu bakhe, kwixa elidluleyo kwanangoku? UThixo ubaxhasa njani njengebandla? Ibe abantu bakhe banaziphi izizathu zokukhololosa ngengalo yakhe esindisayo ebudeni balo lonke ixesha lokubandezeleka kwabo?
Ukusindisa Kwengalo KaThixo
3. IZibhalo zikuhlobanisa nantoni ukuhlangulwa kukaSirayeli eYiputa?
3 Ngaphambi kokukhulula amaSirayeli kubukhoboka baseYiputa kwiminyaka engama-3 500 eyadlulayo, uThixo wamxelela oku umprofeti wakhe uMoses: “Yithi ngoko koonyana bakaSirayeli, ndinguYehova: ndiya kunikhupha phantsi kwemithwalo yamaYiputa, ndinihlangule enkonzweni yawo, ndinihlawulele, ndinikhulule ngengalo eyolukileyo, nangezigwebo ezikhulu.” (Eksodus 6:6) Ngokutsho kompostile uPawulos, uThixo wawakhupha amaSirayeli eYiputa “ngengalo ephakamileyo.” (IZenzo 13:17) Oonyana bakaKora babekugqala ukuphumelela kwabo ukungena kwiLizwe Ledinga njengokwakubangelwe nguThixo, besithi: “Ngokuba abalihluthanga ilizwe ngekrele labo, abazisindisanga ngengalo yabo; sisandla sakho sokunene, nengalo yakho, nokukhanya kobuso bakho; ngokuba wawunesisa kubo.”—INdumiso 44:3.
4. Bavuzwa njani abo babekholose ngengalo kaYehova esindisayo ngemihla yokuhlasela kweAsiriya?
4 Kwakhona ingalo kaYehova yabahlangula abantu bakhe ngeentsuku zokuhlasela kweAsiriya. Ngelo xesha umprofeti uIsaya wathandaza esithi: “Yehova, sibabale, sithembele kuwe; yiba yingalo yabo imiso ngemiso; yiba lusindiso kuthi ngexesha lembandezelo.” (Isaya 33:2) Loo mthandazo waphendulwa xa isithunywa sezulu sikaThixo sabulala i-185 000 kumnquba wama-Asiriya, nto leyo eyabangela ukuba uKumkani uSaneribhe anduluke eYerusalem aze abuyele emva “ubuso bakhe buthe khunubembe.” (2 Kronike 32:21; Isaya 37:33-37) Ukukholosa ngengalo kaYehova esindisayo kusoloko kuvuzwa.
5. Yintoni eyenziwa yingalo kaThixo enamandla kumaKristu awayetshutshiswa ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi I?
5 Ingalo kaThixo enamandla yawasindisa amaKristu athanjisiweyo awayetshutshiswa ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi I. Ngowe-1918 ikomkhulu leQumrhu Elilawulayo lahlaselwa ziintshaba zalo, baza abazalwana abaziwayo bavalelwa entolongweni. Ngokoyika amagunya ehlabathi, abathanjisiweyo bawuyeka phantse ngokupheleleyo umsebenzi wabo wokunikela ubungqina. Kodwa bathandazela ukuba uvuselelwe nokuba bacocwe kwisono sabo sokuyekelel’ umxakatho nakuloyiko. UThixo waphendula ngokubangela ukuba abo bazalwana babevalelwe bakhululwe, baze kwakamsinya emva koko bavakaliswe bengenatyala. Ngokushukunyiswa yinyaniso eyavakaliswa kwindibano yabo yowe-1919 nokuthululwa komoya kaThixo obashukumisela esenzweni, abathanjisiweyo bavuseleleka baza bamkhonza ngokungenaloyiko uYehova bezalisekisa ngokupheleleyo uYoweli 2:28-32.—ISityhilelo 11:7-12.
Uncedo Ebandleni
6. Sazi njani ukuba kuyinto enokwenzeka ukunyamezela imeko elingayo ebandleni?
6 Njengoko uThixo eyixhasa yonke intlangano yakhe, ngengalo yakhe uyabazimasa nabantu abakuyo. Kambe ke kulo naliphi na ibandla akukho zimeko zigqibeleleyo kuba bonke abantu abafezekanga. (Roma 5:12) Ngoko ngamanye amaxesha bambi abakhonzi bakaYehova basenokujamelana nezilingo ezithile ebandleni. Ngokomzekelo, nangona uGayo wenza “okuthembekileyo” ngokubamkela ngobubele abazalwana abatyeleleyo, uDiyotrefe akazange abamkele yaye wade wazama nokubagxotha ebandleni abo banomoya wokubuk’ iindwendwe. (3 Yohane 5, 9, 10) Phofu ke, uYehova wamnceda uGayo nabanye ukuba baqhubeke bebonisa umoya wokubuk’ iindwendwe ukuze kuxhaswe umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Ukuthandaza nokukholosa ngoThixo kufanele kusincede sihlale sisenza imisebenzi yokuthembeka ngoxa silindele kuye ukuba alungise imeko esenokuba ivavanya ukholo lwethu.
7. Kwakuphezu kwaziphi iimeko zebandla laseKorinte awathi amaKristu anyanisekileyo apho aphila ngokuvisisana nokuzinikela kwawo kuThixo?
7 Masithi mhlawumbi ubunxulumana nebandla laseKorinte lenkulungwane yokuqala. Ngaxa lithile, kwabakho ukungavisisani okwadubaduba umanyano lwalo, yaye ukukubetha kwalo ngoyaba ukuziphatha okubi kwalibeka engozini engokomoya. (1 Korinte 1:10, 11; 5:1-5) Amakholwa ayemangalelana kwiinkundla zamatyala zehlabathi, yaye wambi ayexhwithana ngemibandela eyahlukahlukeneyo. (1 Korinte 6:1-8; 8:1-13) Ingxwabangxwaba, umona, umsindo nokungabikho kocwangco kwenza ubomi banzima. Abanye bade balithandabuza igunya likaPawulos yaye beyigxeka nendlela athetha ngayo. (2 Korinte 10:10) Ukanti, abathembekileyo ababenxulumana nelo bandla babephila ngokuvisisana nokuzinikela kwabo kuThixo ebudeni belo xesha lesilingo.
8, 9. Yintoni esifanele siyenze xa sijamelene nemeko elingayo ebandleni?
8 Ukuba kuvela imeko elingayo, kufuneka sisondelelane nabantu bakaThixo. (Thelekisa uYohane 6:66-69.) Masibe nomonde omnye komnye, siqonda ukuba abantu abathile kubathatha ithuba elide kunabanye ‘ukwambatha ubuntu obutsha’ nokwambatha imfesane, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali nokuzeka kade umsindo. Kwakhona ekubeni abakhonzi bakaThixo beneemvelaphi ezahlukeneyo, sonke kufuneka sibonise uthando size sixolele.—Kolose 3:10-14.
9 Emva kweminyaka emininzi yokukhonza uYehova, omnye umzalwana wathi: “Ekuphela kwento ebiyeyona ibalulekileyo kum ibikukunamathela kwintlangano ebonakalayo kaYehova. Ngokusuka kumava am exa elidluleyo ndiyibonile indlela ekudodobalisa ngayo ngokomoya ukukholosa ngengcinga yomntu. Ithe loo ngongoma yakubetheleleka engqondweni yam, ndazimisela ukuhlalela kufutshane nentlangano ethembekileyo. Yiyiphi enye indlela umntu abengafumana ngayo inkoliseko nentsikelelo kaYehova?” Ngaba ngokufanayo uyalixabisa ilungelo lokukhonza uYehova ndawonye nabantu bakhe abavuyayo? (INdumiso 100:2) Ukuba kunjalo, akusayi kuvumela nantoni na ukuba ikududulele kude nentlangano kaThixo okanye yonakalise ulwalamano lwakho kunye naLowo ongalo yakhe isindisa bonke abamthandayo.
Uncedo Xa Sijamelene Nezilingo
10. (a) Umthandazo ubanceda njani abantu bakaThixo ukuba bajamelane nesilingo? (b) Sisiphi isiqinisekiso uPawulos awasinikelayo kweyoku-1 kwabaseKorinte 10:13?
10 Njengabantu abathembekileyo abakwintlangano kaThixo, uyasinceda ngexesha lovavanyo. Ngokomzekelo, uyasinceda ukuba sigcine ingqibelelo yethu kuye xa sijamelene nesilingo. Kambe ke, sifanele sithandaze ngokuvisisana namazwi kaYesu athi: “Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni [“kongendawo,” NW],” uSathana uMtyholi. (Mateyu 6:9-13) Ngokwenjenjalo, soba ngokwenene sicela uThixo ukuba angasiyekeli sinikezele xa silingelwa ukungamthobeli. Uyayiphendula nemithandazo yethu yokucela ubulumko bokumelana nezilingo. (Yakobi 1:5-8) Yaye abakhonzi bakaYehova banokuqiniseka ngoncedo lwakhe, kuba uPawulos wathi: “Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.” (1 Korinte 10:13) Uyintoni umthombo wesilingo esinjalo, yaye uThixo ulivelisa njani ithuba lokuphuma kuso?
11, 12. Ziziphi izilingo awathi anikezela kuzo amaSirayeli, yaye sinokungenelwa njani kumava awo?
11 Isilingo sibangelwa ziimeko ezisenokusilukuhlela ekubeni singathembeki kuThixo. UPawulos wathi: “Ezo zinto ke zabe ziyimizekelo kuthi, ukuze singabi ngabakhanuki bezinto ezimbi, njengokuba bakhanukayo bona abo [amaSirayeli]. Kanjalo musani ukuba ngababusi bezithixo, njengenxenye yabo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abantu bahlala phantsi ukuba badle, basele, baza besuka bema ukuba badlale. Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenza umbulo, kwawa ngamininye amawaka amashumi mabini anamathathu. Kanjalo masingamhendi [uYehova, NW] njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka. Kanjalo musani ukukrokra, njengokuba inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi.”—1 Korinte 10:6-10.
12 Ngenxa yokukhanuka izinto eziphosakeleyo amaSirayeli awela kwisilingo sokubutha nokutya ngokubawa izagwityi ezaziveliswe nguThixo ngokungummangaliso. (Numeri 11:19, 20, 31-35) Ngaphambilana, aba ngabanquli bezithixo xa ukungabikho kukaMoses kwavelisa isilingo sokunqula ithole. (Eksodus 32:1-6) Abangamawakawaka babhangiswa ngenxa yokunikezela kwisilingo baza bahenyuza kunye nabafazi bakwaMowabhi. (Numeri 25:1-9) Xa amaSirayeli anikezelayo esilingweni aza aba nesikrokro ngenxa yokutshatyalaliswa kukaKora, uDatan, uAbhiram, nezinye izinxulumani zabo ezazinemvukelo, kwabhujiswa abali-14 700 ngesibetho esivela kuThixo. (Numeri 16:41-49) Sinokungenelwa kumava alolo hlobo ukuba siyaqonda ukuba akukho nasinye sezi zilingo esasiqatha ngohlobo lokuba amaSirayeli ayengenakumelana naso. Ayenokumelana nazo ukuba ayebonakalise ukholo, ukuba ayenombulelo ngenyameko kaThixo yothando, yaye ekuxabisa ukulunga koMthetho wakhe. Ngoko ingalo kaYehova ngeyayiwasindisile, kwanjengokuba inokusisindisa nathi.
13, 14. UYehova ubavulela njani indlela abakhonzi bakhe xa bejamelene nesilingo?
13 NjengamaKristu, sijamelana nezilingo eziqhelekileyo kuluntu lonke. Ukanti, sinokuhlala sithembekile kuThixo ngokuthandazela uncedo lwakhe nokusebenzela ukuxhathisa isilingo. UThixo uthembekile, yaye akasayi kusiyekela ukuba silingwe ngaphezu kwamandla ethu. Ukuba sinyanisekile kuYehova, asisayi kukufumana kuyinto engenakwenzeka ukwenza ukuthanda kwakhe. Uvelisa ithuba lokuphuma esilingweni ngokusomeleza ukuze sisixhathise. Ngokomzekelo, xa sitshutshiswa, sisenokulingelwa ukuba silalanise ngethemba lokuba sakusinda ekuthuthunjisweni okanye ekufeni. Kodwa ukuba sikholose ngengalo kaYehova enamandla, isilingo asize sifikelele kwinqanaba apho angenakukwazi khona ukomeleza ukholo lwethu aze asiqinise ngokwaneleyo ukuze sigcine ingqibelelo. Kunjengokuba umpostile uPawulos wathi: “Siyabandezelwa ngeenxa zonke, singaxineki; siyathingaza, singancami; sitshutshiswa, asiyekelwa; sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa.”—2 Korinte 4:8, 9.
14 Kwakhona uYehova ubazimasa abantu bakhe ngokusebenzisa umoya wakhe njengomkhumbuzi okanye umfundisi. Usikhumbuza ngeengongoma zeZibhalo uze usincede ukuba siqiqe ngendlela yokuzisebenzisa ukuze sibe nokuxhathisa isilingo. (Yohane 14:26) Abakhonzi abathembekileyo bakaYehova bayayiqonda imbambano ebandakanyekileyo kwisilingo yaye abakhohliselwa ekulandeleni ikhondo eliphosakeleyo. UThixo uvelisa ithuba lokuphuma esilingweni ngokubenza banyamezele kude kuse nasekufeni ngaphandle kokunikezela kwisilingo. (ISityhilelo 2:10) Ngaphandle kokunceda abakhonzi bakhe ngomoya wakhe, uYehova ukwasebenzisa nezithunywa zakhe ukuququzelela intlangano yakhe.—Hebhere 1:14.
Uncedo Kwimicimbi Yobuqu
15. Isenokusinceda njani ngokobuqu INgoma yazo iiNgoma?
15 UYehova uyabanceda kwimicimbi yabo yobuqu abo banxulumana nentlangano yakhe. Ngokomzekelo, bambi basenokuba bafuna iqabane elingumKristu. (1 Korinte 7:39) Ukuba uye waliwa, kusenokuba luncedo ukuqwalasela umzekelo wokumkani wakwaSirayeli uSolomon. Watsho phantsi kwimigudu yakhe yokufuna ukutshata nomShulamikazi kuba wayethanda umalusi othobekileyo. Ingxelo yalo kumkani kulo mbandela isenokubizwa ngokuba yiNgoma Yokoyisakala KukaSolomon Ekuceleni Uthando. Sisenokulila ezimathontsi ukuba amalinge ethu okucela uthando awaphumeleli ngandlel’ ithile, kodwa uSolomon walunyamezela udano olunjalo, yaye nathi singanako ukulunyamezela. Umoya kaThixo unokusinceda ukuba sibonakalise ukuzeyisa nezinye iimpawu zobuthixo. ILizwi lakhe liyasinceda ukuba samkele inyaniso engena kabuhlungu ezindlebeni yokuba umntu akanakuthandana naye nabani na. (INgoma yazo iiNgoma 2:7; 3:5) Ukanti, INgoma yazo iiNgoma ibonisa ukuba kunokwenzeka ukufumana ubani okholwa kunye naye okuthanda ngokwenene. Okubaluleke ngakumbi kukuba le “ngoma yazo iingoma” izaliseka kuthando analo uMalusi Olungileyo, uYesu Kristu, ‘ngomtshakazi’ wakhe wabalandeli abathanjisiweyo abali-144 000.—INgoma yazo iiNgoma 1:1; ISityhilelo 14:1-4; 21:2, 9; Yohane 10:14.
16. ‘Imbandezelo enyameni’ eviwa ngamaKristu atshatileyo isenokuquka ntoni?
16 Kwanabo batshata namakholwa baba “nembandezelo enyameni.” (1 Korinte 7:28) Kuya kubakho ukunxunguphala nokuxhalaba okubandakanya indoda nomfazi nabantwana babo. (1 Korinte 7:32-35) Ukugula kusenokuzisa uxanduva nengcinezelo. Intshutshiso okanye ubunzima bezoqoqosho busenokwenza kube nzima ngobawo ongumKristu ukwanelisa iimfuno zobomi zentsapho yakhe. Abazali nabantwana basenokwahlukaniswa ngokuvalelwa entolongweni, ibe abanye basenokuthuthunjiswa yaye basenokude babulawe. Kodwa kuzo zonke iimeko ezinjalo, singanako ukusixhathisa isilingo sokukhanyela ukholo lwethu ukuba ngokwenene sikholosa ngengalo esindisayo kaYehova.—INdumiso 145:14.
17. Yiyiphi ingxaki yentsapho uThixo awanceda uIsake noRebheka ukuba bayinyamezele?
17 Kusenokufuneka sinyamezele izilingo ezithile ithuba elide. Ngokomzekelo, unyana unokubazisela ingcinezelo abazali bakhe abahlonel’ uThixo ngokutshata nongakholwayo. Oko kwenzeka kwintsapho kasolusapho uIsake nomfazi wakhe uRebheka. Unyana wabo uEsawu owayeneminyaka engama-40 ubudala watshata nabafazi ababini bamaHeti ‘ababemcaphukisa uIsake noRebheka.’ Enyanisweni, “uRebheka wathi kuIsake, Ndikruqukile bubomi bam ngenxa yeentombi zakwaHeti. Ukuba uYakobi [omnye unyana wabo] uthe wazeka umfazi ezintombini zakwaHeti, ezinjengezi ntombi zeli lizwe, boba yintoni na kum obu bomi?” (Genesis 26:34, 35; 27:46) Ngokucacileyo, umphefumlo kaRebheka olungisayo wathuthunjiswa yile ngxaki ehlala ihleli. (Thelekisa eyesi-2 kaPetros 2:7, 8.) Ukanti, ingalo kaYehova yamzimasa uIsake noRebheka, ibenza basinyamezele esi silingo ngoxa behleli benolwalamano olomeleleyo kunye Naye.
18. Luluphi uvavanyo lobuqu awalunyamezelayo uC. T. Russell ngokuncedwa nguThixo?
18 Kuzisa ingcinezelo xa ilungu lentsapho elibhaptiziweyo lirhoxobisa ekukhonzeni uThixo. (Thelekisa eyesi-2 kuTimoti 2:15.) Ukanti, bambi baye banyamezela ukulahlekelwa liqabane ngokomoya, njengoko kwaba njalo kuCharles T. Russell, umongameli wokuqala weWatch Tower Society. Umfazi wakhe waluphelisa unxulumano kunye noMbutho waza wamshiya ngowe-1897, emva kokuba beneminyaka ephantse ibe li-18 betshatile. Wafaka isicelo sokwahlukana okungokwasemthethweni ngowe-1903, saza samkelwa ngowe-1908. Le leta ilandelayo awayibhalela umfazi wakhe ngokukhawuleza emva koko yayibonisa mhlophe ukuba wayemgqebhe olungophiyo: “Ndikuthandazele ngokunyanisekileyo eNkosini. . . . Andizi kukuthwalisa uxanduva lwentlungu endikuyo, ndingazi kuzama nokukuphembelela ukuba uvelane nam ngokuthi ndikuchazele ngesingqukru esindikrekretha emphefumlweni, njengoko maxa wambi ndiye ndithi gqi neelokhwe zakho nezinye izinto-yinto ezenza ukuba kuthi tha kum umfanekiso-ngqondweni wakho wezo mini sasisekunye—uzaliswe luthando naluvelwano yaye uyintonga yam esekhosi—ubonakalisa ukuba nomoya uKristu awayenawo. . . . Kowu, nceda uwaqwalasele ngomthandazo la mazwi am alandelayo. Yaye qinisekiswa kukuba eyona nto isuka indigqibe mpela, nesuka indithi xhokro ngaphakathi, asikokuba likheswa kwam kule minyaka iseleyo, kodwa kukugwilika kwakho, sithandwa sam, kukulahlekelwa kwakho bubomi obungunaphakade, ngokokubona kwam.” Phezu kwako nje ukuba intliziyo yakhe yayilihlwili ngolo hlobo, uThixo wamxhasa uRussell de kwasekupheleni kobomi bakhe basemhlabeni. (INdumiso 116:12-15) UYehova usoloko ebazimasa abakhonzi bakhe abanyanisekileyo.
Kuzo Zonke Iimbandezelo
19. Yintoni esifanele siyikhumbule ukuba iingxaki ezibandezelayo ziba sisinama-ndokunamathela?
19 Abantu bakaYehova bamazi ‘njengoThixo wosindiso,’ Lowo ‘uyithwalayo imithwalo yethu imihla ngemihla.’ (INdumiso 68:19, 20) Ngoko ke, njengabantu abazinikeleyo abanxulumana nentlangano yakhe yasemhlabeni, masingaze siziyekele sethe amandla ukuba ingxaki esibandezelayo isisinama-ndokunamathela. Khumbula ukuba “uThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene.” (INdumiso 46:1) Ukukholosa kwethu ngaye kusoloko kunomvuzo. UDavide wathi: “Ndamfuna uYehova, wandiphendula; wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo. . . . Usizana lwadanduluka, weva uYehova, walusindisa ezimbandezelweni zalo zonke.”—INdumiso 34:4-6.
20. Nguwuphi umbuzo ekusafuneka uqwalaselwe?
20 Ewe, uBawo wethu wasezulwini uyabahlangula abantu bakhe kuzo zonke izinto ezibabandezelayo. Uyayixhasa intlangano yakhe yasemhlabeni, enikela uncedo kwimibandela echaphazela ibandla nakwimicimbi yobuqu. Eneneni, “uYehova akabalahli abantu bakhe.” (INdumiso 94:14) Kodwa makhe ngokulandelayo sihlolisise ezinye iindlela uYehova abanceda ngazo abantu bakhe ngabanye ngabanye. UBawo wethu wasezulwini ubazimasa njani abakhonzi bakhe abagulayo, abadandathekileyo, abakrekrethwa ngumvandedwa ngenxa yokufelwa, okanye ababandezelekileyo ngenxa yeempazamo zabo? Njengoko siza kubona, kwanakule mibandela, sinesizathu sokukholosa ngengalo kaYehova enamandla.
Ubuya Kuphendula Njani?
◻ Ingalo kaYehova yasindisa njani kumaxesha angaphambili?
◻ UYehova ubanceda njani abantu bakhe ebandleni namhlanje?
◻ UThixo unceda njani kwimicimbi yobuqu?
◻ Yintoni esifanele siyenze ukuba iingxaki ezibandezelayo ziba sisinama-ndokunamathela?
[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]
UThixo wawakhupha amaSirayeli eYiputa “ngengalo ephakamileyo”